Go to full page →

Abendlu Yokholo UL 151

“Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.” Galati 6:10. UL 151.2

Ngendlela ekhethekileyo, uKristu wabeka phezu kwebandla laKhe uxanduva lokukhathalela abasweleyo abaphakathi kwamalungu alo. Uvumela ukuba abaKhe abangamahlwempu babekho kwimida yebandla ngalinye. Baya kuhlala bekho phakathi kwethu, kwaye ubeke phezu kwamalungu ebandla umthwalo kwilungu ngalinye ukuba abakhathalele. UL 151.3

Njengoko amalungu osapho lwenene ekhathalelana omnye nomnye, kulungiselelwa kwabagulayo, kuxhaswa abangenamandla, kufundiswa abangenalwazi, kuqeqeshwa abangenamava, kunjalo “kwabendlu yokholo” ukukhathalela abayo abasweleyo nabangenako ukuzinceda. Akukho ukunakekela ezinye izinto okunokwenza ukuba aba badlulwe bengakhathalelwanga. UL 151.4