Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    9—Ithemba Lenene

    Idinga lokubuya kukaYesu kwesibini, ukuza kugqibezela umsebenzi omkhulu wokusindisa, ngowona mxholo ubaluleke kakhulu kwiziBhalo eziNgcwele. Ukususela e-Eden, abantwana bokholo bahlala belindele ukufika kwaLowo weDinga; ukuba ababuyisele kwiParadesi eyalahlekayo.ItE 87.1

    U-Enoki, owesixhenxe ukuhla ukusuka kwabo babehlala e- Eden, owahamba noThixo iinkulungwane ezintathu, wathi, “Yabonani, yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo ukuba igwebe bonke.” Juda 14,15. U-Yobhi, ngobusuku bembandezelo yakhe, wathi, “Ke mna Ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; uya kusuka eme phezu kothuli lomhlaba. ... ndiya kumbona uThixo, endiya kuzibonela ngokwam; amehlo am ambone, ingabi wumbi.” Yobhi 19:25-27. limbongi nabaprofeti beBhayibhile bagxile ekubuyeni kukaKristu ngamazwi akhanya ngokomlilo. “Liya kuvuya izulu, ligcobe ihlabathi... phambi koYehova, ngokuba esiza; ngokuba esiza kugweba ihlabaathi. Uya kuligweba elimiweyo, ngobulungisa, nezizwe ngokunyanisa kwakhe.” iNdumiso 96:11-13.ItE 87.2

    Wathi yena ulsaya, “Kuya kuthiwa ngalo mini, yabona lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso Iwakhe.” Isaya 25:9.ItE 87.3

    U-Msindisi wabathuthuzela abafundi baKhe ngengqinisekiso yokuba uya kubuya kwakhona: “Endlwini kabawo zininzi iindawo zokuhlala.... Ndiyemka, ndiya kunilungiselela iindawo; ukuba ke ndimkile ... ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam.” “Xa ke athe wafika uNyana womntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiselwe phambi kwakhe zonke iintlanga.” Yohane 14:23; Mateyu 24:31, 32.ItE 88.1

    Iingelosi zaliphinda kubafundi idinga lokubuya kwaKhe: “kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.” Izenzo 1:11. U-Pawulos ungqina athi: “ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo.” 1 Tesalonika 4:16. Umprofei wasePatimo yena wathi, “Yabonani uza namafu; aye aya kumbona amehlo onke.” IsiTyhilelo 11:15. “I-Nkosi uYehova [iya] kuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke” Isaya 61:11. Ubukumkani boxolo bukaMesiya buya kumiselwa: “Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjegomyezo kaYehova.” Isaya 51:3.ItE 88.2

    Ukubuya kweNkosi kube kulithemba labalandeli baYo benene kuzo zonke izizukulwana. Phakathi kokuthwala nzima nokutshutshiswa, [i]mbonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu,” yahlala “ilithemba elinoyolo.” Tito 2:13. U-Pawulos walatha kuvuko oluza kwenzeka ekufikeni koMsindisi, xa abafele kuKristu baya kuvuka, ukuze bathi kunye nabaphilayo, baxwilwe, bahlangane neNkosi esibhakabhakeni. Uthi ke, “size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi. Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.” 1 Tesalokinika 4:17, 18.ItE 88.3

    E-Patimo, Umfundi othandekayo weva isithembiso, “Ewe, ndiyeza kamsinya,” yaza impendulo yakhe yangumthandazo webandla, “Ewe, yiza, Nkosi Yesu” IsiTyhilelo 22:20.ItE 89.1

    Ukususela emhadini, kuye emlilweni, nasekuxhonyweni, apho abangcwele namafela-nkolo bathi bayingqinela inyaniso, kuvakale kuzo zonke izizukulwana, iintetho zokholo Iwabo kunye nethemba. “Beqinisekiswe kukuvuka kwaKhe nokwabo xa efika; ngenxa yale nto ke, omnye umKristu uthi, “bakudela ukufa, bafumaneka bengaphezu kwako.” Ama-Waldensi ayekwa nolu kholo. U-Wycliffe, uLuther, uCalvin, uKnox, uRidley, noBaxter, bonke, ngokholo babekhangele ekubuyeni kweNkosi. Lalinjalo ithemba lebandla labaposile, ibandla lasentlango nebandla labaHlaziyi-nkolo.ItE 89.2

    Isiprofeto asixeli ngendlela kunye nenjongo yokuza kukaKristu kwesibini kuphela, kodwa sikwanika neempawu abayakuthi bazi ngazo abantu ukuba loo mini isondele. “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini.” Luka 21:25. “... liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ifiphale; zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke, athi namandla asemazulwini azanyazanyiswe. Baya kumbona ngelo xesha uNyana womntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.” Marko 13:24-26. Umtyhilelwa uzichaza iimpawu (okanye imiqondiso) yokuqala ekhokhelela ekubuyeni kwesibini kukaYesu ngolu hlobo: “Kobakho unyikimo lomhlaba olukhulu, ilanga libe mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; inyanga ibe njengegazi.” IsiTyhilelo 6:12.ItE 89.3

    U-Msindisi wayixela imeko eya kubakho yokuhlehla enkolweni kanye phambi kokuba abuye okwesibini. Kwabo baya kuba besaphila ngeli xesha, isilumkiso sithi, “Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu, “Phaphamani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezi zinto ziza kuhla, nokumiswa koNyana womntu.” Luka 21:34, 36.ItE 90.1

    Ukubizelwa Ukulungisa

    Ukulungiselela loo mini inkulu, iLizwi likaThixo libize abantu baKhe ukuba bafune ubuso baKhe ngenguquko.: imini kaYehova [iyeza], kuba isondele,” “ngcwalisani uzilo, memani ingqungquhela. Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho:... Mabalile ababingeleli, ababingeleli bakaYehova, phakathi kweveranda nesibingelelo.” “Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela: kukrazule iintliziyo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu: kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu.” Yoweli 2:1,15-17,12,13.ItE 90.2

    Ukulungisa abantu ukuba beme ngemini kaThixo, ngumsebenzi omkhulu wohlaziyo ekufuneka ugqityiwe. Ngenceba yaKhe, uza kuthumela isigidimi sokuvusa abo bazibiza ngaYe, bakhokhelelwe ekubeni bakulungele ukubuya kweNkosi.ItE 90.3

    Esi silumkiso siya phindwa kwisiTyhilelo 14. Apha kukho isigidimi esintlantlu-ntathu esivezwe sishunyayelwa ziziqu zasezulwini, ze silandelwe kukubuya koNyana woMntu azo “kuvuna umhlaba.” Umprofeti wabona “isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu; sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo nimzukise; ngokuba lifakele ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.” IsiTyhilelo 14:6, 7.ItE 91.1

    Esi sigidimi siyinxalenye “yeendba ezilungileyo ezingunaphakade.” Umsebenzi wokushumayela, unikelwe ebantwini. Izithunywa ezingcwele ziyakhokhela, kodwa kona ukushumayela okanye ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kwenziwa ngabakhonzi bakaKristu emhlabeni.ItE 91.2

    Ingozi Yokuxhathisa Kubizo Lwegospile

    Ukutshatyalaliswa kweJerusalem sisilulmkiso esoyikekayo kubo bonke abaxhathisayo kucengo Iwenceba olungcwele. Isiprofeto soMsindisi esibhekisele kwizigwebo phezu kweJerusalem ziya kuphinda kwakhona zizaliseke. Kwintlekele yesixeko esinyuliweyo, sibona intshabalalo yehlabathi elingayamkelanga inceba kaThixo laza lanyathelela phantsi nomthetho waKhe. Zimnyama iingxelo ezibonwa ngamehlo, zokuphathwa kakubi kwabantu. Zibe zibi kakhulu neziqhamo zokukhanyela igunya lezulu. Kanti ke owona mbono umnyama kakhulu, uzotywe kwizityhilelo zexesha elizayo. Xa uMoya kaThixo obambezeleyo, ethe wasuswa, ungabi sabanqanda abo bafuna ukuvuka indulumbane, kunye nomsindo onobusathana, ihlabathi liya kubona iziqhamo zolawulo lukaSathana, ngendlela engazange yabonwa emhlabeni.ItE 91.3

    Ngaloo mini, njengamhla kwatshatyalaliswa iJerusalem, abantu bakaThixo baya kuhlangulwa. Bona: Isaya 4:3; Mateyu 24:30, 31. U-Kristu uya kuza okwesibini, azokuthabatha abantu baKhe abathembekileyo. “... zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana womntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.ItE 92.1

    Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwezinye isiphelo salo.” Mateyu 24:30, 31.ItE 92.2

    Abantu mabalumke, hleze bawatyeshele amazwi kaKristu. Njengokuba walumkisa abafundi baKhe ngokutshatyalaliswa kweJerusalem khon’ ukuze bakwazi ukusinda, wenjenjalo ukulumkisa ihlabathi ngemini yentshabalalo yokugqibela. Bonke abanqwenayo okanye abanako, mabawubaleke umsindo ozayo. “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini, nasemhlabeni, kubekho ukucinezeleka kweentlanga.” Luka 21:25. Funda: Mateyu 24:29; Marko 13:24-26; IsiTyhilelo 6:12-17. “Lindani ngoko”, ngamazwi kaKristu okulumkisa lawo. Marko 13:35. Abo basithobelayo isilumkiso abasayi kushiywa ebumnyameni.ItE 92.3

    Ihlabathi alikulungelanga ukusithobela isigidimi seli xesha ukudlula ukuba ayennjalo amaYuda ukwamkela isilumkiso esasingeJerusalem. Xa ke lithe lafika ixesha lokuba ifike, imini kaThixo, iya kufika ngequbuliso kwabangahloneli Thixo. Ubomi buya kuhamba indlela yabo eqhelekileyo; abantu boba bethe bhakada eziyolweni, emashishinini, ekwenzeni imali; iinkokheli zenkolo zoba zincoma inkqubela yehlabathi, abantu boba bekobunzulu ubuthongo, becinga ukuba bakhuselekile - ngelo xesha, njengesela eliba kwindlu engalindwanga ezinzulwini zobusuku, ngequbuliso, yoba fikela intshabalalo abo bangakhathaliyo, nabangahloneli Thixo, “baye bengayi kukha basinde.” Bona ku: 1 Tesalonika 5:2-5.ItE 92.4

    Ukugcina A bantu Phantsi KukaSathana

    Ngeemposiso ezinkulu ezimbini - umphefumlo ongenakufa kunye nobungcdwele beCawe - uSathana uya kubagcina abantu phantsi kolahlekiso Iwakhe. Ngeli xesha le yomphefumlo ibeka isiseko kuNqulo-mimoya, le yesibini iqamangela ityathanga lovelwano neRoma ngonqulo-mimoya, uSathana uvela engumthandi wohlanga, ephilisa izifo, ebeka indlela entsha yokholo, kwangelo xesha linye, ekhokhelela izihlwele entshabalalweni. Ukungabi nabungcathu kuyikhupha endleleni ingqondo yokucinga; ukuziphatha kakubi nokuphalaza igazi kuye kulandele. Imfazwe ivusa udlamko olubi emphefumlweni, ize itshayelele kunaphakade, amaxhoba ayo akekelele ebubini nasegazini. -yinjongo kaSathana ukubajika abantu ukuba bangalungiseleli ukuma ngemini kaThixo.ItE 93.1

    U-Sathana wazifunda zonke iimfihlelo zendalo, ngoko ke usebenzisa zonke iimpawu zayo, afikelele apho uThixo amvumele ukuba afikelele khona. NguThixo okhusela izidalwa zaKhe kumtshabalalisi. Lonke ilizwe lobuKristu libonakalise ukuwudela umthetho kaThixo; ngenxa yoko, iNkosi iya kwenza loo nto ibithe iya kuyenza - ukususa ukhuselo IwaYo kwabo bavukela umthetho waYo baze banyanzele nabanye ukuba benze njalo. U-Sathana ubalawula bonke abo bangagcinwanga nguThixo. Uya kubenzela imfesane abanye babo ukuze kuqhubele phambili amacebo akhe; aze abanye abaphathele inkathazo, ukuze abantu bakholelwe ukuba nguThixo obatshutshisayo.ItE 93.2

    Ezimilisela ngokogqirha omkhulu onokuphilisa zonke izifo zabo, uSathana uya kuzisa izifo neentlekele zide izixeko ezikhulu ezixineneyo, zivuthuluke, ziwe. U-Sathana uwasebenzisa kakhulu amandla akhe, nto leyo ibonakala ezingozini zaselwandle nasemhlabeni, kwimililo emininzi, kwiinkqwithelo nezichotho, imimoya ebhudlayo, izikhukhula, iitsunami, iinyikima nezinye iintlekele ezininzi. U-Sathana usebenzisa amandla akhe. Utshayela kuphele izivuno ezivuthwayo, kuze kugqube indlala, kulandele uxinzeleko. Uzalisa umoya ngezifo ezibulalayo kuze kutshabalale amawaka.ItE 94.1

    Kuthi xa kunjalo, asuke umtyholi omkhulu abaqweqwedise abantu ukuba, ngazo zonke iinkathazo zabo, batyhole abo, bathi ngokuthobela kwabo imithetho kaThixo, bahlale besisigculelo kakade. Kuya kuthiwa abantu bacaphukisa uThixo ngokungahloniphi okanye xa besaphula iCawe, kungoko esi sono sisizisa iintlekele ezingayi kuphela kude kunyanzeliswe ukugcinwa kweCawe. “Abo bachitha ukuhlonitshwa kweCawe, bathintela ukubuyiselwa kothando olungcwele nempumelelo. Kuya kuba kuphindwa isityholo sakudala esabekwa kumkhonzi kaThixo. “Kwathi u-Ahabhi akumbona u-Eliya, wathi uAhabhi kuye, ... uwahlisele intlekele amaSirayeli?” 1 Kumkani 18:17.ItE 94.2

    Abo bahlonipha iSabatha yeBhayibhile, baya kuthatyathwe njengentshaba zomthetho nocwangco, nokuba basingela phantsi imigangatho yokuziphatha ekuhlaleni, bengunobangela wovukelo nokuphalala, baze babange ukuba uThixo athulule izigwebo emhlabeni. Baya kutyholwa njengabachasi bakarhulumente. Abefundisi abawakhanyelayo amabango omthetho ongcwele baya kunkqangaza kumaqonga abo, ukubaluleka kokululanyelwa kwamagunya alawulayo. Abagcini bomthetho baya kugwetywa kwizindlu zowiso-mthethho nakwiinkundla zobulungisa. Intetho yabo iya kutolikwa ngolunye uhlobo, inikwe ntsingiselo yimbi; zithi neenjongo zabo zibonakaliswe zimbi kakhulu.ItE 95.1

    Izikhulu zebandla nezoburhulumene ziya kumanyana ekunyanzeliseni ukuba kuhlonitshwe iCawe. Inkululeko yesazela eyafunyanwa ngexabiso elikhulu ayisayi kuxatyiswa. Koku kungqubana kukhulu kuzayo, siya kubona kusenzeka okufana namazwi omprofethi, athi, “Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.” IsiTyhilelo 12:17.ItE 95.2

    Abathunywa bakaThixo, ubuso babo bubengezela kukuzinikela okungcwele, baya kukhawuleza besiya ngapha nangapha, bekhwaza isigidimi esiphuma ezulwini. Baya kwenza imimangaliso, baphilise nabafayo. NoSathana uya kusebenza ngemimangaliso yobuxoki, ade athobe nomlilo ezulwini. IsiTyhilelo 13:13. Abemi bomhlaba kuya kunyanzeleka ukuba bacace ukuba bemi phina kanye.ItE 95.3

    Isigidimi asiyi kuhanjiswa kakhulu yingxoxo, ngaphezu kokuziyekela kwabantu okunzulu ekusebenzeni kukaMoya kaThixo. lingxoxo okanye iimpikiswano kade zikho, iincwadi ezipapashwayo ziyivulele impembelelo, ukanti baninzi abathintelwayo ukuba bangayamkeli okanye bangayiqondi ngokupheleleyo inyaniso. Ngoku inyaniso ibonakala ngokuthe gca. Amaqhina eentsapho, ubudlelwane ebandleni, zizinto ezingenawo ngoku amandla okunqanda abantwana abanyanisekileyo bakaThixo. Zikho zinjalo izithunywa ezimanyeneyo ukuchasa inyaniso, likhulu inani labo basuka beme ngakwicala leNkosi.ItE 96.1

    Abo bahlonipha umthetho kaThixo, baya kuthathwa njengokuba ngabo ababanga imbambano enkulu nokuphalala kwegazi okuzalise umhlaba ngobubi. Amandla [kaThixo] asebenza esi silumkiso sokugqibela, avuse ingqumbo kwabangendawo, uSathana yena uvumbulula umoya wentiyo nentshutshiso ngakwabo basamkeleyo isigidimi.ItE 96.2

    UKholo Olunyamezelayo

    Ixesha eliphambi kwethu loxinzelelo nokudandatheka komphefumlo, liya kufuna ukholo olunako ukunyamezela ukudinwa, indlala, ukholo olungayi kutyhafa nokuba luvavanywe kangakanani na. Uloyiso lukaYakobi lusisibonakaliso samandla omthandazo ozingisayo. Bonke abaya kuwazuza amadinga kaThixo njengoko wenzayo (uYakobi) baya kuphumelela njengokuba naye waphumelelayo. Ukubambana noThixo - bambalwa kakhulu ke abayaziyo loo nto! Xa amaza otyhafiso entlitha lowo ucela ngokuzithoba, babambalwa abathi ngokholo, babambelele kumadinga kaThixo.ItE 96.3

    Imibono eyoyikekayo yezidalwa zale mimoya, iya kubonakala emazulwini izimpawu zamandla eedemoni ezisebenza imimangaliso. Imimoya yeedemoni iya kuphuma iye “kookumkani bomhlaba” nakulo lonke ihlabathi, ibacenge, bubanyanzela, ukuba bamanyane noSathana kwidabi lakhe lokugqibela lokuchasana noburhulumente basezulwini. Kuya kubakho abantu abathi banguKristu ngokwaKhe. Baya kwenza imimangaliso yokuphilisa batsho nokuthi banezityhilelo ezivela ezulwini ezichasene neziBhalo.ItE 96.4

    Esona siganeko Sikhulu Sokugqibela

    Esona siganeko sikhulu sokugqibela kulo mdlalo wolahlekiso kuxa uSathana eya kuzenza uKristu. Kudala ibandla likhangele ekufikeni koMsindisi njengokufezekiswa kwamathemba alo. Ngoku umkhohlisi omkhulu uza kwenza ngahi uKristu ufikile. U- Sathana uza kuzibonakalisa njengokukhanya okukhulu okubengezela, buphandla, ukukhanya okufana noko kuchazwa ngoNyanka kaThixo kwisiTyhilelo 1:13-15.ItE 97.1

    Ubuqaqawuli oburhangqileyo abudlulwa nto yaka yalanywa liliso lenyama. Umkhwazo woloyiso uvakala usithi “U-Kristu ufikile!” Abantu baya thoba, bawe phambi kwakhe. Uphakamisa izandla ukuba abasikelele. Ilizwi lakhe lizolile yaye limnandi. Ngezandi ezinovelwano, uthetha ezinye zeenyaniso zasezulwini ezazithethwe nguMsindisi. Uphilisa izifo, aze ekwesi simo sokuzimilisa njengoKristu, enze ibango lokuba uyiguqule iSabatha yaya kwiCawe. Uthi bonke abagcina ngcwele umhla wesixhenxe banyelisa igama lakhe. Olu lolona lulahlekiso lukhulu, lugqitha lonke olwaka Iwakho. Izihlwele ngezihlwele ziya kulwamkela olu lahlekiso, zisithi, “Lo ungamandla kaThixo amakhulu.” IZenzo 8:10.ItE 97.2

    Abantu BakaThixo Abalahlekiswa

    Abantu bakaThixo abasayi kulahlekiswa. limfundiso zikakristu wobuxoki zinxamnye neziBhalo. Intsikelelo yakhe yenziwa phezu kwabantu abanqula irhamncwa nomfanekiselo walo, udidi, iBhayibhile ethe, kuya kugalelwa phezu kwalo indebe engaphithikezwanga yengqumbo kaThixo.ItE 98.1

    Ngaphezu koko, uSathana akavunyelwanga ukuba enze unomgogwana wendlela okanye wohlobo aza kufika ngalo uKristu. U-Msindisi ubalumkisile abantu baKhe ngolahlekiso ngalo mbandela. “... kuya kuvela abantu ababuxoki, nanaprofethi ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.... Ukuba ngoko bathi kuni, nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba njengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.” Mateyu 24:24-27. Funda nezi ndawo: Mateyu 25:31; IsiTyhilelo 1:7; 1 Tesalonika 4:16, 17. Oku ukuza, ayikho indlela yokukulingaswa. Buya kubonakala kwihlabathi lonke.ItE 98.2

    Kuphela, ngabafundi beBhayibhile abakhutheleyo, abathe bakwamkela ukuthanda inyaniso, abaya kukhuseleka kolu lahlekiso lunamandla oluya kuthimba ihlabathi lonke. Ngenxa yobungqina beBhayibhile, aba baya kumazi umlahlekisi, naxa eya kuba ezifihlile, wazenza mntu wumbi. Ingaba abantu bakaThixo ngeli xesha bame, beqinile phezu kwesiseko esiliLizwi laKhe kangangokuba abayi kukholelwa zezo zinto bazibonayo ? Ingaba baya kuthi ngelo xesha libi, babambelele eBhayibhileni, kude kufike isiphelo?ItE 98.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents