Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    17—Ukubizwa kukaElisha

    UThixo wayeyalele uEliya ukuba athambise omnye ukuba abe ngumprofeti endaweni yakhe. Uthambise uElisha, unyana kaShafati . . . abe ngumprofeti esikhundleni sakho.” (1 Kumkani 19:16), wayetshilo; waza wathi ngokuthobela umyalelo, uEliya waya kumkhangela uElisha. Wathi xa ekuhambo olusinga ngasentla, wajika kakhulu umbono kwinto owawuyiyo ngethutyana nje elifutshane ngaphambili! Ngelo xesha, umhlaba wawuxwebile, iindawo zokufuya zingasetyenzwa, kuba kwakungawi mbethe namvula iminyaka emithathu enesiqingatha. Ngoku, kuyo yonke indawo utyani lwalukhula lwanga lwenzela nexesha lembalela nendlala.AN 217.1

    Uyise kaElisha wayengumlimi osisityebi, indoda endlu yayo eyayiphakathi kweqela elathi ngexesha alalingathi lelokreqo phantse lwezwe lonke, yona ayaligoba idolo kuBhahali. Elabo yayilikhaya apho uThixo wayehlonitshwa khona nalapho ukuthobela inkolo kaIsrayeli wakudala kwakungumthetho wobomi bemihla ngemihla. Kndawo enjalo, kulaphoiminyaka yobutshabukaElishayachithwa khona. Kwinzolo yobomi basemaphandleni phantsi kwemfundiso kaThixo nendalo nokuqeqeshelwa umsebenzi olungileyo, wafumana ingqeqesho kwimikhwa yokuba msulwa nokuba nentobelo kubazali nakuThixo, nto leyo eyanceda ukumenza asifanele isikhundla esiphezulu awayeza kuba kuso kamva.AN 217.2

    Ubizo lobuprofeti lwafika kuElisha ngexesha, ekunye nabakhonzi bakayise, wayelima emasimini. Wayesenza umsebenzi owawufumaneka kufuphi. Wayenezakhono zokukhokela phakathi kwabantu nobulali bomntu olungele ukukhonza. Enomoya ozolileyo onobulali, wayekwanamandla nokuzinza. Isidima, ukunyaniseka nothando nokumoyika uThixo, kuthi nasekusebenzeni kwemihla ngemihla, wazuza amandla okwenza nesidima sesimilo, ekhula njalo elubabalweni naselwazini. Ngexesha wayesebenzisana noyise kwimisebenzi yobomi basekhaya, wayefunda ukusebenzisana noThixo.AN 218.1

    Ngokunyaniseka kwizinto ezincinane, uElisha walungiselela ukuthenjwa kwezinkulu. Yonke imihla, ngamava aphathekayo, wafumana ukulungela umsebenzi obanzi nophakame kakhulu. Wafunda ukukhonza; kwathi ngokufunda oku, wafunda nokufundisa nokukhokhela. Isifundo sesomntu wonke. Akakho onokuyazi ukuba iyintoni injongo kaThixo ekuqeqesheni kwaKhe; kodwa bonke bangaqiniseka ukuba ukuthembeka kwizinto ezincinane kubonakalalisa ukufaneleka kwimithwalo emikhulu. Sonke isenzo ebomini sityhila isimilo, kwaye kuphela ngulowo othi kwimisebenzi emincinane azibonakalalise ukuba “ungumsebenzi ongenazintloni” onokuzukiswanguThixongomsebenziomkhulu. 2 Timoti 2:15.AN 218.2

    Lowo ubona kungathi ayinamsebenzi indlela enza ngayo imisebenzi emincinane, uzibonakalisa ukuba akakufanele ukubekwa kwisikhundla esiphezulu. Yena angacinga ukuba ukufanele ukuthabathaimisebenzi emikhulu; kodwa uThixo ukhangela nzulu kunalapha phezulu. [218]AN 218.3

    Emva kokuvavanywa nokulingwa, kubhaliwe emva kwakhe intetho ethi, “Wena ulinganisiwe esikalini, wafunyanwa ulula.” Ukungathembeki kwakhe kubuyela kuye. Usilele ukuzuza ubabalo, amandla, igunya lesimilo, esifumaneka ngokuzinikela okupheleleyo.AN 219.1

    Ngenxa yokuba bengaqhagamshelananga nomsebenzi othile othe ngqo wenkolo, abaninzi beva ngathi ubomi babo bulilize, nokuba abenzi nto ekuhambiseleni phambili ubukumkani bukaThixo. Ukuba nje bebengenza into enkulu, indlela abebeya kuvuya ngayo ukuyenza! Ngenxa yokuba ke, bengenakho ukusebenza kuphela kwizinto ezincinane, bazicingela ukuba bayalungisa ukungenzi nto. Bayaphazama kule ndawo. Umntu angaba semsebenzini owenziwayo kaThixo lo gama exakeke komnye oqhelekileyo, imisebenzi yemihla ngemihla — lo gama begawula imithi, becoca amabala, okanye belandela ikhuba. Umama oqeqeshela uKristu abantwana bakhe usebenzela uThixo ngenene njengomfundisi osepulpitini.AN 219.2

    Abaninzi balangazelela italente ekhethekileyo abanokuthi ngayo benze umsebenzi omangalisayo, lo gama imisebenzi ilele kufuphi ecaleni kwabo, ebekuya kuthi ukuyenza kubenze ubomi bube livumba elimnandi, kodwa abayiboni. Abo mabathabathe imisebenzi elele kanye endleleni yabo. Impumelelo ixhomekeka, hayi kakhulu kwitalente, ngaphezu kwasemandleni nasekubeni nentumekelelo. Asikuko ukuba neetalente ezintle okwenza ukuba senze umsebenzi owamkelekileyo, kodwa kukuthi, sinenkathalo, senze imisebenzi yethu imihla ngemihla, sinomoya owanelisekileyo, ongadyobhekanga, nomdla onyanisekileyo kwintlalo entle yabanye. Kwabona bantu bathobekileyo kakhulu, kufumaneka okona kutshatshela kwenene. Eyona misebenzi iqhelekileyo, eyenziwa ngokuthembeka okunothando, mihle emehlweni bukaThixo.AN 219.3

    Njengokuba uEliya, eyalelwe nguThixoukubaafune umlandeli, wadlula entsimini awayelima yona uElisha,waphosaphezu kwegxalaba lendodana ingubo yokuyingcwalisa. Ngexesha lendlala, usapho lukaShafati lwaqhelana nomsebenzi nokuthunywa kukaEliya, kwathi ngoku, uMoya kaThixo wachukumisa intliziyo kaElisha ngokuthethwa sisenzo somprofeti. Kuye yayingumqondiso wokuba uThixo wayembiza ukuba ibe nguye olandela uEliya.AN 220.1

    “Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke.” “Hamba ubuye,” yatsho impendulo kaEliya, “ndikwenze ntoni na?” Oku yayingekuko ukumgxotha, kodwa yayiluvavanyo lokholo. UElisha kufuneka abale iindleko—azigqibele ngokwakhe ukulwamkela okanye ukulwala ubizo. Ukuba ulangazelelo lwakhe lwalubambelele ekhayeni lakhe nokuhle kwalo, wayekhululekile ukuba ahlale khona apho. Noko ke, uElisha wayiqonda intsingiselo yobizo. Wazi ukuba luvela kuThixo, akathingaza ukuluthobela. Akukho okuhle kwehlabathi okwakunokwenza ukuba alincame ithuba lokuba ngumthunywa kaThixo okanye anikele ithuba lokuhlangana nomkhonzi waKhe. “Wazithabatha iinkabi zedyokhwe enye, wabingelela ngazo, wayipheka inyama ngeempahla zeenkabi ezo, wanika abantu badla. Wesuka ke, walandela uEliya, wamlungiselela.” 1 Kumkani 19:20, 21. Ngaphandle kokulibazisa, washiya ikhaya apho wayethandwa khona, ukuba asebenze nomprofeti kubomi bakhe obungaqinisekanga.AN 220.2

    Ukuba uElisha wayembuzile uEliya ukuba kulindelwe ntoni kuye,--uya kuba yintoni umsebenzi wakhe,--wayeya kuphendulwa, kuthiwe: NguThixo owaziyo; uya kukwazisa. Ukuba ulindela kuYehova, uya kuyiphendula yonke imibuzo yakho. Ungahamba kunyenamukuba unabo ubungqina bokuba uThixo ukubizile. Zazele nawe ukuba uThixo ekuthini yinkunkuma yonke into, ungakuzuza ukuthandwa nguThixo, yiza.AN 220.3

    Ngokufana nobizo olweza kuElisha, yayinjalo impendulo eyanikwa nguKristu kumlawuli oselula owabuza umbuzo kuYe, othi, Yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi obungunaphakade?” “Ukuba unga ungafezeka,” waphendula uKristu, “hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu; woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.” Mateyu 19:16, 21.AN 221.1

    UElisha walwamkela ubizo lomsebenzi, engabheki ngasemva kwiziyolo nolonwabo awayelushiya. Indodana eyayingumlawuli, yathi yakuweva amazwi oMsindisi, “yemka ibuhlungu; kuba ibinemfuyo eninzi.” Indima 22. Yayingakulungelanga ukwenza umbingelelo. Uthando lwayo lwezinto lwalulukhulu kunothando lwakhe lukaThixo. Ngokwala kwakhe ukushiya konke ngenxa kaKristu, wazibonakalisa ukungayifaneli kwakhe indawo emsebenzini weNkosi.AN 221.2

    Ubizo lokubeka konke esibingelelweni somsebenzi luza kumntu ngamnye kuthi. Asicelwa sonke ukuba sisebenze njengokuba uElisha wasebenza, kwaye singayalelwa sonke ukuba sithengise konke esinako; kodwa uThixo usicela ukuba siwunike umsebenzi waKhe indawo yokuqala ebomini bethu, singavumeli ukuba kudlule imini singakhange sibe nento esiyenzayo ukuhambisela phambili umsebenzi waKhe emhlabeni. Akalindele kumntu wonke uhlobo olunye lwenkonzo. Omnye unokubizelwa ukuya kulungiselela kumazwe akude; omnye angacelwa ukuba anikele kwindyebo yakhe ukuxhasa umsebenzi wegospile. UThixo wamkela umnikelo womntu ngamnye. Kukunikela ubomi bonke nezinto zonke obuzithandayo, into efunekayo. Abo bazinikela ngolu hlobo, baya kuluva baluthobele ubizo lweZulu. AN 221.3

    Kuye wonke othi abe nenxaxheba kubabalo lwaKhe, uYehova umnika ukusebenzela abanye. Ngabanye, kufuneka sime kwindawo yethu, sisithi, “Ndilapha; thuma mna.” Nokuba umntu ungumfundisi weLizwi okanye ugqirha, nokuba ungumrhwebi okanye umfama, umntu ofundileyo okanye umkhandi weenqwelo, umthwalo uphezu kwakhe. Ngumsebenzi wakhe ukutyhilela abanye iindaba ezilungileyo zokusindiswa kwabo. Ishishini ngalinye athi asebenze lona, kumele ukuba liba yindlela yokufikelela kwesi siphelo.AN 222.1

    Wawungenguwo umsebenzi omkhulu owafunwa kuElisha kuqala; imisebenzi nje eqhelekileyo yayithe rhoqo ikuqoqa ukuziphatha kwakhe. Kuthethwa ngaye njengowayegalela amanzi ezandleni zikaEliya, inkosi yakhe. Wayelungele ukwenza nantoni awayeyalelwa yona nguYehova, kwaza kwathi kwinyathelo ngalinye wafunda izifundo zokuthobeka nokukhonza. Njengesicaka somprofeti, waqhubeka nokubonakalisa ukuthembeka kwizinto ezincinane, lo gama, kwathi ngokomelela kwenjongo yonke imihla, wazinikela emsebenzini abekelwe wona nguThixo.AN 222.2

    Ubomi bukaElisha emva kokuba ezimanye noEliya, abuzange bungabi nazo izihendo. Izilingo awabanazo zaba zininzi; kodwa, ngalo lonke ithuba lokuxakeka, wayexhomekeka kuThixo. Walingwa ukuba acinge ngekhaya awayelishiyile, kodwa esi silingo akazange asithobele. Wathi kuba esibeke isandla sakhe ekhubeni wagqiba ukuba angabuyeli emva, wathi, ngokuvavanywa nokulingwa, wabonakalisa ukunyaniseka koko akuphathisiweyo.AN 222.3

    Ulungiselelo lufuna okungaphaya kokushumayela ilizwi. Luthetha ukuqeqesha kwamadodana njengoEliya owaqeqesha uElisha, ukuwathabatha kwimisebenzi yawo eqhelekileyo, anikwe imithwalo yokuthwalwa emsebenzini kaThixo—imithwalo emincinane ekuqaleni, nemikhulwana njengoko besiya bezuza amandlanamava. Kukhoemsebenzini wolungiselelo amadoda okholo nomthandazo, amadoda akwaziyo ukuthi, “Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi, . . . babonakaliswa; siyabungqinela, siyabuxela kuni.” 1 Yohane 1:1-3. Abasebenzi abatsha, abangenawo amava kufuneka baqeqeshwe ngawo umsebenzi uqobo bekunye naba bakhonzi bakaThixo banamava. Ngolo hlobo baya kufunda indlela yokuthwala imithwalo.AN 222.4

    Abo benza lo msebenzi wokuqeqesha abasebenzi abaselula, benza umsebenzi ozukileyo. INKosi ngokwayo isebenzisana namalinge abo. Amadodana ekuthe kwathethwa kuwo ilizwi lokuwangcwalisa, elilungelo lawo ukuba aziswe kulwalamano nabasebenzi abazimiseleyo, naboyika uThixo, kufuneka alisebenzise kakhulu ithuba lawo. UThixo uwazukisile ngokuwanyulela umsebenzi waKhe nangokuwabeka apho anokuzuza khona ukuwufanela okukhulu, ngoko ke kufuneka azithobe, athembeke, athobele, alungele ukuncama [konke]. Ukuba ayazinikela kuqeqesho lukaThixo, enze imiyalelo yaKhe nokukhetha abakhonzi baKhe njengabacebisi bawo, aya kukhula abe ngamadoda anobulungisa, aqeqesheke kakhulu, azinzileyo, uThixo anokuwaphathisa imithwalo.AN 223.1

    Njengoko iindaba ezilungileyo zivakaliswa ngobunyulu bazo, abantu baya kuthatyathwa ekhubeni nakwiindawo abasebenza kuzo ezinemali nezithi zikholise ukuzalisa iingqondo zabo, baze bafundiswe ngokuhlangana namadoda anamava. Ngexesha befunda ukusebenza ngempumelelo, baya kuvakalisa inyaniso ngamandla. Ngokusebenza okumangalisayo kokubonelela okungcwele kwezulu, iintaba zenzima ziyakususwa zilahlwe elwandle. Isigidimi esinentsingiselo engaka kubemi abaphezu komhlaba, siya kuviwa siqondwe. Abantu baya kuyazi ukuba iyintoni inyaniso. Umsebenzi uya kuhambela phambili naphambili ude ube ulunyukisiwe wonke umhlaba, kwandule ukufika isiphelo.AN 223.2

    Kwaba yiminyaka eliqela emva kokubizwa kukaElisha, uEliya noElisha besebenza kunye, yonke imihla indodana izuza ukuwulungela kakhulu umsebenzi wayo. UEliya wayesisixhobo sikaThixo sokoyisa ububi obukhulu ngokugqithisileyo. Unqulo lwezithixo olwathi, ngokuxhaswa nguAhabhi nomhedeni onguIzebhele, lwawexula isizwe, lwamiswa ngokupheleleyo. Abaprofeti bakaBhahali babulawa. Bonke abantu bakwaIsrayeli bavuseleleka kakhulu, baza abaninzi babuyela kunqulo lukaThixo. Njengowalandela uEliya, uElisha, ngononophelo, nemfundiso enomonde, kufuneka azame ukukhokela uIsrayeli kwindlela ekhuselekileyo. Ukwalamana kwakhe noEliya, oyena mprofeti mkhulu kususela kwimihla kaMoses, kwamlungiselela umsebenzi awayeza kuwuthabatha kungekudala.AN 224.1

    Ngeminyaka yokusebenza kwabo kunye, uEliya wayebizwa amaxesha ngamaxesha ukuba ahlangabezane nobubi obenziwa nje ekuhleni ngokuthethisa okulukhuni. Ngexesha uAhabhi okhohlakeleyo ethabatha isidiliya sikaNabhoti, yaba lilizwi likaEliya elaprofeta ngentshabalalo yakhe kunye nentshabalalo yendlu yakhe yonke. Kwathi naxa uAhaziya, emva kokufa kukayise uAhabhi, esimka kuThixo ophilileyo esiya kuBhahali-zebhubhe, uthixo wase-Ekron, yaba lilizwi likaEliya elaviwa kwakhona likhalima ngokwenene.AN 224.2

    Izikolo zabaprofeti, ezasekwa nguSamuweli, zazidilika ngexesha leminyaka yokukreqa kukaIsrayeli. UEliya wabuya wazakha ezi zikolo, esenza umsindleko wokuba amadodana azuze imfundo eyayiya kuwakhokelela ekuwuphakamiseni umthetho awenze ukuba uhlonipheke. Ezithathu kwezi zikolo, esinye eGilgali, esinye eBheteli, nesinye eYeriko, zikhankanyiwe engxelweni. Kanye phambi kokuba uEliya athatyathelwe ezulwini, yena noElisha batyelela iindawo zokuqeqesha. Izifundo umprofeti kaThixo awayebanike zona [abafundi] kutyelelo lwangaphambili, wabuya waziphinda ngoku. Wabafundisa ngakumbi ngelungelo labo elikhulu lokukugcina ngokuthembeka ukwayama ngoThixo wamazulu. Wakwabethelela ezingqondweni zabo ukubaluleka kokuvumela ukuba lula [kokuziphatha nokwenza] kube luphawu lwemfundo yabo. Kungale ndlela kuphela ekunokuthi bazuze ngayo ukwakhiwa lizulu baze baphume bayokusebenza ngeendlela zikaYehova.AN 224.3

    Intliziyo kaEliya yavuyiswa kukubona oko kwakusenzeka ngenxa yezi zikolo. Umsebenzi wohlaziyo wawungaphelanga, kodwa wayebona kubo bonke ubukumkani ukunyaniseka kwelizwi likaYehova, “Ke ndozishiyela kwaIsrayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali.” 1 Kumkani 19:18.AN 225.1

    Njengoko uElisha wayemkhapha umprofeti kuhambo lwakhe lokusebenza kwisikolo nesikolo, ukholo lwakhe nesigqibo sakhe zaphindwa ukuvavanywa. EGilgali, kwakhona eBheteli naseYeriko, wacelwa ngumprofeti ukuba abuye umva. “Khawuhlale apha;” watsho uEliya; “ngokuba uYehova undithume eBheteli.” Sekunjalo, ekusebenzeni kwakhe kwangaphambili kokubamba ikhuba, uElisha wafunda ukungoyisakali, okanye ukungatyhafi, kwathi ngoku ke njengokuba esibekile isandla sakhe ekhubeni komnye umsebenzi, wayengakwazi ukuphuma ecaleni kwinjongo yakhe. Wayengazi kwahlukana nenkosi yakhe, lo gama lisekho ithuba lokuzuza ukulungela umsebenzi okongeziweyo. Engazi uEliya, isityhilelo sokuba wayeza kuguqulwa saziswa kubafundi bakhe ezikolweni zabaprofeti, nangakumbi kuElisha.Ngoku ke, umkhonzi ovavanyiweyo wendoda kaThixo, wazigcina eyamile ecaleni kwakhe. Ngalo lonke ixesha isimemo sokuba abuye umva sinikwa, impendulo yakhe yayisithi, “Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe.”AN 225.2

    “Bahamba ke bobabini. . . . Bona bema bobabini ngaseYordan. UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile. Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe.”AN 226.1

    UElisha akazange acele uzuko lwehlabathi, okanye indawo ephezulu phakathi kwamadoda amakhulu omhlaba. Into awayeyinqwenela yayingumlinganiselo omkhulu woMoya uThixo awayewunikengokukhululeke kakhulu kulowowayezakumzukisangokumenza kumila kumbi. Wayesazi ukuba akukho nto ngaphandle koMoya owawuhleli phezu kukaEliya enokumlungela ukuba azalise indawo kuIsrayeli uThixo awayembizele kuyo, ngenxa yoko, wacela, “Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.”AN 227.1

    Ukuphendula kwesi sicelo, uEliya wathi, “Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo. Kwathi besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini.” Bona ku-2 Kumkani 2:1-11.AN 227.2

    UEliya wayeludidi lwabangcwele abaya kuba bephila emhlabeni ngexesha lokufika kwesibini kukaKristu nabaya “kwenziwa ngakumbi . . . ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela,” bengakungcamlanga ukufa. 1 Korinte 15:51, 52. Yayingummeli wabo baya kwenziwa kumila kumbi okwenza ukuba uEliya, phambi kokuvalwa komsebenzi kaKristu emhlabeni, avunyelwe ukuba eme noMoses ecaleni koMsindisi kwintaba yokwenziwa kumila kumbi. Kwaba bazukisiweyo, abafundi babona ukubonakalaliswa okuncinane kobukumkani babahlanguliweyo. Bambona uYesu embathiswe ukukhanya kwezulu; baliva “nezwi liphuma efini” (Luka 9:35), limvuma ukuba unguNyana kaThixo; bambona uMoses, emele abo baya kuvuswa kwabafileyo ngexesha lokufika kwesibini; kwaye kumi noEliya, emele abo baya kuthi ekupheleni kwembali yelizwe baguqulwe kumzimba ofayo baye kumzimba ongenakufa baze benziwe kumila kumbi baye ezulwini bengakubonanga ukufa.AN 227.3

    Entlango, eyedwa edakumbile, uEliya wavakalisa ukuba wanele bubomi waza wathandazela ukuba afe. UYehova yena, kwinceba yaKhe, akazange enze ngokwelizwi lakhe. Wawusekho umsebenzi omkhulu ekufuneka uEliya ewenzile; kwaye, wakuba ugqityiwe umsebenzi wakhe, wayengayi kutshabalala edakumbile elilolo. Yayingekokwakhe ukuhla angene engcwabeni, kodwa [okwakhe] yayikukunyuka neengelosi zikaThixo aye phambi kozuko lwaKhe.AN 228.1

    “UElisha akukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaIsrayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziziqwenga ezibini; wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan. Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha. Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya bamkhawulela, baqubuda kuye.” 2 Kumkani 2:12-15.AN 228.2

    Xa uYehova, ngokubonelela kwaKhe, ebona kufanelekile ukuba abasuse emsebenzini waKhe abo ebebanike ubulumko, unceda omeleze abalandeli babo, ukuba bebeya kuthi bakhangele uncedo kuYe baze bahambe ezindleleni zaKhe. Basenokulumka kakhulu ukudlula abo baphambi kwabo; kuba beya kuzuza ngamava abo, baze bafunde ubulumko kwiimpazamo zabo.AN 228.3

    Ukususela ngoko, uElisha wema endaweni kaEliya. Lowo yayethembekile kokuncinane, wayeza kuzibonisa ukuthembeka kwakhe nakokuninzi.AN 228.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents