Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    19—Umprofeti Woxolo

    [Esi sahluko sisekwe koo-2 Kumkani 4.]

    Umsebenzi kaElisha njengomprofeti wawahluke kakhulu kwezinye iindawo kulowo kaEliya. UEliya wayenikwe izigidimi zokugweba; wayelilizwi lokukhalima, elibiza ukumkani kunye nabantu ukuba babuye kwiindlela zabo ezigwenxa. UElisha noko yena wayengumthunywa woxolo; okwakhe yayikukwakha nokuqinisa umsebenzi owaqalwa nguEliya; ukufundisa abantu indlela kaYehova. Impefumlelo imveza njengomntu owayesondele ebantwini, engqongwe ngoonyana babaprofeti, ngemimangaliso yakhe nolungiselelo lwakhe ezisa ukuphila novuyo.AN 235.1

    UElisha wayeyindoda enomsa onobubele; ukanti into yokuba ebekwazi ukuba bukhali yabonakala kwisenzo sakhe, xa wayesendleleni esinga eBheteli, wagezelwa ngabantwana abangaguqukangaababephuma esixekweni. Olu lutsha lwaluvile ngokunyuka kukaEliya, lwazalwasebenzisa esi siganeko sizukileyo ukugezela uElisha, lusithi, “Nyuka nkqayindini, nyuka nkqayindini!” Wathi akuva ukukhwaza kwabo aba bantwana, wajika umprofeti waza, ephefumlelwe nguSomandla, wabaqalekisa. Isigwebo esoyikekayo esalandelayo sasiphuma kuThixo. “Kwaphuma iibherekazi zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mane anamabini kubo.” 2 Kumkani 2:23, 24.AN 235.2

    Ukuba uElisha ebeke wangathi akasivanga esi sigezo, ebeya kuhlala kuhlekiswa ngaye egculelwa zizihlwele uze umsebenzi wakhe wokufundisa nokusindisa ngexesha lentlekele yesizwe ungabi nampumelelo. Esi siganeko sinye nesibuhlungu sanela ukwenza ukuba ahlonipheke bonke ubomi bakhe. Yaba ngamashumi amahlanu eminyaka engena ephuma kwizihlwele zabantwana abangenzi nto, abakrwada, abangenambeko; kodwa akazange agezelwe okanye kuhlekiswe ngobizo lwakhe njengomprofeti woPhezu-konke.AN 236.1

    Nobubele kufuneka bube nemida. Igunya kufuneka liqiniswe, kungenjalo liya kugculelwa lidelelwe ngabaninzi. Oku kubizwa ngokuba kukuthantamisa nokucenga nokuvumela unothanda ebantwaneni ngabazali okanye abo babakhulisayo, bobunye bobubi obukhulu obunokunikwa abantwana. Kuzo zonke iintsapho kufuneka kubonakaliswe ukuma entweni, ukwenziwa kwesigqibo esiqinileyo kunye nokulindela okulungileyo.AN 236.2

    Intlonipho, ababengenayo abantwana abagezela uElisha, sisipho ekufuneka siqatshelwe ngocoselelo. Wonke umntwana kufuneka afundiswe ukumhlonipha uThixo. Malingaze igama laKhe lithathwe lula nangokungakhathali. Xa iingelosi zilibiza, zizigquma ubuso. Athi ukuba nkulu kakhulu intlonipho, thina bantu bawayo nabanezono, esimele ukulisebenzisa ngayo (igama laKhe)!AN 237.1

    Intlonipho imele ukuboniswa ngabameli bakaThixo — abafundisi, iititshala, nabazali, ababizelwe ukuba bathethe, benze endaweni yaKhe. Kwimbeko abayinikwayo, unikwa imbeko uThixo.AN 237.2

    Imbeko nayo isesinye zezipho zobabalo zikaMoya ekufuneka sikhulisiwe ngabantu bonke. Inamandla okuthomalalisa indalo ebinokukhula ibe lukhuni, ibe rhabaxa ngaphandle kwayo. Abo bazibiza ngokuba bangabalandeli bakaKristu, babe ngelo xesha bengqwabalala, bengenabubele, bengenambeko, abafundanga nto kuYesu. Ukunyaniseka nokugqibelela kwabo kunokungathandabuzeki; kodwa ukunyaniseka nokugqibelela akukwazi ukuhlawulela ukuswela ububele nembeko.AN 237.3

    Umoya wobubele owenza ukuba uElisha abe nempembelelo enamandla kubomi babaninzi kwaIsrayeli, ubonakaliswa ebalini lobuhlobo bakhe nosapho olwaluhlala eShunem. Kwiihambo zakhe esihla enyuka ebukumkanini, “ngamhla uthile uElisha wagqithela eShunem apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.” Inkosikazi yekhaya yaqaphela ukuba uElisha “ungumntu ongcwele kaThixo,” yaza yathi kumyeni wayo: “Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.” Wakuthanda ukuphambukela kule ndawo uElisha enombulelo kuba yayizolile, ipholile. Wabuqaphela ke uThixo ububele bale nkosikazi. Ikhaya layo lalingenamntwana; ngoku uYehova wabuvuza obo bubele ngesipho esingunyana.AN 237.4

    Yadlula iminyaka. Wakhula umntwana wakwazi ukuya emasimini nabavuni. Ngenye imini wabethwa bubushushu, “wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam!” Wathi uyise kumfana makamthwale amse kunina; “wamthwala, wamsa kunina, wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke. Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.”AN 238.1

    Wathi ekhathazekile, umShunemekazi, wazimisela ukuya kufuna uncedo kuElisha. Ngelo xesha umprofeti wayekwiNtaba yeKarmele, yaza le nkosikazi yaya khona ngokukhawuleza ikhatshwa sisicaka sayo. “Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, nankuya laa mShunemekazi; khawugidime ngoku umkhawulele, uthi kuye, ‘Uhleli kakuhle na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Uhleli kakuhle na umntwana?’” Senza njengoko sasiyalelwe isicaka, kodwa ayizange iyiveze intlungu yayo le nkosikazi yada yafika kuElisha. Wathi akuyiva ilahleko yakhe, uElisha wathi kuGehazi: “Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba uthe waqubisana nomntu uze ungambulisi; ukuba uthe umntu wakubulisa uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.”AN 238.2

    Umama wafuna ukuba umfo wakwaThixo ahambe naye ukuze aneliseke. “Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho andiyi kwahlukana nawe,” watsho. “Wesuka ke wamlandela. UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, ‘Inkwenkwe ayivukanga.’”AN 238.3

    Bathi bakufika endlwini, uElisha waya kwigumbi ebekwe kulo inkwenkwe efileyo, “waluvala ucango bebobabini, wathandaza kuYehova. Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana. Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.”AN 239.1

    UElisha wayalela uGehazi ukuba abizele kuye umama womntwana. Akuba efikile wathi kuye, “Mthabathe unyana wakho. Weza waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma.”AN 239.2

    Lwavuzwa njalo ukholo lwalo mfazi. UKristu, uMniki-bomi wambuyisela kuye unyana wakhe. Baya kuvuzwa ngolo hlobo abathembekileyo baKhe, xa, ekubuyeni kwaKhe, ukufa kulahlekana nolwamvila lwako nengcwaba lihluthwa uloyiso elibe libubanga. Ngelo xesha uya kubuyisela kubakhonzi baKhe abantwana ababethathwe kukufa. “Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho. Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba unomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba. Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.” Yeremiya 31:15-17.AN 239.3

    UYesu usithuthuzela kwintlungu yokufelwa ngesigidimi sethemba elingenasiphelo: “Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Owu kufa, ndiya kuba zizibetho zakho; Owu ngcwaba, ndiya kuba yintshabalalo yakho.” Hoseya 13:14, NKJV. “Ndinguye odla ubomi; ndaye ndifile yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, . . . ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.” IsiTyhilelo 1:18. “INkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha—zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli sindawonye neNkosi.” 1 Tesalonika 4:16, 17.AN 240.1

    NjengoMsindisi woluntu, awayeluhlobo lwaKhe, uElisha kumsebenzi wakhe phakathi kwabantu wahlanganisa ukuphilisa kunye nowokufundisa. Ngokuthembeka, engadinwa, kuko konke ukusebenza kwakhe nzima, uElisha wazama ukumisa nokuhambisela phambili umsebenzi obalulekileyo wemfundo owawuqhutywa kwizikolo zabaprofeti. Ngokukhokelwa nguThixo, amazwi akhe okuqeqesha amadodana azimiseleyo, xa ehlangene, aqinisekiswa nguMoya oyiNgcwele, kuthi ngamanye amaxesha kube zizibonakaliso zegunya lakhe njengomkhonzi kaYehova.AN 240.2

    Kwakungexesha lokuhambela kwakhe kwesinye isikolo esiseGilgali apho wanyanga ukutya okunetyhefu. “Kwakukho indlala elizweni; oonyana babaprofeti babehleli phambi kwakhe. Wathi kumfana lowo, Beka imbiza enkulu eziko, ubaphekele ukudla oonyanababaprofeti.Waphuma omnye, waya kufunaimifuno endle;wafumana amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe. Wafika, wawaxabela uthangazana, wakha embizeni yokupheka; ngokuba babengawazi. Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le. Akaba nako ukukudla. Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.”AN 240.3

    EGilgali, ngexesha indlala yayiseselizweni, uElisha wondla amadoda alikhulu ngesipho esasiziswe kuye “[yi]ndoda [yase]Bhahali-shalisha,” “izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe.”Bakho ababenaye bekudinga kakhulu ukutya. Wathi wakufika umnikelo, wathi kwisicaka sakhe, “Nika abantu, badle. Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba utsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye. Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.”AN 241.1

    Yaba kukuzithoba okungakanani kuKristu, ngomthunywa waKhe, ukwenza lo mmangaliso wokuhluthisa endlaleni! Futhi, futhi, ukususela ngelo xesha, naxa kungasoloko kubonakala okanye kuqondakala ngolo hlobo, iNkosi uYesu isebenza ukwanelisa izidingo zabantu. Ukuba sibe sinokuqonda ngakumbi ngokwasemoyeni, besiya kukuvuma ngokulula ngakumbi kunokuba sisenza, ukuphatha ngemfesane kukaThixo abantwana babantu. Lubabalo lukaThixo kwintoencinane eyenza ukuba konke kwanele. Isandla sikaThixo sinokuyiphindaphinda kalikhulu. Kuvimba waKhe, unokuyandlala itafile entlango. Ngokuchukumisa kwesandla saKhe, unokwandisa umsindleko omncinane awenze wanele bonke. Yayingamandla aKhe awandisa izonka nengqolowa ezandleni zoonyana babaprofeti.AN 241.2

    Ngemihla yokusebenza kukaKristu emhlabeni, xa wenza ummangaliso ofanayo ngokondla izihlwele, ukungakholwa okufanayo kwabonakala njengoko kwabonakaliswa ngabo babehlangene nomprofeti wakudala. “Yintoni!” watsho umlungiseleli kaElisha; “emandiyibeke phambi kwekhulu lamadoda?” Wathi xa uYesu eyalela abafundi baKhe ukuba banike isihlwele ukuba sitye, baphendula, “Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siyakuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba abantu.” Luka 9:13. Iyintoni loo nto kubantu abaninzi kangaka?AN 242.1

    Isifundo sesabantwana bakaThixo bazo zonke izizukulwana. Xa uYehova enika umsebenzi omawenziwe, makungabikho oma abuze ukubanengqondo komyalelo okanye ukuba kungalindelwa ziphumo zithini na kwimizamo yabo yokuthobela. Oko kubekwe ezandleni zabo kungabonakala ngathi akwanelanga ukuba izaliswe intswelo; kodwa ezandleni zeNkosi kuya kuba ngaphezu kokuba kufuneka. Obalungiselelayo “wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.”AN 243.1

    Ukubuqonda ngokupheleleyo ubudlelwane bukaThixo nabo wabathenga ngesipho esinguNyana waKhe, ukholo olukhulu ekuhambeleni phambili komsebenzi waKhe emhlabeni—le yintswelo enkulu elinayo ibandla namhlanje. Makungabikho namnye ochitha ixesha ngokukhalela ukunganeli kwenkxaso yabo ebonakalayo. Imbonakalo yangaphandle inokungathembisi, kodwa amandla nokuthemba kuThixo kuyayandisa inkxaso. Isipho esiziswa kuYe ngombulelo nangokuthandazela intsikelelo yaKhe, uya kuyandisa njengoko wandisa ukutya okwakunikwa oonyana babaprofeti nakwisihlwele esidiniweyo.AN 243.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents