Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    52—Ukuqina Kube Sekupheleni

    [Esi sahluko sisekwe kwileta yesi-2 Petros]

    Kwileta yesibini ebhalwe nguPetros eya kwabo babezuze “ukholo oluxabiso lunye” nolwakhe, umpostile wabeka icebo lezulu lokuphuhlisa isimilo somKristu. Ubhala athi:IZ 529.1

    “Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu. Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima. Esithe ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuthixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.IZ 529.2

    “Ewe, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima, esidimeni ke, ukwazi, ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde, emondeni ke, ukuhlonela uThixo; ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni keabazalwana,ukuthanda abantu bonke. Kuba xazikhoyoezozinto, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.”IZ 529.3

    La mazwi azele yimfudiso, kwaye achukumisa kanye undoqo woloyiso. Umpostile ubeka phambi kwamakholwa ileli yenkqubela yobuKristu, inyathelo ngalinye limele ukuhambela phambili ekwazini uThixo. Ukholo, ukulunga, ulwazi, ubungcathu, umonde, ubungcwele, uthando lobuzalwana, ububele, konke oku kungamanqwanqwa eleli. Sisindiswa ngokunyuka inqwanqwa nenqwanqwa, sinyuka inyathelo ngenyathelo, sisinga ekuphakameni okungumgangatho asibekele wona uKristu. Uthi, ke ngoko, enziwe kuthi [uKristu] abe bubulumko, nobulungisa, nokungcwaliswa, kunye nokuhlangulwa.IZ 530.1

    UThixo ubabizele eluzukweni nasekulungeni, kwaye ezi zinto zibonakala ebomini babo bonke abaqhagamshelene naYe. Njengababelana ngesipho sezulu, bafanele ukuhambela phambili ekugqibeleleni; balondolozwe ngamandla kaThixo ngokholo (1 Petros 1:5). Kukuzukisa kukaThixo ukupha abantwana baKhe ukulunga. Ulangazelela ukubona amadoda nabafazi befikelela kowona mgangatho uphezulu; xa becela amadinga aKhe angeke asilele, bewabanga njengawabo, kuthi ukuba, ngokuncekelela okungenakwaliwa, bafuna amandla kaMoya Oyingcwele, benziwe baphelele kuYe.IZ 530.2

    Lakuba ikholwa lamkele inkolo yeendaba ezilungileyo, umsebenzi walo olandelayo, kukongeza esimilweni salo ukulunga, lize liyihlambulule intliziyo, liyilungise ingqondo ukuba yamkele ukumazi uThixo. Olu lwazi lusisiseko sayo yonke imfundo yenene nako konke ukukhonza okunyanisekileyo. Kuphela kwesikhuselo ngakwisilingo; kwaye koku kuphela okunokumenza umntu afane nesimilo sikaThixo. Ngokwazi uThixo noNyana uYesu Kristu, ikholwa linikwa izinto “ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo.” Asikho isipho esilungileyo angasinikwayo lowo olangazelela ngokunyanisekileyo ukufumana ubulungisa bukaThixo.IZ 530.3

    “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade,” watsho uYesu, “ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” Yohane 17:3. Umprofeti uYeremiya wavakalisa esithi: “Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso, igorha malingaqhayisi ngobugorha balo, isityebi masingaqhayisi ngobutyebi baso. Oqhayisayo makaqhayise ngale nto yokuba endiqiqa, endazi mna ukuba ndinguYehova, owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini; ngokuba ndinanze ezo zinto; utsho uYehova.” Yeremiya 9:23, 24. Kunqabile ukuba ingqondo yomntu ibuqonde ububanzi nobunzulu nokuphakama apho anokufikelela khona lowo uluzuzayo olu lwazi.IZ 531.1

    Akakho ekufuneka angafikeleli, kuloo ndawo akuyo, ekugqibeleleni kwesimilo sobuKristu. Ngombingelelo kaKristu, umsindleko uwenzele okholwayo ukuba akuzuze konke okunento yokwenza nobomi kunye nobungcwele. UThixo usibizela ukuba sifikelele kumgangatho wokufezeka, kwaye ubeke phambi kwethu umzekelo wesimilo sikaKristu. Kwimo yaKhe yobuntu, enziwe wafezeka kukuzingisa ekumelaneni nobubi, uMsindisi wasibonisa ukuba, ngokusebenzisana nobuThixo, abantu bangafikelela ekufezekeni kwesimilo kobu bomi. Le yingqinisekiso kaThixo kuthi, ukuba nathi singafikelela kuloyiso olupheleleyo.IZ 531.2

    Phambi kwekholwa, kumiswe imo enokwenzeka, ekukufana noKristu, ukuthobela yonke imithetho-siseko yomthetho. Yena umntu ngokwakhe akangeke afikelele kule meko. Ubungcwele athi uThixo kufuneka abe nabo phambi kokuba asindiswe busisiphumo sokusebenza kobabalo olungcwele, xa ethoba elulamela ukuqeqeshwa neempembelelo ezimthibazayo zikaMoya wenyaniso. Ukuthobela komntu kungenziwa isenzo sokuthobela ngevumba elingcwaele. Inxaxheba yomKristu kukuzingisa ekoyiseni sonke isiphoso. Lonke ixesha kufuneka athandaze kuMsindisi ukuba aphelise zonke iziphene zomphefumlo wakhe ogula sisono. Akanawo amandla nobulumko bokoyisa; ezi zizezeNkosi, kwaye izinika abo bathi ngokuzithoba nokutyumka bafune kuYo uncedo.IZ 532.1

    Umsebenzi wokwenziwa ngokutsha, ukusuka kukungabi ngcwele kuse ebungcweleni, ngumsebenzi oqhubeka njalo. Imihla ngemihla uThixo usebenzela ukungcwalisa umntu, kufuneke ukuba umntu asebenzisane naYe, esenza amalinge anyamezelayo ekukhuliseni imikhwa elungileyo. Kufuneka ongeze ubabalo elubabalweni; athi ngokusebenza kwicebo lokudibanisa, uThixo amsebenzele icebo lokuphindaphinda. UMsindisi wethu uhleli ekulungele ukuva, aphendule umthandazo wentliziyo etyumkileyo, kuze kuphindaphindwe ubabalo noxolo kwabo baKhe bathembekileyo. Ngovuyo, ubanika iintsikelelo abazidingayo edabini labo nobubi obubarhangqileyo.IZ 532.2

    Bakho abo bazama ukunyuka ileli yenkqubela ebuKristwini; kodwa bathixabebheka phambili,basuke bathembeleemandleniomntu, bazekwakamsinyanebangamboniuYesu iMbanginoMgqibelelisi wokholo. Isiphumo kukusilela—ukulahleka kwako konke ebekuzuziwe. Ilusizi ngokwenene imeko yabo, bathi bakudinwa endleleni, bavumele utshaba lwemiphefumlo ukuba lubahluthe izibabalo zobuKristu ezibe zihluma ezintliziyweni nasebomini babo. “Lowo zingekhoyo kuye ezo zinto,” utsho umpostile, “uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjuluwa kwezono zakhe zakudala.”IZ 533.1

    Umpostile uPetros wayenamava ahamba indlela ende ngezinto zikaThixo. Ukukhokelelwa kumandla kaThixo okusindisa kwaya kuqina ngokuhamba kweminyaka, wada wakuqonda, ngokungathandabuzekiyo, ukuba, ayikho indlela yokusilela phambi kwalowo othi, ehambela phambili elukholweni, anyuke inqwanqwa ngenqwanqwa, athi rhoqo enyuka ebheka phambili, kuse kwelona liphezulu inqwanqwa kwileli efikelela kumasango ezulu.IZ 533.2

    Kwiminyaka emininzi, uPetros wayesoloko ewakhuthaza amakholwa ngokufuneka kokukhula ngamaxesha onke elubabalweni nasekuyazini inyaniso; waza wathi ngoku, esazi ukuba kuza kufuneka abizelwe kubufela-nkolo ngenxa yokholo lwakhe, waphinda wayitsalela ingqondo kumalungelo axabisekileyo anokufikelelwa likholwa. Ngengqiniseko epheleleyo yokholo lwakhe, ixhego lomfundi labavuselela abazalwana balo ukuba baqine kwinjongo yobomi bobuKristu. “Makube kukhona nikhuthalele,” wabacela, “ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke. Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.” Ingqiniseko enexabiso! Linozuko ithemba eliphambi kwekholwa njengoko lihambela phambili ngokholo lisiya kwimimango ephezulu yemfezeko yobuKristu!IZ 533.3

    “Kungoko ndingakuyekiyo,” uyaqhubeka umpostile, “ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni. Ndiba ke kubulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza; ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo. Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto.”IZ 534.1

    Umpostile wayekufanele ngokupheleleyo ukuthetha ngeenjongo zikaThixo ngokubhekisele kuhlanga loluntu; kuba, ngemihla yokuqala yokulungiselela kukaKristu, wayebone, weva kakhulu ngobukumkani bukaThixo. “Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga,” wawakhumbuza amakholwa, “sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe. Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye. Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele.”IZ 534.2

    Nangona babunamandla okoyisa ngolo hlobo ubungqina bethemba lamakholwa, babusekho obunye oboyisayo nabo, ubungqina besiprofeto, olwaluya kuqinisekiswa lumiliselwe ngaso ukholo. “Sinalo,” watsho uPetros, “nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu; nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya Oyingcwele.”IZ 534.3

    Ngexesha ephakamisa “ilizwi eliqinisekileyo elilelobuprofeti” njengesikhokelo esikhuselekileyo ngamaxesha omngcipheko, ngesidima umpostile ulumkisa ibandla ngesibane sobuprofeti bobuxoki, esasiza kuphakanyiswa nga “baprofeti ababuxoki,” ababeza kungenisa bucala “amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke (iNkosi).” Aba bafundisi bobuxoki, abaphuma ebandleni bathatyathwe njengabanyanisekileyo ngabazalwana abaninzi enkolweni, umpostile uthi, “bayimithombo engenamanzi, amafu aqhutywa luqhwithela, besigcinelwe bona isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.” “Iziphelo zabo zabamandundu,” watsho,” kuneziqalo zabo. Kuba kubalungelekanye, ukuba babengayazanga indlela yobulungisa, kunokuba bathi beyazile, babuye umva, baphume kuwo umthetho ongcwele abawuwiselwayo.”IZ 535.1

    Ekhangele phambili ezizukulwaneni kuse ekupheleni kwexesha, uPetros waphefumlelwa ukuba andlale iimeko eziya kubakho kanye phambi kokubuya kwesibini kukaKristu. “Kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki,” wabhala, “behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.” Noko kunjalo, “xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalalo ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.” 1 Tesalonika 5:3. Asingabo bonke abaya kubanjiswa sisabathasamacebootshaba.Njengoko siya kufika isiphelo sazo zonke izinto, bakho abaya kuthembeka abaya kuyiqonda imiqondiso yamaxesha. Lo gama iqela elikhulu elizibiza ngokuthi liyakholwa, liya kuthi, ngemisebenzi yalo, lilukhanyele ukholo, kuya kubakho amasalela aya kunyamezela kude kuse ekupheleni.IZ 535.2

    UPetros waligcina liphilile entliziyweni yakhe ithemba lokubuya kukaKristu, waza waliqinisekisa ibandla ngokuzaliseka okuqinisekileyo kwedinga loMsindisi, “Ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam.” Yohane 14:3. Kwabo bavavanyiweyo abathembekileyo, kungakhangeleka kulibele ukufika, kodwa umpostile uyabaqinisekisa: “INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni. Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.IZ 536.1

    “Ezo zinto zonke ngoku zichithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo; nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale zithi neziqalelo zitshe zinyibilike? Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.IZ 536.2

    “Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako. Ukuzeka kadeumsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso, njengoko wanibhalelayo. . . . Nina ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina. Khulani ke elubabalweni nasekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.”IZ 536.3

    Ngolwazelelo lukaThixo, uPetros wavunyelwa ukuba awuvalele eRoma umsebenzi wokulungiselela kwakhe, apho, ukuvalelwa kwakhe entolongweni kwayalelwa ngukumkani uNero, phantse ngexesha lokubanjwa okokugqibela kukaPawulos. Ngolo hlobo, isibini sabapostile abadala, ababehlukene ngokubanzi iminyaka emininzi ekusebenzeni kwabo, banika ubungqina babo bokugqibela ngoKristu kwisixekokazi sehlabathi, laza laphalala kumhlaba waso igazi labo njengembewu yesivuno esikhulu sabangcwele kunye namafela-nkolo.IZ 537.1

    Kususela ekubuyiselweni kwakhe emva kokukhanyela uKristu, uPetros wakhangelana ngokungagungqiyo nengozi, wabonisa isibindi esinesidima ekushumayeleni ngoMsindisi owabethelelwayo, wavuka, wabuya wanyuka. Ngexesha elele esiseleni, afika engqondweni yakhe amazwi awathethwa nguKristu kuye, athi: “Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye; akuse apho ungathandiyo.” Yohane 21:18. Ngolo hlobo uYesu wenza ukuba umfundi azi kwa-indlela yokufa kwakhe, wada waxela nangokwanekwa kwezandla zakhe emnqamlezweni.IZ 537.2

    UPetros, njengomYuda nowasemzini, wagwetyelwa ukuba atyabulwe ngokubethwa aze abethelelwe emnqamlezweni. Wathi ejongene nokufa kwakhe, umpostile wakhumbulaisonosakheesikhulusokukhanyela uYesu ngeyure yokulingwa kwaKhe. Lowo wayeke akakulungela ukuwuvuma umnqamlezo, ngoku wayekubalela ukuba kuluvuyo ukunikela ubomi bakhe ngenxa yeendaba ezilungileyo, esiva nje ukuba, ngenxa yalowo wayikhanyelayo iNkosi yakhe, ukufa ngokohlobo iNkosi yakhe eyafa ngalo kuluzuko olugqithisileyo kakhulu. UPetros wayeguquke ngokwenene kweso sono kwaye wayesixolelwe nguKristu, njengoko kwabonakaliswa kumyalelo omkhulu wokondliwa kwezimvu neemvana zomhlambi. Yena akazange akwazi ukuzixolela. Nengcamango yeentlungu zemiboniso emibi yokugqibela azizange zibe nokubunciphisa ubukrakra bentlungu nokuguquka kwakhe. Kuye, okokugqibela okuhle awazenzela kona, kwaba kukucela abo babembulala ukuba abethelelwe emnqamlezweni intloko yakhe ijonge ezantsi. Kwenziwa ngokwesicelo sakhe, waba ufa ngaloo ndlela umpostile omkhulu.IZ 537.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents