[Esi sahluko sisekwe kuYohane 10:1-30.]
“Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.” “Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.” ULw 476.1
Waphinda uYesu wafumana ithuba lokusebenza neengqondo zabantu abamphulaphulayo ngendlela yabantu abaqhelene nabo. Wayeyifanise impembelelo kaMoya namanzi apholileyo ahlaziyayo. Wayezimise Yena njengokhanyiselo, ithende lobomi nolonwabo kwindalo nakubantu. Ngoku, kumfanekiso omhle wokwalusa, ububeka ubudlelane baKhe nabo bakholwayo kuYe. Awukho umfanekiso owawuqheleke ngaphezu kwalo, aza amazwi kaKristu awuhlanganisa naYe ngonaphakade. Abafundi babengasayi kuze baphinde bakhangele abelusi abajonge imihlambi yabo bangasikhumbuli isifundo soMsindisi. Babeya kubona uKristu kumalusi ngamnye othembekileyo. Babeza kubona iziqu zabo kumhlambi ngamnye ongakwaziyo ukuzinceda noxhomekekileyo. ULw 476.2
Umfanekiso owasetyenziswa ngumprofeti uIsaya emsebenzini kaMesiya, kumazwi athuthuzelayo, “Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu! . . . Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo.” Isa. 40:9-11. UDavidewavuma, wathi,“UYehova ngumalusi wam; andisweli Iutho.” Nd. 23:1. UMoya Oyingcwele, ngoHezekile, wathi: Ndomisa phezu kwawo uMalusi abe mnye, awaluse.” “Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise ezizintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo.” “Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo.” “Abayi kuba saba lixhoba leentlanga, . . . bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo.” Hez. 34:23, 16, 25, 28. ULw 476.3
UKristu wazibhekisa kuYe ezi ziprofeto, wabonisa umahluko phakathi kwesaKhe isimilo kunye nezo zeenkokeli zakwaIsrayeli. AbaFarisi babesanda kugxotha omnye esibayeni, kuba waba nesibindi sokuthwala ubungqina ngamandla kaKristu. Babenqumle umphefumlo uMalusi Oyinyaniso awayewusondeze kuYe. Ngesi senzo baziveza ukungawazi kwabo umsebenzi onikelwe bona, nokungafanelwa kwabo kukuthenjwa njengabalusi bomhlambi. UYesu ngoku wabeka phambi kwabo umahluko phakathi kwabo noMalusi Olungileyo, waza walatha kuYe ukuba ungumgcini wenene womhlambi kaYehova. Phambi kokuba enze oku, phofu, uthetha ngaYe ephantsi komnye umfanekiso. ULw 477.1
Wathi, “Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.” abaFarisi abazange baqonde ukuba la mazwi ayethethwa ngokuchasene nabo. Xa babecinga ezintliziyweni zabo ukuba angaba athetha ntoni, uYesu wabaxelela phandle, “Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.” ULw 477.2
UKristu ulisango lokungena esibayeni sikaThixo. Ngeli sango, bonke abantwana baKhe, kususela kumaxesha asekuqaleni, bazuza indlela yokungena. KuYesu, njengoko kubonisiwe kwimizekeliso, kwaboniswa kwimifuziselo, njengoko kubonisiwe kwisityhilelo ngabaprofeti, njengoko kutyhiliwe kwizifundo ezanikezwa abafundi baKhe, nakwimimangaliso eyenzelwa oonyana babantu, bayibonile “iMvana kaThixo ethwala isuse isono sehlabathi” (Yohane 1:29), kwathi ngaYo bangeniswa esibayeni sobabalo lwaKhe. Baninzi abezayo bebeka ezinye iinjongo zokholo lwehlabathi, iinkonzo namahlelo alungisiweyo, ekuthi ngawo, abantu bathembe ukuzuza ukugwetyelwa noxolo noThixo, ngaloo ndlela bakwazi ukungena esibayeni saKhe. Kanti ke, isango ekuphela kwalo nguKristu, kwaye bonke ababeke enye into ukuba ithabathe indawo kaKristu, bonke abazame ukungena esibayeni ngandlela yimbi, bangamasela nezihange. ULw 477.3
