Go to full page →

Okuhle Okujikeleze Ikhaya UL 289

UThixo uyayithanda into entle. Wambese umhlaba namazulu ngobuhle, waza, ngovuyo lukaTata, wabukela ukonwaba kwabantwana baKhe ngenxa yezinto athe wazenza. Ulangazelela ukuba siwajikeleze amakhaya wethu ngobuhle bezinto zendalo. UL 289.3

Kufuphi kubo bonke abahleli emaphandleni, nokuba bahlupheke kangakanani, anako amakhaya wabo ukujikelezwa yintwana yengca, imithi yomthunzi embalwa, amatyholo aveza iintyatyambo, okanye ivumba elimnandi leentyatyambo. Kanti ngaphezu kwako konke ukuhombisa okwenziwayo, ezi zinto zenza kubeko ukonwaba kulo lonke usapho. Ziya kuzisa ebomini basekhayeni impembelelo ethambileyo nechubekileyo; zikuqinise ukuthandwa kwendalo, zenze nokuba amalungu osapho asondelelane elinye kwelinye nakufuphi ngakumbi kuThixo. UL 289.4