Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    2—Ukuqeqeshwa Kwabalishumi Elinambini

    Ukuhambisela phambili umsebenzi waKhe, uYesu akazange anyule imfundo okanye ubuciko besigqeba (iSanhedrin) sobuYuda okanye igunya laseRoma. Edlula abafundisi bobuYuda ababe nobulungisa babo, uMsebenzi oyiNtloko wanyula amadoda athobekileyo, angafundanga ukuba avakalise iinyaniso ezaziya kulishukumisa ihlabathi. Wazimisela ukuba la madoda uya kuwaqeqesha awafundise njengeenkokeli zebandla laKhe. Nabo babeya kubuya bafundise abanye baze babathume emsebenzini wabo, kanti nabo babeya kunikwa amandla kaMoya Oyingcwele. Igospile yayingayi kuvakaliswa ngobukroti okanye ngobulumko bomntu, kodwa ngamandla kaThixo.IZ 17.1

    Iminyaka emithathu enesiqingatha abafundi babephantsi koqeqesho lweyona Titshala inkulu eyakha yakho emhlabeni. Ngokwayamana nokuhlala bekunye (naYe), uKristu wabaqeqeshela umsebenzi waKhe. Imihla ngemihla babehamba bethetha naYe, bephulaphula amazwi enkuthazokwabadiniweyonabasindwayimithwalo,bekubona Ukubonakaliswa kwamandlaaKhe kwabagulayo nakwabo babandezelekileyo. Maxa wambi wayebafundisa, ahlale phakathi kwabo ngasentabeni; mhlawumbi ngaselwandle okanye ngasendleleni. Ngalo lonke ixesha iintliziyo zikulungele ukwamkela isigidimi esingcwele, wayezityhila iinyaniso zendlela yosindiso. Wayengabayaleli abafundi ukuba benze oku nokuya, kodwa wathi, “Ndilandeleni.” Kwiihambo zaKhe, etyhutyha ilizwe enqumla izixeko, wayehamba nabo, ukuze babone indlela abafundisa ngayo abantu. Bamondela kuzo zonke izigaba zobomi.IZ 17.2

    Kwakungexesha lokubekwa izandlakweshumi elinambini apho kwathathwa khona inyathelo lokuqala ekuqulunqweni kwebandla elaliza kuhambisela phambili umsebenzi ehlabathini emva kokuhamba kukaKristu. Ngokwengxelo, kolu beko zandla, “uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo.” Marko 3:13, 14.IZ 18.1

    Khangela le mibono ichukumisayo. Yiba nombono weNgangalala yezulu irhangqwe ngabalishumi elinambini ebanyulileyo. Sele eza kubabekela bucala kumsebenzi wabo. Ngezi zixhobo zibuthathaka, ngelizwi laKhe noMoya waKhe, uceba ukwenza ukuba usindiso lufikeleleke kubantu bonke.IZ 18.2

    Ngemivuyo nemigcobo, uThixo neengelosi babukela lo mbono. UBawo wayesazi ukuba, kulamadoda,ukukhanya kwezulukuyakubheka kubheka phambili; aze athi amazwi awathethileyo, xa engqina ngoNyana waKhe, ankenteze kuzo zonke izizukulwana kude kuphele ixesha.IZ 18.3

    Abafundi babeza kuhamba njengamangqina kaYesu, bavakalise kulo lonke ilizwe konke abakubonayo nabakuvayo ngaYe. Umsebenzi wabo nguwona wakha wabaluleka abakha babizelwa kuwo abantu, ulandela kuphela lowo kaKristu ngokwaKhe. Babeza kuba ngabasebenzi kunye noThixo ekusindiseni abantu. NjengakwiTestamente eNdala, amanyange alishumi elinambini ema njengabameli bakaIsrayeli, ngokunjalo abapostile abalishumi elinambini bemi njengabameli bebandla legospile.IZ 19.1

    Ngexesha lolungiselelo lwaKhe esemhlabeni, uKristu waqala ukuwisa udonga olwalusahlula umYuda koweNtlanga, nokushumayela usindiso kubantu bonke. Nangona wayengumYuda, wazixuba ngenkululeko namaSamari, esingela phantsi izithethe zobuFarisi bamaYuda ngokubhekisele kwaba bantu babejongelwe phantsi. Wayelala phantsi kwamaphahla abo, esitya ezitafileni zabo, ekwafundisa kwizitrato zabo.IZ 19.2

    UMsindisi wayefuna ukubatyhilela abafundi baKhe inyaniso engokuchitha “udonga lothango oluphakathi” olwahlula uIsrayeli kwezinye iintlanga — inyaniso yokuba, iintlanga “zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe . . . uKristu ngazo iindaba ezilungileyo.” Efese 2:14; 3:6. Inxalenye yale nyaniso yatyhilwa ngexeshawayevuza ukholo lomthetheli-khulu eKapernahum, nangexesha wayeshumayela kubemi baseSayikha [Sychar]. Yabuya yatyhilwa ngakumbi ngesiganeko sotyelelo lwaKhe eFoneshiya [Phoenecia], xa wayephilisa intwazana yenkosikazi engumKanana. La mavaabanceda abafundiukubabaqondeukuba, Phakathi kwabo babejongwe ngabaninzi ngathi babengalufanelanga usindiso, yayikho imiphefumlo eyayilambele ukukhanya kwenyaniso.IZ 19.3

    Ngoko ke uKristu wayefuna ukufundisa abafundi inyaniso yokuba ebukumkanini bukaThixo akukho mida yokuhlala, akukho ludidi lwankolo luphantsi, akukho zihandiba; ngoko kufuneka baye kuzo zonke iintlanga, bethwele isigidimi sothando loMsindisi. Bayiqonda kamva into yokuba ngokwenene uThixo “wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye.” Zenzo 17:26, 27.IZ 20.1

    Kwaba bafundi bokuqala kwakukho ukwahluka (okanye ukungafani) okucacileyo. Babeza kuba ziititshala ehlabathini, baye bemele iindidi zezimilo ezahlukene kakhulu. Ukuze bakwazi ukuwuhambisela phambili ngempumelelo umsebenzi ababebizelwe kuwo, la madoda, ehlukene enjalo ngempawu zemveli kunye nemikhwa yobomi, kwafuneka amanyane ngemvakalelo, ngeengcinga nangezenzo. Yayiyinjongo kaKristu ukubuzuza obu bunye. Ukuze oku kube nokwenzeka, uKristu wazama ukuba bamanyane naYe. Umthwalo wokubasebenzela uvakala kumthandazo waKhe kuYise. “Ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi;” “ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.” Yohane 17:21, 23. Umthandazo awayebathandazela wona rhoqo yayingowokokuba bangcwaliswe ngenyaniso; ethandazaeqinisekile,esaziukubaumyalelo walowo Onamandla onke wanikezwa phambi kokusekwa kwehlabathi. Wayesazi ukuba iindaba ezilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuzo zonke iintlanga zibe bubungqina; wayesazi ukuba inyaniso exhotyiswe ngamandla onke kaMoya Oyingcwele, iya koyisa edabini nobubi, nokuba ibhanile etshizwe ligazi, ngenye imini, iya kuphakanyiswa phezu kwabalandeli baKhe.IZ 20.2

    Njengoko umsebenzi kaKristu emhlabeni wawusondela esiphelweni, waqonda ukuba kukufuphi ukuba abashiye abafundi baKhe ukuze baqhubeke nomsebenzi ngaphandle kokukhokelwa nguYe buqu, wazama ukubakhuthaza nokubalungiselela ixesha elizayo. Akabakhohlisanga ngamathemba angeyiyo inyaniso. Wafana nencwadi evuliweyo ngokuzixela izinto njengoko zaziya kuba njalo. Wayesazi ukuba uza kususwa kubo kungekudala, abashiye njengezimvu phakathi kweeengcuka. Wayesazi ukuba baya kutshutshiswa, nokuba baya kugxothwa ezindlwini zezikhungu, bagityiselewe nasezintolongweni. Wayesazi ukuba ngokungqina ngaye ukuba unguMesiya, abanye babeya kubulawa. Oku wakutsho kubo. Ekuthetheni ngexesha abajongene nalo, wayecacile ethe ngqo, ukuze kwintshutshiso ephambi kwabo, bawakhumbule amazwi aKhe baze bomelezwe kukukholelwa kuYe njengoMhlawuleli (wabo).IZ 21.1

    Wathetha nabo amazwi ethemba nenkuthazo. Wathi, “Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.” Yohane 14:1-4. Ndeza emhlabeni ngenxa yenu; ndaye ndisebenzela nina. Naxa ndisuka kuni, ndiya kuhlala ndinisebenzela ngenene. Ndeza ehlabathini ukuze ndizityhile kuni, ukuze nikholwe. Ndiya kuBawo wam kunye nani ukuze ndisebenzisane naYe ngenxa yenu.“Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.” Yohane 14:12. Ngokuthetha ngolu hlobo, uKristu wayengathi abafundi baya kubanegalelo elidlula elaKhe, kodwa umsebenzi wabo uya kuba nendili enkulu. Wayengabhekisi kuphela ekwenzeni imimangaliso, kodwa kuko konke okuya kwenzeka phantsi kokusebenza kukaMoya Oyingcwele. “Xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam. Nani ke niyangqina, ngokuba beninam kwasekuqaleni.” Yohane 15:26, 27.IZ 21.2

    Azaliseka ngendlela emangalisayo la mazwi. Emva kokuba ehlile uMoya Oyingcwele, abafundi bazaliswa kukumthanda (uKristu) Yena kunye nabo wabafelayo, zaza iintliziyo zanyibilika ngenxa yamazwi abawathethayo, nemithandazo abayenzayo. Bathetha ngamandla kaMoya; kwaza kwathi phantsi kwempembelelo yalo mandla, kwaguquka amawaka.IZ 22.1

    Njengabameli bakaKristu, abafundi baba nempembelelo enkulu ehlabathini. Into yokuba babengabantu abathobekileyo, ayizange iyihlise impembelelo yabo, kodwa yayikhulisa; kuba iingqondo zabaphulaphuli zasukazayakuMsindisi,owathi nangonaengabonwa, waqhubeka esebenza nabo. Imfundiso emangalisayo yabapostile, amazwi abo enkuthazo nokuthemba kwabo, kwabaqinisekisa ukuba babengasebenzi ngawabo amandla, kodwa ngamandla kaKristu. Ngokuzithoba, babewaxelela amaYuda ukuba, Lowo amaYuda ambethelelayo wayeliTshawe lobomi, uNyana kaThixo ophilayo, nokuba, ngegama laKhe, benza imisebenzi awayenzayo.IZ 22.2

    Kwincoko yaKhe nabafundi baKhe ngobusuku obuphambi kokubethelelwa, uMsindisi akazange athethe nto ngokubulaleka awakuthwalayo naseza kubuthwala. Akazange athethe ngokugculelwa okwakuphambi kwaKhe, kodwa wathanda ukuba iingqondo azinike oko kwakuza kubomeleza elukholweni, kubakhokelele ekubeni bakhangele phambili kuvuyo olulindele oweyisayo. Wavuyiswa kukuqonda ukuba unakho, kwaye eza kubenzela okukhulu kunokuba ebathembisile abalandeli baKhe; nokuba kuYe kumpompoza uthando nemfesane, ukuhlambulula itempile yomphefumlo, nokwenza ukuba abantu bafane naYe esimilweni; nokuba inyaniso yaKhe, ixhotyiswe ngamandla kaMoya, iya kubheka phambili isoyisa ngokoyisa.IZ 23.1

    “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo, yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” Yohane 16:33. UKristu akazange asilele, engazange watyhafiswa; nabafundi ke, kwakufuneka babonise ukholo olukumila kunje ngale ndalo ingaguqukiyo kaKristu. Kwakufuneka baqinise ukusebenza njengoko wenzayo, baxhomekeke kuYe ngamandla. Nangonaindlelayaboyayizakubanezithintelo ezingaphaya kwabo, ngobabalo lwaKhe kwakuza kufuneka babheke phambili, bangatyhafiswa nto koko balindele konke bethembile.IZ 23.2

    UKristu wawugqiba umsebenzi awayewunikiwe ukuba awenze. Wayebahlanganisile abo babeza kuqhubeka nomsebenzi waKhe phakathi kwabantu. Wathi ke ngoko, “Ndizukisekile ke kubo. Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo Oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.” “Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye; mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweni-nye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.” Yohane 17:10, 11, 20-23.IZ 24.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents