Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    5—Ithemba Lobuxoki

    Imfundiso yokungabi nakufa ngokwendalo, yabolekwa kuqala kwimbono yobuhedeni nakubumnyama bokreqo olukhulu yaza yangena kwinkolo yobuKristu, yayinyothula inyaniso yokuba “abafileyo abazi lutho”. INtshumayeli 9:5. Baninzi kakhulu abakholelwa kwinto yokuba imimoya yabafileyo ingoomoya ababusayo, bethunywe ukuba balungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso. Hebhere 1:14.ItE 51.1

    Inkolo yokuba imimoya yabafileyo iyabuya ilungiselele kwabaphilileyo ivule indlela yokungena konqulo Iwangoku Iwemimoya. Ukuba abafileyo banikwa ingqondo edlula ngaphaya kwengqondo abakha banayo, kungani ukuba bangabuyi bazokufundisa abaphilayo? Ukuba imimoya ijikeleza phakathi kwezihlobo zabo, kungani ukuba ingathethi nazo? Abo bakholelwa ukuba ingqondo iyasebenza ekufeni, kungani ukuba bakwale ukukhanya okungcwele xa bekunikwa yimimoya engcwele? Lijelo eli elithatyathwa ngokuba lingcwele, (ijelo) athi asebenze ngalo uSathana.ItE 51.2

    lingelosi ezawayo zibonakala njengabathunywa abasuka kwilizwe lomoya, zibonakaliswea njengezihlobo ezabandulelayo. Baninzi abathuthuzelwa yingqinisekiso yokuba abo babathandayo bonwabe ezulwini. Bathi bengakrokrele ngozi, baphulaphule “oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemoni.” 1 Timoti 4:1.ItE 51.3

    Abo bangena engcwabeni bengafanelekanga, babanga ukuba bonwabile yaye bakwindawo eziphezulu ezulwini. Abakhohlisi abazindwendwe eziphuma kwilizwe lemimoya benza izilumkiso ezikhohlisayo. Kuthi, njengokuba kuya kuqina ukubathemba, bangenise iimfundiso ezisingela phantsi iziBhalo. Le nto yokuba bakhe bathethe inyaniso, ngamaxesha athile, baxele iziganeko ezizayo, inika imbonakalo yokuthembeka, yenze loo nto ukuba zamkeleke iimfundiso zabo zobuxoki. Umthetho kaThixo ubekwa ecaleni, uMoya wobabalo ujongelwe phantsi. Imimoya iyabukhanyela ubuthixo bukaKristu aze uMdali abekwe kudidi olulingana nale mimoya.ItE 52.1

    Nangona kuyinyaniso ukuba iziphumo zamaqhetseba ziye zibekwe endaweni yezibonakaliso zenene, kukho khona izibonakaliso ezikhohlakeleyo. Baninzi abakholelwa ukuba unqulo Iwabemimoya yinto nje abazenzelayo abantu abanobuqhinga . Bathi ke bakugaxeleka kwezi zibonakaliso, banyanzeleke ukuba bazithabathe njengezivela ngase’’Ntla”, balahlekiswe ke, bazamkele njengezivela kumandla amakhulu kaThixo.ItE 52.2

    Ngoncedo lukaSathana, abakhafuli bawenza unomgogwana womsebenzi kaThixo. Bona ku-Eksodus 7:10-12. U-Pawulosi uyangqina ukuba ukuza kweNkosi kuye, “kwandulelwa ziziganeko ezingokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalingisi. “2 Tesalonika 2:9,10. U- Yohane uthi, “Lenza imiqondiso emikhulu, ukuze lihlise nomlilo emazulwini uze emhlabeni phambi kwabantu, libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze.” ISityhilelo 13:13, 14. Akusathethwa ke, ngabantu abazimilisa ngokwabathunywa. Abantu balahlekiswa yimimangaliso eyenziwayo ngabathunywa bakaSathana hayi abangathi baya yenza.ItE 52.3

    Isibheno Esiya Engqondweni

    Kubantu abachubekileyo naba nobuchopho, inkosana yobumnyama iluzisa unqulo Iwemimoya ngendlela ecolekileyo nenika umngeni engqondweni. Udlamkisa ukuthandwa kwemiboniso ebanga uvuyo olukhulu nemifanekiso ecikoza kakhulu ngothando nobubele. Ubakhokhelela abantu ukuba bazidle kakhulu ngobulumko abanabo bade ngeentliziyo zabo, bamdele Osenyangweni ngonaphakade.ItE 53.1

    U-Sathana ubalukuhla abantu njengoko wenza njalo ku-Eva e-Eden, ngokubavuselela ikratshi lokuziphakamisa Wathi, “[niyakuba] njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi”. Genesis 3:5. Unqulo Iwemimoya lufundisa ukuba “umntu usisidalwa esiya sikhula ... sisiya ekubeni nguThixo. “Kwakhona “umgwebo ulungile, kuba ugweba u-mna. ... itrone engaphakathi kuwe”. Olunye uluvo luthi, “Nawuphina umntu olungileyo nogqibeleyo unguKristu.”ItE 53.2

    Ngoko ke, uSathana umise umntu onendalo yesono, yena buqu, njengomgangatho womgwebo. Ukuba oku yindlela yokuqhubeka ukhula, ngokuqinisekileyo, iyehla ayinyuki. Umntu akasoze anyuke ngaphezu komgangatho akuwo yena wobunyulu nokulunga. Ukuba u-mna ungumgomo, owona mgomo uphezulu, akasoze afike kwinto engaphezu koko. Lubabalo lukaThixo kuphela olukwaziyo ukumphakamisa umntu. Eyekelwe kuye umntu, ngokuqinisekileyo, uyehla.ItE 53.3

    Isibheno Kubathandi Beziyolo

    Kubantu abathanda zonk’izinto: abathandi beziyolo, nombulo: kubo inkolo yonqulo Iwemimoya iza ngobuqhophololo obungacacanga. Xa seluqatsele olu nqulo, bafumana into ekholana nentando yabo. U-Sathana uqaphela izono zabo; aze umntu ngamnye, akekelele kuzo, akhuthalele ukumvezela amathuba okwanelisa umnqweno lowo wakhe. Ubalinga abantu ngelithe ukuze babe buthathaka emzimbeni, engqondweni nasekuziphatheni. Amawaka uwatshabalalisa ngokuthi azibhodloze ngenkanuko, ayonakalise yonke indalo yawo. Ukugqibezela umsebenzi wakhe, imimoya ithi, “ulwazi Iwenene lumbeka umntu ngaphezu kwawo wonke umthetho”, “nayiphi na into, ilungile.” U- Thixo akagwebi mntu”, zonke izono azinabutyala”. Xa abantu bekholwa ngolo hlobo, umnqweno wabo ungowona mthethoItE 54.1

    mkhulu, inkululeko yabo ibanika imvume (yokwenza unothanda): loo mntu uphendula kuphela kwisiqu sakhe. Ngubani ke, onokumangala xa ububi buvela macala kubo? Zizihlwele abantu abanga banganelisa okufunwa yinkanuko yabo. U- Sathana uwolela amawaka kumnatha wakhe; amakhulu abantu abazibiza ngokuba alandela uKristu.ItE 54.2

    U-Thixo uthumela ukukhanya okwaneleyo ukuze ube nokubonakala umgibe kaSathana. Isiseko sonqulo-mimoya siyalwa nesiBhalo. I-Bhayibhile ithi abafileyo abazi nto, yaye zitshabalele iingcinga zabo; abanasabelo kuvuyo nakwiintlungu zabo basemhlabeni.ItE 55.1

    Ubudlelwane Obalelweyo

    Ngaphezu koku sekutshiwo, uThixo ukwalele ukuzama ukuxhumana nemimoya yabafileyo. “Imimoya eqheleke ukubizwa njengabatyeleli abaphuma kwamanye amazwe, ibizwa yiBhayibhile njengemimoya yeedemoni”. Funda Numeri 25:1-3, INdumiso 106:28, 1 Korinte 10:20; ISityhilelo 16:14. Ukusebenzisana nabo yinto eyayalelwe phantsi kwesigwebo sokufa. Levitikus 19:31; 20:27. Sekunjalo, unqulo-mimoya luyokugqobhoza kumaqumrhu esayensi, Iwangena emabandleni, Iwamkeleka kwizindlu zokulawula eburhulumenteni, nakwiiinkundla zeekumkani. Olu lahlekiso lukhulu luyimvuselelo yobugqwirha obachazwa kudala, ubugqwirha obuvathe ingubo entsha.ItE 55.2

    Ngokuveza ukuthi, noyena mntu uziphethe kakubi usezulwini, uSathana uthi kwihlabathi, “Akukho nto nokuba uyakholwa okanye akukholwa, phila ngolu hlobo uthanda ngalo, izulu likhaya lakho”. Ilizwi likaThixo lithi, “Yeha abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi, abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama”. Isaya 5:20.ItE 55.3

    Kuthiwa I-Bhayibhile lyincwadi Yeentsomi

    Imimoya exokayo, ezimilise okwabapostile, ithetha okuchasene noko babe kuthethile besesemhlabeni. U-Sathana wenza ukuba ihlabathi likholelwe kwinto yokuba iBhayibhile ziintsomi, incwadi elungele ukukhulisa uhlanga, isuka ithatyathwe njengeyaphelelwa lixesha. l-ncwadi eza kugweba yena nabalandeli bakhe, uyibeke emthunzini, aze enze uMsindisi wehlabathi ukuba angabinto. Abakholelwa kwizibonakaliso zemimoya bazama ukuba ibe ngathi akukho nto imangalisayo kubomi boMsindisi wethu. Eyabo imimangaliso babanga ukuba iyidlula lee imisebenzi kaKristu.ItE 55.4

    Unqulo-mimoya ngoku luzimilisa njengobuKristu. limfundiso zalo zona azinakukhanyelwa yaye zingenakufihlakala. Ngokwemo le luyiyo ngoku, luyingozi kakhulu, lunobuqhophololo obugqithisileyo, lukwalahlekisa. Ngoku lubanga ukuba luyamamkela uKristu neBhayibhile. Sekunjalo, iBhayibhile itolikwa ngendlela eyanelisa intliziyo engahlaziyekanga. Kugxilwa eluthandweni ngathi lolona luphawu lukhulu lukaThixo, kodwa lurhuqwa, lutsalelwa kumgangatho ophantsi wobushushu obungebubo. Ukugweba isono kukaThixo, izidingo zomthetho waKhe ongcwele, ezo zinto ziya lahlwa. lintsomi zikhokhelela ekubeni abantu bayichase iBhayibhile njengesiseko sokholo. U-Kristu uya liwa ngoku njengakuqala, kodwa ulahlekiso aluqondwa.ItE 56.1

    Bambalwa abawaqondayo kakuhle amandla olahlekiso lonqulo-mimoya. Abanizni badlala ngalo nje ukuze banelise umdla wabo. Bebeya kothuka ukuba bebengafikelwa yingqondo yokuba bazinikela kulawulo Iwemimoya. Badlalela kumhlaba owalelweyo, aze lo ungumtshabalalisi asebenzise igunya lakhe ngokuchasene nentando yabo. Ukuba nje bangavuma ukuyekela ingqondo yabo ekukholelweni nguye, uya kubabamba babe ngamaxhoba. Kuphela ngamandla kaThixo, ekuphenduleni umthandazo onyanisekileyo, anako ukuyihlangula le miphefumlo.ItE 56.2

    Bonke abonwabela isono esaziwayo ngokuzithandela, bamema izilingo zikaSathana. Baya zikhupha kuThixo naphantsi kokwaluswa ziingelosi zaKhe, baze bangabi nalo ukhuseleko.ItE 56.3

