Go to full page →

Isondlo UL 168

Indawo ebalulekileyo emsebenzini womongikazi kukukhathalela isondlo sogulayo. Ogulayo kufuneka angavunyelwa ukuba agule okanye aphelelwe ngamandla ngokungafanelekanga ngokuswela isondlo, nokuba angaze amandla okucola ukutya esiswini, esihleli singenamandla, adodobaliswe ngokusetyenziswa kakhulu. Ubulumko buyafuneka xa kulungiswa kunikwa ukutya ukuqinisekisa ukuba kuya kubamnandi, kodwa ubulumko kufuneka buqinisekise ukuba kuzifanele izidingo zogulayo, ngobuninzi nangexabiso. Ngamaxesha okuchacha ngokukodwa, xa ukufuna ukutya kuphezulu, ngaphambi kokuba amalungu asebenza ukutya abuyelwe ngamandla, kukho ingozi enkulu enokubangwa ziimpazamo kwisondlo. UL 168.3