Go to full page →

“Hlalani KuM.’ UL 416

UKristu uyasibiza, esithi: “Hlalani kum, mna ndihlale kuni. njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum. . . . Lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uya kuthwala isisqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto. . . . Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe. Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke. UL 416.3

“Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam. . . . UL 416.4

“Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.” Yohane 15:4-16 UL 416.5

“Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.” IsiTyhilelo 3:20. UL 416.6

“Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo.” IsiTyhilelo 2:17. UL 417.1

“Lowo weyisayo, . . . ndiya kumnika ikhwezi lokusa,” “ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, . . . negama lam elitsha.” Iindima 26-28; 3:12. UL 417.2