Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    25—Ukubizwa KukaIsaya

    Ukulawula ixesha elide kukaUziya [owayekwaziwa ngokuba nguAzariya] elizweni lakwaYuda nakwaBhenjamin kwaba nempumelelo enkulu kunalo nolowuphi umlawuli kususela ukuba kwafa uSolomon, phantse iinkulungwane ezimbini ngaphambili. Kwaba yiminyaka emininzi ukumkani elawula ngobulumko. Phantsi kokusikelelwa liZulu, imikhosi yakhe yazuza umhlaba owawulahleke kwiminyaka yangaphambili. Izixeko zakhiwa zaqiniswa ngokutsha, yaza indawo yesizwe phakathi kwezo zijikelezileyo yanamandla kakhulu. Urhwebo lwavuseleleka, baza ubutyebi bezizwe baqukuqela ukungena eYerusalem. Igama likaUziya “laduma . . . lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.” 2 IZikronike 26:15.AN 303.1

    Le mpumelelo yangaphandle, phofu, yayingaphelekwa yimvuselelo ekwafana nayo yamandla asemoyeni. Iinkonzo zasetempileni zaziqhutywa njengeminyaka yangaphambili, zaye izihlwele zihlanganaukubazinquleuThixoophilileyo;kodwa ikratshi nesiqhelo zizinto ezathi kancinane zathabatha indawo yokuthobeka nokunyaniseka. NgoUziya kubhalwe kwathiwa: “Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe.” Indima 16.AN 303.2

    Isono esaba sisiphumo esaba yingozi enkulu ku-Uziya saba kukuba nobuganga. Ukwaphula umyalelo ocacileyo kaYehova, ekungekho namnye, ngaphandle kwenzala ka-Aron, owayenokusebenza njengombingeleli, ukumkani wayengena engcweleni “ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso.” uAzariya, umbingeleli omkhulu nabo wayesebenza nabo, bakhalima, bacengana naye ukuba abuye kwinjongo yakhe, “Wenza ubumenemene,” bamthethisa; “akuluzuko oko kuwe.” Iindima 16, 18.AN 304.1

    U-Uziya wazaliswa yingqumbo kuba yena, engukumkani, angxoliswe ngolo hlobo. Sekunjalo, akazange avunyelwe ukuba angcolise ingcwele ngokuchasene nokukhalaza okumanyeneyo kwabo basegunyeni. Wathi emi apho, ekuvukelo oluzele yingqumbo, ngequbuliso wabethwa ngesohlwayo sezulu. Iqhenqa lavela ebunzini lakhe. Ngokothuka wabaleka, akaze aphinde angene entendelezweni yetempile. Kwada kwayimini afa ngayo, sekuyiminyaka emva koko, u-Uziya wahlala eneqhenqa—engumzekelo ophilayo wobudenge bokumka kwisaci esicacileyo esithi, “Utsho uYehova.” Isikhundla sakhe esiphakamileyo okanye ixesha elide lobomi bakhe esebenza, zizinto ezingazange zikwazi ukumthethelela kwisono sakhe sokuba nobuganga nawathi ngaso wayingcolisa iminyaka yokugqibela yolawulo lwakhe, saza sazisa phezu kwakhe ukohlwaywa liZulu.AN 304.2

    UThixo akamkhethi wabuso bamntu. “Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.” Numeri 15:30.AN 304.3

    Isigwebo esahlela u-Uziya kubonakala ngathi saba nempembelelo yokumqhobosha unyana wakhe. UYotham wathwala ubunzima ngexesha leminyaka yokugqibela yolawulo lukayise, waza walandela ukuhlala etroneni akuba u-Uziya efile. NgoYotham kubhalwe kwathiwa: Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; wenza njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise. Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.” 2 Kumkani 15:34, 35.AN 305.1

    Ulawulo lukaUziya lwalusondela ekupheleni, waye uYotham wayesele eyithwele imithwalo emininzi yesizwe, ngexesha uIsaya, owayengumntwana wegazi, wayebizwa, esengumfana omncinane, ukuba athabathe umsebenzi wobuprofeti. Amaxesha awayeza kusebenza ngawo uIsaya ayezele yingozi ekhethekileyo ebantwini bakaThixo. Umprofeti wayeza kubona ukungenelwa kukaYuda yimikhosi ehlangeneyo kaIsrayeli ongasentla kunye neyaseSiriya; wayeza kubona imikhosi yamaSiriya engqingwa phambi kwezixeko eziphambili zobukumkani. Ngexesha lokuphila kwakhe, iSamari yayiza kuwa, zize izizwe ezilishumi zikaSriayeli zisasazwe phakathi kweentlanga. UYuda wayeza kuphindaphindwa ukuhlaselwa yimikhosi yama-Asiriya, yona iYerusalem iza kuba nokungqingwa okwakuza kuba nesiphumo sokuwa kwayo ukuba uThixo wayengathanga angenelele ngokomlingo. Zazise zikhona iingozi ezimbi ezazigangqela uxolo lobukumkani basezantsi. Inkuseleko yezulu yayisuswa, yaye imikhosi yama-Asiriya ikufuphi ukuba iligubungele ilizwe lakwaYuda.AN 305.2

    Eyona nto, iingozi zangaphandle, sezingathi zingagubungela njalo, zazingekho mbi ukudlula iingozi zangaphakathi. Yayibubugwenxababantubakhe obazisa umkhonzikaYehova eyona ngxaki inkulu nolona luxinzelelo lunzulu. Ngokukreqa novukelo, abo babemele ukuba bamile njengabathwali kukhanya phakathi kweentlanga, ngabo ababemema izohlwayo zikaThixo. Ububi obubobona buninzi obabuphangisa intshabalalo ekhawulezileyo yobukumkani basentla [bukaIsrayeli], nobabusanda ukukhalinyelwa ngamazwi abukhali angenako ukuphazanywa nguHoseya noAmosi, babukhawulezisa ukonakalisa ukubumkani bakwaYuda.AN 306.1

    Inkangeleko yayityhafisa ngendlela eyodwa ngokubhekiselele kwiimeko zokuhlala kwabantu. Ekulangazeleleni kwabo ukufumana inzuzo, abantu babesongeza indlu kwindlu nentsimi kwintsimi. Khangela kuIsaya 5:8. Ubulungisa babugqwethiwe, kungekho luvelwano lubonakaliswayo kwabangamahlwempu. Ngenxa yobu bubi, uThixo wathi, “Okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu. Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusile ubuso beentsizana?” Isaya 3:14, 15. Nabo babengabaxoxi bamatyala, ingumsebenzi wabo ukukhusela abangenaluncedo, bayisusa indlebe yabo ekuveni izikhalo zamahlwempu nabasweleyo, zabahlolokazi nabaziinkedama. Khangela kuIsaya 10:1, 2.AN 306.2

    Kunye nengcinezelo nobutyebi, kwafika ikratshi nokuthanda ukuzibonakalisa, ukunxila okukhulu, nomoya wokonwabela iziyolo. Khangela kuIsaya 2:11, 12; 3:16, 18-23; 5:22, 11, 12. Ngemihla kaIsaya ukunqula izithixo kwakungaseyiyo into eyayisothusa. Khangela kuIsaya 2:8, 9. Izenzo zobugwenxa zazixhaphake phakathi kwabantu kangangokuba abo bambalwa basala benyanisekile kuThixo babesoloko belingeka ukuba bancame baziyekele ekutyhafeni nasekuphelelweni lithemba. Kwabonakala ngathi injongo kaThixo ngoIsrayeli yayiza kusilela nokuba isizwe esivukelayo sasiza kuba nesiphelo esifanayo neso seSodom neGomora.AN 306.3

    Ejongene neemeko ezinjalo, akumangalisi xa kusithi, ngeminyaka yokugqibelayolawulolukaUziya,uIsaya wayebizwa ukubaase kuYuda izigidimi zokulumkisa nokungxolisa kukaThixo, asuke uIsaya awoyike loo mthwalo. Wayesazi kakuhle ukuba wayeza kuhlangana nenkcaso eneenkani. Wathi ngokuqonda okwakhe ukungabi nakukwazi ukumelana nemeko nokucinga ngokuba neenkani nokungakholwa kwabantu awayeza kubasebenzela, wabonakala unganiki themba umsebenzi wakhe. Ingaba kufuneka awuyeke umsebenzi wakhe kuba engenathemba, amshiye uYuda engaphazanyiswanga ekunquleni kwakhe izithixo? Ingaba oothixo baseNineve babeza kulawula umhlaba ngokudelela uThixo wasezulwini?AN 307.1

    Iingcinga ezinje ngezi zaziyiminxile ingqondo kaIsaya ngexesha emi ekungeneni kwetempile. Ngequbuliso isango kunye nesigqubuthelo sangaphakathi etempileni zaba ngathi ziyaphakanyiswa okanye ziya suswa, waza wavunyelwa ukuba aqwalasele ngaphakathi, kwingcwele kangcwele, apho nenyawo zomprofeti zazingenakho ukungena. Kwenyuka apho phambi kwakhe umbono kaYehova ehleli etroneni ephezulu ephakamileyo, lo gama umsila wobuqaqawuli baKhe uzalise itempile. Kwicala ngalinye letrone kwakuphaphazela iserafi, ubuso bazo bugqunyiwe zidumisa, njengoko zilungiselela phambi koMenzi zihlangene ngendumiso enesidima, “Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe,” ide ibe ngathi imigubasi neentsika nesango lomsedare ziyashukuma sisandi, yaye indlu izaliswe ngumnikelo wendumiso yazo. Isaya 6:3.AN 307.2

    Wathi uIsaya akusibona esi sityhilelo sobuqaqawuli nobungangamsha beNkosi yakhe, wazaliswa yingqondo yobunyulu nobungcwele bukaThixo. Umahluko ongako kwingqibelelo engenamlinganiselo yoMdali wakhe, nekhondo elizaliswe sisono sabo, behlangene kunye naye, abakade bebalwa phakathi kwabantu abanyuliweyo bakwaIsrayeli nakwaYuda! “Athi ke mna!” wakhala, “Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi, ngokubaamehlo am abone uKumkani, uYehova wemikhosi.” Indima 5. Wathi emile, kunjalo, phambi kokukhanya okupheleleyo bobukho bobungcwele ngaphakathi kwingcwele engaphakathi, waqonda ukuba, ukuba angayekelwa kokwakhe ukungagqibeleli nokungabi namandla, akangekhe akwazi, konke, ukuwufeza umsebenzi awuthunywayo abizelwe wona. Kwathi kunjalo, kwathunyelwa iserafi ukuba ize imkhulule ekuxinzelekeni akuko nokuba imenze ukuba awufanele umsebenzi omkhulu awuthunyiweyo. Ilahle eliphilileyo [elise shushu] lathatyathwa esibingelelweni labekwa emilebeni yakhe, kukho amazwi athi, “Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho.” Laza ilizwi likaThixo lavakala lisithi, “Ndothuma bani na? Ngubani owosiyela?” waza uIsaya waphendula, “Ndikho, thuma mna.” Iindima 7, 8.AN 307.3

    Undwendwe lwasezulwini lwayalela umthunywa olindileyo, “Yiya, uthi kubo aba bantu:AN 308.1

    “Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi;
    Qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.
    Yityebise intliziyo yaba bantu
    Neendlebe zabo zenze zithi nkqi,
    Namehlo abo uwavingce;
    Hleze babone ngamehlo abo, beve
    Ngeendlebe zabo
    Baqonde ngentliziyo yabo,
    Babuye, baze baphiliswe!
    AN 308.2

    Iindima 9, 10.

    Umsebenzi womprofeti wawucacile; wayeza kuphakamisa ilizwi lakhe alwe ngobubi obabukho. Yena woyika ukuwuthabatha engenasiqinisekiso sethemba. “Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi?” wabuza. Indima 11. Ingaba akukho na kubantu baKho abanyuliweyo abaya kuqonda baze baguquke, baphiliswe?AN 308.3

    Umthwalo womphefumlo wakhe ngenxa kaYuda owonayo wawungayi kuthwalwangelize. Umsebenzi awuthunyiweyo wawungasayi kungabi naziqhamo ngokupheleleyo. Kanti ke ububi obabukade buphinda phindeka ukwanda kwizizukulwana ezininzi babungenakho ukususwa ngemini yakhe. Kulo lonke ixesha lokudla kwakhe ubomi, kwakufuneka abe yititshala enomonde, enesibindi--umprofeti wethemba, abe kwangowentshabalalo. Injongo yezulu, ekugqibeleni, yafezeka, isiqhamo esipheleleyo semizamo yakhe, nesemisebenzi yabo bonke abathunywa bakaThixo abathembekileyo, yayiya kubonakala. Isisalela sasiya kusindiswa. Ukuze oku kube nokwenzeka, izigidimi zokulumkisa nokucenga kwakufuneka zihanjiswe kwisizwe esinovukelo, wathi ke uYehova:AN 309.1

    “Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi,
    Nezindlu zingabi namntu,
    Utshabalale umhlaba kube senkangala;
    UYehova amse kude umntu,
    Abe maninzi amanxuwa phakathi kwelizwe.”
    AN 309.2

    Iindima 11, 12.

    Izohlwayo ezinzima zaziza kuwa phezu kwabangakwaziyo ukuzohlwaya,-imfazwe,ukuthinjwa, ingcinezelo, ukulahlekwa ngamandla nokubaluleka phakathi kweentlanga, --zonke ezi zizinto ezaziza kuza ukuze abo babeya kuthi babone kuzo isandla sikaThixo owoniweyo babe nokukhokelelwa ekuguqukeni. Izizwe ezilishumi zobukumkani basentla zaziza kuthi kungekudala zisasazwe phakathi kweentlanga, izixeko zazo zishiywe ziyinkangala; imikhosi ethabalalisayo yeentlanga ezikhohlakeleyo yayiza kutshayela phezu kwelizwe lazo iphinda-phinde; kuthi neYerusalem, ekugqibeleni, iwe, aze uYuda athwalelwe ekuthinjweni; kanti ke, iliZwe leDinga lalingasayi kuhlala lishiyiwe ngokupheleleyo ngonaphakade. Isiqinisekiso sondwendwe lwasezulwini kuIsaya, sathi:AN 309.3

    “Ukuba kusekho isahlulo seshumi khona,
    Sibuye naso sibe yinto yokutshayelwa;
    Njengomterebhinti nanjengomoki,
    Othi ekuwisweni kwawo kushiyeke isiphunzi;
    Yimbewu engcwele isiphunzi eso.”
    AN 309.4

    Indima 13.

    Isiqinisekiso sokuzaliseka kokugqibela kwenjongo kaThixo, sazisa isibindi kwintliziyo kaIsaya. Ingaba kunomsebenzi xa amagunya omhlaba ezimisa ukuba amchase uYuda? Ingaba kunomsebenzi xa umthunywa kaYehova ehlangana nenkcaso nokwaliwa? UIsaya wayembonile uKumkani, uYehova wemikhosi; wayeyivile ingoma yeserafi, “Buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe;” wayenaso isithembiso sokuba izigidimi zikaYehova kuYuda ohlehlileyo ziya kukhatshwa ngamandla awoyisayo kaMoya Oyingcwele; waza umprofeti wawuqiniselwa umsebenzi ophambi kwakhe. Indima 3. Kuwo wonke umsebenzi omde nonzima awayewuthunyiwe, waya wathwala inkumbulo yalo mbono. Iminyaka engamashumi amathandathu nangaphezulu, wema phambi kwabantwana bakwaYuda engumprofeti wethemba, waya eqina ngokuqina ekuvakaliseni kwakhe kwangaphambili ngoloyiso lwexesha elizayo lwebandla.AN 310.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents