Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    58—UMhlawuleli Ozayo

    Kwiinkulungwane ezinde ze“mbandezelo nobumnyama” kunye “[ne]ngcutheko (Isaya 8:22) ezaziluphawu lwembali yoluntu kususela mhla abazali bethu bokuqala balahlekana nekhaya labo lase-Eden, ukuya kwixesha uNyana kaThixo wathi wabonakala enguMsindisi waboni, ithemba lohlanga oluwileyo lwaluzinze ekufikeni koMhlanguli ukuba akhulule amadoda nabafazi kubukhoboka besono nasengcwabeni.AN 681.1

    Okokuqala ukukhankanywa kwethemba elinjalo kwanikwa uAdam noEva ekuvakalisweni kwesigwebo phezu kwenyoka e-Eden xa uYehova wamxelela uSathana bemamele, esithi, “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.” Genesis 3:15.AN 681.2

    Xa esi sibini sasiphulaphule lamazwi,sakhuthazekalithemba;kuba kwisiprofeto esingokwaphulwa kwamandla kaSathana babona isithembisosokukhululwakwintshabalaloeyenziwa kukugqitha umthetho. Nangona babeza kuphatheka kakubi kwigunya lomchasi ngenxa yokuba baba phantsi kwempembelelo yakhe elukuhlayo baza banyula ukungawuthobeli umyalelo ocacileyo kaYehova, kodwa kwakungafuneki ukuba baziyekele ekuphelelweni lithemba. Unyana kaThixo wayebanika ucamagushelo ngelilelaKhe igazi lobomi ngenxa yokugqitha umthetho. Bona babeza kunikwa ithuba lenceba, ababeza kuthi ngalo, ngokukholwa emandleni kaKristu okusindisa, bakwazi ukuphinda babe ngabantwana bakaThixo.AN 682.1

    USathana, ngokuphumelela kwakhe ekumkhupheni ecaleni umntu kwindlela yokuthobela, waba nguye “uthixo weli phakade.” 2 Korinte 4:4. Ubukhosi obabukhe babobuka-Adam badlulela kumphangi wegunya. Noko kunjalo, uNyana kaThixo waceba ukuba aze kulo mhlaba ukuze ahlawulele isohlwayo sesono, aze ngaloo ndlela anganeli ukumhlangula umntu, kodwa abuzuze kwakhona ubukhosi obalahlwayo. Kwaye kungoku kubuyiselwa awaya waprofeta ngako uMika xa wayesithi, “Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo.” Mika 4:8. Umpostile uPawulos uthethe ngako ngokuthi “ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo.” Umdumisi yena engqondweni wayenokubuyiselwa kokugqibela kwelifa lendalo lomntu xa wayesithi, “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” Indumiso 37:29.AN 682.2

    Eli themba lokuhlangulwa ngokufika kukaNyana kaThixo enguMsindisi noKumkani, alizange laphela ezintliziyweni zabantu. Kususela ekuqalekeni bahlala bekho abo ukholo lwabo lwafikelela ngaphaya kwezithunzi zexesha langoku, kwizinto eziqinisekileyo zexesha elizayo. NgoAdam, noSete, noEnoki, noMethusela, noNowa, noShem, noAbraham, noIsake, noYakobi—ngaba kunye nabanye ababekekileyo, uYehova wazigcina izityhilelo ezixabisekileyo zentando yaKhe. Kwakungenxa yoko ukuba, kubantwana bakwaIsrayeli, abantu abanyuliweyo ekwakuza kuthi ngabo kunikwe ihlabathi uMesiya ekwakuthenjiswe ngaYe, awathi uThixo wabanika ulwazi lokufunwa ngumthetho waKhe, kwakunye nosindiso olwaluza kwenziwa ngombingelelo wocamagushelo lukaNyana waKhe oyintanda.AN 682.3

    Ithemba likaIsrayeli laliqulathwe kwisithembiso esenziwa ngexesha lokubizwa kuka-Abraham, saza emva koko saphindwa amaxesha ngamaxesha kwinzala yakhe, “ zisikelelwe ngawe zonke izizwe zehlabathi.” Genesis 12:3. Xa injongo kaThixo yokuhlangula uhlanga yayityhilwa kuAbraham, iLanga loBulungisa lakhanya entliziyweni yakhe, bathi ubumnyama bakhe bachitheka. Kwathi, ekugqibeleni, uMsindisi ngokwaKhe wahamba wathetha phakathi koonyana babantu, wanika ubungqina kumaYuda, ithemba elikhanyayo lamanyange lokuhlangulwa ngokufika koMhlawuleli. “UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam,” watsho uKristu; “wawubona, wavuya.” Yohane 8:56.AN 683.1

    Kwalona elo themba linoyolo labonakalaliswa kwangaphambili kwintsikelelo eyavakaliswa ekufeni kwenyange uYakobi, phezu konyana wakhe uYuda:AN 683.2

    “Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa,
    Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho;
    Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo. . . .
    Intonga ayiyi kumka kuYuda,
    Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka
    Phakathi kweenyawo zakhe,
    Ade afike uShilo,
    Zimlulamele izizwe.”
    AN 683.3

    Genesis 49:8-10.

    Kwakhona, kwimida yeZwe leDinga, ukuza koMhlanguli wehlabathi kwaxelwa ngenx’ engaphambili kwisiprofeto esathethwa nguBhileham:AN 684.1

    “Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.
    Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.
    Ndibon’ inkwenkwez’ iphuma kuYakobi;
    Ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaIsrayeli.
    Uya kuzintlekez’ iinkokeli zikaMowabhi,
    Abafohloz’ oonyana bakaSeti.”
    AN 684.2

    EyaseNtlango [Numeri] 24:17, (IBHAYIBHILE).

    NgoMoses, injongo kaThixo yokuthumela uNyana wakhe abe nguMkhululi wohlanga oluwileyo, yagcinwa phambi kukaIsrayeli. Kwesinye isiganeko, kufutshane nje phambi kokufa kwakhe, uMoses wathi, “UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti ophuma phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam; ize niphulaphule yena.” Ngokucacileyo uMoses wayefundisiwe ngenxa kaIsrayeli ngokubhekiselele kumsebenzi kaMesiya owayeza kuza. “Ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe;” yayililizwi likaYehova elo kumkhonzi waKhe; “ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.” Duteronomi 18:15, 18.AN 684.3

    Ngamaxesha amanyange, iminikelo yemibingelelo eyayihlangene nonqulo olungcwele, yayibandakanya ukukhumbuza kwaphakade koMsindisi ozayo, yaza yahlala iyinkonzoyonke yasengcweleni kuyo yonke imbali kaIsrayeli. Kulungiselelo lwasemnqubeni, nolwasetempileni olwaqhubekayo emva koko, abantu babefundiswa yonkeimihla, ngemifanekisonezithunzi, iinyaniso ezinkulu ezihambelananokufikakukaKristu enguMhlawuleli, uMbingeleli, noKumkani; kuthi kanye ngomnyaka, ingqondo zabo zifuduselwe phambili kwiziganeko zokugqibela zembambano enkulu phakathi kukaKristu noSathana, ukuhlanjululwa kokugqibela komhlaba wonke [iyunivesi] esonweni nakuboni. Imibingelelo neminikelo yenkonzo kaMoses yayisoloko isalatha kwinkonzo engcono, eyasemazulwini. Ingcwele yasemhlabeni yayingu“mzekeliso ozise exesheni elingeneyo,” ekwakuthi kuyo kunikelwe kokubini, izipho nemibingelelo; iindawo zayo ezimbini ezingcwele “ziyimizekelo yezinto ezisemazulwini;” kuba uKristu, uMbingeleli oMkhulu wethu, namhla “ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso, owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.” Hebhere 9:9, 23; 8:2.AN 684.4

    Kususela mhla uYehova wathi kwinyoka e-Eden, “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe” (Genesis 3:15), uSathana wazi ukuba akasayi kuze abe nolawulo olupheleleyo kubemi balo mhlaba. Kwathi uAdam noonyana bakhe bakuqala ukunikela imibingelelo yamadini emiselwe nguThixo njengomfanekiselo woMhlawuleli ozayo, uSathana wabona kule mifuziselo unxulumano phakathi komhlaba nezulu. Kwiinkulungwane ezinde ezalandelayo, yayililinge lakhe elizingisileyo ukuphazamisa olu nxulumano. Engethi mandla, uzame ukumveza kakubi uThixo nokuveza kakubi iinkonzo ezalatha kuMsindisi, kwathi ngesininzi esikhulu samalungu osapho loluntu, waba nempumelelo.AN 685.1

    Lo gama uThixo enolangazelelo lokubafundisa abantu ukuba, kolwaKhe uthando kuphuma iSipho esixolelanisa bona naYe, utshaba olukhulu loluntu luzama ukumbeka uThixo njengovuyela ukutshabalala kwabo. Ngaloo ndlela, imibingelelo namasiko alungiswe liZulu ukuba aveze uthando lwezulu, aye aguqulwa ukuba asebenze njengendlela abanokuthi ngayo aboni, ngelize, bathembe ukungxengxeza, ngezipho nemisebenzi elungileyo, kwingqumbo kaThixo owoniweyo. Kwangelo xesha linye, uSathana uzame ukuvusa nokomeleza iimvakalelo zobubi ebantwini ukuze kuthi, ngokuphindaphinda kugqithwa umthetho, ize inkitha ikhokelelwe, njalo, kude kuThixo, ithi, ingenakho ukuzinceda, iqanyangelwe ngamatyathanga esono.AN 685.2

    Xa ilizwi elibhaliweyo likaThixo lalinikwa ngabaprofeti bamaHebhere, uSathana wafunda ngokukhuthala izigidimi ezingoMesiya. Ngobunono, wawalanda amazwi andlala ngokungenampazamo ukucaca komsebenzi kaKristu phakathi kwabantu, njengombingelelo othwele nzima, nanjengokumkani owoyisayo. Ezincwadini ezisongwayo zeziBhalo zeTestamente eNdala, wafunda ukuba Lowo wayeza kubonakala wayeza kuba “njengemvana esiwa ekuxhelweni,” “ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuba singabi sesoonyana babantu (KJV).” Isaya 53:7; 52:14. UMsindisi wesithembiso woluntu kuthiwa ngaYe, “Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo; . . . ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye;” kanti ke wayeza kusebenzisa amandla aKhe ukuze “agwebe ityala labaziintsizana ebantwini.” Wayeza “[kusindisa] oonyana bamahlwempu, abatyumze abacudisi.” Isaya 53:3, 4; Indumiso 72:4. Ezi ziprofeto zamenza uSathana ukuba oyike angcangcazele; kodwa akazange ayishiye injongo yakhe yokuthintela, ukuba kunokwenzeka, imisindleko yenceba kaYehova ukuze kuhlangulwe uhlanga olulahlekileyo. Wazimisela ukuwamfamekisa amehlo abantu, kangangoko anakho, ekubalulekeni okukuko kweziprofeto ezingoMesiya, ukuze alungise indlela yokwaliwa kukaKristu ekufikeni kwaKhe.AN 686.1

    Ngexesha leenkulungwane ezazisondele kakhulu phambi kukaNogumbe, impumelelo yabakho kumalinge kaSathana okuzisa ukuxhaphaka kovukelo ngakuThixo kwizwe lonke. Nezifundo zesiKhukhula azizange zigcinwe zikhunjulwa ixesha elide. Ngobuchule bokuzithandisa, uSathana waphinda wabakhokelela oonyana babantu, inyathelo ngenyathelo, ekuvukeleni okunesibindi. Waphinda wabonakala ngathi uyoyisa, kodwa ke injongo kaThixo ngomntu owileyo yayingasayi kubekelwa bucala. Ngenzala ka-Abraham othembekileyo, ngomlibo kaShem, ukwaziwa kokuceba kukaYehova okunobubele kwakuza kugcinelwa ukuzuzwa kokuhle zizizukulwana ezizayo. Kumaxesha ngamaxesha, abathunywa benyaniso abanyulwe lizulu babeza kuphakama batsalele ingqondo kwintsingiselo yeenkonzo zamadini, ngakumbi kwisithembiso sikaYehova ngokufika kwaLowo zazisalatha kuYe zonke iinkonzo zocwangcwiso lwemibingelelo. Ngaloo ndlela ihlabathi lonke laliza kugcinwa likude nokreqo lwezwe lonke.AN 687.1

    Kwakungekuba yayingekho inkcaso esebenza ngamandla xa kwakufezwa injongo yezulu. Ngazo zonke iindlela olunazo, utshaba lwenyaniso nobulungisa lwasebenza ukwenza ukuba inzala ka-Abraham ilulibale ubizo lwayo lwaphezulu nolungcwele, ize iphume ecaleni inqule oothixo ababuxoki. Phofu, amalinge akhe ayesiwa phantsi. Kwiinkulungwane ezininzi ezaziphambi kokufika kokuqala kukaKristu, ubumnyama bagubungela umhlaba, baza obungqingqwa babagubungela abantu. USathana wayephosa isithunzi sakhe senkohlakalo ukuze aphazamise indlela yabantu, enenjongo yokuba abathintele ekuzuzeni ukumazi uThixo kunye nomhlaba oza kubakho. Izihlwele zazihleli ethunzini lokufa. Ithemba ekwakuphela kwalo lalilelokuba obu bumnyama bususwe, ukuze uThixo atyhilwe.AN 687.2

    Ngombono wobuprofeto, uDavide, umthanjiswa kaThixo, wakubona kwangaphambili ukufika kukaKristu ukuba kuya kuba “njengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga, njengentsasa engenamafu.” 2 Samuel 23:4. Naye uHoseya uyangqina, “ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo.” 6:3. Ngokuzolileyo nangobunono, ukukhanya kwemini kuyaqhekeka phezu komhlaba kugxothe ithunzi lobumnyama livusele umhlaba ebomini. Laliza kwenjenjalo iLanga loBulungisa ukuphuma, “linophiliso emaphikweni alo.” Malaki 4:2. Izihlwele ezihlala “ezweni lethunzi lokufa” zaziya kubona “ukukhanya okukhulu.” Isaya 9:2. Umprofeti uIsaya, ekhangele ngokuthabatheka ukuhlangulwa okuqaqambileyo, wadanduluka:AN 688.1

    “Ngokuba sizalelwe umntwana,
    Sinikwe unyana;
    Ukuthethela kusesixhantini sakhe;
    Igama lakhe kuthiwa
    NguMangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha,
    USonini-nanini, nguMthetheli woxolo,
    Ukuba kwande ukuthethela oko,
    Kubekho uxolo olungenakuphela
    etroneni kaDavide,
    Nasebukumkanini bakhe,
    Ukuba bumiswe buxhaswe
    Ngokusesikweni nangobulungisa,
    Kususela koko kude kuse ephakadeni.
    Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.”
    AN 688.2

    Iindima 6,7.

    KwiinkulungwanezamvazembalikaIsrayeliphambikokufika kokuqala, kwakusaziwa jikelele ukuba ukufika kukaMesiya kwakubhekiswa kuko esiprofetweni esasisithi, “Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaIsrayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi.” “Butyhileke ubuqaqawuli bukaYehova,” umprofeti wayetsho kwangaphambili, “ibubone inyama yonke kunye.” Isaya 49:6; 40:5. Yayi koku kukhanya kwabantu uYohane umBhaptizi emva koko awangqina ngako ngesibindi, xa wayedanduluka, esithi, “Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.” Yohane 1:23.AN 689.1

    YayinguKristu esanikelwa kuYe isithembiso sesiprofeto: “Utsho uYehova, uMkhululi kaIsrayeli, oyiNgcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni, . . . utsho uYehova ukuthi, . . . Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasebumnyameni, Velani. . . . Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kubethwa sisanga nalilanga; nokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo. Isaya 49:7-10.AN 689.2

    Abazinzileyo phakathi kwesizwe sakwaYuda, inzala yaloo mnombo ungcwele ekwathi ngawo ukwaziwa kukaThixo kwagcinwa, baluqinisa ukholo lwabo ngokuhlala kwezi nakwezifanayo iindawo[ezifundayo]. Ngovuyo olukhulu, bafunda indlela uYehova aya kuthambisa ngayo Lowouya kuthunywa ukuba “ashumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo,” “ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo,” nokuvakalisa “umnyaka wetarhu likaYehova.” Isaya 61:1, 2. Kanti ke iintlizyo zabo zazaliswa lusizi xa babecinga ngokuphatheka kakubi ekwakufuneka ekunyamezele ukuze kuzaliseke injongo yezulu. Ngokuthobeka okukhulu komphefumlo, bawalanda amazwi asencwadini esongwayo yesiprofeto:AN 689.3

    “Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu,
    Nengalo kaYehova ityhileke kubani na?

    Kuba yena umkhonzi wam unyuka njengegatya
    phambi kwakhe,
    Njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu,
    Engenasithomo nabungangamela;
    Sakumkhangela,
    Akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.

    “Udeliwe, ushiyiwe ngabantu;
    Yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo;
    Wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso,
    Udeliwe, thina ke asambeka.

    “Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu,
    Wathwala umvandedwa wethu,
    Ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo,
    Ungocinezelwa nguye.

    “Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu,
    Watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa;
    Ubetho lokuba sibe noxolo thina lube phezu kwakhe;
    Siphiliswe ngemivumbo yakhe.

    “Thina sonke salahleka njengeegusha,
    Sabheka elowo endleleni yakhe,
    Waza uYehova wamwela
    Ngobugwenxa bethu sonke.

    “Wakhandaniswa, wazithoba,
    Engawuvuli umlomo wakhe,
    Njengemvana esiwa ekuxhelweni;
    Nanjengegusha esisidenge
    phambi kwabachebi bayo,
    Akawuvula umlomo wakhe.
    AN 690.1

    “Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni;
    Esizukulwaneni sakhe
    ngubani na owathelekelela ukuthi,
    Unqanyulwe ezweni labaphilileyo,
    Ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu.

    “Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe,
    Ke laba nosisityebi akuba efile;
    Ekubeni engenzanga lugonyamelo,
    Kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe.”
    AN 691.1

    Isaya 53:1-9.

    Ngokuphatheka kakubi koMsindisi, uYehova ngokwaKhe wathetha ngoZekariya, wathi, “Krele, vuka usukele phezulu kumalusi wam, kumfo ongummelwane.” Zekariya 13:7. Njengomi endaweni nesibambiso somntu onesono, uKristu wayeza kuphatheka kakubi phantsi kobulungisa bezulu. Wayeza kubuqonda ukuba buthetha ntoni ubulungisa. Wayeza kwazi ukuba kuthetha ntoni kuboni ukuma phambi kukaThixo ngaphandle komthetheleli.AN 691.2

    Ngomdumisi, uMhlanguli waprofetha ngaYe:AN 691.3

    “Ingcikivo yaphula intliziyo yam,
    Ndaphantsa ukufa;
    Ndathemba ukukhuzwa,
    Akwabakho;
    Nokuthuthuzelwa,
    Andakufumana.
    Ukudla bandinika inyongo;
    Ekunxanweni kwam bandiseza iviniga.”
    AN 691.4

    Indumiso 69:20, 21.

    Ngokwendlela awayeza kuphathwa ngayo, waprofeta, wathi, “Ngokuba izinja zindirhawule, ibandla labenzi bokubi lindingungele; bagqobhoza izandla zam neenyawo zam. Ndinokuwabala onke amathambo am; bona bayandijonga, bayandibonela, babelana ngeengubo zam, isambatho sam basenzela amaqashiso.”Indumiso 22:16-18.AN 691.5

    Imifanekiso yentlungu embi nokufa kwenkohlakalo kwaLowo wesiThembiso, ilusizi injalo, yayityebile sisithembiso; kuba ngaLowo “uYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo,” ukuze abe “[li]dini letyala,” uYehova wathi:AN 692.1

    “Woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide;
    Ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.
    Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe;

    “Ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa
    uya kugwebela abaninzi,
    Athwale yena izenzo zabo ezigwenxa.
    Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu,
    Alabe nabanegunya ixhoba,
    Ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe,
    Wavuma ukubalelwa kubakreqi,
    Akubon’ ukuba usithabathele phezu kwakhe
    isono sabaninzi,
    Ebathandazele abakreqi.”
    AN 692.2

    Isaya 53:10-12.

    Yayikukuthanda aboni okwakhokelela uKristu ukuba ahlawule ixabiso lokuhlangula. “Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli,” wayengekho omnye owayenokuwahlangula ngokuwathenga amadoda nabafazi kwigunya lotshaba; “yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa.” Isaya 59:16.AN 692.3

    “Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo;
    Umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam.
    Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe;
    Uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.”
    AN 692.4

    Isaya 42:1.

    Ebomini baKhe kwakungaxutywanga ukumela isiqu saKhe. Intlonipho enikwa lihlabathi esikhundleni, ebutyebini, nakwitalente, kwakuya kuba yinto ekude le kuNyana kaThixo. Akukho zindyebo abantuabaye bazisebenzise ukuzuza ukuthenjwaokanye ukwenza ukuba bahlonitshwe. Ukungabi naye ngokupheleleyo umna kwatyhilwa kwangaphambili kumazwi athi:AN 692.5

    “Akayi kunkqangaza,
    Aliphakamise,
    Alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.
    Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula,
    Umsonto oqhumayo akayi kuwucima.”
    AN 693.1

    Iindima 2, 3.

    Ngokuchasene ngokupheleleyo neetitshala zexesha laKhe, kwakunjalo ukuziphatha koMsindisi phakathi kwabantu. Ebomini baKhe kwakungekho zingxolo zakuphikisana, kungekho lunqulo lwabuqhawe, nasenzo sakuzuza ukunconywa, ezazinokubonwa. UMesiya kwakufuneka efihlwe kuThixo, ize ibe nguThixo obonakala esimilweni soNyana waKhe. Ngaphandle kokumazi uThixo, uluntu beluya kulahleka ngonaphakade. Ngaphandle koncedo lwezulu, amadoda namakhosikazi ebeya kutshona phantsi ngakumbi nangakumbi. Ubomi namandla kufuneka enikwe nguLowo walenzayo ihlabathi. Iimfuno zomntu, ayikho enye indlela ebezinganeliswa ngayo.AN 693.2

    Kwakukwaprofetiwe ngakumbi ngoMesiya: “Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.” UNyana kaThixo wayeza “kuwukhulisa umyalo, [enze ube] nobungangamsha.” Iindima 4, 21. Wayengasayi kukunciphisa ukubaluleka kwawo nabango abophelelayo; endaweni yoko wayeza kuwuphakamisa. Kwangelo xesha linye, wayeza kuyikhulula imithetho engcwele kubungqongqo obungumthwalo obabubekwe phezu kwayo ngumntu, abathi abaninzi batyhafiswe kumalinge abo okukhonza uThixo ngendlela eyamkelekileyo.AN 693.3

    Ngomsebenzi othunywe uMsindisi, ilizwi likaYehova lalisithi: “Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiyaAN 694.1

    kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga; ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni. NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo. Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.” Iindima 6-9.AN 694.2

    NgeMbewu eyathenjiswayo, uThixo kaIsrayeli wayeza kuzisa ukuhlangulwa eZiyon. “Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe.” “Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli. Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.” Isaya 11:1; 7:14, 15.AN 695.1

    “Ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe. Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, alibethe ihlabathi ngentonga yomlomo wakhe, ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yomlomo wakhe. Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe.” “Kuya kuthi ngalo mini, ihlumelo likaYese, elimele ukuba yibhanile yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendalo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.” Isaya 11:2-5, 10.AN 695.2

    “Nantso indoda enguHlumelo, . . . Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova, ithweswe uzuko, ihlale ilawule etroneni yayo, ibe ngumbingeleli etroneni yayo.” Zekariya 6:12, 13.AN 695.3

    Umthombo wawuza kuvulwa “ngenxa yesono nangenxa yokungcola” (Zekariya 13:1); oonyana babantu babeya kusiva isimemo esisikelelekileyo:AN 695.4

    “Wenani! Nonke nina ninxaniweyo,
    yizani emanzini,
    Nabangenamali; yizani thengani nidle;
    Yizani, thengani iwayini namasi, ningenamali.
    “Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka,
    Nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo?
    Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo,
    Umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.

    “Thobani iindlebe zenu, nize kum;
    Ndenze umnqophiso ongunaphakade nani,
    Iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.”
    AN 696.1

    Isaya 55:1-3.

    KuIsrayeli kwenziwa isithembiso: “Yabona, ndimenze ingqina ezizweni, inganga nomwisimithetho ezizweni. Yabona, uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaIsrayeli, kuba ekuhombisile.” Iindima 4, 5.AN 696.2

    “Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuIsrayeli.” Isaya 46:13.AN 696.3

    Ngelizwi nangezenzo, uMesiya, ngexesha lokulungiselela kwaKhe esemhlabeni, wayeza kutyhilela uluntu ubuqaqawuli bukaThixo uYise. Sonke isenzo sobomi baKhe, lonke ilizwi elathethwayo, wonke ummangaliso owenziwayo, wawuza kwazisa uluntu oluwileyo uthando lukaThixo olungenamda.AN 696.4

    “Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo,
    Nyuka uye entabeni ephakamileyo;
    Wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo,
    Liphakamise ngamandla ilizwi lakho,
    Phakamisa ungoyiki.
    Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu!
    “Uyabona, iNKosi uYehova iya kuza,
    ingowomeleleyo, ingalo yayo iyilawulela.
    Uyabona, umvuzo wayo inawo,
    Nomsebenzi wayo uphambi kwayo.
    Iya kuwalusa umhlabi wayo njengomalusi;
    Iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane,
    Iwathwale ngesifuba sayo,
    Izithundeze ezanyisayo.”
    AN 697.1

    Isaya 40:9-11.

    “Kuya kuthi ngaloo mini izithulu ziweve amazwi encwadi,
    Amehlo eemfama abone esithokothokweni nasemnyameni.
    Abalulamileyo baya kukwandisa ukuvuya kukaYehova,
    Abangamahlwempu eluntwini bagcobe ngOyingcwele
    kaIsrayeli.”

    “Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo,
    Bayamkele imfundo abakrokrayo.”
    AN 697.2

    Isaya 29:18, 19, 24.

    Ngoko ke, ngamanyange nabaprofeti, nangezithunzi nemifuziselo, uThixo wathetha nehlabathi ngokubhekiselele ekufikeni koMhlanguli esonweni. Uluhlu olude lwesiprofeto esiphefumlelweyo lwalatha ekufikeni “kOkunqwenelekayo kweentlanga zonke.” (Hagayi 2:7, NKJV). Kwaindawo le yokuzalwa kwaKhe kunye nexesha lokubonakala kwaKhe zaxelwa ngokucokisekileyo. UNyana kaDavide kufuneka ezalelwe emzini kaDavide. EBhetelehem, wathi umprofeti, “kuya kuphuma . . . oya kuba ngumlawuli kwaIsrayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.” Mika 5:2.AN 697.3

    “Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda,
    Akunguye nakanye omncinanana
    phakathi kwabalawuli bakwaYuda,
    Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli,
    Onguyena uya kubalusa abantu bam amaIsrayeli.”
    AN 697.4

    Mateyu 2:6.

    “BAMISELWE IIVEKI EZIMASHUMI ASIXHENXE ABANTU BAKOWENU” AMA-490 EMINYAKA
    Matthieu 37
    B.C. 408
    A.D. 27
    A.D. 31 3,5t3, 5
    A.D. 31 3,5t3, 5
    A.D. 34
    Iiveki ezisi-7 okanye ama-70 eminyaKa.
    Iiveki engama-60 anesi-2 (620) okanye amakhulu amane anamashumi amathathu anesine (434) eminyaka
    Iveki enye okanye Iminyaka esi-7

    “BAMISELWE IIVEKI EZIMASHUMI ASIXHENXE ABANTU BAKOWENU”AN 698.2

    AMA-490 EMINYAKAAN 698.3

    B.C. 457AN 698.4

    B.C. 408AN 698.5

    A.D. 27AN 698.6

    A.D 31 3,5t3, 5AN 698.7

    A.D. 34AN 698.8

    Iiveki ezisi-7 okanye ama-70 eminyaKaAN 698.9

    Iiveki engama-60 anesi-2 (620) okanye amakhulu amane anamashumi amathathu anesine (434) eminyakaAN 698.10

    Iveki enye okanye Iminyaka esi-7AN 698.11

    Ixesha lokufika kokuqala kunye nezinye zeziganeko eziphambili ezazihlanganisene kumsebenzi wobomi boMsindisi, kwaziswa yingelosi uGabriyeli kuDaniyeli. “Bamiselwe iiveki ezimashumi asixhenxe,” yatsho ingelosi, “abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele, ukuba sithintelwe isikreqo, zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade, utywinwe umbono nomprofeti, ithanjiswe ingcwele kangcwele.” Daniyeli 9:24. Usuku esiprofetweni lumele umnyaka. Khangela kuNumeri 14:34; Hezekile 4:6. Iiveki ezimashumi asixhenxe, okanye iintsuku ezimakhulu mane anamashumi alithoba, zimele iminyaka engamakhulu amane anamashumi amane anethoba. Apho liqala khona eli xesha, kuyaziwa: “Yazi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyinganga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini,” (Daniyeli 9:25), iiveki ezingamashumi alithoba, okanye iminyaka engamakhulu amane anamashumi asibhozo anesithathu. Umyalelo wokuba kubuyiselwe kwakhiwe iYerusalem, njengoko wawugqitywe ngomthetho ka-Ahaswerosi Longimus, waqala ukusebenza ekwindla ngowama-457 B.C. Khangela uEzra 6:14; 7:1, 9. Ukusuka kweli xesha, amakhulu amane anamashumi asibhozo anesithathu ihamba ifike ekwindla ngowama-27A.D.. Ngokwesiprofeto, eli xesha laliza kufika kuMesiya, Lowo wesithembiso. Ngowama-27 A.D., uYesu, ekubhaptizweni wafumana ukuthanjiswa nguMoya Oyingcwele kwathi, emva koko nje, wawuqala umsebenzi waKhe wolungiselelo. Kungoko kwavakaliswa isigidimi, “Lizalisekile ixesha.” Marko 1:15.AN 698.12

    Emva koko, yathi ingelosi, “Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki [iminyaka esixhenxe].” Iminyaka esixhenxe emva kokungena koMsindisi emsebenzini waKhe, iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa ngokukodwa kumaYuda; iminyaka emithathu enesiqingatha nguYesu ngokwaKhe, kuze kuthi emva koko ibe ngabapostile. “Ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla.” Daniyeli 9:27. Ehlotyeni ngowama-31 A.D., uKristu, uMbingelelo wenene, wanikelwa eKhalvari. Ikhuselo letempile lakrazuka kubini, into eyayibonisa ukuba ubungcwele nokubaluleka kwenkonzo yombingelelo yayisukile. Ixesha lalifikile lokuba umbingelelo wasemhlabeni neminikelo yokudla iphele.AN 699.1

    Iveki enye—iminyaka esixhenxe—yaphela ngowama-34 A.D. Kwaya kwathi ngokuxulutywa kukaStefano, amaYuda ekugqibeleni akutywina ukwala kwawo igospile; abafundi ababesasazwe kude yintshutshiso, “batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi” (IZenzo 8:4); kwathi kufutshane nje emva koko, uSawule, umtshutshisi, waguquka waba nguPawulos, umpostile weeNtlanga.AN 699.2

    Iziprofeto ezininziezingokufika kukaMsindisizawakhokelela amaHebhere ukuba aphile enengqondo yokuhlala elindile. Amaninzi afela elukholweni, engawafumananga amadinga. Phofu, athi ngokuwabona ekude, akholwa avuma ukuba angabasemzini nabaphambukeli emhlabeni. Kususela kwimihla kaEnoki, izithembiso ezaphindwa ngamanyange nabaprofeti zaligcina liphilile ithemba lokubonakala kwaKhe.AN 700.1

    UThixo akazange alityhile kwasekuqaleni ixesha elililo lokufika kokuqala; kwathi naxa isiprofeto sikaDaniyeli sikwazisile oku, ayabi ngabo bonke abasichaza ngokufaneleyo isigidimi.AN 700.2

    Iinkulungwane zalandelelana, zadlula; ekugqibeleni amazwi abaprofeti ayeka. Isandla somcinezeli sabanzima phezu kukaIsrayeli. Athi ngokumka kuThixo amaYuda, ukholo lwamfiliba, ithemba laphantsa ukuyeka ukukhanyisa ikamva. Amazwi abaprofeti awaziwa ngabaninzi; bathi abo balukholo lwabo lwalumele ukuqhubeka lomelele, balungela ukukhala, “Imihla iyoluka, iyadaka imibono yonke.” Hezekile 12:22. Phofu, kwiqumrhu lasezulwini, iyure yokuza kukaKristu yayigqityiwe; lathi “lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, . . . ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.” Galati 4:4, 5.AN 700.3

    Izifundo kufuneka zinikwe uluntu ngolwimi loluntu. UMthunywa womnqophiso kufuneka athethe. Ilizwi laKhe kufuneka liviwe kweyaKhe itempile. Kufuneka Yena umqali wenyaniso, ayahlule inyaniso kumququ wentetho yomnntu, oye ayenza ukuba ingabi lutho. Imithetho-siseko yolawulo lukaThixo kunye necebo losindiso kufuneka zichazwe ngokucacileyo. Izifundo zeTestamente eNdala kufuneka zibekwe ngokupheleleyo phambi kwabantu.AN 700.4

    Wathi ekugqibeleni akuvela uMsindisi, “wafana nabantu” (Filipi 2:7), wawuqala umsebenzi waKhewobabalo, uSathana waba nakho ukutyumza isithende, lo gama ngesenzo ngasinye zokuthotyelwa phantsi okanye sokuphatheka kakubi kukaKristu, watyunyuzwa intloko umchasi waKhe. Intlungu eyeza nesono yathululelwa esifubeni saLowo ungenasono; kanti ke ngeli xesha uKristu enyamezele ukuphikwa kwakhe ngaboni, wayehlawula ityala lomntu onesono, esaphula imbophelelo olugcinwe kuyo uluntu. Lonke ihlaba lokuthuthunjiswa, sonke isithuko, sasisebenza ukuhlangulwa kohlanga.AN 701.1

    Ukuba uSathana ebengamoyisela nje uKristu ukuba ayekele kuso sibe sinye isihendo, ukuba ebengamkhokelela ukuba, ngesenzo nje esinye okanye ingcinga ukuba inike ibala ubunyulu baKhe obugqibeleleyo, itshawe lobumnyama beliya kuba lisoyisile isiQinisekiso somntu, abe uluzuzele kuye lonke usapho lwabantu. Kanti ke, nangona uSathana engaxinzelela, akanakuze angcolise. Angayibanga intlungu, kodwa hayi ukungcolisa. Wabenza ubomi bukaKristu bangumboniso omde wokulwa nokuvavanywa, kodwa ngalo lonke uhlaselo awayesoyiswa kulo, wayelahlekwa ngamandla okulubamba uluntu.AN 701.2

    Kwintlango yokuhendwa, eGadini yaseGetsemane, emnqamlezweni, uMsindisi wethu wazilinganisa izixhobo zetshawe lobumnyama. Amanxeba aKhe aba ngamaxhoba oloyiso lwaKhe ngenxa yohlanga. Ngexesha uKristu ejinga emnqamlezweni enentlungu, lo gama imimoya emibi ivuya abantu abakhohlakeleyo behlekisa, ngelo xesha ngokwenene isithende saKhe sasityunyuzwa nguSathana. Eso senzo ke kanye, sasityumza intloko yenyoka. Ngako ukufa, wamtshabalalisa “lowounamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo.” Hebhere 2:14. Esi senzosasitywina siphelosentlokoengumvukeli,saqinisekisa ngonaphakade icebo losindiso.Ekufeni [uKristu] wazuza uloyiso phezu kwegunya lakhe, uMtyholi; ekuvukeni kwakhona, wavula amasango engcwaba kubo bonke abalandeli baKhe. Kolo khuphiswano lokugqibela, sibona ukuzaliseka kwesiprofeto, “Iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.” Genesis 3:15.AN 701.3

    “Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.” 1 Yohane 3:2. UMhlanguli wethu uvule indlela, ukuze noyena ongumoni omkhulu, oyena unentswelo enkulu, oyena ucinezelweyo nodeliweyo, angabanakho ukufikelela kuYise.AN 702.1

    “Yehova, unguThixo wam;
    Ndiya kukuphakamisa,
    Ndiya kubulela kwigama lakho;
    Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo,
    Amacebo akho kwakude,
    ukunyaniseka, inyaniso.”
    AN 702.2

    Isaya 25:1.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents