Go to full page →

Ubuqaqawuli Bomnqamlezo UL 336

Ukubonakalaliswa kothando lukaThixo emntwini kuzinze emnqamlezweni. Ukubaluleka kwawo okupheleleyo ulwimi alunakoukukuxela, usiba alunako ukukuzoba, nengqondo yomntu ayikwazi kukuqonda. Xa sikhangele emnqamlezweni waseKalvari, singasuka sithi, “UThixo wenjenje ukulithanda ihlabathi, ude wancama uNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuYe bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” Yohane 3:16. UL 336.2

UKristu owabethelelwa ngenxa yezono zethu, uKristu owavukayo kwabafileyo, uKristu owenyukela phezulu, yisayensi yosindiso esifanele ukuba siyifunde siyifundise. UL 336.3