Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    60—Imibono Yobuqaqawuli Obuzayo

    Kweyona mihla imnyama kakhulu kwidabi lalo elide nobubi, ibandla likaThixo linikwe izityhilelo zenjongo engunaphakade kaYehova. Abantu baKhe bavunyelwe ukuba bakhangele ngaphaya kwezilingo zeli xesha kuloyiso lwexesha elizayo, xa, imfazwe iya kuba igqityiwe, abahlangulweyo beya kungena ukuba balithabathe ilizwe elithenjisiweyo. Le mibono yozuko lwexesha elizayo ezotywe ngesandla sikaThixo, imele ukuthandeka ebandleni namhlanje, xa imbambano yezizukulwana ifikelela esiphelweni ngokukhawuleza, neentsikelelo ezithenjisiweyo ziza kufunyanwa ziphelele.AN 722.1

    Zaye zizininzi izigidimi zentuthuzelo ezanikwa ibandla ngabaprofeti bakudala. “Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam” (Isaya 40:1.), lowo yayingumyalelo ovela kuThixo; kwanomyalelo lowo, kwanikwa imibono eyaba lithemba novuyo lwamakholwa kuzo zonke iinkulungwane ezalandelayo. Nangona babedelwa ngabantu, betshutshiswa, belahlwa, sekunjalo, abantwana bakaThixo,kuzo zonke izizukulwana, baxhaswazezi zithembiso zaKhe ziqinisekileyo. Ngokholo bakhangela phambili kwixesha aya kuzalisekisa ebandleni laKhe isiqinisekiso, “Ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.” Isaya 60:15.AN 722.2

    Amaxesha amaninzi ibandla elilwayo libizelwa ukuba live ubunzima ngokulinga nokungcungcuthekiswa; kuba alingekhe lingabi nalo idabi elikhulu ibandla ukuze loyise. “Isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo” (Isaya 30:20), ezi zizinto eziqhelekileyo kubo bonke; kodwa akakho obeka ithemba lakhe kuLowo unamandla okuhlangula, oya koyiswa kuphele. “Kaloku ke, utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Israyeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam. Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe; nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi. Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaIsrayeli, ndingumsindisi wakho; ndirhole iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho. Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho.” Isaya 43:1-4.AN 723.1

    Lukho uxolelo kuThixo; kukho ukwamkelwa okupheleleyo nokusimahla kokuhle kukaYesu, umbingelelo neNkosi yethu evukileyo. UIsaya wayiva iNkosi ithetha nabanyuliweyo isithi, “Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho. Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho ukuze ugwetyelwe.” “[Uya kwazi] ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.” Iindima 25, 26; 60:16.AN 723.2

    “Ingcikivo yabantu bayo iyisuse,” watsho umprofeti. “Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova.” Ubanyule “ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingoma yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.”AN 724.1

    “Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon!
    Nxiba iingubo zakho zokuhomba,
    Yerusalem, mzi ungcwele!
    Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe
    ongalukanga, noyinqambi.

    “Zivuthulule uthuli;
    Suk’ ume, hlala phantsi, Yerusalem;
    Zikhulule iimbophelelo zentamo yakho,
    Mthinjwa, ntombi inguZiyon.”

    “Wena lusizana uphetshethwayo ungenantuthuzelo,
    Yabona , ndiwabeka amathe akho kwistibhiya,
    Ndikuseka ngeesafile.

    “Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi,
    Namasango akho ngamatye abengezelayo,
    Nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.

    “Bonke abantwana bakho baya kuba
    ngabafundi bakaYehova,
    Lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.
    Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale,
    Ngokuba akuyi kuba nakoyika;
    Ungakhe uqhiphuke umbilini,
    Ngokuba akuyi kusondela kuwe.
    Yabona, bayaqukana bahlanganisane,
    Andikho mna kuloo nto;
    Nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe,
    baya kuwa ngenxa enawe. . . .
    AN 724.2

    “Zonke izixhobo ezikhandelwe ukulwa nawe
    aziyi kuba nampumelelo;
    Zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni,
    uya kuzigweba.
    Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova,
    Nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.”
    AN 725.1

    Isaya 25:8; 62:12; 61:3; 52:1, 2; 54:11-17.

    Linxibe izixhobo zobulungisa, ibandla liza kungena kwidabi lalo lokugqibela. “Mhle njengenyanga, unyulu njengelanga, woyikeka njengemikhosi eneebhanile” [libandla elo] (Ingoma yazo Iingoma 6:10), liza kuhambela phambili lingena kulo lonke ihlabathi, lisoyisa ngokoyisa.AN 725.2

    Elona lixa limnyama kungquzulwano namagunya enkohlakalo, leli liphambi kwemini yokuhlangulwa kwalo okokugqibela. Sekunjalo, akukho namnye othembele kuThixo ekufuneka oyike; kuba, “xa ukufutha kwabangcangcazelisayo [ku]njengesiphango eludongeni,” uThixo kwibandla laKhe, “[woba] lihlathi esiphangweni.” Isaya 25:4.AN 725.3

    Ngaloo mini, ngamalungisa kuphela athenjiswe ukuhlangulwa. “Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade? Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingcwa iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi; nguye oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. IImboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho.” Isaya 33:14-16.AN 725.4

    Ilizwi likaYehova kwabathembekileyo baKhe lithi: “Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma. Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvulele kubo ubugwenxa babemi behlabathi.” Isaya 26:20, 21.AN 726.1

    Emibonweni yemini enkulu yomgwebo, abathunywa abaphefumlelweyo bakaYehova bakukrotyiswa ukutshatyalaliswa kwabo babengakulungelanga ukuhlangana noYehova benoxolo.AN 726.2

    “Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo; . . . ngokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo. . . . Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.” Isaya 24:1-8.AN 726.3

    “Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla. . . . Zibolile iinkozo phantsi kwamagada azo, bachithakele oovimba, athi bhuma amaqonga, kuba itshile ingqolowa. Hayi, ukuncwina kwempahla enkulu! Ikhohliwe imihlambi yeenkomo, kuba ingenatyani; nemihlambi yempahla emfutshane ibandezelekile.” “Umdiliya utshile, umkhiwane untshwenyile, nomrharnate kwanamasundu nemiapile; yonke imithi yasendle yomile; ewe, iphelile imihlali, imkile koonyana babantu.” Yoweli 1:15-18, 12.AN 726.4

    “Iyaxokozela intliziyo yam,” uyakhala uYeremiya akuba ekhangele ukubharha okwenziwangexeshalokuphelakwembaliyehlabathi. “Andinakuthi tu! Kuba usivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe. Kumenyezwa intshabalalo, ngokuba libhukuqiwe lonke ilizwe.” Yeremiya 4:19, 20.AN 726.5

    “Kosibekeka ukuzidla kwaba phantsi,” uthetha njalo uIsaya ngemini yempindezelo kaThixo. “kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini; izithixo ezingeni zothi shwaka zonke ziphela. . . . Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo; ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.” Isaya 2:17-21.AN 727.1

    Ngaloo maxesha enguqulelo, xa ikratshi lomntu liya kuba lithotyiwe, uYeremiya uthetha ngawo athi: “Ndikhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo. Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela. Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile. Ndakhangela, nantso iKarmele iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.” “Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kaYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.” Yeremiya 4:23-26; 30:7.AN 727.2

    Imini yengqumbo ngasezintshabeni zikaThixo yimini yokuhlangulwa kokugqibela kwebandla laKhe. Umprofeti uthi:AN 727.3

    “Yomelezani izandla eziwileyo,
    Niwaqinise amadolo agexayo.
    Yithini kwabantliziyo zingxamayo,
    Yomelelani, ningoyiki.
    Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo,
    Enembuyekezo kaThixo;
    Uya kuza yena anisindise.”
    AN 728.1

    “Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova uthethile.” Isaya 35:3, 4; 25:8. Uthi umprofeti ondele kubuqaqawuli bukaYehova busihla buphuma ezulwini nazo zonke iingelosi, ukuza kubutha ibandla lesisalela kuzo zonke izizwe zomhlaba, asuke eve abalindileyo bemanyana ngendanduluko yovuyo:AN 728.2

    “Yabona, lo nguThixo wethu;
    Besithembele kuye,
    Ukuba asisindise;
    NguYehova lo
    Besithembele kuye;
    Masigcobe, sivuye
    Ngosindiso lwakhe.”
    AN 728.3

    Isaya 25:9.

    Ilizwi loNyana kaThixo liya kuvakala libiza abangcwele abaleleyo, athi, akubabona umprofeti bephuma kwintolongo yokufa, adanduluke, “Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo.”AN 728.4

    “Aya kuvulwa amehlo eemfama,
    Zivulwe iindlebe zezithulu,
    Size sitsibe njengexhama isiqhwala,
    Lumemelele ulwimi lwesidenge.”
    AN 728.5

    Isaya 26:19; 35:5, 6.

    Emibonweni yomprofeti, abo basoyisileyo isono kunye nengcwaba, babonwa ngoku bonwabile phambi koMenzi wabo, bethetha ngokukhululekileyo naYe njengoko wayesenjenjalo umntu ukuthetha noThixo ekuqalekeni. “Yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali. Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.”AN 729.1

    “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.”AN 729.2

    “Kuya kugqobhoza amanzi entlango,
    Nemilambo enkqantosini;
    Isanga sibe lidike [intlabathi evuthayo zimpompoze — IBHAYIBHILE]
    Neendawo ezinxaniweyo amanzi.”

    “Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare,
    Esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile.”

    “Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela,
    Kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela yabangcwele le.
    Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo, yeyabo yona:
    Abahamba loo ndlela—nabazihula abayi
    kulahleka kuyo.”
    AN 729.3

    “Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, Nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; Nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; Nithi, yamkelisiwe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.” Isaya 65:18, 19; 33:24; 35:6, 7; 55:13; 35:8; 40:2.AN 729.4

    Uthi umprofeti xa ebona abahlangulweyo behleli eMzini kaThixo, bekhululekile esonweni nakwiimpawu zesiqalekiso, asuke adanduluke esithi, “Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali.”AN 729.5

    “Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho,
    Imbuqo nolwaphulo emideni yakho;
    Iindonga zakho ukuzibiza wothi luSindiso,
    Namasango akho uthi yiNdumiso.

    “Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini,
    Nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe;
    UYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe,
    UThixo wakho abe sisihombo sakho.

    “Aliyi kuba satshona ilanga lakho,
    Ingafi nenyanga yakho;
    Kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe,
    Zizaliseke iimini zesijwili sakho.

    “Abantu bakho baya kuba ngamalungisa
    bonke bephela,
    Balidle ilifa ilizwe ngonaphakade;
    Besisithole esityalwe ndim,
    Isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.”
    AN 730.1

    Isaya 66:10; 60:18-21.

    Umprofeti wasiva isandi somculo apho, ingoma, umculo nengoma ekungekho ndlebe inokuva, ngaphandle kwasemibonweni kaThixo, eyakha yayiva okanye ingqondo enokuyiqiqa. “Abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.” “Kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.” “Iimvumi nabangqungqayo baya kuthi: Thina singabomthonyama,” (IBHAYIBHILE), “Baya kuphakamisa ilizwi bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova.” Isaya 35:10; 51:3; Indumiso 87:7; Isaya 24:14.AN 730.2

    Emhlabeni owenziwe mtsha, abahlangulweyo baya kwenza imisebenzinokuzonwabisa okwazisaulonwabokuAdamnoEva ekuqalekeni. Ubomi buya kuphilwa, ubomi basegadini nasemadlelweni. “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.” Isaya 65:21, 22.AN 731.1

    Khona apho, onke amandla aya kuphuhliswa, sonke isakhono sandiswe. Awona mashishini aphucukileyo ayakuqhutyelwa phambili, eyona minqweno iphezulu ifikelelwe, awona mabhongo aphezulu afezekiswe. Noko kunjalo, kusaya kuvela amanqwanqwa aphezulu okufikelelwa, imimangaliso emitsha yokubukwa, iinyaniso ezintsha zokufundwa, izifundo ezitsha zokusebenzisa amandla omzimba, engqondo, kunye nomphefumlo.AN 731.2

    Abaprofeti eyatyhilwa kubo imiboniso emikhulu balangazelela ukukuqonda ukubaluleka kwayo okupheleleyo. “Bathe babuzisa, baphengulula kunene, . . . bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili. . . . Abatyhilelwayo ukuba abazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke, izinto enizityelweyo ngoku ngabo banishumayezayo iindaba ezilungileyo.” 1 Petros 1:10-12.AN 731.3

    Kuthi, thina bemi kanye emdeni wokuzaliseka kwazo, zizotyelwe thina ezi zinto ziza kuza, onjani wona umzuzu, onjani ukuphila umdla—iziganeko ekwathi, kususela ukuba abantwana bakaThixo bayinikela umva iEden bahlala bewukhangele (umzuzu), bewulindele, bewulangazelela, bewuthandazela!AN 731.4

    Mphambukeli kunye nam, sisephakathi kwamathunzi nengxuba-kaxaka yezinto ezenzeka emhlabeni; kodwa kungekudala, uMsindisiwethuuzakuvela ezisaukuhlangulwanophumlo. Masibone ngokholoikamvanjengokolizotywe sisandla sikaThixo.Lowowafela izono zehlabathi wawavula genge kakhulu amasango eParadesi kwabo bakholwayo kuYe. Kungekudala, siza kumbona Lowo amathemba ethu obomi obungunaphakade azinze kuYe. Phambi kwaKhe izilingo nokuphatheka kakubi kobu bomi kubonakala kuyinto engekhoyo. Izinto zokuqala aziyi “[ku]khunjulwa, [zi]ngenyuki ‘[zi]thi qatha entliziyweni.” “Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, athi lowo uzayo afike, angalibali.” “UIsrayeli uya kusindiswa . . . ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.” Isaya 65:17; Hebhere 10:35-37; Isaya 45:17.AN 732.1

    Khangela phezulu, khangela phezulu, ukholo lwakho maluqhubeke lunyuka njalo. Olu kholo malukukhokele endleleni emxinwa ekhokelela kumasango esixeko ukungena ngaphaya, kwikamva lozuko elibanzi nelingenamida olulolwabo bahlangulweyo. “Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Yabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula. Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele.” Yakobi 5:7, 8.AN 732.2

    Izizwe zabasindisiweyo aziyi kwazi mthetho wumbi ngaphandle komthetho wezulu. Zonke ziya kuba lusapho olumanyeneyo olunovuyo, lwambethe iingubo zokudumisa nokubulela.Phezu kwalo mboniso, amakhwezi okusaaya kuvumakunye, baze oonyana bakaThixo bahlahlambe ngovuyo, lo gama uThixo noKristu bemanyene ekuvakaliseni besithi, “Akusayi kuba sabakho sono, kungabi sabakho nokufa kwakhona.”AN 732.3

    “Kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova.” “[Buya kutyhileka] ubuqaqawuli bukaYehova, ibubone inyama yonke kunye.” “INkosi uYehova [iya] kuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke.” Ngaloo mini uYehova wemikhosi uya kuba sisithsaba esimakhazikhazi nesangqawe sokuhomba kumasalela abantu bakhe.”AN 733.1

    “Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova.” Inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon.” “Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; . . . njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe.” Isaya 66:23; 40:5; 61:11; 28:5; 51:3; 35:2; 62:4, 5.AN 733.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents