Go to full page →

Imithwalo Yabongi UL 169

Abongikazi, nabo bonke abanokwenza negumbi labagulayo, kufuneka babonakale bonwabile, benenzolo, bekwazi ukuzilawula. Konke ukungxama, ukuthabatheka, okanye isiphithiphithi, kufuneka kungabikho. Iminyango kufuneka ivulwe ivalwe ngobunono, baze bonke abasendlwini bagcine inzolo. Kwiimeko zokuhlasela kwefiva, inkathalo eyodwa iyadingeka xa intlekele ifika nefiva iza kudlula. Ukuqaphela rhoqo kukholisa ukufuneka. Ukungazi, ukulibala, nokungakhathali kubange ukufa kwabaninzi abangeba baphila ukuba babefumene inkathalo eyiyo kubongikazi abanentelekelelo nabacingayo. UL 169.1