Go to full page →

Ukuziqoba Ngomsebenzi UL 293

Amandla kamama kufuneka aphathwe ngocoselelo. Endaweni yokuchitha amandla wakhe axabisekileyo ngokusebenza nzima okudinisayo, inkathalo nemithwalo yakhe kufuneka konke oko kuphungulwe. Kuqhelekile ukuba umyeni-tata angaqhelani nemithetho yomzimba okuthi ukuphila kakuhle kosapho kufune ukuba abe uyayiqonda. Ngokusoloko eqwalasele ekuzameni impilo, okanye ezimisele ekuzuzeni ubutyebi, ekwaxinwe ngamaxhala nezinto ezixakayo, umyeni-tata uye ayiyekele enkosikazini engumama imithwalo ethi imqobe amandla wakhe ngelona xesha libaluleke kakhulu kuze oko kumenze aphelelwe ngamandla agule nokugula. UL 293.2

Abayeni-tata abaninzi bangafunda isifundo esiluncedo kwinkathalo yomalusi othembekileyo. UYakobi, xa wayenyanzelekile ukuba athabathe uhambo olukhawulezileyo nolunzima, waphendula wathi: UL 293.3

“Abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife impahla emfutshane. . . . ndihambise [khokele] kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana.” Genesis 33:13, 14. UL 294.1

Endleleni enzima yobomi, umyeni-tata maka“hambise [khokele] kuhle” njengoko iqabane lohambo lwakhe linako ukukuthwala. Phakathi kolangazelelo lokungxamela ubutyebi okusemhlabeni, makafunde ukuwamisa amanyathelo wakhe, ukuba athuthuzele, axhase lowo ubizelwe ukuba ahambe ecaleni lakhe. UL 294.2