Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    2—Ithemba Lokoyiswa Kobubi

    “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho mfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe, yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende, “Genesisi 3:15. Obu butshaba asinto yendalo. Wathi umntu akwaphula umthetho ongcwele, indalo yakhe yaguquka, yambi, yahambelana noSathana. Ingelosi ezawayo zamanyana zangamaqabane nabantu abakhohlakeleyo. Ukuba uThixo wayengangenelelanga, uSathana nomntu ngebangena kubudlelwane bokuchasa izulu, ukuze lonke uluntu lube yimbumba elwa noThixo.ItE 16.1

    Ngako nje ukuba ave ukuba kuya kubakho ubutshaba phakathi kwakhe nomfazi, naphakathi kwembewu yakhe neyomfazi, uSathana waye wazi ukuba umntu uza kuba nako ukumelana negunya lakhe.ItE 16.2

    Ubabalo Oluphuma KuKristu

    U-Kristu utyala ngaphakathi emntwini ubutshaba ngakuSathana. Ngaphandle kolu babalo luguqulayo namandla ahlaziyayo, umntu ebeya kuhlala elungele ukwenza akuyalelwe nguSathana. Umthetho omtsha ke, ongaphakathi emphefumlweni, udala ungquzulwano; amandla athi uKristu awanike umntu, amenze ukuba amelane, achasane notshaba. Ukusithiya isono endaweni yokusithanda, kubonakalisa umthetho ovela kuphela ngaseNtla.ItE 16.3

    Ubutshaba phakathi kukaKristu noSathana bacaca ngokuphandle kwindlela awamkelwa ngayo uYesu lihlabathi. Ubunyulu nobungcwele bukaKristu bavusa intiyo yenkcaso ngakuYe kubantu abangenabuthixo. Ukuzithoba kwaKhe kwaba sisithuko esikhulu kubantu abazaliswe likratshi, nakukubawa. U- Sathana nezithunywa zakhe ezikhohlakeleyo bahlangana nabantu abakhohlakeleyo, ukuchasa iTshawe lenyaniso. Obo butshaba bunjalo, buyabonakala ngakubalandeli bakaKristu. Nabanina ochasana nesilingo, uvusa ingqumbo kaSathana. U-Kristu noSathana abasayi kuze bavumelane. Nabo bonke ke, abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu, baya kutshutshiswa”. 1 Timoti 3:12.ItE 17.1

    Abathunywa bakaSathana basoloko bezungula ukulahlekisa abalandeli bakaKristu ukuze babalobe, basuke ekumhloneleni. Bagqwetha iZibhalo ukuze bafezekise injongo yabo. La moya wabulala uKristu usebenza kwabakhohlakeleyo, ukuba batshabalalise abalandeli baKhe. Yonke le nto ke, yaxelwa kwangaphambili kwesa siprofeto sokuqala sithi, “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe”.ItE 17.2

    Kungani ukuba uSathana angafumani nkcaso inkulu? Kungokuba luncinane kakhulu uqhagamshelwano Iwenene phakathi kukaKristu namajoni akhe. Kuwo, isono asithiyekanga njengokuba sasinjalo kwiNkosi yawo. Awangqubani naso ngenkcaso enyanisekileyo. Athi amfamekiswe sisimilo setshawe lobumnyama. linkulungwane zabantu azazi ukuba utshaba Iwazo yinjengele elwa noKristu. Nkqu nabalungiseleli beeNdaba eziLungileyo (abefundisi belizwi ke ukutsho) abazazi iimpawu zokusebenza kwale njengele. Kubo, isuka ibe ngathi ayikho kwa ukubakho.ItE 17.3

    Utshaba Oluphaphileyo

    Olu tshaba luphaphileyo luvela luthi gqada, lubekho kuwo wonke amakhaya, kuzo zonke iizitalato, kuzo zonke iinkonzo, kuwo wonke amaqumrhu alawulayo, kwiinkundla zomthetho: luphixanisa, lukhohlisa, lulahlekisa kuyo yonke indawo; lubhuqa imiphefumlo nemizimba yamadoda, nabafazi, nabantwana; luchitha amakhaya; luhlwayela intiyo, imbambano, ukulahlana, nokubulala. Lonke elo xesha, ihlabathi lizithabatha ngokungathi zenziwe nguThixo ukuba zibekho ezi zinto. Bonke abangakhethanga ukuba ngabalandeli bakaKristu; bazindakanya nabangafuni Thixo, bezibeka esichengeni sokuhendwa, okanye sokulingwa. U- Sathana uya zifihla, bangamboni, aze abathi wambu ngesigqubuthelo emehlweni.ItE 18.1

