Go to full page →

Ukukhanya Kwelanga, Umoya, Nobushushu UL 168

Ukwenza ukuba ogulayo abe kwezona meko zikhuthaza ukuphila, igumbi akulo kufuneka libe likhulu, likhanye, libe nochulumanco, nethuba lokungena ngokufanelekileyo impepho ehlaziyekileyo. Igumbi elisendlwini elifikeleleyo kule miqathango limele ukuba libekelwe bucala njengegumbi logulayo. Izindlu ezininzi azinawo umsindleko owodwa wokungena komoya olungileyo, kwaye nokuba ufunyanwe ngunomji, kodwa konke okunokuzanywa kumele kwenziwe ukulilungisa igumbi logulayo ukuze umsinga womoya omhle udlule kulo imini nobusuku. UL 168.1

Kangangoko kunokwenzeka, ubushushu obungumyinge olinganayo kufuneka bugciniwe egumbini logulayo. Isilinganiso kufuneka sisetyenzisiwe. Abo bajonge ogulayo, bakholisa ukuhluthwa ubuthongo okanye bavuswe ebusuku ukuba bajonge ogulayo, bazizisulu zengqele kwaye abazizo izazi ezifanelekileyo zobushushu obenempiliso. UL 168.2