Go to full page →

Uchulumanco UL 294

Umama ufanele akhulise uchulumanco, ukwaneliseka, kwakunye nembonakalo yokonwaba. Lonke ilinge eliqonde kule ndlela liya kubuyekezwa ngokukhulu kuko kokubini, ekuphileni kakuhle komzimba nangesimilo sokuziphatha kwabantwana bakhe. Umoya ovuyileyo uya kukhuthza ulonwabo elusatsheni, nokuba uphuhlise kakhulu neyakhe impilo. UL 294.3

Umyeni makayincede inkosikayi yakhe ngovelwano lwakhe nothando olungapheliyo. Ukuba umyeni unga angamgcina umfazi wakhe eqhathula onwabile, ukuze abe kukukhanya kwelanga ekhaya, makamncedise ekuthwaleni imithwalo yakhe. Ububele bakhe nembeko enothando kuye ziya kuba yinkuthazo exabisekileyo, luze ulonwabo aludlulisayo luzise uvuyo noxolo entliziyweni yakhe. UL 294.4

Umyeni-tata ohlala equmbile, ejonge isiqu sakhe, nofuna okuninzi okanye ongumthwalo, akanelanga kungonwabi yena, kodwa wenza bagutyungelwa ngumoya wosizi bonke abahlala naye ekhaya. Uya kuvuna isiphumo sokubona inkosikazi yakhe inotyhafo isisigulana, nabantwana bakhe bedyojwe kukuziphatha kwakhe okuthiyekileyo. UL 294.5

Ukuba umama uvinjwa ukukhathalelwa nokuthuthuzelwa afanelwe kukuba nako, ukuba uyeka aphele amandla ngokuqotywa ngomsebenziokanye ngexhala nosizi, abantwana bakhe baya kuhluthwa amandla odlamko nokusebenza lula kwengqondo kobukhaphukhaphu obunochulumanco, izinto abafanele ukuzizuza njengelifa. Bekuya kuba kuhle kakhulu ukubenza ubomi bukamama bukhanye bube nochulumanco, ukuze akhusele kwintswelo, kumsebenzi onxaphisayo, nenkathalo enoxinzeleko, baze abantwana bazuze impilo elungileyo, khon’ ukuze bakwazi ukuzilwela ngendlela yabo ebomini ngawabo amandla. UL 294.6

Inkulu intlonipho noxanduva olubekwe phezu kwabazali, ootata noomama, kuba kufuneka bame endweni kaThixo ebantwaneni babo. Izimilo zabo, ubomi babo bemihla ngemihla, iindlela zokuqeqesha, ziya kuwacacisa amazwi waKhe kwaba bancinane. Impembelelo yabo iya kuzuza okanye iya kukugxotha ukuthembela komntwana kwiziqinisekiso zeNkosi. UL 295.1