    “Xa bathe kuni, quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo; yithini, abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo. Isaya 8:19, 20.ItE 57.1

    Ukuba abantu babekulungele ukwamkela inyaniso ngemeko yendalo yomntu nangemeko yabafi, bebeya kubona kunqulo- mimoya, amandla kaSathana nezimanga zobuxoki bakhe. Inkitha yabantu iyawavala amehlo ayo ngasekukhanyeni aze uSathana abathandele ngezabatha zakhe... ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso ukuze basindiswe. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki”. 2 Tesalonika 2:10,11.ItE 57.2

    Abo bachasa unqulo-mimoya, bahlasela uSathana nezithunywa zakhe. U-Sathana akasoze aqalise ukuhlehla nakancinane ngaphandle kokuba ubethwa ngabathunywa basezulwini. Usicaphula isiBhalo njengakwimihla ka Kristu, yaye uya kuzigqwetha iimfundiso zaso. Abo banga bangema ngeli xesha lomgcipheko, kufuneka bona bazazele ngokwabo ubungqina beziBhalo.ItE 57.3

    Mazaziwe Izibhalo

    Imimoya yeedemoni, izimilise okwezizalwana nezihlobo kuthi yaye iya kubhenela kwimfesane zethu, isebenze nemimangaliso. Kufuneka simelane nayo ngenyaniso yeBhayibhile; sigxininise ukuba abafileyo abazi nto, sigxininise nokuba abo bavela kuthi ngolo hlobo, bayimimoya yeedemoni.ItE 57.4

    Bonke abalukholo Iwabo lungazinzanga okanye lungakhelwanga eLizwini likaThixo, baya kukhohliswa baze boyiswe. U-Sathana uyasebenza ... yaye inkohliso yakhe iyakhula. Abo bafuna ulwazi Iwenyaniso nokwenza nyulu imiphefumlo yabo ngokuthobela, baya kuzuza ukhuseleko oluqinisekileyo kuThixo wenyaniso. Kungekudala, uMsindisi angazithumela zonke iingelosi ziphuma ezulwini, ukuba zibakhusele abantu bakhe endaweni yokuba ayekele umntu nokuba mnye othembele kuYe ukuba oyiswe nguSathana. Abo bazithuthuzela ngokuthi baqinisekile ukuba akukho kugwetywa kwaboni, abashiya inyaniso ezikhutshwe lizulu ukuze zibe sisikhuselo ngomhla wembandezelo, baya kwamkela ubuxoki anikisa ngabo uSathana, ulahlekiso loonomgogwana bonqulo-mimoya.ItE 57.5

    Abagxeki balahlekisa ngeziphakamiso zesiBhalo ngecebo losindiso kunye nokubethwa okuza kufikela abo bayilandulayo inyaniso. Batsala ukusizelwa okukhulu kwiingqondo ezincinane, ezibuthathaka, (iingqondo) ezineenkolo kakhulu ukuba zingade zithobele umthetho kaThixo. Bazinikela kakhulu kangako kumhendi, (basondele kangaka kuye) bamanyane kangaka naye, bazaliswe ngumoya wakhe kangangokuba abalangazeleli konke ukuqhawula izabatha zakhe.ItE 58.1

    Isiseko somsebenzi kaSathana sabekwa ngengqiniseko eyanikwa uEva eEden. “Anisayi kufa. Mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Genesis 3:4,5. Incopho yolahlekiso Iwakhe iya kufikelelwa ngexesha eliseleyo lokugqibela. Uthi umprofeti, “Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele;... bangoomoya beedemoni, besenza imiqondiso, abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla, “Isityhilelo 16:13,14.ItE 58.2

    Ngaphandle kwabo bagcinwe ngamandla kaThixo ngokukholwa IwiLizwi laKhe, ihlabathi lonke liya kukhukhuliseka lolu lahlekiso. Abantu baya bengena ebuthongweni benkuseleko engekhoyo; apho baya kuvuswa kuphela kukuthululwa komsindo kaThixo.ItE 58.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents