Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    5—Isipho Sikamoya

    Ngexesha uKristu enika abafundi bakhe isithembiso sikaMoya, wayesondele ekupheleni komsebenzi wakhe emhlabeni. Wayemi esithunzini somnqamlezo, ewuqonda ngokupheleleyo umthwalo wobutyala owawuza kuhlala phezu kwaKhe njengoMthwali weSono. Phambi kokuba azinikele njengexhoba lombingelelo, wabafundisa abafundi baKhe ngesona sipho sidingekayo nesipheleleyo awayeza kusinika abalandeli baKhe--isipho esasiza kwenza ukuba kube lula ukufikelela kwabo kwizixhobo ezingenamda zobabalo lwaKhe. Wathi, “Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: umoya wenyaniso, lowo lungenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.” Yohane 14:16, 17. UMsindisi wayesalatha phambili kwixesha uMoya Oyingcwele awayeza kuza ukuba enze umsebenzi onamandla wokuba ngummeli waKhe. Ububi Obabukhulula iinkulungwane ngeenkulungwane kwakufuneka buchaswe ngamandla kaMoya Oyingcwele.IZ 47.1

    Saba yintoni isiphumo sokuthululwa kukaMoya ngemini yePentekoste? Iindaba zovuyo ezingoMsindisi ovukileyo sathwalelwa kuzo zonke iindawo zelimiweyo. Bathi abafundi bakuvakalisa isigidimi sobabalo olusindisayo, abantu bazinikela emandleni esi sigidimi. Ibandla lababona abaguqukayo beyimihlambi ukuza kulo, bephuma kwiinkalo zonke. Ababehlehlile baphinda baguquka. Aboni bahlangana nabakholwayo ukufuna iperile yexabiso elikhulu. Abanye ababezintshaba ezinkulu zegospile, bajika bazintshatsheli zayo. Isiprofeto sazaliseka, “nelona bhetyebhetye phakathi kwabo lomelele njengoDavide. Isizukulwana sendlu kaDavide . . . sifane nesithunywa sikaNdikhoyo.” Zekariya 12:8, IBHAYIBHILE. Wonke umKristu wabona kumzalwana wakhe isityhilelo sothando olungcwele nokulungileyo. Kwaphephezela umdla omnye; umbandela wokwenza okufanayo wahamba phambili kweminye iphela. Umnqweno wamakholwa waba kukubonakalisa isimilo esifana nesikaKristu nokusebenzela ukwandisa ubukumkani baKhe.IZ 48.1

    “Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke.” Zenzo 4:33. Ngokusebenza kwabo, kongezwa ebandleni amadoda akhethekileyo, awathi, ngokulamkela ilizwi lenyaniso, abunikela ubomi bawo emsebenzini wokunika abanye ithemba elazalisa iintliziyo zabo ngoxolo novuyo. Kwaye kungekho nto inokuwabamba okanye iwothuse ngezoyikiso. INkosi yathetha ngawo, aza athi, ngokuya kwawo kwiindawo ngeendawo, amahlwempu aziva iindaba ezilungileyo zishunyayelwa kuwo, kwaye kusenziwa nemimangaliso yobabalo olungcwele. [48]IZ 48.2

    UThixo unokusebenza ngamandla ngolo hlobo ngabantu abazinikele ukuba balawulwe nguMoya waKhe.IZ 49.1

    Isithembiso sikaMoya Oyingcwele asiphelelanga kwixesha elithile okanye kuhlanga oluthile. UKristu wathi, impembelelo yezulu kaMoya Oyingcwele yayiyakuba nabalandeli baKhe kude kube sekupheleni. Kususela kuMhla wePentekoste kude kube ngoku, uMthuthuzeli uthunyelwa kubo bonke abazinikele ngokupheleleyo eNkosini nasemsebenzini waYo. Kubo bonke abamkele uKristu njengoMsindisi wabo, uMoya Oyingcwele uza njengomcebisi, umngcwalisi, umkhokeli, kunye nengqina. Okona amakholwa ehamba eyame kuThixo, kokona angqina ngamandla nangokucacileyo ngothando loMhlawuleli kunye nobabalo lwaKhe olusindisayo. Amadoda nabafazi abathe kwiinkulungwane ezinde zentshutshiso nokulingwa baxhamla ubukho bukaMoya ebomini babo, baya bema njengezibonelo nemimangaliso ehlabathini. Phambi kwezithunywa kunye nabantu, baye batyhila amandla aguqulayo othando olusindisayo.IZ 49.2

    Abo baya bathiwa jize ngelungelo lamandla aphezulu ngePentekoste, babengasindanga ekuhendweni nasekulingweni. Ngeli xesha bengqinela inyaniso nobulungisa, babehlaselwa lutshaba lwayo yonke into eyinyaniso, olwalufuna ukubahlutha onke amava obuKristu. Babenyanzelekile ukuba balwe ngawo onke amandla abawaphiwe nguThixo ukuba bafikelele kumgangatho opheleleyo wokuba ngamadoda nabafazi kaYesu Kristu. Yonke imihla babethandazela isabelo esitsha sobabalo, ukuze bafikelele kumanqanaba angaphezulu ngakumbi nangakumbi ekugqibeleleni. Phantsi kokusebenza kukaMoya Oyingcwele, Noyena ubuthathaka, ngokukholelwa kuThixo, wafunda ukuwakhulisa amandla anikwe wona ukuze abe ngongcwalisekileyo, ontetho iphucukileyo, nophakanyisiweyo. Njengoko bathi, ngokuzithoba kwabo, baziyekela phantsi kwempembelelo yokuxonxwa nguMoya Oyingcwele, bazuza okupheleleyo kuThixo baza benziwa ngokwemfano kaThixo.IZ 49.3

    Ukudlula kwexesha akuzisanga nguquko kwisithembiso uKristu awasenza xa esimka sokuthumela uMoya Oyingcwele njengoMmeli waKhe. Akungenxa yesithintelo ngakuThixo ukuba ubutyebi bobabalo lwaKhe bungehli buze ebantwini emhlabeni. Ukuba ukuzaliseka kwesithembiso akubonwa njengoko bekumelwe ukubonwa, kungokuba isithembiso asixatyiswanga njengoko besimelwe ukuxatyiswa. Ukuba bonke bebenentumekelelo, bonke bebeya kuzaliswa ngoMoya. Naphina apho isidingo sikaMoya Oyingcwele siyinto ekucingwa kancinane ngayo, kubakho imbalela kaMoya, ubumnyama basemoyeni, ukuhla kwasemoyeni kunye nokufa (emoyeni). Naphina apho ingqwalasela inikwa izinto ezincinane, amandla kaThixo afunekayo ekukhuleni nasekuphumeleliseni ibandla, naza kuza ethwele zonke ezinye iintsikelelo, awabikho nangona enikwa ngobuninzi obungenawo umlinganiselo.IZ 50.1

    Xa ke iyindlela le esingathi ngayo sizuze amandla, kungani ukuba singalambi sinxanelwe isipho sikaMoya? INkosi inentumekelelo yokupha ngoMoya Oyingcwele kwabo bayisebenzelayo ngaphezu kokuba benjalo abazali ukupha izipho abantwana babo. Umsebenzi ngamnye kufuneka acele kuThixo ubhaptizo lukaMoya lwemihla yonke. Amaqela abasebenzi abangamaKristu kufuneka ahlangane ukuba acele uncedo olulodwa, lobulumko bezulu, ukuze bazi icebo lokwenza oku kunye nendlela yokukwenza ngokulumkileyo. Bameleukubabathandazelengakumbi ukuba uThixo abhaptize abameli baKhe abakhethiweyo emasimini ovangelo ngomlinganiselo omhle kaMoya Oyingcwele. Ukubakho kukaMoya kaThixo kubasebenzi kuya kunika ukuvakaliswa kwenyaniso ngamandla angenakunikwa yimbeko nozuko lwehlabathi, zizonke.IZ 50.2

    UMoya Oyingcwele uhlala kumsebenzi ozinikeleyo kaThixo nokuba uphina. Amazwi ayethethwe kubafundi athethwa nakuthi. UMthuthuzeli ngowethu, njengoko waye ngowabo. UMoya unika amandla, axhasa imiphefumlo exhathisayo nelwayo kuzo zonke iimeko ezingalindelekanga phakathi kwentiyo yehlabathi, nekuqondayo ukusilela kwayo kunye neempazamo zayo. Entlungwini nasekungcungcuthekeni, xa kungathi kumnyama wakukhangela, nekamva lizisa intandabuzo, sizive singenaluncedo simi sedwa, la ngamaxesha ekuthi, ekuphendulweni komthandazo wokholo, uMoya Oyingcwele azise ngawo intuthuzelo entliziyweni.IZ 51.1

    Asibubo ubungqina obupheleleyo into yokuba umntu ungumKristu, kuba ebonakalisa uchulumanco phantsi kweemeko ezimbi. Ubungcwele asiyonto esuka ithi vumbululu nje (ibonwe seyikho): kukuzinikela ngokupheleleyo kwintando kaThixo; kukuphila ngalo lonke ilizwi eliphuma emlonyeni kaThixo; kukwenza intando kaBawo wethu osezulwini; kukuthembela kuThixo ezilingweni, ebumnyameni nasekukhanyeni; kukuhamba ngokholo, kungekuko ukubona; kukuxhomekeka kuThixo ngokuthembela okungenantandabuzo, nokuphumla eluthandweni lwaKhe.IZ 51.2

    Akudingeki ukuba sikwazi ukuchaza ukuba uyintoni na uMoya Oyingcwele. UKristu usixelela ukuba uMoya unguMthuthuzeli; “uMoya wenyaniso ophuma kuBawo.” Kubekwa ngokucacileyo ukuba, kumsebenzi waKhe wokukhokelela abantu kuyo yonke inyaniso, akayi “kuthetha okuphuma kuYe.” Yohane 15:26; 16:13.IZ 51.3

    Indalo kaMoya Oyingcwele iyimfihlelo. Abantu abanako ukuyichaza, kuba iNkosi ayiyityhilanga kubo. Abantu baza kuthi, ngeembono zabo abazikha engqondweni, baqokelele izicatshulwa zeziBhalo, bazobe umfanekiso womntu ngazo, kodwa ukwamkeleka kwezi mbono akusayi kulomeleza ibandla. Ngokweemfihlelo ezinjalo, ezinzulu kakhulu ukuba zingafikelelwa yingqondo yomntu, bubuchule ukuthula.IZ 52.1

    Indawo yokusebenza kukaMoya Oyingcwele ibekwe yacaca ngamazwi kaKristu: “Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo.” Yohane 16:8. NguMoya Oyingcwele ogweba isono. Ukuba umoni uyasabela kwimpembelelo evuselelayo kaMoya, uya kuziswa enguqukweni akhuliselwe ekubalulekeni kokuthobela izinto ezifunwa nguThixo.IZ 52.2

    Kumoni oguqukayo, alambele anxanelwe ubulungisa, uMoya Oyingcwele utyhila iMvana kaThixo ethwala isuse isono sehlabathi. “Uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke,” watsho uYesu. “Uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.” Yohane 16:14: 14:26.IZ 52.3

    UMoya unikelwe njengesithunywa esihlaziyayo, ukwenzela ukuba kube nempumelelo usindiso oluze ngokufa koMhlawuleli wethu. UMoya uthe rhoqo efuna ukutsalela ingqalelo yabantu kumnikelo omkhulu owenziwa emnqamlezweni eKhalvari, nokutyhilela ihlabathi uthando lukaThixo, nokwandlala phambi komphefumlo ogwetyiweyo izinto ezinexabiso zeziBhalo.IZ 52.4

    Njengoko uzise ukugwetywa esonweni, wabeka phambi kwengqondo yomntu umgangatho wobulungisa, uMoya Oyingcwele uyakukhupha ukuxatyiswa kwezinto zeli hlabathi azalise umphefumlo ngokulangazelela ubungcwele. “Uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso” (Yohane 16:13), watsho uMsindisi. Ukuba abantu bayakuthakazelela ukwakhiwa, kuya kuziswa ukungcwaliswa komntu ephelele. UMoya uya kuthabatha izinto zikaThixo azimilisele emphefumlweni. Ngamandla aKhe, indlela yobomi iya kwenziwa icace kangangokuba kungabikho bani ukhubekayo kuyo.IZ 53.1

    Kususela ekuqaleni, uThixo ube esebenza ngoMoya waKhe Oyingcwele ngezixhobo ezingabantu ukufezekisa injongo yaKhe yokumela uhlanga oluwileyo. Oku kwabonakala ebomini bamanyange. Kwibandla elisentlango, ngexesha likaMoses, uThixo wanika “umoya waKhe olungileyo ukuba ubafundise.” Nehemiya 9:20. Ngemihla yabapostile wenzela ibandla laKhe okukhulu ngesithunywa esinguMoya Oyingcwele. Igunya elaxhasa amanyange, lanika uKhalebhi noYoshuwa ukholo nesibindi, laza lenza ukuba umsebenzi webandla labapostile ube nempumelelo, ikwalilo eliphakamisele phezulu abantwana abanyanisekileyo bakaThixo kuzo zonke izizukulwana ezalandelayo. Bekungamandla kaMoya Oyingcwele ekwathi, ngexesha lobuMnyama, amaKristu amaWaldensi ancedwa ukuba alungiselele uHlaziyo indlela. Ibikwa ngaloo mandla awanika impumelelo amalinge amadoda nabafazi abahloniphekileyo abavula indlela yokuba kwakhiwe amaziko ovangelo eli xesha kunye nokuguqulelwa kweBhayibhile kwiilwimi neentetho zazo zonke iintlanga nabantu.IZ 53.2

    Namhlanje uThixo usasebenzisa ibandla laKhe ukuba kwaziswe injongo yaKhe emhlabeni. Namhla abasasazi bodaba lomnqamlezo baya kwimizi ngemizi, kumazwe ngamazwe belungisa indlela yokubuya kwesibini kukaKristu. Umgangatho womthetho kaThixo uyaphakanyiswa. UMoya kaSomandla uyashukuma ezintliziyweni zabantu, baye abo basabelayo kwimpembelelo yaKhe baba ngamangqina kaThixo nenyaniso. Kwindawo ezininzi amadoda nabafazi abazinikeleyo babonwa bedlulisela kwabanye ukukhanya okubacacisela indlela yosindiso ngoKristu. Njengoko beqhubeka nokuvumela ukukhanya kwabo ukuba kukhanye, ngohlobo abenza ngalo abo babebhaptizwe ngoMoya ngemini yePentekoste, bamkela amandla kaMoya aphindwe ngakumbi nangakumbi. Uya kuthi umhlaba wonke ukhanyiselwe luzuko lukaThixo.IZ 53.3

    Kwelinye icala, bakho aba bathi, endaweni yokuba bawaphuhlise ngobulumko amathuba abo angoku, basuke, belovile, balindele ithuba elilodwa lemvula kamoya ehlaziyayo eza kwandisa isakhono sabo sokukhanyisela abanye. Batyeshela amathuba namalungelo angoku, bavumele ukuba ukukhanya kwabo kube luzizi, babe bekhangele phambili kwixesha ekuya kuthi, ingekho eyabo imizamo, basuke bazuze intsikelelo ekhethekileyo, abaya kuthi ngayo baguqulwe benziwe ukuba bafanele umsebenzi.IZ 54.1

    Kuyinyaniso ukuba, ngexesha lesiphelo, xa umsebenzi kaThixo emhlabeni uza kuvalwa, amalinge anyanisekileyo awenziwa ngamakholwa azinikeleyo phantsi kwenkokhelo kaMoya Oyingcwele aya kukhatshwa yimiqondiso eyodwa yokwamkelwa nguThixo. Phantsi komlinganiso wemvula yokuqala kunye nemvula yamva, ena kwimihlaba yaseMpuma ngexesha lokuhlwayela nexesha lokuvuna, umprofeti womHebhere wakuxela ngenx’ engaphambili ukuthululwa kobabalo lukamoya ngemilinganiselo engaphakokucingaphezukwebandlalikaThixo. Ukuthululwa kukaMoya ngemihla yabapostilekwakusisiqalo semvula yokuqala [okanye imvula yangaphambili], saye sisiba sikhulu isivuno. Ukuya ekupheleni kwexesha, ubukho bukaMoya buya kuhlala ebandleni lenene.IZ 54.2

    Kuthenjiswe ukuba, kuya kuthi kufuphi nesiphelo sokuvuna emhlabeni, kubekho ukuthululwa okukodwa kobabalo lukamoya ukuze ibandla lilungiselelwe ukubuya kukaNyana woMntu. Oku kuthululwa kukaMoya kufaniswa nokuwa kwemvula yamva; kwaye kungenxa yala mandla ongeziweyo ekufuneka amaKristu athumele izicengo eNkosini yesivuno “ngexesha lemvula evuthisayo.” Ukubaphendula kwayo, iNkosi iya kwenza amafu aqaqambileyo, ibathululele imvula. Iya kwenza ukuba ihle imvula; imvula yokuqala, nemvula yamva. (Zekariya 10:1; Yoweli 2:23).IZ 55.1

    Ngaphandle kokuba amalungu ebandla likaThixo namhlanje abe anoqhagamshelwano oluphilileyo neThende lako konke ukukhula kwasemoyeni, awasayi kulilungela ixesha lokuvuna. Ukuba awazigcinanga izibane zawo zilungile zivutha, awayi kuluzuza ubabalo olongeziweyo ngexesha elilodwa lokufuneka kwalo.IZ 55.2

    Kuphela ngabo bahlala bezuza isabelo sobabalo, abaya kuba namandla anele iintswelo zabo zemihla ngemihla kwanokukwazi ukuwasebenzisa loo mandla. Endaweni yokukhangela phambili kwixesha elizayo, apho kuya kuthi, ngokuthiwa jize ngesipho esisodwa samandla kamoya babe nokulungela ngendlela engummangaliso okomlingo ukuzuza imiphefumlo, basuka bona bazinikela yonke imihla kuThixo, ukuze abenze izitya ezifanele ukusetyenziswa nguYe. Yonke imihla bayawaphuhlisa amathuba omsebenzi ophambi kwabo abanokuwufikelela. Yonke imihla bayangqina ngeNkosi kuyo yonke indawo abakuyo, nokuba kungendlela ethobekileyo yomsebenzi ekhaya, okanye kumsebenzi omkhulu kawonke-wonke apho banokuba luncedo khona. [55]IZ 55.3

    Kumntu ongumsebenzi ozinikeleyo kukho intuthuzelo emangalisayo ekwazini ukuba noKristu ngexesha wayephila emhlabeni wafuna kuYise izabelo ezitsha zobabalo oludingekayo; kwaza kolu thetha-thethwano noThixo, wahambela phambili ekomelezeni nasekusikeleleni abanye. Mbone uNyana kaThixo ethobe kuYise ethandaza! Nangona enguNyana kaThixo, walomeleza ukholo lwaKhe ngokuthandaza, nangokuxhumana nezulu, wahlanganisela kuYe amandla okumelana nobubi nokusebenzela izidingo zabantu. NjengoMkhuluwa wohlanga lwethu uyazazi iintswelo zabo bathi, nangona berhangqwe bubuthakathaka nokuphila kwilizwe lesono nesilingo, kodwa balangazelele ukumsebenzela. Uyazi ukuba abathuywa ababona befanelekile ukuba angabathuma babuthakathaka, bengabantu abonayo; kodwa kubo bonke abazinikela ngokupheleleyo kumsebenzi waKhe uthembisa uncedo lwezulu. Umzekelo waKhe usisiqinisekiso sokuba ukucela okunyanisekileyo, nokuzingisileyo ngokholo — ukholo olukhokelela ekuxhomekekeni ngokupheleleyo kuThixo, nokuzinikela ngokuzibhakaxa emsebenzini waKhe — kuya kwenza ukuba kuze ebantwini uncedo lukaMoya Oyingcwele kwidabi nesono.IZ 56.1

    Wonke umsebenzi olandela umzekelo kaKristu uya kulungela ukuzuza nokusebenzisa amandla uThixo awathembise ibandla laKhe okuvuthiswa kwesivuno somhlaba. Imiso ngemiso, xa abasasazi bendaba ezilungileyo beguqa phambi kweNkosi behlaziya izifungo zokuzinikela kuYo, iya kubanika ubukho bukaMoya waYo, namandla aKhe (uMoya) avuselelayo nangcwalisayo. Xa bephuma besiya kwimisebenzi yabo yemini, banesiqinisekiso sokuba isithunywa esinguMoya Oyingcwele sibenza ukuba babe “ngabasebenzi kunye noThixo.”IZ 56.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents