Go to full page →

23—Isondlo Nempilo UL 230

Imizimba yethu yakhiwe ngokutya esikutyayo. Kukho ukonakaliswa kwemisipha nezihlunu okuqhubeka lonke ixesha emzimbeni; yonke intshukumo yalo lonke ilungu inenkcitho eyenzayo, yaye le nkcitho ilungiswa kukutya kwethu. Ilungu ngalinye lomzimba lifuna isabelo salo kwisondlo. Ingqondo kufuneka inikwe isabelo sayo; amathambo, izihlunu, imithambo-luvo kufuneka iyileyo inikwe esayo isabelo. Yinkuqubo emangalisayo ukuguqulwa kokutya kube ligazi lize eli gazi lisetyenziswe ekwakheni iindawo ezahlukeneyo zomzimba; kodwa le nkqubo iqhubeka rhoqo, inika ubomi namandla umthambo-luvo ngamnye, isihlunu nezicwili. UL 230.1