    Ukuvumelana nokwenza izithethe zehlabathi kuguqulela ibandla ehlabathini, kungaze kuguqulele ihlabathi ebandleni. Ukuqhelana nesono kusenza singabonakali siyinto ethiyekileyo ehiabathini. Xa sisithi ekusebenzeni kwethu, siziswe ematyaleni, singaqiniseka ukuba uThixo uya sikhusela; kodwa ukuba sizibeka esichengeni sesilingo siya kuwa kungekudala.ItE 18.2

    Umlingi usebenza ngempumelelo kakhulu ngabo barhaneleka kancinane ukuba baphantsi kolawulo Iwakhe. Italente nenkcubeko zizipho zikaThixo, kodwa ukuba ezi zipho zikhokhelela kude kuYe, zisuka zibe ngumgibe. Amadoda amaninzi achubekileyo engqondweni angabantu abakuziphatha kubukeka kukuhle kakhulu, kanti azizixhobo ezisulungekileyo kwizandla zikaSathana.ItE 18.3

    Musa ukusilibala isilumkiso esiphefumlelweyo esidala esiza kuthi kule mihla yethu; “Yibani nobungcathu, phaphani, ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamqwengayo. “Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nibe nako ukumisa, nibuchase ubuqhinga boMtyholi.” 1 Petrosi 5:8; Efese 6:11. Utshaba Iwethu olukhulu lulungiselela uhlaselo Iwalo lokugqibela. Bonke abalandela uYesu baza kungqubana nolu tshaba. Okona umKristu eya ehamba ngakumbi kumanyathelo kaKristu, kokona aya kuthi, ngokuqinisekileyo, abe lixhoba uSathana ajolisa kulo uhlaselo Iwakhe.ItE 19.1

    U-Sathana wahlasela uKristu ngezilingo ezoyikekayo ezinobuqhophololo, kodwa wabethwa wathi saa kuwo onke amadabi. Uloyiso olo lusenza ukuba nathi sibe nako ukoyisa. U-Kristu ulungele ukunika amandla kubo bonke abawadingayo, bewacela. Akakho umntu oyakoyiswa nguSathana engavumanga yena ngokwakhe. Umlingi akanawo amandla okulawula intando okanye ingqondo kwanokunyanzela umphefumlo ukuba wone. Angalubanga uxinzelelo lomoya, kodwa akangeke awungcolise. Ngenxa yokuba uKristu woyisayo, abalandeli baKhe bamelwe kukukhuthazeka, babe nesibindi sokulwa kweli dabi lesono, noSathana.ItE 19.2

    lingelosi Ziyanceda

    lingelosi zikaThixo kunye nemimoya yongendawo zityhilelwe ngokucacileyo esiBhalweni yaye ziya thungelana nembali yoluntu. Iingelosi ezithunywe “ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso zithatyathwe ngabaninzi ngokungathi yimimoya yabafileyo. Noko ke, iZibhalo zinika ubungqina bokuba le asiyiyo imimoya yabafileyo.ItE 19.3

    Kwangaphambi kokuba kudalwe umntu, iingelosi zazikho, kungoko kwathi xa kumiswa iziseko zehlabathi, aye ememelela kunye amakhwezi okusa noonyana bonke bakaThixo beduma (Yobhi 38:7). Emva kokuwa komntu, zathunyelwa iingelosi ukuba ziwaluse umthi wobomi phambi kokuba umntu afe. Iingelosi zikumgangatho ongentla komntu kuba umntu “usilelise kancinane” kwizithunywa zezulu, (INdumiso 8:5).ItE 20.1

    Umprofethi uthi, “Ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni. Phambi koKumkani wookumkani, ziingelosi eziphulaphula isandla selizwi lakhe. Abalungiseleli bakhe [a]benzi bokuthanda kwaKhe, [a]mawaka waka ezithunywa zezulu.” Isityhilelo 5:11; lindumiso 103:20,21; Hebhere 12:22. Njengabathunywa bakaThixo, ziya hamba ngokokubonakala kokuphambana kombane, kunjalo ukukhawuleza kwazo. Ingelosi eyavela kwingcwaba lomSindiso, embonakalo yayo inje ngombane, yenza ukuba abagcini bangcangcazele baza banje ngabafileyo. Mhla uSenakeribe wanyelisa uThixo wagrogrisa noSirayeli, “kwaphuma isithunywa sikaYehova saxabela emkhosini wama-Asiriya, ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka,” Hezekile 1:14; Mateyu 28:3, 4; 2 Kumkani 19:35.ItE 20.2

    Iingelosi ziyathunywa ukuba zenzele abantwana bakaThixo umsebenzi wenceba. Zathunywa ku-Abraham ziphethe amadinga entsikelelo; zaya eSodom ukuya kusindisa uLote entshabalelweni, zaya kuxhasa u-Eliya owayeza kufela entlango; ku-Elisha zeza neenqwelo zomlilo kunye namahashe ngexesha wayevalelwe ziintshaba zakhe; uDaniyeli zaba naye elahlwe emhadini weengonyama ukuze abe lixhoba; zaba noPetros owayegwetyelwe ukufa kumhadi kaHerode; zazinamabanjwa aseFiliphu; zazinaye uPawulosi phakathi koqhwithelo Iwasebusuku elwandle; zavula ingqondo kaKorneli ukuze amkele iindaba ezilungileyo; kuPetros zeze zinesigidimi sosindiso kwabentlanga. Zazisebenza njalo iingelosi ukulungiselela abantu bakaThixo.ItE 20.3

    lingelosi Ezikhuselayo

    Wonke umlandeli kaKristu unikwe ingelosi enye. “Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngenxa zonke abamoyikayo, sibahlangule.” Ukanti uMsindisi, ethetha kwabo bakholwayo kuYe, “Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.” INdumiso 34:7; Mateyu 18:10. Abantu bakaThixo bathi bajongene nobubi betshawe lobumnyama, baqinisekiswe ngenkokhelo engapheliyo yeengelosi. Loo ngqiniseko inikwa ngenxa yokuba kukho imikhosi enamandla yezithunywa zobumnyama - izithunywa ezininzi kakhulu, ezizimiseleyo nezingatyhafiyo.ItE 21.1

    lingelosi Ezichasa Amacebo KaThixo

    Imimoya engendawo ekuqalekeni yayidalwe yanyulu, ilingana ngendalo, ngamandla, nozuko kunye nezo zingcwele ezizizithunywa zikaThixo ngoku. Kungokunje, ezi ziwileyo, ngenxa yesono, zibumbene ngenjongo yokungamhloniphi uThixo nokutshabalalisa abantu. Zithi zihlangene noSathana ekuvukeleni, zimanyane kwimfazwe yokuchasana negunya elingcwele.ItE 22.1

    Imbali yeTestamente eNdlala ichaza imvelaphi yazo, nokuba ngexesha uKristu wayelapha emhlabeni, ezi zithunywa zikhohlakeleyo zakhupha nawokugqibela amandla ngendlela emangalisayo. U-Kristu wayeze ngenjongo yokuhlangula umntu, abe yena uSathana ezimisele ukulawula ihlabathi. Waphumelela ekumiseleni unqulo Iwezithixo kulo lonke ihlabathi ngaphandle kwasePalestina. U-Kristu weza kule ndawo eyayingoyiswanga ngokupheleleyo ngongendawo, wazolula iingalo zaKhe zothando, emema bonke abantu ukuba bamkele uxolelo noxolo kuYe. Imikhosi yobumnyama yaqiniseka kwinto yokuba, ukuba ulungiselelo lukaKristu lungaphumelela, olwayo ulawulo luya kubhanga ngesiquphe.ItE 22.2

    Into yokuba abantu babephethwe ziidemoni ibekwe yacaca kwiTestament eNtsha. Abantu abahlaselweyo, babenganeli nje ukuba nezifo zemveli; uKristu wayequbisana ngqo nezenzeleleli, ii-arhente zemimoya engcolileyo. Abantu abaneedemoni baseGadara, amageza adlakadlaka, azigqusha phanti, egebhuza amagwebu, enomsindo, eziphatha dlakadlaka, ezilimaza wona; elimaza nabantu abasondela kuwo. Imizimba yaba bantu eyonakeleyo, emanxeba-nxeba, yayingumbono omhle nothandekayo kwitshawe lobumnyama. Enye yezidemoni zazilawula aba bagulayo yathi, “NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi” Marko 5:9. Lo Mkhosi, ngokwaseRoma yayiliqela elinesithathu ukuya kwisihlanu samawaka amadoda. U-Yesu wazikhalimela, zemka ezo demoni kwabo bantu; basala bezolile, besezingqondweni, belulamile. lidemoni ezo zatshabalalisa iihagu ngokuthi ziyokungena elwandle, nto leyo eyaba yilahleko enkulu kubahlali baseGadara abayithabatha ukuba ingaphezulu kwentsikelelo ayithululayo uKristu waza ngenxa yaloo nto, wagxothwa uGqirha omkhulu. (Funda uMateyu 8:23-34). Ngokubeka ityala lelahleko phezu kukaYesu, uSathana watyala uloyiko ebantwini, ezama kanjalo ukuba bangawaphulaphuli amazwi aKhe uYesu.ItE 22.3

    U-Kristu wayivumela le mimoya ingcolileyo ukuba izitshabalalise iihagu ngenjongo yokuthethisa amaYuda awayekhulisa imihlambi yemfuyo eyinqambi. Ukuba uYesu wayengazange awaqhoboshe amandla ezi demoni ngezazifake nabanini- zihagu, elwandle.ItE 23.1

    Ukudlula apho, esi siganeko senzeka ukuze abafundi babone amandla kaSathana kubantu nezilwanyana, ukuze bangabi nakulahlekiswa bubuqhinga bakhe. Yayikwa yintando kaKristu ukuba babone amandla aKhe okuqhawula iimbophelelo zikaSathana kuze kukhululwe amakhoboka. Nangona wemkayo uYesu apho eGadara, amadoda akhululwa kwiidemoni, asala ebabaza inceba yoMkhululi wawo.ItE 24.1

    Zikho nezinye iziganeko ezibhaliweyo: Intombi yomSirofenikazi eyayiphethwe kakubi yidemoni awathi wayikhupha uYesu (Marko 7:25-30); umfana owaye nomoya owawumthi hlasi “umphose futhi emlilweni nasemanzini, ukuba umtshabalalise” (Marko 9:17¬27); umntu owaye nomoya ongcolileyo othanda ukuphazamisa ukuzola kweSabatha eKapernahum (Luka 4:33-36) - bonke aba baphiliswa nguMsindisi. Phantse kwisiganeko ngasinye, uYesu ube ethetha nedemoni njengaxa ethetha nomntu onengqondo, emyalela ukuba angaphindi athuthumbise ixhoba lakhe.ItE 24.2

    Abakhonzi eKapenahum “bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, “Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo, baza baphume?” Luka 4:36.ItE 24.3

    Ukuze babenokuzuza amandla avela phezulu, abanye bayamkela lula impembelelo yobusathana. Aba ke abazange babe nangxaki ngeedemoni. Kwaba, kwakukho abanomoya obona izinto ezingabonwayo - uSimon Magus, uElina usiyazi, isicakazana esasinomoya wemilozi, silandelana noPawulos noSilas, eFiliphi. Funda: iZenzo 8:9, 18; 13:8; 16:16-18.ItE 24.4

    Ingozi

    Akakho umntu osengozini enkulu ukudlula lowo ukhanyela ubukho bukaSathana kunye nezithunywa zakhe. Baninzi abalivayo ilizwi lakhe nangona bona bebanga ukuba balandela obabo ubulumko. Njengokuba sifikelela esiphelweni sexesha, uSathana uza kusebenzisa awona mandla makhulu ukulahlekisa ngelo xesha, yonke indawo esasaza ingqondo yokuba akakho. Ngumthetho wakhe ukuzifihla, yena nendlela asebenza ngayo.ItE 25.1

    Lo mlahlekisi mkhulu uyoyika kuba hleze siwaqonde amaqhinga akhe. Ukuzifihla isimilo sakhe, wenza ukuba xa kuthethwa ngaye kuhlekiswe, okanye adelelwe. Kumnandi kuye xa evezwa ngokuthi uyinto yokuhlekisa, okanye lilishwa, okanye sisilwanyana esikwa ngumntu. Uva kamnandi xa igama lakhe lisetyenziswa ekudlaleni nasekugculeleni. Ngenxa yokuba ezifihle ngobuchule obunqabe kangaka, baya buza abantu bathi, “Ingaba ukho ngokwenene uSathana?”ItE 25.2

    Sinikwe iLizwi likaThixo ke, ukuze likwazi ukutyhila imfihlelo yemikhosi kaSathana kuba unobuchule obukhulu bokulawula iingqondo zabo bangayiqondiyo impembelelo yakhe.ItE 25.3

    Ukukhuseleks KuYesu

    Sinako ukuzuza ukunqaba nokuhlangulwa ngamandla amakhulu oMkhululi wethu. Izindlu zethu siyaziqamangela, sizitshixe ngamaqhaga sizama ukusindisa ubomi bethu kubantu abangcolileyo, ukanti asicingi nto konke ngeengelosi ezikhohlakeleyo esingeke sikwazi ukuzikhusela kuhlaselo Iwazo. Ukuba bezinokuba nako, beziya kuyitsala ingqondo yethu, zisithuthumbise emizimbeni, zitshabalalise izinto zethu nobomi bethu. Abo balandela uKristu bakhuselekile phantsi kweliso laKhe. Kuthunyelwa iingelosi ezinamandla kakhulu ukuba zibakhusele. Ongendawo akakwazi ukugqobhoza kukhuseleko uThixo arhangqe ngalo abantu baKhe.ItE 26.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents