Go to full page →

13—Amahlwempu Angakwazi Kuzinceda UL 151

Xa kuthe konke kwenziwa okube kunokwenziwa ukunceda amahlwempu ukuba akwazi ukuzinceda, kusasele umhlolokazi nenkedama, ogugileyo, ongakwazi kuzinceda, kunye nogulayo, abasafuna uvelwano nokukhathalelwa. Mabangaze batyeshelwe aba. Banikelwe nguThixo ngokwaKhe kwinceba, kuthando nenkathalelo enobubele kubo bonke abo abenze amagosa waKhe. UL 151.1