Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    1—Injongo Kathixo Yebandla Lakhe

    Ibandla liliziko likaThixo labathunywa abanyuliweyo khon’ ukuze kusindiswe abantu. Laqulunqelwa umsebenzi, kwaye umsebenzi walo kukusa iindaba ezilungileyo kulo lonke ihlabathi. Kususela kwasekuqaleni, yaye ilicebo likaThixo ukuba, ngebandla laKhe, kubonakaliswe ehlabathini ukugqibelela nokuba nakho kwaKhe (ukusindisa). Amalungu ebandla, abantu ababize ukuba baphume ebumnyameni baze ekukhanyeni kwaKhe okumangalisayo, bamele ukuba babonise uzuko lwaKhe. Ibandla lisisisele sobutyebi bobabalo lukaKristu; kwaye, ngalo ibandla, kuya kubonakaliswa ukutyhilwa kothando lukaThixo na“koozilawuli noomagunya abakwezasemazulwini iindawo,” okokugqibela nangokupheleleyo.IZ 9.1

    Maninzi, emangalisa amadinga aseziBhalweni ngebandla. “Indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke,” Isaya 56:7. “Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo.” “Ndobavelisela isityalo sokuba ludumo, bangabi sasuswa yindlala ezweni, bangabi sathwala hlazo leentlanga. Baya kwazi ukuba mna Yehova Thixo wabo ndinabo, bangabantu bam bona, indlu kaIsrayeli; itsho iNkosi uYehova. Nina ke ningumhlambi wam, umhlambi wedlelo lam; nisisintu, ndinguThixo wenu; itsho iNkosi uYehova,” Hezekile 34:26, 29-31.IZ 9.2

    “Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye. Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim. Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am.” “Mna Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenzeumnqophiso umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga; ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.” Isaya 43:10-12; 42:6, 7.IZ 10.1

    “Ngexesha elamkelekileyo ndikuphendule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; uthi kubabanjwa, Phumani; Kwabasebumnyameni, Velani. Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke. Abayikulamba,abayikunxanwa, abayi kubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya, kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo. Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam. . . .IZ 10.2

    “Memelelani mazulu; gcoba hlabathi; gqabhukani nimemelele zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe. Ke yathi iZiyon, uYehova undishiyile, iNkosi yandilibala. Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna. Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.” Isaya 49:8-16.IZ 11.1

    Ibandla liyinqaba kaThixo, isixeko saKhe sokubalekela, anaso kwihlabathi elivukeleyo. Konke ukungcatsha ibandla kukungcatsha Yena, owaluthengayo uluntu ngegazi loNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo. Kususela kwasekuqaleni, abantu abanyanisekileyo babe yinxalenye yebandla laKhe emhlabeni. Kuzo zonke izizukulwana, uYehova ube nabo abalindi, abaye bathwalela ubungqina obuthembekileyo kwisizukulwana abaphila kuso. Aba balindi banika isigidimi sesilumkiso; bathi xa bezibeka phantsi izixhobo, umsebenzi wathathwa ngabanye. UThixo wawazisa la mangqina kumnqophiso wobudlelwane naYe, ehlanganisa ibandla elisemhlabeni kunye nebandla elisezulwini. Uthume iingelosi zaKhe ukuba zilungiselele ebandleni laKhe, kwaye amasango esihogo awasayi kubeyisa abantu baKhe.IZ 11.2

    UThixo walixhasa ibandla laKhe kuzo zonke iintshutshiso zeenkulungwane, kungquzulwano nobumnyama. Akukho lifu lakha lawa Phezu kwalo engalilungiselelanga;kungekho nanye inkcasoeyakha yabakho ukuze isebenze ngokuchasene nomsebenzi waKhe, engayibonanga kwangaphambili. Konke kwenzeka njengoko wayekuxele ngaphambili. Akalishiyangaenyanyeniibandla laKhe, kodwawazoba ngeziprofeto konke okwakuya kwenzeka, noko wathi waphefumlela abaprofeti ukuba bakuxele ngenx’ engaphambili nako kwenzeka. Zonke iinjongo zaKhe zafezekiswa. Umthetho wakhe uhlangene netrone yaKhe, ngoko akukho gunya lobubi elinokuwutshabalalisa. Inyaniso iphefumlelwe, yaye yaluswe nguThixo; iya koyisa konke okuchasayo.IZ 12.1

    Ngexesha lobumnyama basemoyeni, ibandla likaThixo libe kukukhanya okusentabeni. Ukusuka kwisizukulwana ukuya kwesinye, ngokulandelelana kwazo, iimfundiso ezinyulu zezulu bezityhileka ngaphakathi kwemida yalo (ibandla). Nangana libonakala libuthathaka, lineziphako, ibandla kuphela kwento uThixo ayixabise kakhulu ngendlela eyodwa. Liliqonga lobabalo lwaKhe, apho akonwabelayo ukutyhila amandla aKhe okuguqula iintliziyo.IZ 12.2

    UKristu wabuza wathi, “Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na? “Marko 4:30. Wayengenakho ukwenza ufaniso ngezikumkani zehlabathi. Ekuhlaleni akazange afumane nto anokuzekelisa ngayo. Izikumkani zasemhlabeni zilawula ngogonyamelo lwamandla enyama; kodwa kobukaKristu ubukumkani, kugxothelwe kude zonke izixhobo zenyama nezokunyanzelisa. Obu bukumkani (behlabathi) buphakamisa buzukise abantu. Ibandla likaThixo liyinkundla yobomi obungcwele, lizaliswe zizipho ezahlukeneyo elizithiwe jize nguMoya Oyingcwele. Amalungu kufuneka afumane ulonwabo kulonwabo lwabo abancedayo abasikelele.IZ 12.3

    Uyamangalisa umsebenzi iNkosi elungiselele ukuwenza ngebandla laYo, ukuze igama laYo lizukiswe. Umfanekiso walo msebenzi unikwe kumbono kaHezekile womlambo wempiliso: “La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi ele elwandle, aphiliswe amanzi alo. Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; . . . Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo,ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.” Hezekile 47:8-12.IZ 13.1

    Kususela kwasekuqaleni, uThixo waceba ukuzisa intsikelelo ehlabathini ngabantu baKhe. Kuhlanga lweYiphutha yakudala, uThixo wenza uYosefu umthombo wobomi. Ngokunyaniseka kukaYosefu bonke abo bantu bagcinwa. NgoDaniyeli, uThixo wasindisa ubomi bazo zonke izilumko zaseBhabheli. Konke oku kuhlangulwa, kuzizifundo eziphathekayo; zibonisa intsikelelo uThixo awayinika ihlabathi ngokunxulumana kukaThixo owayenqulwa nguYosefu noDaniyeli. Wonke umntu ontliziyo ahleli kuyo uKristu, nawuphina oya kutyhila uthando lwaKhe (uKristu) ehlabathini usisisebenzi kunye noThixo ukuze kusikelelwe uluntu. Njengoko ezuza ubabalo kuMsindisi ukuze aludlulisele kwabanye, kuwo wonke umzimba wakhe kumpompoza umsinga wobomi basemoyeni.IZ 13.2

    UThixo wanyula UIsrayeli ukuba atyhile isimilo saKhe (Thixo) ebantwini. Wayelangazelela ukuba babe ngamaqula osindiso ehlabathini. Kwanikelwa kubo izihlabo zezulu, isityhilelo sentando kaThixo. Kwimihla yobutsha bukaIsrayeli iintlanga zehlabathi, ngezenzo ezigwenxa, zalahlekana nokumazi uThixo. Zazikhe zamazi; kodwa ngenxa yokuba “abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, . . . intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa mnyama.” Roma 1:21. Sekunjalo, uThixo, ngenxa yenceba yaKhe, akazange abatshabalalise. Wagqiba ukuba abanike ithuba kwakhona ukuba baqhelane naYe ngokusebenzisa abantu baKhe abanyulileyo. Ngeemfundiso zeenkonzo zemibingelelo, uKristu wayeza kuphakanyiswa phambi kweentlanga zonke, baze bonke abakhangele kuYe baphile. UKristu wayesisiseko sempilo yobuYuda. Zonke iinkqubo zemizekelo nemifuziselo zazisisiqhuma esibotshiweyo sesiprofeto seendaba ezilungileyo, isipho esasiqulathe izithembiso zokuhlangulwa.IZ 14.1

    Noko kunjalo, abantu bakwaIsrayeli balahlekwa ngumbono wamalungeloabo aphezuluokubababe ngabameli bakaThixo. Bamlibala uThixo baza basilela ekuzalisekiseni ubizo nothumo olungcwele. Iintsikelelo abazizuzayo azizange zize nentsikelelo ehlabathini. Konke abanako bakusebenzisela okwabo ukuzukiswa. Bazivalela kude nehlabathi ukuze basinde esilingweni. Imiqathango abayibekelwa nguThixo xa behlangana nabakhonzi bezithixo ukuze bakhuseleke ekuzifumaneni besenza izinto ezazisenziwa ngabahedeni,bayisebenzisaekwakheni udonga phakathi kwabo nazo zonke ezinye iintlanga. Bamalela uThixo umsebenzi awayelindele ukuba bawenze, babavimba nabanye abantu inkokhelo yasenkolweni nomzekelo ongcwele.IZ 14.2

    Ababingeleli nabalawuli babebanjwe sisiqhelo ekukhonzeni. Babanelisiwe yinkolo yokubamba umthetho, kwaye kunzima kubo ukunika abanye iinyaniso zezulu. Babecinga ukuba obona bulungisa bububo bobabo, abaze balangazelela ukuba kuziswe into entsha kwinkolo yabo. Ukuthanda okulungileyo kukaThixo ebantwini, baye bengakwamkeli njengento abangangeni ndawo kuyo bona, koko babe kuhlanganisa nelabo igalelo ngenxa yemisebenzi yabo emihle. Ukholo olusebenza ngothando, luhlambulule umphefumlo lwalungakwazi ukumanyana nenkolo yabaFarisi, eyayakhiwe ziinkonzo zonqulo nemiyalelo yabantu.IZ 15.1

    “UThixo wathi ngoIsrayeli: “Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongenguwo kum?” Yeremiya 2:21. “UIsrayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo.” Hoseya 10:1. “Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam. Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo?IZ 15.2

    “Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso sibe yingqushu; ndisijece kuphele. Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siyaIZ 16.1

    kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso. ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso. Kuba isidiliiiya sikaYehova wemikhosi yindlu kaIsrayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.” Isaya 5:3-7. “Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi, ezidakileyo anizifuni; nizinyathela ngamandla kalukhuni.” Hezekile 34:4.IZ 16.2

    Iinkokeli zobuYuda zazizicingela ukuba zilumke kakhulu ukuba zingadinga ukululekwa, zilumke kakhulu ukuba zidinge usindiso, zihlonitshwe kakhulu ukuba zidinge imbeko evela kuKristu. UMsindisi wazishiya wanika abanye amalungelo ezawaphatha kakubi nomsebenzi ezawutshikilelayo. Uzuko lukaThixo lumele ukutyhilwa, ilizwi laKhe limiselwe. Ubukumkani bukaKristu bumele ukumiswa ehlabathini. Usindiso lukaThixo kumele lwaziwe kwizixeko zentlango; abafundi babizelwa ukuba benze umsebenzi ezasilelayo ukuwenza iinkokeli zobuYuda.IZ 16.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents