Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    3—Umsebenzi Omkhulu

    Emva kokufa kukaKristu, abafundi baphantsa bagqitywa kukutyhafa. INkosi yabo yalahlwa, yagwetywa, yabethelelwa. Ababingeleli nabalawuli bahlekisa besithi, “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaIsrayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni; sokholwa nguye.” Mateyu 27:42. Ilanga lokholo latshona kubafundi, kwafika ubusuku ezintliziyweni zabo. Bamana bewaphinda amazwi athi, “Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula UIsrayeli, ngentlawulelo.” Luka 24:21. Besele bodwa, bedandathekile, bakhumbula amazwi aKhe, “Ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?” Luka 23:31.IZ 25.1

    Amaxesha amaninzi, uYesu wazama ukulityhila ixesha elizayo kubafundi baKhe, kodwa abazange bakhathalele kuyicinga into awayeyithetha. Oku kwenza ukuba ukufa kwaKhe kubamangalise kakhulu; kwathi emva koko, xabecingisisangokwadlulayo, basibona isiphumo sokungakholwa kwabo, bazaliswa yintlungu. Akubethelelwa uKristu, abazange bakholwe ukuba uya kuvuka. Wayeyibeke yacaca into yokuba uya kuvuka ngosuku lwesithathu, kodwa kwabadida ukuba bayazi intsingiselo yento ayithethayo. Oku kuswela ukuqonda, kwabashiya bengenathemba lanto ngexesha lokufa kwaKhe. Badaniswa ngokukhulu. Ukholo lwabo aluzange lukwazi ukugqobhoza ngaphaya kwethunzi uSathana awayelunqumlezile ekupheleni kokubona kwamehlo abo. Konke kwaba yinto nje emfiliba, efihlakeleyo kubo. Ukuba nje babewakholelwe amazwi oMsindisi, ibiya kuba nkulu kangakanani intlungu ababeya kusinda kuyo!IZ 25.2

    Bathi bethe khunubembe, benentlungu, bephelelwe nalithemba, abafundi bahlangana kwigumbi eliphezulu, bazivala baziqamangela iingcango, besoyika ngelithi, into ehlele uTitshala wabo abebemthanda ingabahlela nabo. Kulapha apho uMsindisi wabonakala khona kubo emva kokuvuka kwaKhe.IZ 26.1

    UKristu wahlala emhlabeni iintsuku ezimashumi mane ebalungiselela umsebenzi owawuphambi kwabo abafundi, ebachazela konke ababengazange bakuqonde ukuza kufika kwelo xesha. Wathetha ngeziprofeto zokufika kwaKhe, ukwaliwa kwaKhe ngamaYuda, ukufa kwaKhe, ebonisa ukuba okwakuthethwe sisiprofeto kwazaliseka. Wabaxelela ukuba oku kuzaliseka kweziprofeto kufuneka bakuthabathe njengesiqinisekiso samandla abaza kuba nawo ekusebenzeni kwabo kwixesha elizayo. EsiBhalweni kuthiwa, “Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde iziBhalo, wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu; nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonkeiintlanga, kuqalelwa eYerusalem.” Wongeza wathi, “Nina ke ningamangqina ezi zinto.” Luka 24:45-48.IZ 26.2

    Ngezi ntsuku uKristu azichithe nabafundi baKhe, bafumana amava amatsha. Ngexesha bemamele iNkosi yabo icacisa iziBhalo ngako konke okwenzekayo, lwaya lumila ngokupheleleyo ukholo lwabo kuYe. Bafikelela kwindawo apho babenokuthi, “Ndiyamazi endikholiweyo nguye.” 2 Timoti 1:12. Baqala ukubuqonda ubunjani nobubanzi bomsebenzi wabo, nokubona ukuba bamele ukuvakalisa emhlabeni wonke iinyaniso abathwaliswe zona. Iziganeko ebomini bukaKristu, ukufa nokuvuka kwaKhe, iziprofeto ezalatha kwezi ziganeko, iimfihlelo zecebo losindiso, igunya likaYesu lokuxolela izono — izinto zonke ababengamangqina azo, zizinto abamele ukwazisa ihlabathi ngazo. Bamele ukuvakalisa igospile yoxolo nosindiso ngenguquko kunye namandla oMsindisi.IZ 27.1

    Phambi kokuba anyukele ezulwini, uKristu wabanika umsebenzi abafundi baKhe. Wabaxelela ukuba baya kuba ngababi belifa alibekele ihlabathi, iindyebo zobomi obungunaphakade. Nibe ningamangqina obomi bam bombingelelo ngenxa yehlabathi, watsho njalo kubo. Nikubonile ukusebenzela nzima kwam UIsrayeli. Nangona abantu bam bengezanga kum ukuze babe nobomi, nangona ababingeleli nabalawuli benza intando yabo kum, nangona bandala, basenalo elinye ithuba lokumamkelauNyanakaThixo.Nibonileukubabonkeabeza kum Bevuma izono zabo, ndibamkele ngokukhululekileyo. Lowo uza kum andisayi kumlahla. Kuni, bafundi bam, ndinikela esi sigidimi senceba. Kufuneka sinikwe bonke, amaYuda nabeeNtlanga — kuIsrayeli, kuqala, nakuzo zonke iintlanga, neelwimi nabantu. Bonke abakholwayo baya kuhlanganiselwa ebandleni elinye.IZ 27.2

    Umsebenzi weendaba ezilungileyo usisikhokelo esikhulu sovangelo kubukumkani bukaKristu. Abafundi kwakuza kufuneka ukuba bayisebenzele ngokunyameka imiphefumlo, banike wonke umntu isimemo senceba. Kwakungafuneki ukuba balindele ukuba abantu beze kubo; kwakufuneka ukuba bona baye ebantwini nesigidimi sabo.IZ 28.1

    Abafundi babeza kuhambisela phambili umsebenzi wabo ngegama likaKristu. Lonke ilizwi labo nesenzo sabo kwakufuneka zigxile egameni laKhe, njengelinamandla empiliso abasindiswa ngalo aboni. Ukholo lwabo kwakufuneka lumile kuYe olithende lenceba namandla. Ngegama laKhe babeza kunyusela kuBawo izicelo zelo xesha, baze bafumane impendulo. Babeza kubhaptiza egameni loYise, eloNyana, nelikaMoya Oyingcwele. Igama likaKristu laliza kuba njengomlindi, imbasa yokubahlula, ityathanga lokubabumba, igunya lendlela abasebenza ngayo, nethende lempumelelo yabo. Akukhonto yayiya kwamkeleka ebukumkanini baKhe engenalo igama laKhe nombhalo walo ngaphezu kwayo.IZ 28.2

    Xa uKristu wayesithi kubafundi, Bhekani phambili ngegama lam nibaqokelelele ebandleni abakholwayo, wababekela ngokucacileyo ukubaluleka kokugcina ukufikeleleka. Okona kucutheke ubuqheleqhele nobumbetshembetshe, kokona iya kuba nkulu impembelelo yokulungileyo. Abafundi babeza kuthetha ngokucacileyo njengoko noKristu wayethetha. Babeza kubethelela kubaphulaphuli babo iimfundiso uKristu awabafundisa zona.IZ 28.3

    UKristu akathanga kubafundi baKhe umsebenzi uya kuba lula. Wababonisa umkhosi omkhulu okhohlakeleyo owawuza kuchasana nabo. Babeza kulwa “nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eliphakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” Efese 6:12. Sekunjalo, bebengayi kuyekwa balwe bebodwa. Wabaqinisekisa ukuba uya kuba nabo; nokuba, ukuba bathe babheka phambili ngokholo, baya kuhamba phantsi kwekhaka likaSomandla. Wabayalela ukuba bakhaliphe bomelele; kuba Onamandla ngaphezu kweengelosi woba phakathi kwabo--iNjengele yemikhosi yasezulwini. Wenza umsindleko omkhulu wokwenziwa komsebenzi wabo, waluthathela kuye uxanduva lokuphumelela kwawo (umsebenzi). Lo gama besalithobela ilizwi laKhe, besebenza bexhumene naYe, babengasayi kuze basilele. Yiyani kuzo zonke iintlanga, wabayalela njalo. Yiyani kweyona ndawo ikude kweli limiweyo, niqiniseke ukuba ubukho bam buya kuba nani nalapho. Sebenzani ngokholo nangesibindi; kuba alisayi kuze libekho ixesha endiya kuze ndinishiye ngalo. Ndiya kuba nani lonke ixesha, ndininceda ukuba niwenze umsebenzi wam, ndinikhokela, ndinithuthuzela, ndiningcwalisa, ndinixhasa, ndiniphumelelisa ekuthetheni amazwi aya kutsalela umdla wabanye ezulwini.IZ 29.1

    Umbingelelo kaKristu endaweni yomntu wawuphelele, ugqibelele. Imeko yocamagushelo yayizalisekile. Umsebenzi awayewuzele kweli hlabathi wawugqityiwe. Wabuzuza ubukumkani. WabuhluthakuSathana wazawayindlalifa yazo zonke izinto. Wayesendleleni yaKhe eya kwitrone kaThixo, ukuze azukiswe sisihlwele sasezulwini. Embathiswe ngegunya elingenamida, wabanika abafundi baKhe umsebenzi wabo, “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya Oyingcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mateyu 28:19, 20.IZ 29.2

    Kanye phambi kokuba abashiye abafundi baKhe, uKristu waphinda wababekela ngokucacileyo ubume bobukumkani baKhe. Wabakhumbuza izinto awayebaxelele ngaphambili ngokubhekisele kubo (ubukumkani). Wayibabaza into yokuba, yayingeyiyo injongo yaKhe ukumisa kweli hlabathi ubukumkani bethutyana. Wayenganyulelwanga ukuba alawule ebukhosini basemhlabeni kwitrone kaDavide. Bathi bakubuza abafundi besithi, “Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kUIsrayeli?” waphendula wathi, “Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.” Zenzo 1:6, 7. Kwakungabafanelanga ukuba babone kude kwixesha elizayo ngaphaya koko wakutyhilayo waza wenza ukuba bakubone. Umsebenzi wabo yayikukushumayela isigidimi seendaba ezilungileyo.IZ 30.1

    Ubukho obubonakalayo bukaKristu babusele buza kususwa kubafundi, kodwa babeza kuthiwa jize ngamandla ngendlela entsha. UMoya Oyingcwele babeza kumnikwa ngokupheleleyo, eza kubatywinela umsebenzi wabo. UMsindisi wathi, “Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphumaenyangweni.” Luka 24:49. ” Ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya Oyingcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.” “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya Oyingcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elwakwaYuda nelaseSamariya kude kuse nasekupheleni komhlaba.” Zenzo 1:5, 8.IZ 30.2

    UMsindisi wayesazi ukuba akukho ngxoxo, nokuba ivakala kangakanani, eyayinokunyibilikisa iintliziyo ezilukhuni okanye iqhekeze uqweqwe lokuthanda ilizwe nokuzidla. Wayesazi ukuba abafundi baKhe bamele ukuzuza ukuxhotyiswa kwasezulwini; nokuba igospile iya kuba negalelo eliphathekayo kuphela xa ivakaliswa ziintliziyo ezenziwe shushu, nemilebe enikwe ubuciko lulwazi oluphilayo lwalowo uyindlela, inyaniso nobomi. Umsebenzi owawunikelwe kubafundi wawuza kudinga ubuchule obukhulu, kaloku umsinga wenkohlakalo owawuza kumelana nawo wawunzulu waye ukwamkhulu. Inkokeli ephaphamileyo, nezimiseleyo yayingumphathi wemikhosi yobumnyama, ngoko ke abalandeli bakaKristu babenokulwa kuphela ngoncedo uThixo, ngoMoya waKhe, awayeza kubanika.IZ 31.1

    UKristu wabaxelela abafundi baKhe ukuba bawuqale umsebenzi wabo eYerusalem. Eso sixeko sasiyindawo yombingelelo waKhe oncamisileyo wohlanga loluntu. Apho, enxibe ingubo yobuntu, wayehamba ethetha nabantu, abanye balibona izulu lihlile leza emhlabeni. Khona apho, wagwetywa, wabethelelwa. Apho eYerusalem, baninzi abathi bakholelwa ngokusemfihlakalweni ukuba uYesu waseNazarete unguye uMesiya, kanti baninzi nabakhohliswa ngababingeleli nabalawuli. Kwakufuneka zishunyayelwe kwaba bantu iindaba ezilungileyo. Kwakufuneka babizelwe enguqukweni.Inyanisoemangalisayo, le yokuba, kungoKristu kuphela ekunokuzuzwa ukuxolelwa kwezono, kwakufuneka icacisiwe. Ukushumayela kwabafundi kwakuya kuba nentsingiselo enkulu kanye ngeli xesha, kuba iYerusalem yayixokozela ngenxa yeziganeko zeeveki ezimbalwa ezazidlulile.IZ 31.2

    Ngexesha lokusebenza kwaKhe, uYesu wabeka phambi kwabafundi baKhe into ethi, kufuneka babe banye kunye naYe kumsebenzi wokuhlangula ihlabathi kubukhoboka besono. Ukuthuma kwaKhe abaliShumi elinabaBini, kamva yangamaShumi asiXhenxe, ukuba bavakalise ubukumkani bukaThixo, wayebafundisa umsebenzi wabo wokudlulisela kwabanye oko wayebaxelele ngako. Kuwo wonke umsebenzi waKhe, wayebaqeqeshela ukuba umntu asebenze yedwa, baze baye besanda ngokwanda kwamanani, ukuze ekugqibeleni bafikelele eziphelweni zomhlaba. Isifundo sokugqibela awasinika abafundi baKhe, sesokuba bagcinele ihlabathi iindaba zovuyo zosindiso njengelifa.IZ 32.1

    Lathi lakufika ixesha lokuba uYesu anyukele kuYise, wabakhokela abafundi basinga ngaseBhetani. Wafika khona apho wema baza abafundi bamngqonga. Wathi, ezivulile izandla ukuba abasikelele, engathi ubaqinisekisa ngokubakhathalela okukhuselekileyo, wasuka waya enyuka esimka phakathi kwabo. “Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahluka kubo, wenyuswa wasiwa emazulwini.” Luka 24:51.IZ 32.2

    Bathe abafundi besaqwalasele phezulu ukuba bayibone okokugqibela iNkosi yabo enyukayo, wamkelelwa kwisihlwele esinovuyo seengelosi zasezulwini. Ngelixa zihamba naye zimxhagile ukuya kungenakwiinkundlazaphezulu,zazivumaingoma yoloyiso, “Culelan’uThixo, zizwe zehlabathi; memelelani nimbonge uMhlekazi; kulowo ucanda amazulu, nditsho amazulu amandulo. . . . Wancomeni amandla kaThixo obungangamsha, Mnikeni amandla uThixo obungangamsha buphezu koIsrayeli, omagunya akhe asesibhakabhakeni.” Ndumiso 68:32-34, IBHAYIBHILE.IZ 32.3

    Abafundi babesaqwalesele ezulwini ngelixa, “kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe, awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.” Zenzo 1:10, 11.IZ 33.1

    Idinga lokubuya kukaKristu kwesibini kwakufuneka ligcinwe lilitsha ezingqondweni zabafundi. Kwayena lo Yesu bambone enyuka esiya ezulwini, wayeza kubuya kwakhona, azokuthatha abo bathe bazinikela emsebenzini waKhe apha ezantsi emhlabeni. Kwalona elo lizwi lathi kubo, “Yabonani ndinani kude kuse ekupheleni,” laliza kubamkelela apho akhoyo kubukumkani basezulwini.IZ 33.2

    Ngokuba kwakunjalo kwinkonzo eyayingumfuziselo, umbingeleli omkhulu wayeyibeka bucala ingubo yakhe yobubingeleli aze asebenze enxibe ezimhlophe zombingeleli ongezantsi; ngokunjalo uKristu wabeka bucala iingubo zaKhe zobukhosi, wanxiba ingubo yobuntu wanikela idini, Yena ngokwaKhe engumbingeleli, Yena ngokwaKhe elixhoba. Njengombingeleli omkhulu, emva kokuba ewenzile umsebenzi wakhe kwingcwele kangcwele, ube ephuma eze kwisihlwele esilindileyo enxibe iingubo zakhe zobubingeleli; ngokunjalo uKristu uya kuza okwesibini, evathe iingubo ezimhlophe, “ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako” Marko 9:3. Uya kuza ekobaKhe ubuqaqawuli, nakubuqaqawuli bukaYise, nawo wonke umkhosi weengelosi umkhapha endleleni yaKhe.IZ 33.3

    Ngelo xesha liya kuzalisekiswa idinga likaKristu kubafundi baKhe elithi, “Ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam.” Yohane 14:3. Abo baye bamthanda, bamlindela, uya kubabeka isithsaba sozuko nembeko nokungabi nakufa. Abangamalungisa abafileyo baya kuphuma emangcwabeni abo, baze abo baphilileyo baxwilelwe kunye nabo [abo babefile bavuka] bayihlangabeze iNkosi esibhakabhakeni. Baya kuliva ilizwi likaYesu, limyoli ngaphezu komculo owakha wafika kwiindlebe zomntu onokufa, lisithi kubo, Imfazwe yenu iphelile. “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” Mateyu 25:34.IZ 34.1

    Kungoko ke, abafundi baya kulonwabela ithemba lokubuya kweNkosi yabo.IZ 34.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents