Go to full page →

YayinguYe UKristu UL 336

“Yena wathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.” Filipi 2:6-8. UL 336.4

“NguKristu . . . owafayo, . . . wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo.” “Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye uThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.” Roma 8:34; Hebhere 7:25. UL 336.5

“Asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokukufana nathi, engenasono.” Hebhere 4:15. UL 336.6

Kungesipho sikaKristu esithi sizuze yonke intsikelelo. Ngaso eso sipho kuza kuthi, imihla ngemihla, umsinga ongapheliyo wokulunga kukaYehova. Yonke intyatyambo, ngemibala yayo emihle kunye nevumba layo elimnandi, inikelwe ukonwatyiswa kwethu ngaso eso Sipho sinye. Ilanga kunye nenyanga zenziwa nguYe. Ayikho inkwenkwezi eyenza abe mahle amazulu angayenzanga Yena. Lonke ithontsi lemvula eliwayo,wonke umtha wokukhanya owa phezu kwehlabathi elingenambulelo, ungqina ngothando lukaThixo kuKristu. Yonke into inikelwe kuthi ngaso eso Sipho sinye singathethekiyo, uNyana kaThixo ekuphela kwamzeleyo. Wabethelelwa emnqamlezweni ukuze zonke ezi zipho zithululwe zisiza emsebenzini wezandla zikaThixo. UL 337.1

“Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo.” 1 Yohane 3:1. UL 337.2

“Abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo
ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye.” UL 337.3

Isaya 64:4.