Go to full page →

Ukulunguza [Ukuhambela] Abagulayo UL 169

Bububele obubheke ecaleni, ingcamango engeyiyo yobubele, ekhokelela ekuhambeleni kakhulu abagulayo. Abo bagula kakhulu akufuneki babe nabahambeli. Ukuthabatheka okuhlangene nokwamkela iifowuni nabantu abezayo kuyamdinisa ogulayo ngexesha akudinga kakhulu ukuphumla okuthe cwaka, okungenaso isiphazamiso. UL 169.2

Kwisigulana esichachayo okanye esinesigulo esingapheliyo, kukholisa ukuba kube kuhle nokuba kube mnandi ukwazi ukuba siyakhunjulwa ngobubele; kodwa esi siqinisekiso xa senziwe ngesigidimi sovelwano okanye ngesipho esincinane sinako ukuyifeza injongo elunge kakhulu kunaxa kuyiwe ubuqu, nangaphandle kwengozi. UL 169.3