Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Bonke Banako Ukungakhohliswa

    Kodwa bonke banako ukungakhohliswa ngamabango axokayo oNqulo lwemiNyanya. UThixo ulinike ihlabathi ukukhanya okwaneleyo kokulinceda ukuba liwubone umgibe. Nokuba bebungekho obunye ubunqhina, kwanele kumaKristu ukuba aaba moya abenzi mahluko phakathi kobulungisa nesoono, naphakathi kwabona bandilekileyo nabanyulu kubapostile bakaKristu nabona babolileyo kubakhonzi bakaSatana. Ngokuthi abona bantu basimilo siphantsi basezulwini, kwaye baphakanyisiwe kakhulu apho, uSatana ngokuphandle uthi ehlabathini, Akukhathaleki nokuba ukhohlakele kangakananina; akukhathaleki nokuba uyakholwa okanye akukholwa nguThixo nayiBaibile. Phila ngendlela othanda ngayo; izulu likhaya lakho.IL 356.3

    Kanjako, abapostile, njengoko aabamoya baxokayo bezifanekisa nabo, benziwa ukuba baphikise oko baakubhalayo ngokuphefumlelwa nguMoya oyiNgcwele xa babe lapha emhlabeni. Bayakukhanyela ukuvela kuThixo kweBaibile, baze ngalendlela basisuse isiseko sethembha lomKristu, basicime isibane esityhila indlela esinga ezulwini.IL 356.4

    USatana ulenza ihlabathi likholwe ukuba iBaibile yinto efumane yaqwetywa nje okanye incwadi efanele ubusana bohlanga, efanelwe ngoku kukuthatyathwa nje lula okanye ilahlwe njengento ephelelwe lixesha. Ukuthabatha indawo yeliZwi likaThixo uvelisa izibonakalo zoomoya. Naali ke ijelo eliphantsi kolaulo lwakhe ngokupheleleyo; ngalendlela ke unokulenza ihlabathi likholelwe nakuyiphina into ayithandayo. INcwadi eza kumgweba yena nabalandeli bakhe uyibeka ethunzini, kanye apho ayifuna khona; umSindisi wehlabathi umenza angabi ngaphezulu komntu nje oqhelekileyo. Kanye njengoko abalindi bamaRoma ababelinde inchwaba likaYesu bayisasazayo ingxelo yobuxoki eyabekwa emilonyeni yabo ngababingeleli namadoda amakhulu yokuphikisa uvuko lwakhe, benza njalo abakholelwa kwezi zibonakaliso zoomoya ukuzama ukwenza kukhangeleke ngokungathi akukho nto ingummangaliso ezimekweni zobomi bomSindisi wethu. Emva kokuzama ngalendlela ukumbeka ngasemva uYesu, batsalela ingqalelo kweyabo imimangaliso, besithi le yabo iyidlula lee imisebenzi kaKristu.IL 357.1

    Uthi umprofeti ulsaya: “Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi abalozayo abadumzelayo, yithini, Abantu ma bangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo ma baquqele kwabafileyo na? Bhekani esiyalweni, esinqhinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.” Isaya 8: 19, 20. Ukuba abantu babevumile ukuyamkela inyaniso ecaciswe kakuhle kangaka eziBhalweni, yokuba abafileyo abazi lutho; babeya kubona kumabango oNqulo lwemiNyanya ukusebenza kukaSatana ngamandla nemiqondiso nezimanga zobuxoki. Kodwa endaweni yokuba bayincame inkululeko ethandeka kangaka entliziyweni yenyama, bazishiye izoono zabo abazithandayo, izihlwele ziyawavala amehlo azo, zifunzele phambhili, zingazinanzi iziyalo, logama uSatana athiya imigibe yakhe macala onke kubo, baze babe lixhoba lakhe. “Ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe,” ngenxa yoko “uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki.” 2 Tesalonika 2: 10, 11.IL 357.2

    Aabo bazichasileyo iimfundiso zoNqulo lwemiNyanya abahlaseli abantu kuphela, kodwa bahlasela uSatana kunye nezithunywa zakhe. Bangene edabini lokulwa nezilauli, nawo amagunya, nayo imikhosi yoomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo. USatana akayi kunika mhlaba nakancinane ngaphandle kokuba adudulwe umva ngamandla abathunywa basezulwini. Abantu bakaThixo bafanelwe kukuba nako ukumelana naye njengoko wayenzile umSindisi, ngamazwi athi, “Kubhaliwe.” USatana uyakwazi ukwalatha eziBhalweni ngoku njengakwimihla kaKristu, waye eya kuzigqwetha iimfundiso zazo ukuxhasa iinkohliso zakhe. Kodwa iintetho ezicacileyo zeBaibile ziyakwenza izixhobo ezinamandla kuwo onke amadabi.IL 358.1

    Aabo banga bangema ngexesha lomngcipheko bamelwe kukubuqonda ubunqhina beziBhalo ngokusingisele emvelini yomntu nasesimeni sabafi, kuba kwa kamsinya kuxesha elizayo abaninzi baza kuhlangana noomoya beedemon bezenza abahlobo babo abathandekileyo bathethe ezona zahlukaniso ziyingozi. Aaba batyeleli baya kuchukumisa ezona ndawo zithambhileyo kuthi basebenze imimangaliso yokuxhasa ukunywalaza kwabo. Ma sikulungele ukubachasa ngenyaniso yeBaibile yokuba abafileyo abazi lutho, nokuba aabo bazibonakalalisa ngalendlela bangoomoya beedemon.IL 358.2

    USatana unexesha elide elungiselela ilinge lakhe lokugqibela lokukhohlisa ihlabathi. Isiseko somsebenzi wakhe sabekwa ngengqiniseko eyanikwa uEva eEden, ethi, “Anisayi kufa: . . . mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Genesis 3: 4, 5. Ngokucondobezayo uyilungisile indlela yowona msebenzi wakhe ubalulekileyo ngokumisa inkonzo yoNqulo lwemiNyanya. Akakafikeleli ekuwaphumezeni ngokupheleleyo amacebo akhe; kodwa uya kukufikelela esisaleleni sokugqibela sexesha, laye ihlabathi liya kukhukhuliseka lingene ezintlwini zalenkohliso. Baya mbhambhazelwa ngokukhaulezileyo ukuba balaie ekukhuselekeni okoyikekayo, ukuze bothuswe kukuthululwa komsindo kaThixo.IL 358.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents