Go to full page →

8—Ugqirha Ukwangumfundisi UL 86

Ugqirha wenene ungumfundisi. Uyaluqonda uxanduva lwakhe, kungekuphela kwabagulayo abaphantsi kwenkathalelo yakhe ngqo, kodwa nasekuhlaleni apho ahlala khona. Umi njengomalusi wako kokubini—impilo yasemzimbeni nendlela yokuziphatha. Ngumzamo wakhe ukunganeli nje ukufundisa iindlela ezilungileyo zokuphatha abagulayo, kodwa nokukhuthaza imikhwa elungileyo yokuphila, nokusasaza ulwazi lwemithetho-siseko elungileyo. UL 86.1