Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Olona Lucikido Lokholo Lugqithisileyo

    Kwakhona uYehova wabona kafanelekile ukuba alucikide ukholo lukaAbraham ngolona luvavanyo loyikekayo. Ukuba wayelumele olokuqala uvavanyo walinda ngonyamezelo ukuba idinga lizaliseke kuSara, akamthabatha uHagare waba ngumfazi wakhe, nge engazange abekwe phantsi kolona lucikido lunzima olwakha lwanikwa umntu. UYehova wamyalela uAbraham esithi, “Kha uthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambhe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo, phezu kwentaba endokuxelela yona.”IL 73.1

    UAbraham akazange angamkholelwa uThixo azilazile, kodwa kwasekuseni wathabatha abakhonzi bakhe ababini nolsake, unyana wakhe, neenkuni zedini elinyukayo, waphuma waya kwindawo uThixo amxelele yona. Akazange amxelele uSara kanye umongo wohambho lwakhe, ngokwazi ukuba uthando lwakhe kulsake lungamkhokelela ekungamthembhini uThixo aale nonyana wakhe. UAbraham akazange aluvumele uthando lobuzali ukuba lumlaule ukuze lumkhokelele ekumvukeleni uThixo. Umyalelo kaThixo wawulungiselelwe ukuba uchukumise nzulu umphefumlo wakhe. “Kha uthabathe unyana wakho.” Walandelisa ke, ngokungathi uya yihlaba nzulu intliziyo, ngokuthi, “emnye kuwe, omthandayo, ulsake;” oko kukuthi okuphela konyana wedinga, “umnyuse khona abe lidini elinyukayo.”IL 73.2

    Imihla emithathu loyise wahambha nonyana wakhe, enethuba elide lokucinga amthandabuze uThixo ukuba wayefuna ukumthandabuza. Kodwa wayengazange angamthembhi uThixo. Akazange acinge ukuba ngoku idinga laliza kuzaliswa ngolshmayeli, ngokuba uThixo wayemxelele ngokucacileyo ukuba idinga liya kuzaliswa ngoisake.IL 73.3

    UAbraham wakholwa ukuba ulsake ngunyana we-dinga. Wakholwa kananjalo ukuba uThixo uthetha kanye lento athethe yona ngokuthi makahambhe aye kumnyusa abe lidini elinyukayo. Akazange alithandabuze idinga likaThixo kodwa wakholwa ukuba uThixo, owayethe ngobubele bakhe wanika uSara u- nyana ekwaluphaleni kwakhe, nowafuna ukuba awukhuphe umphefumlo wonyana wakhe, unako kwakhona ukunika ubomi ambuyise ulsake nakwabafileyo.IL 73.4

    UAbraham wabashiya abakhonzi ecaleni lendlela wagqiba ukuba ahambhe yedwa nonyana wakhe baye kunqula qelele kubo. Akabavumelanga abakhonzi bakhe ukuba bahambhé naye, hleze kuthi ukumthanda kwabo ulsake kubakhokelele ekubeni bamthintele ukuba angakuphumezi ooko uThixo amyalele ukuba akwenze. Wazithabatha iinkuni kubakhonzi bakhe wazibeka phezu konyana wakhe. Wathabatha kananjalo isitshetshe nomlilo. Waye kulungele ukuwenza umsebenzi owoyikekayo amiselwe wona nguThixo. Uyise nonyana bahambha kunye.IL 74.1

    “Watsho ulsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo: Wathi yena, Ndilapha, nyana warn. Wathi, Naangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo? Wathi uAbraham, UThixo, wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahambha bobabini ndawonye.” Ngokomelela wahambha loyise unesibindi, nothando, nobuhlungu ecaleni lonyana wakhe. Bakuba befikile kwindawo uThixo awaye mbonise yona uAbraham, waakha khona isibingelelo, waza wamxelela ke ulsake ngomyalelo kaThixo wokuba amnyuse abe lidini elinyukayo. Waphinda kuye idinga uThixo awalenzayo kuye amaxesha athile, lokuba ngaye Isake wayeza kuba luhlanga olukhulu, nokuba ekwenzeni umyalelo kaThixo ngokumbulala, uThixo yena uya kulizalisekisa idinga lakhe, kuba waye nako ukumvusa nakwabafileyo.IL 74.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents