Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuziqoba Ngomsebenzi

    Amandla kamama kufuneka aphathwe ngocoselelo. Endaweni yokuchitha amandla wakhe axabisekileyo ngokusebenza nzima okudinisayo, inkathalo nemithwalo yakhe kufuneka konke oko kuphungulwe. Kuqhelekile ukuba umyeni-tata angaqhelani nemithetho yomzimba okuthi ukuphila kakuhle kosapho kufune ukuba abe uyayiqonda. Ngokusoloko eqwalasele ekuzameni impilo, okanye ezimisele ekuzuzeni ubutyebi, ekwaxinwe ngamaxhala nezinto ezixakayo, umyeni-tata uye ayiyekele enkosikazini engumama imithwalo ethi imqobe amandla wakhe ngelona xesha libaluleke kakhulu kuze oko kumenze aphelelwe ngamandla agule nokugula.UL 293.2

    Abayeni-tata abaninzi bangafunda isifundo esiluncedo kwinkathalo yomalusi othembekileyo. UYakobi, xa wayenyanzelekile ukuba athabathe uhambo olukhawulezileyo nolunzima, waphendula wathi:UL 293.3

    “Abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife impahla emfutshane. . . . ndihambise [khokele] kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana.” Genesis 33:13, 14.UL 294.1

    Endleleni enzima yobomi, umyeni-tata maka“hambise [khokele] kuhle” njengoko iqabane lohambo lwakhe linako ukukuthwala. Phakathi kolangazelelo lokungxamela ubutyebi okusemhlabeni, makafunde ukuwamisa amanyathelo wakhe, ukuba athuthuzele, axhase lowo ubizelwe ukuba ahambe ecaleni lakhe.UL 294.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents