Go to full page →

Ukucoceka UL 216

Ukufuneka kokucoceka komntu ngokwakhe kwakufundiswa ngeyona ndlela inika umdla. Phambi kwentlangano kwiNtaba yaseSinayi ukuba iphulaphule ukuvakaliswa komthetho lilizwi likaThixo, abantu kwafuneka bahlambe iziqu zabo kunye nempahla zabo. Lo myalelo wawunyanzeliswa ngesohlwayo sokufa. Kwakungekho kungcola kunokunyamezeleka ebusweni bukaThixo. UL 216.4

Ngexesha lokuhlala entlango, amaSirayeli ayekholisa ukuba phandle emoyeni, apho umoya wawungangcolanga kangako kunaxa kuhlelwe kwizindlu ezisondeleleneyo. Kanti ke, sekunjalo, ukugcinwa ngokungqongqo kococeko kwakufuneka, ngaphakathi nangaphandle kweentente zawo. Kwakungavunyelwa ukuba inkunkuma ibekho ngaphakathi nakwinkampu ebajikelezileyo. UL 216.5

“UYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho.” Duteronomi 23:14. UL 217.1