AbaFarisi babengangenanga ngesango. Bakhwela ukungena esibayeni ngenye indlela kunokungena ngoKristu, baza abawuzalisekisa umsebenzi womalusi wenene. Ababingeleli nabaphathi, ababhali nabaFarisi, bawatshabalalisa amadlelo, bayingcolisa imithombo yamanzi obomi. Ngokuthembeka, amazwi empefumlelo achaza abo balusi bobuxoki: “Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi; . . . nizinyathela ngamandla kalukhuni.” Hez. 34:4. ULw 478.1
Kuwo wonke amaphakade, abanolwazi nabafundisi babezisa ehlabathini imfundiso ekuthi ngazo kwaneziswe izidingo zomphefumlo. Sonke isizwe sobuhedeni sakha sanabo abafundisi baso abakhulu namahlelo eenkonzo anika ezinye iindlela zokuhlangulwa kunoKristu, ziwasuse amehlo abantu ebusweni bukaBawo, zizalise iintliziyo zabo ngokumoyika Lowo ubanike intsikelelo kuphela. Ikhondo lomsebenzi wabo kukuqhatha uThixo ngoko kukokwaKhe ngendlela ezimbini, ngokudalwa nangokuhlangulwa. Aba bafundisi bobuxoki bayabaqhatha nabantu. Izigidi zabantu zibophelelekile phantsi kweenkolo zobuxoki, kwimbophelelo zoloyiko olubukhoboka, nokungakhathali, okunenkani, besebenza okwezilwanyana zokuthwala imithwalo, bephelelwe lithemba okanye uvuyo okanye inkuthazo apha, inye kuphela into abanayo, ubudenge boloyiko lobomi obulandelayo. Ziindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo kuphela ezinokuwuphakamisa umphefumlo njengoko ingekho enye into enokwenza oko. UKristu weza ukuze adale ngokutsha umfanekiselo kaThixo emntwini; wonke ojika abantu ukuba bangayi kuKristu ubajika kwithende lokukhula kwenene; ubaqhatha kwithemba ngenjongo kunye nozuko lobomi. Yena ulisela nesihange. ULw 478.2
“Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.” UYesu uzizo zombini, umnyango nomalusi. Ungena ngokwaKhe. Kungombingelelo waKhe athi abe ngumalusi wezimvu. “Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe, azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele, ngokuba zilazi izwi lakhe.” ULw 478.3
Kuzo zonke izidalwa, imvu yeyona inobuphakuphaku nengenako ukuzinceda,kwayeeMpuma, inkathalo yomalusi ngomhlambi wakhe ayidinwa kwayeayipheli. Mandulo, ngokufana nangoku, lwaluluncinane ukhuseleko ngaphandle kweedolophu ezazibiyelwe ngeendonga. Amatutu asuka kwizizwe ezijikelezileyo okanye izilwanyana eziqwengayo eziphuma kwiindawo zazo emaweni, zilalele ukuze ziwuphange umhlambi. Umalusi uyalulinda uhlaselo esazi ukuba obakhe ubomi busemngciphekweni. UYakobi, owayegcina imihlambi kaLabhan, kumadlelo akwaHaran, xa wayechaza ukusebenza kwakhe nzima angadinwa, wathi, “Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.” Gen. 31:40. Kwakungexesha yayisalusa izimvu zikayise, eyathi inkwenkwana uDavide, eyedwa, waqubisana nengonyama nebhere, wahlangula emazinyweni azo imvana exhwiliweyo. ULw 479.1
Njengokuba umalusi ekhokela izimvu zakhe emaweni, emahlathini, nasemiweweni emibi, azise kwiindawo ezinengca ngasemilanjeni; njengokuba ezalusa ezintabeni ubusuku bonke eyedwa, ezikhusela kumasela, ekhathalela ezigulayo nezingenamandla, ubomi bakhe bebusuka bube bunye nobazo. Ukuqhelana okuqinileyo nokunothando bekumdibanisa kunye nezi zinto azikhathalelayo. Nokuba umhlambi mkhulu kangakanani, umalusi wazi imvu nganye. Imvu nganye inegama layo, yaye iyasabela kweli gama akubiza umalusi. ULw 479.2
Umalusi wasemhlabeni uyazazi izimvu zakhe, ngokunjalo, uMalusi wezulu uyawazi umhlambi waKhe othe saa kuwo wonke umhlaba. “Nina ke ningumhlambi wam, umhlambi wedlelo lam; nisisintu, ndinguThixo wenu; itsho iNkosi uYehova.” UYesu uthi, “Ndikubizile ngegama lakho, ungowam.” “Ndikuvambile ezintendeni zezandla zam.” Hez. 34:31; Isa. 43:1; 49:16. ULw 479.3
UYesu usazi sonke ngabanye, kwaye uyachukunyiswa zizimvo zeentlungu zethu. Usazi sonke ngamagama. Wazi nendlu esihlala kuyo, negama lomhlali ngamnye. Maxa wambi, unike abakhonzi baKhe umyalelo wokuba baye kwisitrato esithile, kwisixeko esithile, kwindlu ethile, ukuze bafumane imvu yaKhe enye. ULw 479.4
Wonke umphefumlo waziwa ngokupheleleyo nguYesu ngokungathi nguwo kuphela awawufelayo uMsindisi. Uxinzelelo lwawo ngamnye luyayichukumisa intliziyo yaKhe. Isikhalo soncedo siyafika endlebeni yaKhe. Weza ukuba abatsalele kuYe bonke abantu. Uthi kubo, “Ndilandeleni,” waye uMoya waKhe usebenza ezintliziyweni zabo ukubatsala ukuba beze kuYe. Abaninzi bayakwala ukutsalwa. UYesu uyabazi ukuba bangobani. Kanti uyabazi abaluva ngovuyo ubizo lwaKhe, baye bekulungele ukuza phantsi kokwaluswa nguYe. Uthi, “Izimvu zam ziyaliva izwi lam, ndiyazazi, zaye ziyandilandela.” Ukhathalele umntu ngamnye kuthi ngokungathi akakho omnye ebusweni bomhlaba. ULw 480.1
“[Uzibiza] ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle, . . . zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.” Umalusi waseMpuma akaziqhubi izimvu zakhe. Akaxhomekeki ekunyanzeleni okanye ekoyikeni; kodwa uthi ehamba phambi kwazo, azibize. Ziyalazi izwi lakhe, kwaye ziyakuthobela ukubizwa. Wenza njalo noMsindisi-Malusi ngezaKhe izimvu. IsiBhalo sithi, “Wabakhokela njengezimvu abantu bakho, ngesandla sikaMoses noAron.” Ngomprofeti, uYesu uthi, “Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.” Akanyanzeli mntu ukuba amlandele. “Ndabatsala,” utsho, “ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando.” Nd. 77:20; Yer. 31:3; Hoseya 11:4. ULw 480.2
Asikukoyika ukohlwaywa, okanye ukuthemba umvuzo ongunaphakade, okukhokelela abafundi bakaKristu ekubeni bamlandele. Babona uthando loMsindisi olungenamlinganiselo, lutyhiliwe kuko konke ukuphambukela kwaKhe emhlabeni, kususela emkhumbini waseBhetelehem kuse kumnqamlezo waseKalvari, ize inkangeleko yaKhe, itsale, ithambise, yoyise umphefumlo. Uthando luvusa iintliziyo zabo bakhangeleyo. Beva izwi laKhe, baze bamlandele. ULw 480.3
Njengoko umalusi ehamba phambi kwezimvu zakhe, ibe nguye ohlangana kuqala neengozi endleleni, wenza njalo uYesu ngabantu baKhe. “Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo.” Indlela eya ezulwini ingcwaliswe ngamanyathelo oMsindisi. Indlela isenokuba iyenyuka kwaye imbi, kodwa uYesu wayihamba loo ndlela; iinyawo zaKhe zanyathela ameva akhohlakeleyo, ukuze ziyenze indlela ibe lula kuthi. Wonke umthwalo esibizwa ukuba siwuthwale, Yena ngokwaKhe uye wawuthwala. ULw 480.4
Nangona ngoku athe wanyuka waya phambi kukaThixo, wahlala kunye naYe etroneni yendalo yonke, uYesu akalahlekwanga yimvelo yaKhe yemfesane. Namhlanje, kwayona loo ntliziyo inobubele novelwano, ivuliwe kuzo zonke iintsizi zoluntu. Namhlanje, isandla esahlatywayo solulelwe ukuba sisikelele ngokukhulu abantubaKhe abasemhlabeni. “Azisayikutshabalalanaphakade; akukhonamnyeuyakuzihlutha esandleni sam.” Umphefumlo ozinikele kuKristu uxabiseke emehlweni aKhe ngaphezu kwehlabathi lonke. UMsindisi ngewangena kuyo intlungu yaseKalvari ukuze omnye asindiselwe ebukumkanini baKhe. Akasayi kuze amyeke lowo umnye awafa ngenxa yakhe. Ngaphandle kokuba abalandeli baKhe banyula ukumshiya, Yena uya kuqinisa ukubabamba. ULw 480.5
Kuzo zonke izilingo zethu, sinaye uMncedi ongasokuze oyiswe. Akasishiyi sisedwa edabini lesihendo, ukuba silwe nobubi, kuze ekugqibeleni sityunyuzwe yimithwalo nentlungu. Nangona ngoku engabonakali kwiliso lenyama, indlebe yokholo inako ukuliva izwi laKhe lisithi, Ndinawe. “Ndinguye odla ubomi; ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTy. 1:18. Ndazinyamezela iintlungu zakho, ndalwa amadabi wakho, ndaqubisana nezihendo zakho. Ndiyazazi iinyembezi zakho; nam ndalila. Iintlungu zakho zinzulu kakhulu ukuba zingaphefumlelwa nakweyiphi indlebe yomntu, ndiyazi. Musa ukucinga ukuba ungokhedamileyo noshiyiweyo. Nangona intlungu yakho ingachukumisi lusinga luza nempendulo nakweyiphi intliziyo emhlabeni, khangela kuM, uphile. “Ngokuba zingade zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.” Isa. 54:10. ULw 483.1
Nokuba umalusi angazithanda kangakanani izimvu zakhe, ubathanda ngaphezulu oonyana neentombi zakhe. UYesu akaphelelanga ekubeni ngumalusi nje wethu; Ungu“Bawo wethu onguSonini-nanini.” Uthi, “Ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. Njengokuba endazi uBawo nam ndiyamazi uBawo.” Yohane 10:14, 15. Intetho ebaluleke kangako eyile!—uNyana okuphela kozelweyo, osesifubeni sikaYise, Lowo athe uThixo ngaYe, “Lo mfo usondeleyo kum” (Zakariya 13:7, IBHAYIBHILE), unxulumano phakathi kwaKhe noThixo ongunaphakade luthatyathwa ngokuba lumele ukuxhumana phakathi kukaKristu nabantwana baKhe abasemhlabeni! ULw 483.2
Ngenxa yokuba sisisipho sikaYise, nomvuzo womsebenzi waKhe, uYesu uyasithanda. Usithanda njengabantwana baKhe. Wena lo ofundayo ngoku, uyakuthanda. Izulu ngokwalo alinako ukukunika into engaphezulu, nengcono. Ngoko ke, themba. ULw 483.3
UYesu wacinga ngayo yonke imiphefumlo ekuwo wonke umhlaba eyalahlekiswa ngabalusi bobuxoki. Abo wayenga angabahlanganisa njengezimvu zedlelo laKhe, babesasazeke phakathi kweengcuka, kwaye wathi, “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” Yohane 10:16. ULw 483.4
“Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuzendibuyendibuthabathe.” Oko kukuthi, uBawo uthande kakhulu kangaka, kangangokuba nam undithanda ngakumbi kuba ndinikele ubomi baM ukuze nihlangulwe. Ngokuba ngummeli wenu nesibambiso endaweni yenu, ngokunikela ubomi baM, ngokuthabatha amatyala wenu, izikreqo zenu, ndiyathandwa nguBawo. ULw 484.1
“Mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe.” Lo gama, njengomnye wosapho loluntu, wayengenako ukufa, njengoThixo, wayengumthombo wobomi behlabathi. Wayenako ukumelana nokuza kokufa, ale ukuza phantsi kolawulo lwako; kodwa ngokuzithandela, wabuncama ubomi baKhe, ukuze akwazi ukuzisa ubomi nokungafi ekukhanyeni. Wathwala isono sehlabathi, wanyamezela isiqalekiso saso, wanikela ubomi baKhe ukuba bube ngumbingelelo, ukuze abantu bangafi ngonaphakade. “Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu. . . . Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. Thina sonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.” Isa. 53:4-6. ULw 484.2