Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhanya Kwelanga, Umoya, Nobushushu

    Ukwenza ukuba ogulayo abe kwezona meko zikhuthaza ukuphila, igumbi akulo kufuneka libe likhulu, likhanye, libe nochulumanco, nethuba lokungena ngokufanelekileyo impepho ehlaziyekileyo. Igumbi elisendlwini elifikeleleyo kule miqathango limele ukuba libekelwe bucala njengegumbi logulayo. Izindlu ezininzi azinawo umsindleko owodwa wokungena komoya olungileyo, kwaye nokuba ufunyanwe ngunomji, kodwa konke okunokuzanywa kumele kwenziwe ukulilungisa igumbi logulayo ukuze umsinga womoya omhle udlule kulo imini nobusuku.UL 168.1

    Kangangoko kunokwenzeka, ubushushu obungumyinge olinganayo kufuneka bugciniwe egumbini logulayo. Isilinganiso kufuneka sisetyenzisiwe. Abo bajonge ogulayo, bakholisa ukuhluthwa ubuthongo okanye bavuswe ebusuku ukuba bajonge ogulayo, bazizisulu zengqele kwaye abazizo izazi ezifanelekileyo zobushushu obenempiliso.UL 168.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents