Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    19Umyuda Nowentlanga

    [Esi sahluko sisekwe kwiZenzo 15:1-35]

    Ekufikeni kwa-Antiyokwe eSiriya, apho babethunyelwe khona kuvangelo lwabo, uPawulos noBharnabhas balisebenzisa ithuba lokuwahlanganisa kwangethuba amakholwa ukuze aqheliswe “izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo.” IZenzo 14:27. Ibandla kwa-Antiyokwe lalilikhulu kwaye laye likhula. Iziko lomsebenzi wovangelo, lalilelinye lawona maqela abalulekileyo lamakholwa amaKristu. Ubulungu balo babenziwe ngabantu abaphuma kwiindidi eziliqela zabantu bamaYuda nabeeNtlanga.IZ 188.1

    Ngexesha abapostile bemanyene nabafundisi nabazalwana kwa-Antiyokwe, amakholwa amaYuda athile aphuma eJudeya, “ehlelo labaFarisi” aphumelela ukuveza umbuzo owawuya kuthi, kungekudala, udale imbambano enkulu ebandleni uzise ukumangaliswa kumakholwa eeNtlanga.Ngengqinisekisoenkulu,ezititshalazangenisaubuYuda zamisainto ethi, ukuzeubani asindiswe, kufuneka aluke, awugcine wonke uphela umthetho wamadini.IZ 188.2

    UPawulos noBharnabhas baqubisana nale mfundiso ingento ngokukhawuleza, bakuchasa ukungeniswa kwayo kwabeeNtlanga. Kwelinye icala, amakholwa amaninzi amaYuda ayithanda imfundiso yabazalwana ababefika bephuma eJudeya.IZ 189.1

    Abaguqukileyo bamaYuda babengakholisi ngokusukela phezulu ngokukhawuleza ukwenza oko ukwazelelela kukaThixo kuvule indlela ngako. Kwiziphumo zokusebenza kwabapostile phakathi kweeNtlanga, kwakucacile ukuba aba baguqukileyo [beeNtlanga] baya kubadlula kakhulu abaguqukileyo bamaYuda ngamanani. AmaYuda ayesoyika ukuba izithintelo neenkonzo ezizodwa zomthetho wawo zaziza kunganyanzelisi kwabeentlanga ukuba bazenze ukuze zibe ngunobangela wokuba babe nobudlelwane; izinto ezibalulekileyo zobuzwe kumaYuda, ezawagcina engabantu abahlukileyo kubo bonke abanye abantu ukuza kuthi xhaxhe kweli xesha, zaziya kungabikho kwabo bamkele isigidimi seendaba ezilungileyo.IZ 189.2

    AmaYuda ayesoloko ezigwagwisa ngeenkonzo zawo ezimiswe lizulu, baye abaninzi kwabo baguqukela kwinkolo kaKristu bacinga ukuba, njengoko uThixo wayeyicwangcisile indlela yamaHebhere yokunqula, kwakungenakwenzeka ukuba angagunyazisa ukuguqulwa kwemininingwane yako. Bema ekuthini imithetho yamaYuda neenkonzo zawo kufuneka zihlanganiswe kwiinkonzo zenkolo yobuKristu. Bathabatha ithuba ukuqonda ukuba yonke iminikelo yemibingelelo yayikhomba ekufeni kukaNyana kaThixo, apho umfuziselo wahlangana noqobo, nekwathi emva koko zonke iinkonzo zexesha likaMoses zaphelelwa kukuba yimbophelelo.IZ 189.3

    Phambi kokuguquka kwakhe, uPawulos wayezithabatha njengongenakusoleka “ngokobulungisa obo basemthethweni.” Filipi 3:6. Kususela ekuguqukeni kwakhe, wazuza imbono ecacileyo yomsebenzi woMsindisi njengomHlanguli walo lonke uhlanga loluntu, iNtlanga kunye nomYuda, waye ewufundile umahluko phakathi kokholo oluphilayo nesiqhelo esifileyo. Ngokokukhanya kweendaba ezilungileyo, izithethe zakudala neenkonzo ezanikelwa kuIsrayeli zazizuze ukubaluleka okutsha nokunzulu. Oko zazisisithunzi sako kwakufikile, kwaye, abo babephila phantsi kwempembelelo yeendaba ezilungileyo, babekhululwe ekuzigcineni. Umthetho kaThixo ongaguqukiyo wemiThetho eliShumi, wona, wayesawugcina uPawulos ngomoya nanjengoko ubhaliwe.IZ 190.1

    Ebandleni lakwa-Antiyokwe, ukuqwalaselwa kombandela wolwaluko kwaba nesiphumo esiyingxoxo enkulu nokukrutha-kruthana. Ekugqibeleni, amalungu ebandla, ngokoyika iyantlukwano phakathi kwawo ukuba ingasisiphumo sengxoxo ende eqhubekayo, agqiba ekubeni athumele uPawulos noBharnabhas, kunye namanye amadoda anomthwalo ebandleni, eYerusalem ukuba baye kuwubeka umcimbi phambi kwabapostile nabadala. Apho babeza kuhlangana nabathunywa abaphuma kumabandla awahlukeneyo kunye nabo babeze eYerusalem ukuba babekho kwimihlangano yamatheko (enkolo). Ngokwelo xesha kwakufuneka ukuba yonke imbambano ikhe ime kude kufike isigqibo esiphuma kwiqumrhu lamakholwa onke. Esi sigqibo kwakuza kufuneka samkelwe kuyo yonke indawo ngamabandla awahlukeneyo kulo lonke ilizwe.IZ 190.2

    Endleleni esinga eYerusalem abapostile batyelela amakholwa kuzo zonke izixeko ababedlula kuzo, bewakhuthaza ngokubalisa amava emsebenzini kaThixo nokuguquka kweeNtlanga.IZ 190.3

    EYerusalem, abathunywa abaphuma kwa-Antiyokwe bahlangana nabazalwana bamabandla amaninzi, ababehlangene kumhlangano kawonke-wonke, baza babachazela ngempumelelo yomsebenzi wabo phakathi kwabeeNtlanga. Emva koko banika inkcazo ecacileyo ngesiphithiphithi esiye sakho ngenxa yabathile abangabaFarisi abaguqukileyo, baza baya kwa-Antiyokwe bevakalisa ukuba, ukuze basindiswe, abaguqukileyo beeNtlanga kufuneka baluke, bagcine umthetho kaMoses.IZ 191.1

    Ukuxoxwa kwalo mcimbi liqumrhu kwaba bufudumala. Yayikho neminye imicimbi eliqela ekwakufuneka ifundisisiwe nayo, ithe nca kulo wolwaluko. Omnye yayiyingxaki yendlela yokujongana nokutyiwa kwenyama enikelwe ezithixweni. Abaninzi beeNtlanga abaguqukileyo babehlala phakathi kwabantu abangazinto nabaneenkolo, ababesenza “imibingelelo neminikelo kwizithixo rhoqo. Ababingeleli bolu nqulo lobuhedeni babesenza ishishini elikhulu ngeminikelo eyayiziswa kubo, aza amaYuda oyika, hleze abeeNtlanga abaguqukileyo bazise ihlazo ebuKristwini ngokuthenga into enikelwe ezithixweni, abe ngolo hlobo, ngandlela ithile, avumelana namasiko okunqula izithixo.IZ 191.2

    Enye into, abeeNtlanga babeqhele ukutya inyama yezilwanyana eziye zakrwitshwa, kanti amaYuda ayefundiswe nguThixo ukuba, xa isilwanyana sibulawelwa ukutyiwa, kufuneka kuqinisekiswe ukuba igazi liyaphuma emzimbeni; kungenjalo inyama leyo ithatyathwa njengengafanelekanga. UThixo wayenikele le miyalelo kumaYuda ngenjongo yokugcina impilo yawo. AmaYuda ayekuthabatha ngokuthi kusisono ukusebenzisa igazi njengento etyiwayo. Ayekholelwa kwinto ethi, igazi lingumphefumlo, ngenxa yoko ukuphalala kwegazi kwakusisiphumo sesono.IZ 191.3

    AbeeNtlanga kwelinye icala, babelikhongozela igazi lesilwanyana esixheliweyo balisebenzise ekulungiseni ukutya. AmaYuda ayengakholwa ukuba angaze alitshintshe isiko awayelamkele phantsi kwenkokhelo eyodwa kaThixo. Ngenxa yaloo nto, ngokuma kwezinto, ukuba umYuda noweNtlanga kufuneka batye esithebeni esinye, umYuda ebeya kothuswa kakhulu abe nomsindo ngakoweNtlanga.IZ 192.1

    Abeentlanga, ngakumbi amaGrike, babengabantu abakuthanda kakhulu ukurheletya, kwaye kukho nengozi ethi, banokuthi, bengaguqukanga entliziyweni, bazibize ngenkolo bengazilahlanga zona izenzo ezibi. AmaYuda ayengeke akunyamezele ukuziphatha kakubi obungabonwa njengokwaphulwa komthetho ngabahedeni. Ngenxa yayo yonke le nto, amaYuda abona kufaneleke kakhulu ukuba abeeNtlanga abaguqukileyo benziwe ukuba bawugcine umthetho wemibingelelo nolwaluko njengesibonakaliso sabo sokunyaniseka nokuzinikela. Oku, ngokukholwa kwabo, kwakuya kunqanda ukongezwa ebandleni abantu ababeya kuthi, bakuba bengenisiwe ebandleni, ngaphandle kwenguquko yenene entliziyweni, basuke bazise ihlazo emsebenzini ngokuziphatha kakubi nokuzibaxa izinto.IZ 192.2

    Iingongoma ezahlukeneyo zokuza nesisombululo kwingxaki ekujongenwe nayo zaba yintsumantsumane yomnqantsa equmrhwini. Phofu ke, uMoya Oyingcwele wayesele eyinikile impendulo kule ngxaki, ngesigqibo ekubonakala ngathi kwaxhomekeka kuso impumelelo, okanye kwa ubukho bebandla lobuKristu.IZ 192.3

    “Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo zikholwe.” Wazathuza esithi uMoya Oyingcwele wawugqiba lo mcimbi uxoxwayo ngokuhla ngamandla alinganayo phezu kweeNtlanga ezingalukileyo namaYuda awalukileyo. Wawubalisa umbono wakhe, awathi uThixo wamnika wona wengubo ezaliswe zizo zonke iintlobo zezilwanyana ezizitho zine waza wathi makaxhele adle atye. Wathi akwala, ebethelela ukuba akazange ayitye into engahlambulukanga, yathi impendulo, “Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.” Zenzo 10:15.IZ 192.4

    UPetros wayibeka ingcaciso ecacileyo yala mazwi, awayinikwayo kanye phambi kokuba ayalelwe ukuba aye kumthetheli-khulu amfundise ngokukholwa kuKristu. Esi sigidimi sabonisa ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu, kodwa wamkela aqinisekise bonke abamoyikayo. UPetros waxela ngokukhwankqiswa kwakhe xa, ekuthetheni kwakhe amazwi enyaniso kwabo babehlanganisene endlwini kaKorneli, wawubona uMoya Oyingcwele ubangena abo babemphulaphule, iiNtlanga kunye namaYuda. Esi yayisisilumkiso sikaThixo ukuba uPetros angathabathi mntu njengophantsi komnye, kuba igazi likaKristu linokuhlambulula kuko konke ukungcola.IZ 193.1

    Kanye ngaphambili, uPetros wakha waxoxa nabazalwana bakhe ngokuguquka kukaKorneli nabahlobo bakhe, kunye nobudlelwane kunye nabo. Njengoko nakweso siganeko wathi wachaza indlela uMoya Oyingcwele awathi wawela kwabeeNtlanga wathi, “Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?” Zenzo 11:17. Ngoku, ngobushushu nokunyanzela okulinganayo, wathi: “UThixo, umazintliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya Oyingcwele kwanjengathi; akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo. Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?” Le dyokhwe yayingenguwo umthetho wemiThetho eliShumi, njengoko abanye bechase amabango abophelelayo omthetho besitsho; uPetros apha wayebhekisa kwimithetho yamadini, eyaphanziswayo ngokubethelelwa kukaKristu.IZ 193.2

    Intetho kaPetros yayibeka ingqungquthela kwindawo apho yathi yakwazi ukuphulaphula ngomonde kuPawulos noBharnabhas, abathetha ngawabo amava ekusebenzeleni iiNtlanga. “Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.”IZ 194.1

    UYakobi naye wenza obakhe ubungqina nesigqibo, evakalisa ukuba yayiyinjongo kaThixo ukubeka phezu kweentlanga amalungelo neentsikelelo ezifanayo nezo zaziphiwe amaYuda.IZ 194.2

    UMoya Oyingcwele wabona kufanelekile ukuba angabeki imithetho yamadini phezu kwabantu abaguqukileyo beeNtlanga, yaye ingqondo yabapostile ngalo mba iyileyo kaMoya kaThixo. UYakobi wayehlalele iqumrhu, saye isigqibo sakhe sokugqibela sathi, “Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo.”IZ 194.3

    Yaba iyaphela apho ingxoxo. Kwesi siganeko, kukho ukuchaswa kwemfundiso ebanjwe libandla leRoma yamaKatolika ethi, uPetros wayeyintloko yebandla. Abo benza ibango lokuba bangena ezihlangwini zakhe[uPetros],njengoopopi,abanaso isisekoseBhayibhilesento abayithethayo. Akukho nto ebomini bukaPetros elixhasayo ibango lokuba waphakanyiswa ngaphezu kwabazalwana bakhe njengommeli wOphezu konke. Ukuba abo babanga ukuba basezihlangwini zikaPetros babelandele umzekelo wakhe, bebeya kusoloko banelisiwe kukuhlala bekwindawo elinganayo nabazalwana babo.IZ 194.4

    Kwesi siganeko, ingathi uYakobi wakhethwa ukuba avakalise isigqibo ekwafikelelwa kuso liqumrhu. Yaba sisigwebo sakhe esokuba, umthetho wamadini, ngakumbi ummiselo wolwaluko, akumele ukuba unyanzeliswe kwabeeNtlanga, okanye ukhuthazwe kubo. UYakobi wazama ukubethelela ezingqondweni zabazalwana bakhe ukuba, ekuyeni kuThixo, iintlanga zenza inguquko enkulu ebomini bazo, into leyo eyayifuna ukuba kubekho ukulumka okukhulu bangakhathazwa ngezinto ezididayo nezingaqinisekanga nezingabalulekanga kangako, hleze batyhafiswe ekulandeleni uKristu.IZ 195.1

    Noko kunjalo, abaguqukileyo beeNtlanga, kwakuza kufuneka bahlukane namasiko awayengahambelani nemithetho-siseko yobuKristu. Abapostile nabadala, ngoko, bavumelana ukuba bazibhalele iintlanga ukuba zahlukane neenyama ezinikelwe kwizithixo, embulweni, nezinto ezibulewe ngokukrwitshwa, kunye negazi. Zaziza kukhuthazwa ukuba ziphile ubomi obunyulu. Zaziza kuqinisekiswa, nokuba amadoda athi ulwaluko luyazibophelela, ayengalinikwanga igunya lokwenza oko ngabapostile.IZ 195.2

    UPawulos noBharnabhas kwakuthethwe kakuhle ngabo, njengamadoda awabeka ubomi bawo emngciphekweni ngenxa yeNkosi. UJudas noSilas bathunyelwa kunye naba bapostile ukuba bavakalise eziNtlangeni ngelizwi lomlomo isigqibo seQumrhu: “Kwabonakala kulungile kuye uMoya Oyingcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu umthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo: zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa.” Abakhonzi abane bakaThixo bathunyelwa kwa-Antiyokwe bephethe incwadi nesigidimi esasiza kuphelisa yonke imbambano; kuba yayililizwe lelona gunya liphezulu phezu komhlaba.IZ 195.3

    Iqumrhu elagqibayo ngalo mcimbi lalinabapostile nootitshala ababesaziwa ngokukhulisa amabandla kumaYuda nakwabeentlanga, kukwakho nabathunywa abakhethiweyo abaphuma kwa-Antiyokwe, ekwamelwe namabandla aneyona mpembelelo inkulu. Iqumrhu lahamba ngokokuyalelwa yingqiqo ekhanyiselweyo, nangesidima sebandla elamiselwa ngokwentando yezulu. Isiphumo sako konke ukubonisana kwabo saba kukuba bonke babone ukuba uThixo ngokwaKhe wawuphendula umbandela owawuphethwe ngokuthulula uMoya Oyingcwele phezu kwabeeNtlanga; baqaphela ukuba okwabo kukulandela ukukhokela kukaMoya.IZ 196.1

    Awuzange ubizwe wonke umzimba, olibandla, wamaKristu ukuba uvote kulo mcimbi. “Abapostile namadoda amakhulu” abantu abanempembelelo nababonayo, bawuqulunqa bawukhupha umthetho, owathi wamkelwa ngamabandla obuKristu jikelele. Asingabo bonke, phofu, abanelisekayo sisigqibo; kwakukho ibathwana elikrokrayo labazalwana elithand’ udumo nelizithembileyo abangazange bavumelane naso. La madoda azimisela ukujongana nomsebenzi njengoxanduva lwawo. Azaliswa kukukhalaza nokuhlaba amadlala, esiza namacebo amatsha efuna ukutsalela phantsi umsebenzi wamadoda uThixo awawathambisela ukufundisa isigidimi seendaba ezilungileyo. Kususela kwasekuqaleni, ibandla libe nezikhubekiso ezinjalo zaye ziya kubakho kude kube sekupheleni kwexesha.IZ 196.2

    IYerusalem yayisisixeko esikhulu samaYuda, kwaye kulapho umkhethe omkhulu nenkani enkulu izizinto ezifunyanwa khona. Yayiyinto eqhelekileyo kumaKristu angamaYuda awayehlala kufutshane netempile ukuzivumela iingqondo zawo ukuba zibuyele kumalungelo awodwa amaYuda njengohlanga. Athi akulibona ibandla lobuKristu lisuka kwiinkonzo nezithethe zobuYuda, aphawula ukuba ubungcwele obubodwa awayethiwe jize ngabo amasiko obuYuda, zizinto eziza kungabonakali ngenxa yokukhanya kwenkolo entsha, abaninzi bamqumbela uPawulos ngokungathi, ubukhulu becala, nguye unobangela wolu tshintsho. Nabafundi ngokwabo, babengenayo intumekelelo yokusamkela isigqibo sequmrhu. Abanye babenolangazelelo lomthetho weenkonzo zamadini, baza abamthanda kakuhle uPawulos kuba becinga ukuba imithetho-siseko yakhe ngokweenkonzo zeentlambululo zomthetho wamaYuda zazityokololo.IZ 197.1

    Izigqibo ezibanzi nezifikelela kude zequmrhu likawonke-wonke zazisa ukuqina kwizintlu zamakholwa eentlanga, nomsebenzi kaThixo wanempumelelo. Kwa-Antiyokwe ibandla lasikelelwa bubukho bukaYuda noSilas, abathunywa ababodwa ababuya nabapostile kwintlanganiso eyayiseYerusalem. “Kuba bengabaprofeti nabo,” uYuda noSilas, “babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.” La madoda anobuThixo, ahlala ixesha kwa-Antiyokwe. “Balibala UPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo nelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.”IZ 197.2

    Wathi uPetros,kamva,akutyelela kwa-Antiyokwe,wazuza ukuhlonitshwa ngenxa yokuphatha ngobulumko abeeNtlanga abaguqukileyo. Kwaba lithuba esebenza ngokokukhanya akunikiweyo kuvela ezulwini. Ukuza kufikelela kwesi sithuba, waba nakho ukuloyisa ikratshi lakhe lemvelo kangangokuba wahlala phantsi etafileni [ekutyeni] nabeeNtlanga abaguqukileyo. Noko kunjalo, kwathi kwakufika athile kumaYuda awayetshiseka ngumthetho wamadini ephuma eYerusalem, uPetros, ngokungaqiqi kakuhle, wakutshintsha ukuziphatha kwakhe ngakubahedeni abaguqukileyo. AmaYuda “ahanahanisa njengaye [nawo]; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.” Oku kutyhileka kobuthakathaka kwabo babehlonitshwa bethandwa njengeenkokeli kwashiya umbhalo obuhlungu kakhulu ezingqondweni zamakholwa eeNtlanga. Ibandla laba nokuchwechwelwa yiyantlukwano. UPawulos owayibonayo impembelelo yobhukuqo ngemposiso eyenziwayo ebandleni ngobumbono-mbini obenziwa nguPetros, wamngxolisa ekuhleni ngokuyifihla eyona ndlela aziva ngayo. Lathi likho ibandla, uPawulos wambuza uPetros, “Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeeNtlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?” Galati 2:13, 14.IZ 198.1

    UPetros wayibona impazamo awathi wawela kuyo, waza ngokukhawauleza wazama ukubulungisa ububi obenzekayo, kangangoko anako. UThixo, owazi isiphelo kwasekuqaleni, wamvumela uPetros ukuba abuveze obu buthakathaka besimilo ukuze babone abapostile asebe neentsuku [okanye abanamava] ukuba akukhonto umntu anayo kuye anokuqhayisa ngayo. Nabona bantu bangabona balungileyo, xa bethe bashiywa bebodwa, baya kuwa phantsi ekwenzeni izigqibo. UThixo wayekwabonile ukuba kwixesha elizayo abanye baya kulahlekiswa bade babange ukuba amalungelo aphakamileyo afanele uThixo alunge kuPetroskunye nabokucingwa ukuba balandela yena [ngobukhulu]. Le ngxelo yobuthakathaka bompostile [uPetros] yayiza kuhlala ibubungqina bokuba nakho kwakhe ukuphosisa nokuba ayikho indlela athi ngayo abe ngaphezulu komgangatho wabanye abapostile.IZ 198.2

    Le mbali yokumka kumthetho-siseko olungileyo iza njengesilumkiso esinesidima kumadoda akwizikhundla zokuthenjwa emsebenzini kaThixo, ukuze angawi phantsi ekuziphatheni, kodwa abambelele ngokuthe nkqi kumthetho-siseko. Okona imikhulu ngakumbi imithwalo ebekwe phezu kwesithunywa esingumntu, nokuba makhulu ngakumbi kwamathuba okulawula ngegqudu nokutsala iintambo, okona aya kwenza umonakalo omkhulu ukuba akalandelil indlela yeNkosi, ahambelane nezigqibo ekufikelelwe kuzo lusapho lwamakholwa jikelele ekwiqumrhu elimanyeneyo.IZ 199.1

    Emva kwazo zonke iimpazamo zikaPetros; emva kokuwa nokubuyiselwa kwakhe, umsebenzi wakhe obumde ngokwexesha, ukwayamana kwakhe nokuqhelana noKristu, ulwazi lakhe lokwenziwa ngokuphandle kwemithetho-siseko elungileyo yoMsindisi; emva kwako konke ukufundisa awayekufumene, zonke izipho nolwazi kunye nempembelelo awayizuzayo ngokushumayela nokufundisa ilizwi — ingaba akumangalisi ukuba azikhethe aphephe imithetho—siseko yeendaba ezilungileyo ngokoyika umntu, okanye ukuze azuze ukuphakanyiswa? Akwaba uThixo ebengamnika wonke umntu ukukuqonda ukungabi nakuzinceda kwakhe, ukungabi naso isakhono sokuqhubela owakhe umkhombe elunxwemeni ukhuselekile.IZ 199.2

    Emsebenzini wakhe, uPawulos wakholisa ngokunyanzeleka ukuba abe yedwa. Wafundiswa ngendlela eyodwa nguThixo nto leyo eyamenza ukuba angakwazi ukuyekelela kwizinto ezibandakanya umthetho-siseko. Maxa wambi umthwalo wawuba nzima kakhulu, kodwa uPawulos akumelenkqi okulungileyo. Wayiqonda into yokuba akufuneki ukuba ibandla libekwe phantsi kolawulo lwegunya lomntu. Izithethe neziqhelo zabantu akufuneki zime endaweni yenyaniso etyhiliweyo. Ukuhambela phambili kwesigidimi seendaba ezilungileyo akufuneki kuphazanyiswe kukuzigwebela nokuzithandela kwabantu, nokuba sesiphi isikhundla abanaso ebandleni.IZ 199.3

    UPawulos wayezinikele, ngamandla akhe onke emsebenzini kaThixo. Wayamkele iinyaniso zeendaba ezilungileyo ziphuma ngqo ezulwini, waza, kuko konke ukusebenza kwakhe walugcina uqhagamshelano oluphilileyo nezisebenzi ezithunywe lizulu. Wayefundiswe nguThixo ngokubophelela iintlanga ezingamaKristu imithwalo engafunekiyo; aza athi amakholwa obuYuda akungenisa ebandleni lakwa-Antiyokwe umbandela wolwaluko, wayazi kakuhle uPawulos ingqondo kaMoya kaThixo ngemfundiso enjalo, waza wamelana nawo engagungqi, nto leyo eyazisa emabandleni ukukhululeka kwiinkonzo nezithethe zobuYuda.IZ 200.1

    Nangona uPawulos wafundiswa nguThixo ngokwaKhe, akazange azibulale ngeengcinga zoxanduva lwakhe. Ngexesha elindele kuThixo ngenkokelo engqalileyo, wahlala ekulungele ukwamkela igunya elibekwe kumzimba wamakholwa amanyeneyo kubudlelwane bebandla. Wayeziva enayo intswelo yokucetyiswa, ekwakusithi kwakuvuka imiba ebalulekileyo, akonwabele ukuyandlala phambi kwebandla nokuhlangana nabazalwana ekufuneni uThixo ukuba abanike ubulumko nokwenza izigqibo ezilungileyo. Ude athi [uPawulos] “Kananjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti; kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo, njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.” 1 Korinte 14:32, 33. Ngokunjalo noPetros, wafundisa ukuba bonke abamanyene ebandleni kufuneka bathobelane (1 Petros 5:5).IZ 200.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents