Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Izenzo Zabapostile

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    55—Ukuguqulwa Ngobabalo

    Ebomini bomfundi uYohane kwakubonakala umzekelo wokungcwaliswa kwenene. Ngeminyaka yokunxulumana kwakhe kakhulu noYesu, wayesoloko ecetyiswa, elunyukiswa nguMsindisi; waye ekwamkela ukuthethiswa. Njengoko sasityhiliwe kuye isimilo sOyingcwele, uYohane wazibona apho anentswelo khona yaza yamthoba intyilelo leyo. Yonke imihla, ngokungafaniyo nomoya wakhe wobubhovubhovu, wayebona ububele nokunyamezela kukaYesu, esiva izifundo zaKhe ngokuzithoba nomonde. Yonke imihla intliziyo yakhe yayitsalekela kuKristu, wada walahlekwa kukuzibona yena ngenxa yokuthanda iNkosi yakhe. Amandla nobubele, ubukhosi nokuthobeka, ukomelela nomonde, awazibona kubomi bamihla yonke kuNyana kaThixo, bawuzalisa umphefumlo wakhe ngothando. Umoya wokuziphatha kwakhe othiyekileyo nothanda udumo wawuyekela kumandla adalayo kaKristu, lwaza uthando olungcwele lwazisa inguquko esimilweni sakhe.IZ 557.1

    Ngokuchasene kakhulu nokungcwaliswaokwenzeka ebomini bukaYohane, kwenzeka komnye umfundi kunye naye, uYudas. Njengeqabane lakhe, uJudas wayesithi ungumfundi kaKristu, kodwa wayenemo nje yobuthixo. Wayengengomntu ungavakalelwayo bubuhle besimilo sikaKristu; ade athi, rhoqo xa ephulaphule amazwi oMsindisi, oyiseke, kodwa angayithobi intliziyo yakhe okanye azivume izono zakhe. Ngokuxhathisa kwimpembelelo, wayengayizukisi iNkosi yakhe awayesithi uyayithanda. UYohane waziswa ngokwenene iimpazamo zakhe; kodwa yena uJudas wagqitha kuso isazela sakhe waziyekela esilingweni, eziqamangela ngakumbi ngemikhwa yobubi. Ukwenza iinyaniso ezazifundiswa nguKristu kwakuchasene neminqweno nenjongo yakhe, waye engakwazi ukuzinikela iingcamango zakhe ukuba zamkele ubulumko obuphuma ezulwini. Endaweni yokuhamba ekukhanyeni, wakhetha ukuhamba ebumnyameni. Iminqweno emibi, ukubawa, imizwa yempindezelo, iingcinga ezimnyama nezifihlakeleyo, wazithanda, wada uSathana wamlawula ngokupheleleyo.IZ 558.1

    UYohane noYudas bamele abo bazibiza ngokuba bangabalandeli bakaKristu. Bobabini aba bafundi babenamathuba afanayo okufunda nokulandela umBoniso womfuziselo ongcwele. Bobabini babesondelelene kakhulu noYesu benelungelo lokumamela ukufundisa kwaKhe. Elowo wayeneziphako ezibi esimilweni; elowo ekwazi ukufikelela kubabalo lwezulu olusiguqulayo isimilo. Sekunjalo, ngexesha omnye, ngokuzithoba, efunda kuYesu, omnye wabonisa ukuba akanguye umenziwelizwi, kodwa ungumphulaphuli kuphela. Omnye, esifa yonke imihla kumna, asoyise isono, wangcwaliswa ngayo inyaniso; omnye, exhathisa kumandla aguqulayo obabalo eziyekela kwiminqweno yesono, wenziwa ikhoboka nguSathana.IZ 558.2

    Inguquko enjalo esimilweni, eyabonwa ebomini bukaYohane, lonke ixesha isisiphumo sokuxhumana noKristu. Zinokubakho iimpawu ezibalaseleyo esimilweni somntu, kanti uthi akuba ngumfundi onyanisekileyo kaKristu, amandla obabalo olungcwele ayamguqula amngcwalise. Elubona ngokwaseglasini uzuko lweNkosi, usuka ahambele phambili eluzukweni, ade afane naLowo amthandayo.IZ 559.1

    UYohane wayeyititshala yobungcwele, abe kwiincwadi zakhe ebeka imigaqo engaphosisiyo yokuziphatha komKristu. “Bonke abanalo eli themba kuye,” wabhala watsho, “bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.” “Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.” 1 Yohane 3:3; 2:6. Wafundisa ukuba umKristu kufuneka ahlambuluke intliziyo nobomi. Akufuneki aneliswe kukuzibiza nje [ngoKristu] okungaphethe nto. Njengoko uThixo engcwele kwindawo yaKhe, ngokunjalo nomntu ewile nje, ngokukholwa kuKristu, naye makabe ngcwele endaweni yakhe.IZ 559.2

    “Kuba oku kukuthanda kukaThixo,” wabhala watsho uPawulos, “ukungcwaliswa kwenene.” 1 Tesalonika 4:3. Ukungcwaliswa kwebandla yinjongo kaThixo kuko konke ukuphathana kwaKhe nabantu baKhe. Wabanyula ukususela kunaphakade, ukuze babe ngcwele. Wanikela ngoNyana waKhe ukuze abafele, ukuze bangcwaliseke ngokuthobela inyaniso, behlutywe nokona kuncinane ku-mna. Kubo ulindele umsebenzi womntu, nokuzinikela komntu ngamnye. UThixo unokuzukiswa ngabo bathi bayakholwa kuYe, kuphela xa bemilisa okomfanekiselo waKhe belawulwa nguMoya Oyingcwele. Ngoko ke, njengamangqina oMsindisi, benokwazisa oko ubabalo lwezulu lubenzele kona.IZ 559.3

    Ukungcwaliswa kwenene kuza ngokusebenza komthetho-siseko wothando. “UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.” 1 Yohane 4:16. Ubomi balowo uKristu ahleli kuye, buya kutyhila ubuthixo obuphathekayo. Isimilo siya kwenziwa nyulu, sinyuswe, siphakanyiswe, sizukiswe. Imfundiso enyulu iya kuhambelana nemisebenzi yobulungisa; imithetho yezulu ixubane nezenzo ezingcwele.IZ 560.1

    Abo banga bangazuza intsikelelo yokungcwaliswa, kufuneka baqale bafunde intsingiselo yokuzincama. Umnqamlezo kaKristu uyintsika esesazulwini ekujinga kuyo “ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade.” “Ukuba kukho othanda ukundilandela,” uthi uYesu, “makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.” 2 Korinte 4:17; Mateyu 16:24. Livumba lothando lwethu kubantu bethu elityhila ukumthanda kwethu uThixo. Lunyamezelo emsebenzini oluzisa uphumlo emphefumlweni. Kungokuzithoba, ukukhuthala, ukusebenza ngokunyaniseka ekuthi ukuhlala kakuhle kukaIsrayeli kukhuthazeke. UThixo uyamphakamisa amomeleze lowo unentumekelelo ukulandela indlela kaYesu.IZ 560.2

    Ukungcwaliswa asingomsebenzi womzuzu, iyure, usuku, kodwa ngowobomi bonke. Akuzuzwa ngokuziva okunolonwabo olubalekayo, kodwa kusisiphumo sokufa rhoqo esonweni, nokuphilela uKristu rhoqo. Iziphozo azingeke zilungiswe okanye uhlaziyo lubekho esimilweni ngemizamo ebuthakathaka nefika izinqam. Kungomzamo omde nozingileyo kuphela, ingqeqesho ebuhlungu, nokulwa kakhulu, esinokuthi soyise. Asazi ukuba idabi lethu elilandelayo liya kuqina kangakanani ngenye imini. Lonke ixesha uSathana esalawula, siya kuba nomna ekufuneka simcinezele phantsi, izono eziphazamisayo ekufuneka sizoyisile, lonke ixesha ubomi busekho, akuyi kubakho ndawo yakuma, akukho ndawo sinokufika kuyo sithi, ndifumene konke. Ukungcwaliswa sisiphumo sokuthobela bonke ubomi bokuphila.IZ 560.3

    Akukho kubapostile nabaprofeti abakha babanga ukuthi abanaso isono. Abantu ababesondele kakhulu kuThixo, abantu ababebuncama ubomi babo endaweni yokwenza okungalungileyo besazi, abantu uThixo abahloniphe ngokukhanya namandla ezulu, bayivumile indalo yabo enokuba nesono. Abathembelanga enyameni, bengabanganga bulungisa babo, kodwa bathembela ngokupheleleyo kubulungisa bukaKristu.IZ 561.1

    Kuya kubanjalo kubo bonke abambonayo uKristu. Okona sisondela kuYesu, nokukona sibuqonda ngokupheleleyo ubunyulu besimilo saKhe, kokona siya kububona ngokucace kakhulu ububi besono, siwe nganeno ekuziveni sifuna ukuziphakamisa. Kuya kubakho ukuzama komphefumlo ukufikelela kuThixo okungayi kunqamka, ukuvuma isono okuzingileyo, okunyanisekileyo, nokwaphula intliziyo nokuthobeka kwentliziyo phambi kwaKhe [uThixo]. Kulo lonke inyathelo elibheka phambili ebomini bethu bobuKristu, iya kuba nzulu inguquko yethu. Siya kwazi ukuba ukufaneleka kwethu kukuKristu kuphela, size senze ukubaisivumo sikampostile sibe sesethu: “Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kuthi enyameni yam, akumi okulungileyo.” Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni,” Roma 7:18; Galati 6:14.IZ 561.2

    Iingelosi ezibhala ingxelo mazibhale imbhali yamadabi angcwele neembambano zabantu bakaThixo; mazibhale imithandazo yabo neenyembezi zabo; kodwauThixo makangahlaziswa ngokuphuma emilebeni yabantu, [besithi], “Andinasono; ndingcwele.” Imilebe engcwalisiweyo ayinako ukuphuma amazwi anobuganga obunjalo.IZ 561.3

    Umpostile uPawulos wayexhwilelwe kwelesithathu izulu wazibona waziva izinto ezazithethwa, ukanti intetho yakhe elulamileyo ithi: “Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma . . . oko.” Filipi 3:12. Iingelosi zezulu mazibhale ngoloyiso lukaPawulos ekulweni okulungileyo kokholo. Malivuye izulu ngokuqina kokuya kwakhe ezulwini, nokuba, ukuhlala ekhangele emvuzweni, uyibala yonke enye into njengenkunkuma. Iingelosi ziyakuvuyela ukuxela ngoloyiso lwakhe, kodwa uPawulos akaqhayisi ngoko akwenzileyo.Ingqondo kaPawulos yingqondo emelwe kukuba kuye wonke umlandeli kaKristu xa ezamana nendlela yakhe ebheka phambili edabini lesithsaba esingenakonakala.IZ 562.1

    Abo baziva bekekelele ekwenzeni uvumo oluphezulu lobungcwele mabakhangele kwisipili esingumthetho kaThixo. Xa bebona amabango awo afikelela kude, bawazi umsebenzi wawo njengofunda iingcinga nezicamango zentliziyo, abasayi kuqhayisa ngokungabi nasono. “Ukuba sithi,” utsho uYohane, engazahluli naye kubazalwana bakhe, “asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.” “Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.” “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele kuko konke ukungalungisi.”1 Yohane 1:8, 10, 9.IZ 562.2

    Bakho abo bathi bangcwele, abavakalisa ukuba ngokupheleleyo ngabeNkosi, ababanga ukubanelungelo kumadinga kaThixo, babe bengafuni ukuyithobela imithetho yaKhe. Aba baphuli bomthetho bayayibanga yonke into ethenjiswe abantwana bakaThixo; kodwa oku kukuzenzisa kubo, kuba uYohane uyasixelela ukuba, uthando lwenene kuThixo luya kutyhilwa kukuyithobela yonke imithetho yaKhe. Akwanelanga ukukholwa yingcamango yenyaniso, ukuzibiza ngokuthi uyakholelwa kuKristu, ukukholwa ukuba uKristu akalobhedengu, nokuba inkolo yeBhayibhile ayibubo ubuqhophololo bentsomi obucetyiweyo. “Lowo uthi ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe,” uthi uYohane, “ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.” “Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo.” 1 Yohane 2:4, 5; 3:24.IZ 562.3

    UYohane akazange afundise ukuba usindiso kufuneka lwamkelwe ngokuthobela; kodwa ukuthobela kwakusisiphumo sokholo nothando. “Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu,” utsho [uYohane], “kananjalo akukho sono kuye. Bonke abahlala kuye aboni;bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi.” 1 Yohane 3:5, 6. Ukuba sihleli kuKristu, ukuba uthando lukaThixo luhleli entliziyweni, izimvo zethu, iingcinga zethu, izenzo zethu, ziya kuhambelana nentando kaThixo. Intliziyo engcwalisiweyo iyahambelana nemimiselo yomthetho kaThixo.IZ 563.1

    Baninzi abathi, naxa bezama ukuthobela imithetho kaThixo, babe noxolo okanye uvuyo oluncinane. Le ntswelo kumavaabo isisiphumo sokusilela ekusebenziseni ukholo. Bahamba ngokungathi basemhlabeni onetyuwa, intlango ebharhileyo. Babangakancinane, nangona bebenokubangakakhulu; kuba akukho mda kumadinga kaThixo. Abanjalo abakumeli ngokufanelekileyo ukungcwaliswa okubakho ngokuthobela inyaniso. INkosi inga bonke oonyana bayo neentombi zayo, zinganolonwabo, uxolo nokuthobela. Ngokusebenzisa ukholo, okholwayo ubanazo ezi ntsikelelo. Ngokholo, konke okusilelayo esimilweni kuyafunyanwa, konke okungcolileyo kuyahlanjwa, sonke isiphoso siyalungiswa, konke okuhle kuyaphuhliswa. [564]IZ 563.2

    Umthandazo yindlela yempumelelo ebekelwe bucala yangcwaliswa lizulu kwidabi nesono nasekuphuhlisweni kwesimilo sobuKristu. Impembelelo yezulu ethi ifike iyimpendulo kumthandazo wokholo, iya kukufeza emphefumlweni walowo ubongozayo konke akucelayo. Ukuxolelwa isono, uMoya Oyingcwele, ubume nengqondo obufanele umKristu, ubulumko namandla olwenza umsebenzi waKhe, naso nasiphina isipho asithembisileyo, zizinto esinokuzicela; kwaye isithembiso sithi, “Niya kuzuza.”IZ 564.1

    Kwakusentabeni noThixo apho uMoses wabona umzekelo weso sakhiwo sihle kakhulu esasiza kuba yindawo ehleliyo yozuko lwaKhe. Kusentabeni noThixo—kwindawo esemfihlakalweni yothethwano—esithi kuyo sicamngce ngemfezeko ezukileyo yaKhe ngoluntu. Kuzo zonke izizukulwana, ngendlela yoqhagamshelano nezulu, uThixo uyicwangcisile injongo yaKhe ngabantwana baKhe ngokutyhila kancinane kancinane ezingqondweni zabo iimfundiso zobabalo lwaKhe. Indlela yokudlulisa inyaniso iboniswe kumazwi athi, “Ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo.” Hoseya 6:3. Lowo uzibeke apho uThixo anokumkhanyisela khona, ubheka phambili, njalo, esuka kwimfihlakalo engaqibelelanga yokusa ase ekukhanyeni okuqaqambileyo kwemini enkulu.IZ 564.2

    Ukungcwaliswa kwenene kuthetha uthando olugqibeleleyo, ukuthobela okugqibeleleyo, ukuhambelana nentando kaThixo ngokugqibeleleyo. Kufuneka singcwaliswe ngokuthobela inyaniso. Isazela sethu kufuneka sihlanjwe kwimisebenzi efileyo ukuze sikhonze uThixo ophilileyo. Asikagqibeleli; kodwa kulilungelo lethu ukuqhawula iimbophelelo zika-mna nesono, sibheke phambili ekugqibeleleni. Izinto ezinkulu ezinokwenzeka, ukufikelela kokuphezulu nokungcwele, zizinto ezibekwe ukuze zibe nokufikeleleka kumntu wonke.IZ 565.1

    Isizathu sokuba abaninzi kule mihla ehlabathini bangahambeli phambili kakhulu ebomini obungcwele kungokuba bayithabatha intando kaThixo ukuba iyinto nje abangathanda ukuyenza. Bathi belandela iinkanuko zabo, bazikhohlise ngokuba bahambelana nentando kaThixo. Aba abalwi no-mna. Bakho nabanye abakhe banayo, ixesha elithile, impumelelo kwidabi leminqweno yokuzithandela iziyolo nokonwaba. Banyanisekile bathembekile, kodwa bayadinwa lidabi elitsalayo, lokufa yonke imihla, nengxushungxushu engapheliyo. Ukunqena kukhangeleka kunomtsalane, ukufa kumna kuyeyisa; baze bawavale amehlo abo azele bubuthongo bawe phantsi kwegunya lesihendo endaweni yokumelana naso.IZ 565.2

    Imiyalelo ebekiweyo elizwini likaThixo ayishiyi gumbi lakuvumelana nobubi. UNyana kaThixo wabonakaliswa ukuba abatsalele kuYe abantu. Akazange eze ukuba alimbambazelele ebuthongweni ihlabathi, kodwa ukuze abonise indlela emxinwa ekufuneka bahambe kuyo bonke abanga, ekugqibeleni, bangafika kumasango esiXeko sikaThixo. Abantwana baKhe kufuneka balandele apho athe wayikhokelela khona ndlela; nokuba kubengakanani ukuncama ukonwaba okanye ukuzithandela kokuziyekelela, nokuba libe ngakanani ixabiso lokusebenza nzima okanye ukubulaleka, mabahlale behleli bethe rhoqo edabini nomna.IZ 565.3

    Okona kubonga kukhulu ngaphezu kwako konke okunokuziswa ngabantu kuThixo kukuba ngamajelo anokuthi asebenze ngawo. Ixesha lidlula ngokukhawuleza ukuya kunaphakade. Masingakubambi ngakuThixo oko kukokwaKhe. Masingali ukumnika oko, esingenakunikela ngaphandle komvuzo, kodwa singenako ukukugcina kungonakali. Ufuna intliziyo yonke; mnikeni; yeyaKhe, ngeendlela ezimbini, ukudala nokuhlangula. Ufuna ingqondo yenu; mnikeni; yeyaKhe. Ufuna imali yenu; mnikeni; yeyaKhe. “Aningabenu, kuba nathengwa ngexabiso.” 1 Korinte 6:19, 20. UThixo ufuna intlonipho yomphefumlo ongcwalisiweyo, ozilungisileyo, ngokusebenzisa ukholo olusebenza ngothando, ukuba umsebenzele. Usibekele owona mgangatho uphezulu, ukugqibelela. Uthi masibe ngabaKhe ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo njengokuba naYe enjalo endaweni yethu phambi koThixo.IZ 566.1

    “Oku kukuthanda kukaThixo” ngani, “ukungcwaliswa kwenu.” 1 Tesalonika 4:3. Ingaba ikwayintando yenu nani? Nokuba izono zenu zinganje ngentaba phambi kwenu; ukuba niyayithoba intliziyo yenu, nizivume izono zenu, nithembele kukulunga koMsindisi owabethelelwayo wabuya wavuka, uya kunixolela anihlambulule kuko konke ukungalungisi. UThixo ubanga intobelo epheleleyo kumthetho waKhe. Lo mthetho ukukuvakala kwelizwi laKhe lisithi kuni, uNgcwele kakhulu, ewe, usengcwele. Langazelelani ukuphelela kobabalo lukaKristu. Intliziyo yenu mayizaliswe kukulambela okukhulu kobulungisa baKhe, umsebenzi ilizwi likaThixo elivakalisa ukuba luxolo,nempembelelo yalo, ukukuzola nengqiniseko kanaphakade.IZ 566.2

    Xa umphefumlo wenu unxanelwe uThixo, niya kufumana okungaphezulu kakhulu kubutyebi obungenakuphela bobabalo lwaKhe. Xa nicinga ngobu butyebi, niya kubufumana, buze bunityhilele ukulunga kombingelelo woMsindisi, ukukhusela kobulungisa baKhe, ukuphelela kobulumko baKhe, namandla aKhe okunimisa phambi kukaBawo“ningenabala, ningenasiphako.” 2 Petros 3:14.IZ 567.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents