Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    7—Isilumkiso Ngohanahaniso

    [Esi sahluko sisekwe kwiZenzo 4:32 ukuya kwi-5:11]

    Ngexesha abafundi babevakalisa iinyaniso zegospile eYerusalem, uThixo wayebangqinela elizwini labo, kwaza kwakholwa inkitha yabantu. Amaninzi kumakholwa okuqala agxothwa ziintsapho nangabahlobo ngenxa yeenkani zamaYuda, kwaza kwafuneka ukuba banikwe ukutya nendawo yokhuseleko.IZ 70.1

    Ingxelo ithi, “Kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele,” itsho ixele ukuba intswelo yahlangatyezwa njani. Abo babe nemali nezinto phakathi kwamakholwa bazibingelela ngovuyo ezo zinto ukuze zihlangabezane nengxaki. Bathengisa ngezindlu okanye imihlaba, bayizisa imali bayibeka ezinyaweni zabapostile, “waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.”IZ 70.2

    Oku kunikela ngokukhululekileyo kwabantu abangamakholwa, kwakusisiphumo sokuthululwa kukaMoya. Abo baguqukayo kwigospilebabe“ntliziyonyebemoya mnye.” Baye belawulwa yinjongo enye— impumelelo yomsebenzi obekwe kubo; kwaye ukubawa kungenayo indawo ebomini babo. Uthando lwabo kubazalwana nakubizo ababelubambile, lwalulukhulu kunothando lwabo lwemali kunye nezinto. Imisebenzi yabo yayingqinelana nokuba imiphefumlo yabantu bayixabisa ngaphezu kobutyebi bomhlaba.IZ 70.3

    Kuya kuba njalo xa uMoya kaThixo ethabatha indawo ebomini. Abo bantliziyo zabo zizaliswe luthando lukaKristu, baya kulandela umzekelo waLowo wathi, ngenxa yethu, waba lihlwempu, ukuze ngobuhlwempu baKhe senziwe izityebi. Imali, ixesha, impembelelo — zonke izipho ezamkelwa esandleni sikaThixo, ziya kuxatyiswa kuphela njengezixhobo zokuhambisela phambili umsebenzi wendaba ezilungileyo. Kwakunjalo kwibandla lokuqala; kanti ke nakwibandla lanamhlanje, xa kuthe kwabonakala ukuba, ngamandla kaMoya, amalungu alususile uthando lwawo kwizinto zehlabathi, aye enentumekelelo yokubingelela ukuze abazalwana bawo bayive igospile, iinyaniso ezivakaliswayo ziya kuba nempembelelo enamandla kwabo bazivayo.IZ 71.1

    Into eyaphikisana kakhulu nomzekelo wobubele owabonakaliswa ngamakholwa, yayisisimilo sikaHananiya noSafira, abamava abo, xa ebaliswa yiMpefumlelo, ashiya ibala elimnyama embalini yebandla lokuqala. Aba babezibiza ngokuba bangabafundi, bathi benabanye babelana ngelungelo lokuva indaba ezilungileyo zishunyayelwa ngabapostile. Babekho bonke kunye nabanye xa, emva kokuba abapostile bethandazile, “yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya Oyingcwele.” Zenzo 4:31.Bonkeababekhobathimbekangokukhulu, bathi, bephantsikwempembelelo kaMoya kaThixo, uHananiya noSafira benza umnqophiso wokunikela eNkosini yonke inzuzo ababeya kuyifumana ekuthengiseni kwabo umhlaba othile.IZ 71.2

    Emva koko uHananiya noSafira bamenza buhlungu uMoya Oyingcwele ngokuziyekela kwimizwa yokubawa. Baqala ukuzisola ngesithembiso sabo baza ngokukhawuleza balahlekana nempembelelo emnandi yentsikelelo eyayifudumeze iintliziyo ngolangazelelo lokwenza izinto ezinkulu emsebenzini kaKristu. Bacinga ukuba baya bangxama kakhulu, nokuba bafanele ukusicinga kwakhona isigqibo sabo. Babonisana ngalo mcimbi, bagqiba kwelokuba bangasizalisi isithembiso sabo. Bababona kodwa abo bathe bahlukana nezinto zabo ukuze kuphiwe abazalwana abahluphekileyo kunabo ukuba bahlonitshiwe phakathi kwamakholwa; baza bathi, beneentloni ukuba abazalwana babo bazi ukuba imiphefumlo yabo iyakrokra ngento abathembise ngokuyinikela kuThixo, bagqiba ekubeni bawuthengise umhlaba, babengathi baze nayo yonke inzuzo engxoweni yemali, nangona besazi ukuba baza kuzigcinela isixa esikhulu. Babeya kuzuza kwingxowa kawonke-wonke, baze ngelo xesha linye baphakanyiselwe phezulu ngabazalwana babo.IZ 72.1

    Ke Yena uThixo ukuthiyile ukuhanahanisa nobuxoki. UHananiya noSafira benza amaqhinga ekusebenzeni kwabo noThixo; baxoka kuMoya Oyingcwele; saza isono sabo sandwendwelwa ngesigwebo esikhawulezileyo nesibi. Wathi uHananiya akuza nomnikelo wakhe, uPetros wathi, “Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya Oyingcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba? Oko ube uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo uthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoke kubantu, uxoke kuThixo.”IZ 72.2

    “Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.”IZ 73.1

    “Oko ube uhleli, ubungahleli kuwe na?” wabuza uPetros. Kwakungekho mpembelelo igwenxa eyanyanzelisa ukuba uHananiya abingelele ngezinto zakhe kokulungileyo. Wenza ngokuzikhethela. Eyona nto, wathi ngokuzama ukukhohlisa abafundi, kwafuneka axoke kuSomandla.IZ 73.2

    “Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena. Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingaka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako. Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle. Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe. Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.”IZ 73.3

    Ubulumko Obungenasiphelo babona ukuba lo mqondiso usisibonakaliso sengqumbo kaThixo uyadingeka ukwalusa ibandla elitsha ukuba lingonakali. Amanani ayekhula ngokukhawuleza. Ibandla laliya kuba sengozini ukuba, ekunyukeni ngokukhawuleza kwabaguqukayo, bekuya kongezeka amadoda nabafazi abathi, nangona bezibiza ngoThixo, kanti bakhonza uthixo wokurhala. Esi sigwebo sangqinisisa ukuba umntu akanakho ukumqhatha uThixo, nokuba uThixo uyasiqaphela isono sentliziyo,kwanokuba akangowokuhlekisa. Sayekelwa njengesilumkiso ebandleni, ukuze abantu bakuphephe ukunyhwalaza nokuhanahanisa, bakulumkele ukuqhatha uThixo.IZ 73.4

    Akuphelelanga kwibandla lakuqala kuphela, kodwa kuzo zonke izizukulwana zexesha elizayo, lo mzekelo wokuthiya kukaThixo ukubawa, ukuqhatha, nokunyhwalaza, wanikwa njengesalathiso sengozi. UHananiya noSafira baqala ngokuxabisa ukubawa. Ulangazelelo lokuzigcinela inxalenye yoko bebethembise ngako eNkosini, lwabakhokelela ekubeni babe nobumenemene nokunyhwalaza.IZ 74.1

    UThixo wayekwenze ukuvakaliswa kwendaba ezilungileyo ukuba kuxhomekeke kwimisebenzi kunye nezipho zabantu baKhe. Iminikelo yokuzithandela kunye nezishumi zenza indyebo yomsebenzi weNkosi. Kwindyebo ephathiswe abantu, uThixo unenxalenye ayibangayo kuyo — isinye eshumini. Uyekela ebantwini bonke ukuba bakhululeke ukuba banikele okanye banganikeli ngaphezulu koku [akubangayo]. Xa ke ithe intliziyo yasetyenzwa nguMoya Oyingcwele, kwaza kwenziwa isifungo sokunikela isixa esithile, lowo wenze isifungo, akasenalo ibango kweso sixa singcwalisiweyo. Izithembiso ezenziwa ngolu hlobo ebantwini, zikhangeleka njengeziqamangelayo; aziqamangeli ukudlulisa na ezenziwe kuThixo? Ingaba izithembiso ezicikidwa kwinkundla yesazela ziqamangela ndyengelele kunezivumelwano zabantu ezibhaliweyo na?IZ 74.2

    Xa ukukhanya okungcwele kubengezela entliziyweni ngokucacileyo nangendlela yamandla angaqhelekanga, ukubawa kwesiqhelo kuya yekelela ekubambeni ixhoba kutsho kubekho ukufuna ukunikela emsebenzini kaThixo. Akufuneki, ke ngoko, ukuba umntu lo ulixhoba acinge ukuba uya kuvunyelwa ukuba azizalise izithembiso azenze ngelo xesha ingakhange ibekho imigudu yokunqanda ephuma kuSathana. Akaneliswa [uSathana] kukubona ubukumkani boMhlawuleli emhlabeni busakheka. Uye acebise ukuba isithembiso esenziweyo sikhulu kakhulu, kangangokuba abo basenzayo siya kubalimaza kwimizamo yabo yokuzuza umhlaba [okanye izinto] okanye ukwanelisa iimfuno zeentsapho zabo.IZ 74.3

    NguThixo osikelela abantu ngezinto, kwaye ukwenza oku ukuze bakwazi ukunikela ekuhambiseleni phambili umsebenzi waKhe. Usithumela ukukhanya kwelanga nemvula. Wenza ukuba kukhule utyani bube buhle. Usipha impilo nezakhono zokuzuza ubutyebi. Zonke iintsikelelo zethu ziphuma kwisandla saKhe esishushu. Uthi, ke ngoko, alindele ukuba amadoda nabafazi babonise umbulelo ngokubuyisela kuYe inxenye ngezishumi neminikelo — iminikelo yokubulela, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, iminikelo yokungxengxeza ngenxa yezikreqo. Xa imali ingumthombo ongena kwindyebo [kaThixo] ngokweli cebo limiswe lizulu — isishumi sayo yonke ingeniso, iminikelo emininzi ephuma ngokukhululekileyo, - iya kubakho indyebo yokuhambisela phambili umsebenzi weNkosi.IZ 75.1

    Xa iintliziyo zabantu zisenziwa lukhuni ngenxa yobu“hlohl’ esakhe,” njengoHananiya noSafira, baya lingeka ukuba bayibambe inxenye yexabiso, babe benika ingqondo yokuba bazifezekisile iimfuno zikaThixo. Abaninzi bayichitha kakubi imali ngokuzonwabisa. Amadoda nabafazi bakhangela ulonwabo lwabo, banelise ilithe labo, babe ngelo xesha bezisa kuThixo umnikelo obonisa ukuvimba, noko bekwenza ngentliziyo engakhululekanga. Bayalibala ukuba, ngenye imini uThixo uza kufuna ingxelo ezeleyo yokuba izinto zaKhe sisetyenziswe njani, nokuba akayi kubuya amkele isuntswana abalizisa kuvimba, njengoko engazange amkele umnikelo kaHananiya noSafira.IZ 75.2

    Kwisohlwayo esiqatha esanikwa abo babefunge ubuxoki, uThixo ebefuna ukuba sifunde indlela enzulu akuthiye nakunyembenya ngayo konke ukuhanahanisa nenkohliso. Ekwenzeni ngathi banikele ngako konke, uHananiya noSafira baxoka kuMoya Oyingcwele, saza isiphumo soko yakukulahlekana nobu bomi kunye nobomi obuzayo. Kwa lo Thixo wabohlwayayo, namhla ugweba bonke ubuxoki. Imilebe exokayo ingamasikizi kuYe. Uthi, eMzini oNgcwele “akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki.” IsiTyhilelo 21:27. Ukuthetha inyaniso makungabanjwa ngezandla ezityokololo okanye kucutshwe ukubanjwa. Makube yinxalenye yobomi. Ukubanjwa kuyekwa inyaniso, nokuyichiza ukulungiselela iimeko ezithile, oko kuthetha ukuqhekeka komkhombe wokholo. “Misani ke ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu,” Efese 6:14. Lowo uthetha izinto ezingeyiyo inyaniso uthengisa ngomphefumlo wakhe kwintengiso engenaxabiso. Ubuxoki bakhe bungakhangeleka ngathi bunento obuyincedayo kwiingxaki ezikhawulezileyo zexeshana; angaba ngathi uqhubela phambili nasemashishinini, into ebingenakho ukwenzeka xa ebesebenza ngendlela elungileyo; kodwa ekugqibeleni uya kufikelela apho angasathembi mntu. Njengokuba yena elixoki, akasalithembi nelizwi labanye.IZ 75.3

    Kumcimbi kaHananiya noSafira, isono samaqhinga ngakuThixo sohlwaywa ngokukhawuleza. Kwa eso sono, sasoloko siphindwa njalo embalini yebandla, kwaye senziwa ngabaninzi kweli xesha lethu. Sekunjalo, nangona singenanto ibonakalayo etyhila ukungasithandi kukaThixo, sona asikho nganeno ngobubi emehlweni aKhe kunokuba sasinjalo ngexesha labapostile. Isilumkiso sinikiwe; baye bonke abazinikele ekuhanahaniseni nasekubaweni mabaqiniseke ukuba bayayitshabalalisa eyabo imiphefumlo.IZ 76.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents