Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    33—Ukusebenza Phantsi Kweenzima

    Nangona uPawulos wayekunonophele ukubeka phambi kwabaguqukileyo bakhe imfundiso ecacileyo yesiBhalo ngokubhekiselele ekuxhasweni ngendlela eyiyo komsebenzi kaThixo, walibeka igunya lokuzixhasa njengomlungiseleli weendaba ezilungileyo, [ngombuzo-buciko othi, “Sithi sedwa noBharnabas lo na], ‘abangenagunya lokuba bangasebenzi?’” (1 Korinte 9:6)]; kwaye, amaxesha aliqela ekulungiseleleni kwakhe kwiindawo ezinkulu ngempucuko wayebhenela ebuchuleni bezandla ukuba azixhase.IZ 346.1

    KumaYuda umsebenzi wezandla wawungeyonto engaqhelekanga okanye ethoba umgangatho. NgoMoses, amaHebhere ayefundiswe ukuqeqeshela abantwana bawo kwimikhwa yokukhuthala, kwaye kuthatyathwa njengesono ukuvumela umntu omtsha ukuba akhule engazinto ngomsebenzi owenziwa ngezandla. Nokuba umntwana wayefundele isikhundla esingcwele, lona ulwazi lobomi obuphilwayo lwalubonwa lufuneka. Lonke ulutsha, nokuba abazali babezizityebi okanye bengamahlwempu, wayeba nomsebenzi othile [olunga kushishino] awufundiswayo. Abo bazali babekutyeshela ukubanika le ngqeqesho abantwana babo, babebonwa njengabanxaxhayo kumyalelo kaYehova. Ngokuhambelana neli siko, wakufunda kwasebutsheni bakhe ukwenza iintente.IZ 346.2

    Phambi kokuba abe ngumfundi kaKristu, uPawulos wayekwisikhundla esiphezulu engaxhomekekanga emsebenzini wezandla ukuba axhaswe. Emva koko, akuba eyisebenzise yonke indyebo yakhe ekuhambiseleni phambili umsebenzi kaKristu, wabhenela kwishishini lakhe lokuzuza ukuphila. Wakwenza ngakumbi oku xa wayesebenza kwiindawo apho iinjongo zakhe zazingaqondwa kakuhle.IZ 347.1

    KuseTesalonika apho sifunda khona okokuqala ngoPawulos esebenzisa izandla zakhe ukuxhasa umsebenzi ngelixa eshumayela ilizwi. Ebhalela ibandla lamakholwa khona apho, wawakhumbuza ukuba “[waye]nokuba ngumthwalo” kuwo, ongeze athi: “Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigudu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” 1 Tesalonika 2:6, 9. Kwakhona, kwileta yakhe yesibini wavakalisa ukuba, yena nabo asebenza nabo ngexesha bekunye nabo [amakholwa aseTesalonika], abadlanga “sonka samntu ngesisa.” Aqhubeke athi, “sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni, kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.” 2 Tesalonika 3:8, 9.IZ 347.2

    ETesalonika uPawulos wahlangana nabo babesala ukusebenza ngezandla zabo. Kwakukolu didi apho wabhalela khona kamva: “Inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifakakwizinto zabanye.Abanjalokesiyabathethela, sibavuselelangayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.” Ngexesha esebenza eTesalonika, uPawulos wayekunonophele ukuba abe ngumzekelo olungileyo phambi kwabantu abanjalo. Wabhala wathi, “Kuba xenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.” Iindima 11, 12, 10.IZ 347.3

    Kuzo zonke izizukulwana, uSathana wahlala ezama ukuphazamisa amalinge abakhonzi bakaThixo ngokungenisa ebandleni umoya wokuzinikela okubaxekileyo. Kwakunjalo ngemihla kaPawulos, kwaye kwakunjalo nangeenkulungwane ezilandelayo ngexesha loHlaziyo. UWycliffe, uLutere, nabanye abaninzi abasikelela ihlabathi ngempembelelo yabo nangokholo lwabo, bahlangana namaqhinga utshaba olwalufuna ngawo ukukhokelela kwinzondelelo yokukholwa okubaxiweyo, olungazinzanga, nakwiingqondo ezingekho ngcwele. Imiphefumlo elahlekisiweyo ifundise ukuba ukuzuza ubungcwele kuziphakamisa iingcinga zibakhokelele abantu ekungasebenzini ngokupheleleyo. Abanye, abaya kwelinye icala lembono leendima zeziBhalo, bafundise ukuba kusisono ukusebenza—nokuba akufuneki amaKristu acinge nto ngokuphatheka kakuhle kwawo kwasemhlabeni, okanye kweentsapho zawo, kodwa kufuneka abunikele ubomi bawo ngokupheleleyo kwizinto zomoya. Imfundiso nomzekelo kaPawulos ziyazithethisa iingcamango ezitenxe ngolo hlobo.IZ 348.1

    UPawulos wayengathanga tyu ngokupheleleyo kumsebenzi wezandla zakhe ngexesha wayeseTesalonika. Ethetha ngamava akhe kweso sixeko, wabhalela amakholwa aseFilipi ethetha ngezipho awazifumanayo kuwo ngexesha wayelapho, esithi, “NaseTesalonika, kwaba kanye nkabini nithumela,nindincedaekuswelenikwam.” Filipi 4:16.Nangonanje walufumanayo olu ncedo, waqinisekisa ukuba uyawubeka phambi kwamaTesalonika umzekelo wokukhuthala, ukuze kungabikho uya kumtyhola enyanisile ngokubawa, nokuze abo babeneembono zokukholwa okubaxekileyo ngokubhekiselele kumsebenzi wezandla, banikwe ukukhalima okuphathekayo.IZ 348.2

    Ukutyelela kukaPawulos okokuqala eKorinte, wazifumana ephakathi kwabantu ebabenesikrokro ngeenjongo zabantu basemzini. AmaGrike angaselunxwemeni lolwandle ayengoosomashishini abakuthanda kakhulu ukwenza oko. Aziqeqesha ixesha elide kakhulu ekwenzeni ishishini, kangangokuba ada akholelwa ukuba inzuzo yayibubungcwele, ukwenza imali, nokuba kungendlela eyiyo okanye embi, kwakuyinto yokunconywa. UPawulos wayeqhelene nezimpawu zawo, waza akafuna ukuba awanike into anokubambelela kuyo ngokuthi, washumayela iindaba ezilungileyo ukuze azityebise. Wayenako ukufuna inkxaso kubaphulaphuli bakhe baseKorinte ngokufanelekileyo; kodwa wabanentumekelelo yokuba eli lungelo aliyeke, hleze ukuba lulutho kwakhe nempumelelo yakhe njengomlungiseleli kudyojwe sisikrokro esingafanelekanga sokuba wayeshumayelela inzuzo. Wanga angayisusa yonke into yokuthatyathwa kakubi, ukuze igunya lesigidimi sakhe lingalahleki.IZ 349.1

    Kuthe kungekudala emva kokufika kwakhe eKorinte, uPawulos “wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama lingu-Akwila, esandula ukuvela e-Itali, noPrisila umkakhe.” Aba “belilinye ishishini labo” nelakhe. Wayegxothwe eRoma ngomyalelo kaKlawudiyo, owawusithi onke amaYuda mawemke eRoma, u-Akwila noPrisila beza eKorinte, apho bamisa khona ishishini lokwenza iintente. UPawulos wenza uphando ngabo, wathi akufumanisa ukuba bayamoyika uThixo, kwaye babefunda ukuzinxwema iimpembelelo ezingcolisayo ezazibajikelezile, “waselehlala nabo esebenza; . . . Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke.” Zenzo 18:2-4.IZ 349.2

    Kamva uSilas noTimoti bahlangana noPawulos eKorinte. Aba bazalwana babeze nemali evela kumabandla aseMakedoni, ukuba kuxhaswe umsebenzi.IZ 350.1

    Kwileta yakhe yesibini kumakholwa aseKorinte, eyabhalwa emva kokuba ekhulise ibandla eliqinileyo apho, uPawulos waphinda indlela yokuphila kwakhe phakathi kwabo. Wabuza wathi, “Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo? Amanye amabandla kaThixo ndawabhunyula, ndisamkela umvuzo ukuze ndilungiselele nina. Kanjalo xa ndandikho kuni, ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, bakuvela kwelaseMakedoni; ndathi ngeendawo zonke ndazigcina, andaba bunzima kuni, ndisaya kuzigcina nangoku. Ikum nje inyaniso kaKristu, ndithi olo luqhayiso aluyi kuvingcwa mlomo mayela nam, mna, kwimimandla yelaseAkaya.” 2 Korinte 11:7-10.IZ 350.2

    UPawulos uxela ukuba kwakutheni ukuze alandele eli khondo eKorinte. Kwakungokuba wayengafuni ukuba bafumane “ithuba lokujinda abafuna ithuba.” 2 Korinte 11:12. Nangona wayesebenza ekwenzeni iintente, wayekwasebenza ngokunyanisekileyo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo. Uthi xa ethetha ngokusebenza kwakhe, “Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezelakonke,ngemiqondiso, nezimanga,nemisebenziyamandla. Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina. . . . Mna kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu.” 2 Korinte 12:12-15.IZ 350.3

    Ngexesha elide lokulungiselela kwakhe e-Efese, apho iminyaka emithathu wayeqhubela phambili uhlaselo lovangelo kuso sonke eso sithili, uPawulos waphinda wasebenza kwishishini lakhe. E-Efese naseKorinte, umpostile wonwatyiswa bubukho buka-Akwila noPrisila, abamkhapha ekubuyeleni kwakhe e-Asiya ekupheleni kolwesibini uhambo lwakhe lovangelo.IZ 351.1

    Bakho abathile abachasanayo nokusebenza nzima ngezandla kukaPawulos, besithi ayihambelani loo nto nomsebenzi womlungiseleli weendaba ezilungileyo. Kungani ukuba uPawulos, umlungiseleli okwibakala elilelona liphezulu, ahlanganise umsebenzi wokukhanda kunye nokushumayela ilizwi? Wayengawufanelanga na ongumsebenzi umvuzo wakhe? Kungani ukuba achithele ekwenzeni iintente ixesha ekubonakala kakuhle ukuba belimele ukuchithelwa kumsebenzi ongcono?IZ 351.2

    Yena uPawulos akazange alibale njengelilahlekileyo ixesha awalichitha ngolu hlobo. Ngexesha esebenza noAkwila, wayemana exhumana neTitshala eNkulu, engalahlekwa lithuba lokungqina ngoMsindisi, nokunceda abo babedinga uncedo lwakhe. Ingqondo yakhe yayisoloko ikhongozele ulwazi lwasemoyeni. Wayebafundisa asebenza nabo izinto zomoya, ekwangumzekelo wokusebenza nokucokisisa. Wayekhawuleza, ekhuthele emsebenzini, evutha emoyeni, ekhonza iNkosi, (Roma 12:11). Njengoko wayesebenza kwishishinilakhe,wabanethubalokufikelelakudidi lwabantu awayengeke abe nokubafikelela. Wawabonisa amaqabane akhe ukuba ubuchule ekusebenzeni ngezandla kwakusisipho esivela kuThixo, onika kokubini, isipho nobulumko bokusisebenzisa ngokulungileyo. Wafundisa nokuba, nasemsebenzini wemihla yonke, uThixo umelwe kukuzukiswa. Izandla zakhe ezaziqiniswe ngumsebenzi, azizange zisuse nto kwigunya lezibheno zakhe njengomlungiseleli womKristu.IZ 351.3

    Ngamanye amaxesha uPawulos wayesebenza imini nobusuku, engenzeli kuphela ukuxhasa usapho lwakhe, kodwa nokuze akwazi ukunceda abo wayesebenza nabo. Wayesabelana ngoko wayekuzuza noLuka, enceda noTimoti. Wayezilambisa ngamanye amaxesha, khon’ ukuze anelise neemfuno zabanye. Ubomi bakhe yayingebubo obokutsalela kuye. Ngasekupheleni kolungiselelo lwakhe, kwisiganeko sokunika kwakhe intetho yokugqibela kubadala base-Efese, eMileto, wakwazi ukuziphakamisa izandla zakhe ezazilinyazwe ngumsebenzi, athi, “Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani. Nina ke ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababe nam. Ndinibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” Zenzo 20:33-35.IZ 352.1

    Ukuba abalungiseleli baziva betsala nzima behluphekile emsebenzini kaKristu, mabazibone ngengqondo belapho uPawulos wayesebenzela khona [umsebenzi wezandla]. Mababe nayo engqondweni into yokuba le ndoda yayinyuliwe nguThixo isebenza iseyile, isebenzela isonka esifumana ngokufanelekileyo ngokusebenza kwayo njengompostile.IZ 352.2

    Umsebenzi uyintsikelelo, awusiso isiqalekiso. Umoya wobuvila uyabutshabalalisa ubuThixo, umenze buhlungu uMoya kaThixo. Ichibielimanziamileyolithiyekile,kodwa umsinga obalekayo onamanzi ahlambulukileyo uhambisa impilo nolonwabo kuwo wonke umhlaba. Wayesazi uPawulos ukuba abo bawutyeshelayo umsebenzi wezandla baya kuthi kungekudala babebuthakathaka. Wayenomnqweno wokubafundisa abalungiseleli abasebatsha ukuba, ngokusebenza ngezandla zabo, ngokuqhelisa uthambo izihlunu nemisipha, babeya komelela ukuze bakwazi ukuthwala ukusebenza nzima nokuhlupheka okwakubalindele emasimini eendaba ezilungileyo. Wayeyiqonda ukuba iimfundiso zakhe zingaswela ukuphila namandla xa engawugcini wonke umzimba ulolongwe kakuhle.IZ 352.3

    Ivila liphoswa ngamava angenakubekwa xabiso afunyanwa ngokwenza imisebenzi edelekileyo yobomi. Abakho mbalwa, kodwa bakumawaka abantu abanela kukusebenzisa nje iintsikelelo athi uThixo ngenceba yaKhe abanike. Bayakulibala ukuzisa eNkosini umnikelo wombulelo ngendyebo abaphathise yona. Bayalibala ukuba ngokushishina ngobulumko ngeetalente abazibolekiweyo bamelwe kukuba ngabakhiqizi kwanjengabatyayo. Ukuba bebenokuyiqonda into iNkosi efuna bayenze njengesandla sasekhohlo, bebengayi kuluphepha olo xanduva.IZ 353.1

    Ukuba lulutho kwamadodana aziva ebizelwe ukuba ashumayele nguThixo, kuxhomekeka kwindlela angena ngayo kweyayo imisebenzi. Abo banyulelwe umsebenzi wokulungiselela baya kunika ubungqina bobizo lwabo lwaphezulu, kuthi ngazo zonke iindlela bafune ukuphuhliseka babe ngamadoda anesakhono. Aya kuzama ukuzuza amava aya kuwalungiselela icebo, ukuqulunqa, nokwenza. Ukuxabisa ubungcwele bobizo lwawo, ngokuzilawula, ukufana neNkosi ngakumbi nangakumbi, ukutyhila ukulunga kwaYo,uthando, kunyenenyaniso. Lo gama bebonakalalisa ukunyaniseka, ekuphuhliseni iitalente abaziphathisiweyo, ibandla kufuneka lichule ukunyathela ekubancedeni.IZ 353.2

    Asingabo bonke abaziva bebizelwe umsebenzi wokushumayela, amabakhuthazwe ukuba bazilahlele bona neentsapho zabo kwangoko ebandleni ukuba bafumane inkxaso engapheliyo ngemali. Ikho ingozi yokuba amava angabhekanga pha angonakaliswa kukukhohliswa, nangenkuthazo engalumkileyo yokulindela ukuxhaswa ngokupheleleyo, ingekho imizamo ezimele geqe nenyanisekileyo kwelabo icala. Indyebo enikelwe ekwandiseni umsebenzi kaThixo akufuneki igqitywe ngabantu abalangazelela ukushumayela nje kuphela kuba befuna ukuxhaswa baze ngolo hlobo babe banelisa umnqweno wokuzithandela ubomi bokuphila lula.IZ 354.1

    Amadodana alangazelela ukusebenzisa izipho zawo emsebenzini wolungiselelo, aya kufumana isifundo esiluncedo kumzekelo kaPawulos eTesalonika, eKorinte, nase-Efese, nakwezinye iindawo. Nangona eliciko lokuthetha, enyulwe nguThixo ukuba enze umsebenzi owodwa, wayengekho ngaphezulu komsebenzi, engazange wadinwa kukuzibingelela ngenxa yomsebenzi awayewuthanda. Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba ze, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka, sisebenza ngezethu izandla; sithi sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiswa, sibe sinyamezela.” 1 Korinte 4:11, 12.IZ 354.2

    Enye kwiititshala ezizezona zinkulu ezingabantu, uPawulos, wayeyisebenza ngolonwabo imisebenzi — eyona iphantsi neyona iphezulu. Xa iimeko zomsebenzi weNkosi zifuna, wayesebenza kwishishini lakhe ngentumekelelo. Noko kunjalo, wayesoloko ekulungele ukuwubeka bucala umsebenzi wasemhlabeni, ukubaaqubisane neentshaba zomsebenzi weendaba ezilungileyo, okanye akhulise ithuba elilodwa lokuzuzela uYesu imiphefumlo. Inzondelelo yakhe nokukhuthala kwakhe ziluhlaselo ekunqeneni nasekuthandeni ukuchebeleza.IZ 354.3

    UPawulos wayengumzekelo ekuchaseni olu luvo [ukunqena nokuchebeleza], wafumana nempembelelo ebandleni yokuba, iindaba ezilungileyo zingavakaliswa ngempumelelo kuphela ngabo babekhululeke ngokupheleleyo kwiimbophelelo zomsebenzi wasemzimbeni. Wakubonakalisa ngendlela ephathekayo oko kunokwenziwa ngabazalwana abazinikeleyo kwiindawo ezininzi apho abantu bengaqhelananga nenyaniso yeendaba ezilungileyo. UAkwila noPrisila babengabizelwa ukuba banikele ixesha labo emsebenzini weendaba ezilungileyo, ukanti aba basebenzi bathobekileyo basetyenziswa nguThixo ukuba babonise uApolo indlela yenyaniso ngokugqibeleleyo. INkosi isebenzisa izixhobo ezahlukeneyo ukufeza injongo yaYo, kuthi ngeli xesha ezinye zineetalente ezikhethekileyo zinyulwa ukuba zinikele onke amandla azo ekusebenzeni ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo, ezinye ezininzi, ekungazange kubekwe izandla zomntu phezu kwazo ekuthanjiselweni umsebenzi, ziyabizwa ukuba zidlale indima ebalulekileyo ekusindiseni imiphefumlo.IZ 355.1

    Kukho amasimi amakhulu avulekileyo kumsebenzi ozixhasayo. Abaninzi banokufumana amava ekulungiseleleni ngexesha besebenza ixesha elithile kumsebenzi wezandla, ngale ndlela kuhlume abasebenzi abaqinileyo bomsebenzi obalulekileyo kumasimi aneentswelo.IZ 355.2

    Umsebenzi kaThixo osebenza angadinwa ilizwi nemfundiso, unomthwalo entliziyweni yakhe onzima.Akawubalingeeyure umsebenzi wakhe. Umvuzo wakhe awunampembelelo kumsebenzi wakhe, engagxothwa nasemsebenzini wakhe ziimeko ezingalunganga. Umyalelo wakhe uphuma ezulwini, kwaye kusezulwini apho akhangele khona imbuyekezo wakuba umsebenzi abewunikiwe ufeziwe.IZ 355.3

    Licebo likaThixo ukuba abasebenzi abanjalo, bakhululwe kwixhala elingafunekiyo, ukuze babe nethuba elaneleyo lokuthobela umyalelo kampostile kuTimoti, “Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto.” 1 Timoti 4:15. Nangona kulindeleke ukuba bakunonophele ukuzilolonga, asililo icebo likaThixo ukuba banyanzeleke ukuba bachithe isiqithi esikhulu sexesha labo kumsebenzi wehlabathi.IZ 356.1

    Aba basebenzi banyanisekileyo, nangona babenentumekelelo yokuzichitha nokuchithwa ngenxa yeendaba ezilungileyo, babengasindanga ekulingweni. Xa babephazanyiswa bezele kukunxunguphala ngenxa yokusilela kwebandla ukubanika inkxaso efanelekileyo yemali, abanye baphazanyiswa mpela bubume bengqondo. Xa bebona abasebenzi bengaxatyiswanga kangako, babanoxinzelelo. Ngokwenene, bakhangele kwixesha lomgwebo xa beya kufumana umvuzo ofanelekileyo, ize le nto iwuphakamise umoya wabo; kodwa ke ngokwangoku, kufuneka ukuba iintsapho zabo zitye zinxibe. Ukuba bebengazi nje ukuba bakhululwe kumyalelo wothumo olungcwele, bebeya kusebenza ngentumekelelo ngezandla zabo. Bona bayaqonda ukuba ixesha labo lelikaThixo, nangona bekuqonda ukubona kufuphi kwabo bafanele ukubanceda ngendyebo eyaneleyo. Baqabela ngaphaya kokulingwa benze imisebenzi eye ibabeke kude nentswelo, kodwa baqhubeke nokuhambisela phambili umsebenzioxabisekileyo kubomi ngokwabo. Ukuze bakwazi ukwenza oku, kusenokwenzeka ukuba banyanzeleke balandele umzekelo kaPawulos babekele umsebenzi wezandla ixesha ngoku beqhubeka nokuhambisela phambili umsebenzi wolungiselelo. Bakwenza oku kuba bengafuni ukuhambisela phambili okwabo ukuthanda, koko ukuthanda umsebenzi kaThixo emhlabeni.IZ 356.2

    Kukho amaxesha ekuye kubonakale kumkhonzi kaThixo ukuba ingathi awunako ukwenzeka umsebenzi ofunekayo, ngenxa yokunqongophala kwendyebo yokwenza umsebenzi oqinisekileyo nozinzileyo. Abanye boyika kuba besithi ngezixhobo abanazo abanako ukwenza konke abacinga ukuba ngumsebenzi wokwenziwa ngabo. Ukuba bangabheka phambili ngokholo, usindiso lukaThixo luya kutyhilwa, abe nempumelelo amalinge abo. Lowo uyalele abalandeli baKhe ukuba baye kuzo zonke iindawo zehlabathi, uya kumxhasa wonke othi, ngokuthobela umyalelo waKhe, afune ukusivakalisa isigidimi saKhe.IZ 357.1

    Ekwakhiweni komsebenzi wayo, iNkosi ayisoloko izenza zicace zonke izinto phambi kwabasebenzi baYo. Maxa wambi iya kuvavanya ukuthembela kwabantu baYo ngokuzisa iimeko ezibanyanzela ukuba babheke phambili ngokholo. Iyakholisa ukubangenisa kwiindawo ezimxinwa nezinzima, abayalele ukuba babheke phambili, ngexesha kungathi iinyawo zabo zichukumisa amanzi eYordan. Kungaloo maxesha, xa imithandazo yabakhonzi baYo inyukela kuYo ngokholo olunyanisekileyo, apho uThixo aye avule indlela phambi kwabo abanyusele kwindawo ebanzi.IZ 357.2

    Xa abathunywa bakaThixo beluqonda uxanduva lwabo ngakwiindawo ezisweleyo zesidiliya seNkosi, baze bathi, benomoya weNkosi yoMsebenzi, bakusebenzele bangadinwa ukusindiswa kwemiphefumlo, iingelosi zikaThixo ziyakuyilungisa indlela phambi kwabo, ithi indyebo efunekayo ukuqhubela phambili umsebenzi ifumaneke. Abo bakhanyiselweyo baya kunikela ngokukhululekileyo ukuxhasa umsebenzi owenziwa ngenxa yabo. Baya kusabela ngobubele kubizo loncedo, aze uMoya kaThixo aziqhube iintliziyo zabo ukuba bawuxhase umsebenzi weNkosi, kungekuphela kumasimi asekhaya, kodwa nakwizithili ezikude. Ngolo hlobo, kuya kubakho ukuqina kumkhosi osebenzayo kwezinye iindawo, uze umsebenzi weNkosi uhambele phambili ngendlela eyibekileyo [iNkosi].IZ 357.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents