Go to full page →

26—Izivuseleli Nezidakumbisi UL 253

Kudidi lwezivuseleli nezidakumbisi kuqukwe iintlobo ezahlukeneyo zezinto ezithi, zisetyenziswe ngokupheleleyo njengokutya nesiselo ezisityabulayo isisu, zilityhefe igazi, ziyivuse imithambo-luvo. Ukusetyenziswa kwazo kubi ngendlela ebonakalayo. Abantu bafuna izinto ezithabathekisayo, kuba, ngokwangoku, iziphumo zamkelekile. Kubakhona, kodwa, ukuphendula komzimba. Ukusetyenziswa kwezivuseleli ezingeyiyo indalo yoqobo kukholisa ukuya ngakwicala lokubaxeka kwezinto, kwaye kusisenzeleli esisebenza ukukhuthaza ukuhla nokonakala komzimba. UL 253.1