Go to full page →

Ukukhululeka Kwifashoni UL 229

Amakhosikazi ngokwawo, endaweni yokuzamana nokufikelela kokufunwa yifashoni, mawabe nesibindi sokunxiba ngendlela enempilo nelula. Kunokuba atshone emsebenzini wasekhaya oyindinisa, inkosikazi nomama mayithabathe ixesha ifunda, ukuzigcina enolwazi, ukuba abe liqabane lomyeni wakhe, nokuzigcina echukumisana nokukhula kwengqondo zabantwana bakhe. Mayiwasebenzise ngobulumko amathuba angawakhe ngoku ukuba akhuthazele abo abathandayo ubomi bangasentla. Mayithabathe ixesha ukwenza ukuba uMsindisi othandekayo abe liqabane lemihla ngemihla nomhlobo ekuqhelenwe naYe. Mayithabathe ixesha ukufunda ilizwi laKhe, ithabathe ixesha ukuya nabantwna bayo emathafeni, nokufunda ngoThixo kubuhle bemisebenzi yaKhe. UL 229.2

Mayihlale ichulumancile ikhaphukhaphu. Endaweni yokuchitha yonke imizuzu ithunga into engapheliyo, mayenze ukuhlwa kube lixesha lokuhlala kunye konwatyiwe, ukuhlangana kosapho emva kwemisebenzi yemini. Amadoda amaninzi ebengakhokelelwa ekunyuleni ukuhlala nekhaya layo kunokuya kwindlu yembutho okanye ukuya kulungisa iinwele. Amakhwenkwana amaninzi ebengagcinwa kude nesitrato okanye evenkileni. Amantombazana angasindiswa kumaqabane anemfeketho nakhokelela ecaleni. Impembelelo yekhaya kubazali nabantwana ingaba yileyo uThixo waceba ukuba ibe yiyo, intsikelelo yobomi bonke. UL 229.3