Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    31—Ukululanyelwa Kwesigidimi

    [Esi sahluko sisekwe kwileta yesi-2 Korinte]

    Ukusuka kwakhe e-Efese, uPawulos waqala olunye uhambo lovangelo, awayethembe ukuba uya kuthi kulo aphinde ahambele iindawo awayesebenze kuzo eYurophu. Wahlala ithutyana eTrowa, “ukuba ashumayele iindaba ezilungileyo zikaKristu,” wabafumana abanye bekulungele ukuphulaphula isigidimi sakhe. Emva koko, wathi xa ethetha ngomsebenzi wakhe kuloo ndawo, waye “evulelwe nomnyango eNkosini.” Akazange akwazi ukuhlala eTrowa, nangona abanempumelelo amalinge akhe apho. “Ukuwaxhalela onke amabandla,” ngakumbi ibandla laseKorinte, kwathi zinzi entliziyweni yakhe. Wayethembe ukuba uya kuhlangana noTito eTrowa aze ave kuye ukuba amazwi engcebiso nokukhalima awayekuthumele kubazalwana eKorinte kwamkeleka njani na, kodwa wafumana udano. “Andibanga nakonwaba emoyeni wam,” wabhala njalo ngala mava, “ngokungamfumani uTito, umzalwana wam.” Ke ngoko, wesuka wayishiya iTrowa wanqumla esiya eMakedoni, apho waya wahlangana noTimoti eFilipi. IZ 323.1

    Ngeli xesha lonxunguphalo ngenxa yebandla laseKorinte, uPawulos wayelindele okuhle kakhulu; kanti bekusithi ngamaxesha athile afikelwe kukuziva enosizi olugubungela umphefumlo wakhe, kuba esithi mhlawumbi amacebiso neziyalo kungenzeka zingaqondwa kakuhle. “Ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu,” utsho kamva xa ebhala, “sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ukukoyika. Ke lowo ubathuthuzelayo abathobekileyo, uThixo ke, wasithuthuzela ngokufika kukaTito.”IZ 324.1

    Umthunywa othembekileyo wazisa iindaba ezivuyisayo zokuba kukho ukutshintsha okumangalisayo kumakholwa aseKorinte. Amaninzi ayewamkele umyalelo oseleteni kaPawulos aza aguquka ezonweni zawo. Ubomi bawo babungasesiso isigculelo ebuKristwini, kodwa banegalelo lempembelelo enamandla exhasa ukuhlonela uThixo okuphathekayo.IZ 324.2

    Wathi ezaliswe luvuyo, wathumela enye ileta kumakholwa aseKorinte, ebeka uvuyo lwentliziyo yakhe ngenxa yomsebenzi olungileyo owenzeka ngaphakathi kubo. “Kuba nakuba ndikhe ndanenza nabuhlungu ngencwadi leyo, andizohlwayi, nakuba ndikhe ndazohlwaya.” Wathi akuthwaxwa luloyiko lokuba amazwi akhe angadelelwa, ngamanye amaxesha wayeba buhlungu kuba ebhale ngokuthe ngqo nakalukhuni. “ngoku ke ndiyavuya,” waqhubeka, “ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; kuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, ukuze ningalahlekwa nto ngathi. Kuba ubuhlungu obungokukaThixo, busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo.” Inguquko leyo ivezwa yimpembelelo yobabalo olungcwele entliziyweni iya kukhokelela ekuvumeni nasekusishiyeni isono. Zaba njalo iziqhamo athi umpostileuPawuloszabonakalaebominibamakholwa aseKorinte. “Kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, naphindezela!”IZ 324.3

    Kwaba lixesha elithile uPawulos ethwele umthwalo womphefumlo ngenxa yamabandla—umthwalo owawunzima kangangokuba kwakunzima ukuwunyamezela. Iititshala zobuxoki zazifuna ukuyitshabalalisa impembelelo kumakholwa nokuwanyanzela ngezawo iimfundiso endaweni yenyaniso yeendaba ezilungileyo. Izinto ezidida ingqondo nezityhafiso ezazimngqongile uPawulos zityhilwa ngamazwi athi, “Saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla, ngokokude sibuncame kanye nobomi.”IZ 325.1

    Ngeli xesha, wayesusiwe omnye unobangela wexhala. Zathi zakufika iindaba zokuba ileta eya eKorinte yamkeleka, wadanduluka ngovuyo uPawulos esithi: “Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo. Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu. Nokuba na ke siyabandezelwa oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina. Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niya kuba ngawo, nangentuthuzelo.”IZ 325.2

    Ekuthetheni kwakhe ngovuyo lwakhe, bakuba bebuye baguquka kunye nokukhula kwabo elubabalweni, uPawulos wayinika uThixo yonkeindumisongokuguqula intliziyonobomi. Wadanduluka esithi, “Makubulelwe ke kuThixo ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo.” Yayisisithethe saloo mihla ukuba injengele eyoyisileyo emfazweni, xa ibuya ize ihamba nehlokondiba labathinjwa. Kwiziganeko ezinjalo, kwakunyulwa abaphathi besiqholo, uthi xa umkhosi usiza ngoloyiso ekhaya, ivumba elimnandi kubathinjwa abaza kufa, libe livumba lokufa, into ebonisa ukuba babesondela kwixesha lokubulawa; kodwa kuloo mabanjwa afumene ukuthandwa ngabo bababambileyo, nababomi bawo babuza kusinda, yayilivumba lobomi, kuba lalibonisa ukuba inkululeko yawo ikufuphi.IZ 325.3

    UPawulos wayezele lukholo nethemba ngeli xesha. Wayesiva ukuba uSathana wayengawoyisi umsebenzi kaThixo eKorinte, waza wathi, ngamazwi okubonga, wathulula umbulelo wentliziyo yakhe. Yena kunye nasebenza nabo babeya kulubhiyozela uloyiso phezu kweentshaba zikaKristu nenyaniso, ngokubheka phambili nenzondelelo entsha yokwandisa ukwaziwa koMsindisi. Ivumba elimnandi leendaba ezilungileyo laliza kuthi saa kulo lonke ihlabathi njengesiqholo. Kwabo babeya kumamkela uKristu, isigidimi sasiya kuba livumba lobomi ukuya ebomini; kodwa kwabo baya kuqhubeka nokungakholwa, libe livumba lokufa elisa ekufeni.IZ 326.1

    Ngokubona ubukhulu obungaphaya bomsebenzi, uPawulos wadanduluka wathi, “Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto?” Ngubani onako ukushumayela uKristu ngendlela enokwenza ukuba iintshabazingabinaso isizathu esifanelekileyosokudelela umthunywaokanye isigidimi asiphetheyo? UPawulos wayelangazelela ukubethelela kumakholwa umthwalo onendili yolungiselelo lweendaba ezilungileyo. Ukunyaniseka ekushumayeleni ilizwi, kuhlangene nobomi obunyulu nobuzingisileyo, kukodwa kungenza ukuba amalinge abalungiseleli amkeleke kuThixo abeyinzuzo emiphefumlweni. Abalungiseleli bale mihla yethu, abazaliswe yingqondo ebona ubuninzi obukhulu bomsebenzi, banokuziva bedanduluka nompostile, “Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto?”IZ 326.2

    Babekho abo babemmangalela uPawulos ngokuziyaleza kuba ebhale ileta yakhe yokuqala. Umpostile wayebhekisa kuyo le nto [yokuziyaleza] xa wayebuza amalungu ebandla ukuba azigweba ngolo hlobo na iinjongo zakhe. “Singaba siyawaqala siziyaleze na? Wabuza; “Okanye sifuna, njengabathile, iincwadi zokuyalezwa kuni, nokuba zezokuyalezwa nini?” Amakholwa aya kwindawo entsha aye aphathe iileta zokuwayaleza ziphuma kwibandla abe ezimanye nalo kuqala; kodwa abasebenzi abakhokelayo, abaseki bala mabandla, ayengakudingi oku kwaziswa. Amakholwa aseKorinte, awayekhutshwe ekunquleni izithixo eza enkolweni yeendaba ezilungileyo, wona ngokwayo ayengumyalezo owawufuneka kuPawulos. Ukwamkela kwawo inyaniso, nenguquko eyenzekayo ebomini bawo, yayibubungqina obucikoza ngokwaneleyo ekunyanisekeni kwemisebenzi yakhe nakwigunya lecebiso, nokukhalima, kunye nokukhuthaza njengomlungiseleli kaKristu.IZ 327.1

    UPawulos wabathabatha abazalwana baseKorinte njengobungqina bakhe. “Incwadi yethu thina, ebhalwe ezintliziyweni zethu, nini; iyaziwa, iyaleswa, ileswa ngabantu bonke; nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu, eyalungiselelwa sithi, engabhalwanga nga-inki, ebhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo; kungekhona emacwecweni amatye, kusemacwecweni angawenyama entliziyo.”IZ 327.2

    Ukuguquka kwaboni nokungcwaliswa kwabo ngenyaniso bubungqina obuqine kakhulu, umlungiseleli anokuba nabo bokuba uThixo umbizile emsebenzini. Ukubonakala kobupostile bakhe bubhalwe ezintliziyweni zabo baguqukayo, buze bungqinwe ngobomi babo obenziwe ngokutsha. UKristu udaleka ngaphakathi, ithemba lozuko. Umlungiseleli womelezeka kakhulu ngala matywina emsebenzini wakhe.IZ 328.1

    Namhlanje abalungiseleli bakaKristu bamelwe kukuba nobungqina obufanayo nobo ibandla laseKorinte lalinabo ngemisebenzi kaPawulos. Nangona kule mihla bebaninzi abashumayeli, kukho intswelo enkulu yabalungiseleli abanesakhono, abangcwele—amadoda azaliswe luthando olwaluhleli entliziyweni kaKristu. Ikratshi, ukuzithemba, ukuthanda ihlabathi, ukufumana iziphoso [kwabanye], ubukrakra [bomoya], umona, sisiqhamo esithwalwa ngabaninzi abazibiza ngenkolo kaKristu. Ubomi babo, obahluke ngokupheleleyo kobukaMsindisi, bukholisa ukuba nobungqina obulusizi besimilo somsebenzi ongumlungiseleli abaguquka phantsi kwakhe.IZ 328.2

    Alukho uzuko umntu analo ngaphezu kokwamkelwa nguThixo njengomlungiseleli weendaba ezilungileyo onesakhono. Abo iNkosi ibasikelela ngamandla nempumelelo emsebenzini waYo abazigwagwisi. Bayakuvuma ukuxhomekeka kwabo ngokupheleleyo kuYe, beqonda ukuba bona ngokwabo abanawo amandla. Bathi, kunye noPawulos, “Andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo, osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha.”IZ 328.3

    Umlungiseleli wenene wenza umsebenziweNkosi.Uyakuva ukubaluleka komsebenzi, aqonde ukuba ugcine ebandleni nasehlabathini ulwalamano olufana nolo lwagcinwa nguYesu. Usebenza angadinwa ekhokelela aboni kubomi obuhloniphekileyo, nobungasentla, ukuze bafumane umvuzo woloyiso. Imilebe yakhe ichukunyiswa lilahle eliphilileyo elisuka esibingelelweni, amphakamise uYesu njengethemba ekuphela kwalo kumoni. Abo bamvayo bazi ukuba usondele kuThixo ngomthandazo ozingileyo nowoyisayo. UMoya Oyingcwele uhlala phezu kwakhe, umphefumlo wakhe uzive usempilweni, umlilo wezulu, akwazi ukuthelekisa izinto zikamoya nomoya. Uyawanikwa amandla ukuba awise phantsi iinqaba zikaSathana. Iintliziyo ziyaphuka kukutyhila kwakhe uthando lukaThixo, zize ezininzi zizifumane zibuza, “Ndingenza ntoni na ukuze ndisindiswe?”IZ 329.1

    “Ngenxa yoko, sinalo nje olu lungiselelo, sithi, njengoko senzelwe inceba, singethi mandla; sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo. Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo; athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo. Kuba asivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu. Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.”IZ 329.2

    Wenza njalo umpostile ukulwenza lukhulu ubabalo nenceba, izinto zikaThixo, ezingcwele nezibonakaliswe ngokunikelwa kuye njengomlungiseleli kaKristu. Ngobuninzi benceba kaThixo, yena nabazalwana bakhe baxhaswe ebunzimeni, ekungcungcuthekisweni, nasengozini. Abalubumbanga ukholo lwabo emfundiso yabo ukuba ilungele iminqweno yabaphulaphuli babo, baye bengazibambanga iinyaniso ezifunekayo zosindiso ukuze benze ukuba eyabo imfundiso ibe nomtsalane ongaphezulu. Bayibeke inyaniso ngokulula nangokucacileyo, bethandazela ukoyisela nokuguquka kwemiphefumlo. Bazamile ukubuyisela ukuziphatha kwabo ekuvumelaneni nemfundiso yabo, ukuze ithi inyaniso abayinikayo izithengise ngokwayo kwisazela somntu ngamnye.IZ 330.1

    “Ke kaloku obu butyebi sibuphethe” uqhubeka atsho umpostile, “ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.” UThixo ngewayeyivakalise inyaniso ngezithunywa ezingazange zone, kodwa eli asililo icebo laKhe. Indyebo enexabiso elingenakulinganiswa ibekwe kwizitya zodongwe. Iintsikelelo zaKhe kufuneka zifikelele ehlabathini ngabantu. Ngabo, uzuko lwaKhe kufuneka lukhanye ebumnyameni besono. Ngolungiselelo olunothando, kufuneka bahlangane naboni kunye nabasweleyo, babakhokelele emnqamlezweni. Kuwo wonke umsebenzi wabo, kufuneka uzuko, imbeko, nendumiso bayinike Lowo ungaphezu kwako konke nowongamele konke.IZ 330.2

    Wathi ebhekisa kwawakhe amava, uPawulos wabonisa ukuba, ekukhetheni kwakhe umsebenzi kaKristu, wayengazange aqhutywe ziinjongo zokufuna okukokwakhe, kuba indlela yakhe ibizele zizilingonezihendo. “Siyabandezelwa ngeenxazonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa; sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu.”IZ 330.3

    UPawulos wabakhumbuza abazalwana ukuba, njengabathunywa bakaKristu, yena nasebenza kunye nabo, bahlala besengozini ngamaxesha onke. Ubunzima ababunyamezelayo babubatheza amandla. “Thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakaliselwe enyameni yethu enokufa. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.” Ukuphatheka kakubi emzimbeni ngenxa yentswelo nokusebenza nzima, kwaba balungiseleli bakaKristu, kwakuhambisana nokufa kwaKhe. Sekunjalo, oko kwakusebenza ukufa kubo kwakuzisa ubomi basemoyeni nempilo kumaKorinte, awathi, ngokukholelwa enyanisweni enziwa amadlelane obomi obungunaphakade. Ngenxa yoku, abalandeli bakaYesu kwakufuneka baqaphele ukuba bangayinyusi, ngokungakhathali nokunganeliseki, imithwalo nezilingo zabasebenzi.IZ 331.1

    UPawulos uqhubeka athi, “Sinawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo.” Wathi, oyisekile bubukho benyaniso awayigciniswayo, akukho nto yayinokumwexula ukuba uPawulos aliphathe ngenkohliso ilizwi likaThixo okanye azifihle izimvo zomphefumlo wakhe. Wayengenakuthenga butyebi, uzuko, okanye ulonwabo ngokuvumelana neengcamango zehlabathi. Nangona wayesoloko ejongene nengozi yobufela-nkolo ngenxa yenkolo awayishumayela kumaKorinte, akazange othuswe, kuba wayesazi ukuba, Lowo wafayo wabuya wavuka kwakhona womvusa engcwabeni amnikele kuBawo.IZ 331.2

    “Kuba konke oko kungenxa yenu,” wathetha watsho, “ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.” Kwakufuneka abapostile bangayishumayeleli ukwanelisekakwabo ivangeli. Kwakungenxa yethemba lokusindiswa kwemiphefumlo okwabakhokelela ekunikeleni ubomi babo kulo msebenzi. Yayikwa leli themba elabagcina bangawayeki amalinge abo ngenxa yokoyikiswa ngengozi okanye ukuphatheka kakubi abakufumanayo.IZ 332.1

    “Kungoko singethi mandla;” watsho, “kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla.” UPawulos wawava amandla otshaba; kodwa nangona amandla omzimba ayencipha, ngokuthembeka nokungagungqiyo wazivakalisa iindaba ezilungileyo zikaChristu. Enxibe sonke isixhobo sikaThixo, eli gorha lomnqamlezo laqhubela phambili edabini. Ilizwe lakhe lokuchwayita lamvakalisa ukuba ungumoyisi edabini. Ewamilisele amehlo akhe kumvuzo wabathembekileyo, wadanduluka ngamazwi oloyiso, “Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.”IZ 332.2

    Sinyanisekile kwaye sichukumisa kakhulu isibheno sikampostile sokuba abazalwana baseKorinte baluqwalasele ngokutsha uthando olungenakulinganiswa nanto loMhlawuleli. Wabhala wathi, “Kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.” Niyakwazi ukuba phezulu awathoba esuka kubo, ubunzulu bokuthotywaawehla waya kubo.Wathi engene kwabakanye endleleni yokuzilandula nombingelelo, akabuya aphambuke wada waba ubunikele ubomi baKhe. Akuzange kubekho kuphumla phakathi kwetrone nomnqamlezo.IZ 332.3

    UPawulos wayetyisa ingongoma nganye, ukuze abo baya kuyifunda ileta yakhe bakuqonde ngokupheleleyo ukuhla okumangalisayo koMsindisi ngenxa yethu. Embeka uYesu njengoko wayenjalo ukulingana noThixo naYe efumana intlonipho ezingelosini, umpostile walanda uhambo lwaKhe wada wafika kweyona ndawo isezantsi ekuthotyelweni phantsi. UPawulos waqonda ngokupheleleyo ukuba xa bethe benziwa bawuqonda umbingelelo owenziwa buBukhosi bezulu, konke ukuzithandela kungabhangiswa ebomini babo. Wabonisa indlela uNyana kaThixo awalubeka phantsi ngayo uzuko, ezinikela ukuba abe phantsi kweemeko zemo yomntu, waza wazithoba njengomkhonzi, wathobela kwada kwasa ekufeni, “ukufa ke kwasemnqamlezweni” (Filipi 2:8), ukuze amphakamise umntu owe ekuhlazisweni amnyusele kwithemba novuyo kunye nezulu.IZ 333.1

    Xa sifunda isimilo esingcwele ngokukhanya komnqamlezo, sibona inceba, ububele, nokuxolelwa konke kuhlanganiswe nobulungisa. Sibona esazulwini setrone Lowo, ezandleni nasezinyaweni zaKhe nasecaleni laKhe, kukho iimpawu zokuphatheka kakubi awakunyamezelayo ukuxolelanisa umntu noThixo. Sibona uBawo, ongenasiphelo, ohleli ekukhanyeni okungena kumiwa phambi kwako, esamkelela kuYe ngobuhle boNyana waKhe. Ilifu lengqumbo elalithembisa kuphela ubuhlungu nentshabalalo, ngokukhanya komnqamlezo, lityhila umbhalo kaThixo: Phila, moni, phila!Ndiyikhuphileintlawulo[yokukukhulula]!IZ 333.2

    Ekucamngceni ngoKristu sijikeleza kunxweme lothando olungenamlinganiselo. Sizama ukuthetha ngolu thando, isuke isilele intetho. Siphawula uthando lwaKhe emhlabeni, umbingelelo asenzele wona, umsebenzi waKhe ezulwini njengomthetheleli wethu, namabhotwe awalungisela abo bamthandayo, singasuka nje sidanduluke sithi, Hayi ukuphakama nobunzulu bothando lukaKristu! “Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.” “Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo.” 1 Yohane 4:10; 3:1.IZ 334.1

    Kumfundi ngamnye onyanisileyo olu thando, njengomlilo, luvutha kwisibingelelo sentliziyo. Kwakusemhlabeni apho uthando lukaThixo lwatyhilwa khona ngoKristu. Lusemhlabeni ukuze abantwana baKhe balubonise olu thando ngobomi babo obungenabala. Ngaloo ndlela, aboni baya kukhokelelwa emnqamlezweni bayibone iMvana kaThixo.IZ 334.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents