Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    20—UNahaman

    [Esi sahluko sisekwe ku-2 Kumkani 5.]

    “Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.”AN 244.1

    UBhen-hadad, ukumkani waseSiriya, wayoyise imikhosi yakwaIsrayeli kwidabi elaphela ngokufa kuka-Ahabhi. Ukususela ngelo xesha, amaSiriya akugcina ukulwa rhoqo noIsrayeli ngasemideni, kwaza kwathi kwelinye lamaphulo ayo okugqogqa, athimba intwazana eyathi, elizweni layo lokuthinjwa, “yasisicakakazi kumkaNahaman.” Ikhoboka, elalikude nekhaya lalo, le ntwazana, noko kunjalo, yaba lelinye lamangqina kaThixo, ingaqondanga, yafezekisa injongo, awathi uThixo ngenxa yayo, wanyula uIsrayeli ukuba abe ngabantu baKhe. Ngexesha yayilungiselela kwelo khaya lobuhedeni, iimfesanezayo zabakho ngenxa yenkosi yayo; yathi, ngokukhumbula imimangaliso emikhulu yokuphilisa eyayisenziwa ngoElisha, yathi kumama oyiphetheyo, “akwaba inkosi yam le ibiphambi komprofeti okwaSamari! Ubeya kuyiphilisa eqhenqeni layo.” Yayisazi ukuba amandla eZulu ayephezu kukaElisha, kwaye yayikholwa ukuba ngala mandla, uNahaman wayenako ukuphiliswa.AN 244.2

    Isimilo sale ntwazana ingumthinjwa, indlela eyayiziphethe ngayo kwelo khaya lobuhedeni, bubungqina obuqinileyo kumandla engqeqesho yasekhaya yasekuqaleni. Akukho ndyebo inkulu engaphezu kwaleyo inikelwe kootata noomama yokukhathalela nokuqeqesha abantwana babo. Abazali banento yokwenza kanye nesiseko semikhwa nesimilo. Ngomzekelo wabo nokufundisa, ikamva labantwana babo liyeligqitywe ngokukhulu.AN 245.1

    Banoyolo abazali ababomi babo busisibonakaliso sobungcwele, ukuze izithembiso nemiyalelo kaThixo ivuse emntwaneni umbulelo nentlonipho; abazali abaluthando lwabo nobulungisa nomonde konke kuchaza emntwaneni uthando, ubulungisa, nomonde kaThixo, nabathi, ngokumfundisa umntwana ukuba abathande, abathembe, abathobele, babe bamfundisa ukuba athande, athembele, athobele uYise osezulwini. Abazali abanika umntwana isipho esinjalo, bamnike indyebo exabiseke ngaphezu kobutyebi bazo zonke izizukulwana, ubutyebi obuhlala ngonaphakade.AN 245.2

    Asilazi elona khondo abantwana bethu abaya kubizwa ukuba balilandele. Basenokuchitha ubomi babo phakathi kwekhaya; banokusebenza kwimisebenzi yobomi eqhelekileyo, okanye bahambe njengeetitshala zendaba ezilungileyo baye kumazwe abahedeni; kodwa bonke, ngokufanayo, babizelwe ukuba babe ngabavangeli bakaThixo, abalungiseleli benceba ehlabathini. Kufuneka bafumane imfundo eya kubanceda ukuba beme ngakwicala likaKristu kwinkonzo engasekeleze nzuzo.AN 245.3

    Abazali bala ntwazana yomHebhere, xa babeyifundisa ngoThixo, babengazi ukuba isiphelo sayo sasiya kuba yintoni. Bona babethembekile koko bakuphathisiweyo kwaza kwathi kwikhaya lomphathi womkhosi wamaSiriya, umntwana wabo wanika ubungqina ngoThixo awafunda ukumzukisa.AN 246.1

    UNahaman waweva amazwi awathethwa yintwazana kumphathikazi wayo; waza wathi, akuba efumene imvume kukumkani, wahamba waya kufuna ukuphiliswa ephethe “ishumi leetalente zesilivere, namawaka amathandathu eeshekele zegolide, neshumi leengubo zokukhululana.” Wayephethe neleta evela kukumkani, waseSiriya eya kukumkani wakwaIsrayeli, nekwakubhalwe kuyo isigidimi esithi, “Yabona, ndikuthumele uNahaman umkhonzi wam, ukuba umphilise, eqhenqeni lakhe.” Wathiakuyifundaukumkani ileta,“wazikrazulaiingubo zakhe, esithi, NdinguThixo yini na, ukuba ndibulale, nokuba ndiphilise indoda eqhenqeni layo. Khangelani ke, nibone, ukufuna kwakhe isizathu sokuxabana nam.”AN 246.2

    Iindaba zomcimbi zafika kuElisha, wathumela ilizwi kukumkani, lisithi, “Uzikrazulele ntoni na iingubo zakho? Makeze kum, azi ukuba kukho umprofeti kwaIsrayeli.”AN 246.3

    “Weza uNahaman namahashe akhe neenqwelo zakhe, wamisa emnyango endlwini kaElisha.” Ngomthunywa, umprofeti wamyalela, “Yiya uhlambe izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ibuyele kuwe inyama yakho, uhlambuluke.”AN 246.4

    UNahaman wayelindele ukubona ukubonakalaliswa okumangalisayokwamandla aphuma ezulwini. “Bendibamnawophuma eze kum, eme anqule igama likaYehova uThixo wakhe, awangawangise isandla sakhe phezu kwale ndawo, alisuse iqhenqa.” Wathi akuxelelwa ukuba aye kuhlamba eYordan, ikratshi lakhe lachukumiseka, wathi ebuhlungu edanile wakhala, “IAbhana neFarpare imilambo yaseDamasko, ayilungile na, ngaphezu kwamanzi onke akwaIsrayeli? Andingehlambi kuyo na, ndihlambuluke? Wajika, wahamba engumlilo.”AN 249.1

    Umoya wokuziphakamisa wavukelana nokulandela indlela eyandlalwe nguEliya. Imilambo ekhankanywayo ngumphathi mkhosi waseSiriya yayenziwe mihle zizigcume ezijikelezileyo, abaninzi babequqela kwezi ndonga zejelo limnandi ukuza kunqula izithixo zabo. Kwakungayi kumdla ukuthobeka okukhulu emphefumlweni ukuhla angene komnye waloo misinga. Sekunjalo, kwakuya kuba ngokulandela imiyalelo engqalileyo yomprofeti apho wayenokuthi afumane ukuphila. Yayikukuthobela ngentumekelelo kuphela okwakuya kuzisa isiphumo esilangazelelwayo.AN 249.2

    Abakhonzi bakaNahaman bambongoza ukuba ayenze imiyalelo kaElisha: “Ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe,” bamkhuthaza, “ubungayi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athi kuwe, Hlamba, uhlambuluke?” Ukholo lukaNahaman lwaluvavanywa, lo gama ikratshi lalilwela ukumlawula. Kwenzeka ukuba ukholo loyiswe, wathi umSiriya oziphakamisileyo walincama ikratshi lentliziyo yakhe wathoba ngokuzinikela kwintando kaYehova etyhiliweyo. Kwaba zizihlandlo ezisixhenxe eziphosa eYordan, “ngokwelizwi lomfo wakwaThixo.” Ukholo lwakhe lwavuzwa; “inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.”AN 249.3

    Wathi enombulelo “wabuyela kumfo wakwaThixo, yena nesihlwele sakhe sonke,” evuma, “Uyabona ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo ehlabathini lonke, kukwaIsrayeli kodwa.”AN 249.4

    Ngokuhambelana nesiko laloo maxesha, uNahaman ngoku wamcela uElisha ukuba amkele isipho sexabiso. Umprofeti wala. Kwakungekho kuye ukwamkela intlawulo ngentsikelelo uThixo ayikhuphe ngesisa. “Ehleli nje uYehova,” watsho, “andiyi kuyamkela.” UmSiriya “wamjoka, ukuba ayamkele; akavuma.”AN 250.1

    “Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akangekhe anikwe na ke umhlaba ongumthwalo woondlebende ababini? Ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi; uya kwenza kuYehova yedwa. Kule nto uYehova aze amxolele umkhonzi wakho: yakungena inkosi yam endlwini kaRimon, ukuba iqubude khona, yayame esandleni sam, nam ndaqubuda ke endlwini kaRimon: ekuqubudeni kwam ke endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kuloo nto.AN 250.2

    “Wathi kuye, Hamba unoxolo. Wemka kuye, wee qelele, umganyana.”AN 250.3

    UGehazi, isicaka sikaElisha, Wayenethuba eminyakeni lokuphuhlisa umoya wokuzilandula owawuluphawu lomsebenzi wobomi bonke bokusebenza kwenkosi yakhe. Yayililungelo lakhe ukuba abe ngumthwali ohloniphekileyo webhanile emkhosini kaYehova. Ezona zipho zihle zeZulu kwakukade zifikeleleka kuye; ukanti, ezishiya ezi, wabawela endaweni yazo umxube wezinyithi ophantsi wobutyebi behlabathi. Ngeli xesha, wathi umnqweno ofihlakeleyo womoya wakhe obawayo wamkhokelela ukuba aziyekele kwisihendo esasimlawula. “Yabona,” wazathuza ngaphakathi kwakhe, “inkosi yam imyekile uNahamanumAram lo, ayayamkela esandleni sakhe into abeyizisile; inene ndiya kumsukela, ndithabathe intwana kuye.” Kwenzeka ke ngolo hlobo emfihlakalweni, “uGehazi wamphuthuma uNahaman.”AN 250.4

    “UNahaman wambona emsukela, wehla enqweleni yakhe, eya kumkhawulela, wathi, Kuhle ntoni na? Wathi, Akukho nto.” Ngoko uGehazi wathetha ubuxoki ngabom. “Inkosi yam,” watsho, “indithumile, isithi, Nanku, kufike kum ngoku amadodana amabini akoonyana babaprofeti, evela kweleentaba lakwaEfrayim; khawuwanike italente yesilivere, neengubo ezimbini zokukhululana.” UNahaman wasivuma ngovuyo eso sicelo, emnyanzela uGehazi ngeetalente ezimbini zesilivere endaweni yokuba ibe nye, “”neengubo ezimbini zokukhululana,” wayalela abakhonzi ukuba bamthwalele ubutyebi obo babuyele emva. Wathi xa esondela ekhayeni likaElisha, uGehazi wabandulula abakhonzi wayibeka isilivele kunye neengubo emfihlakalweni. Akuba ekufezile oku, “waya, wema phambi kwenkosi yakhe;” wathi, ukuzikhusela ekungxolisweni, wathetha ubuxoki besibini. Ukuphendula kumbuzo womprofeti, “Uvela phi na, Gehazi?” uGehazi waphendula, “Ubengayanga ndawo umkhonzi wakho.”AN 251.1

    Kwaya kwalandela ukuthethisa okulukhuni, okwakubonisa ukuba wayesazi kakuhle. “Intliziyo yam ayihambanga nawe yini na, okuya yajikayo indoda enqweleni yayo, yeza kukukhawulela? Lixesha na eli lokwamkela isilivere, nelokwamkela iingubo, neminquma, nezidiliya, nempahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi nabakhonzazana? Iqhenqa likaNahaman malinamathele kuwe nakwimbewu yakho ngonaphakade.” Sakhawuleza ukuyifikela isohlwayo indoda eyayinetyala. Waphuma ebusweni bukaElisha “emhlophe njengekhephu.”AN 251.2

    Zindilisekile izifundo ezifumaneka kula mava alowo owayenikwe amalungelo aphezulu nangcwele. Indlela eyahanjwa nguGehazi yayiyeyokubeka umqobo endleleni kaNahaman, nekwakuthe qheke ukukhanya okumangalisayo engqondweni yakhe, nto leyo eyayimenze wanengcinga entle ngenkonzo kaThixo ophilayo. Inkohliso eyenziwa nguGehazi yayingenaso isizathu. Kwada kwayimini afa ngayo eseneqhenqa, eqalekiswe nguThixo, elikheswa nakubantu bakhe.AN 252.1

    “Ingqina elixokayo alibi msulwa; ofutha amanga akasindi.” Imizekeliso 19:5. Abantu bangacinga ukuba babufihlile ububi babo emehlweni abantu, kodwa abanako ukumkhohlisa uThixo. “Izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.” Heb. 4:13. UGehazi wacinga ukuba amkhohlise uElisha, kodwa uThixo wamtyhilela umprofeti wakhe amazwi awathethwa nguGehazi kuNahaman, nazo zonke iinkcukacha zombono owawuphakathi kwala madoda mabini.AN 252.2

    Inyaniso yekaThixo; inkohliso nazo zonke iindidi zayo eziyintlaninge, bobukaSathana, naye wonke othi nangayiphi na indlela asuke kwindlela ethe tye yenyaniso uzikhohlisa ngokuzibeka kwigunya longendawo. Abo bafunde kuKristu abayi “kuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama.” Efese 5:11. Kwintetho, njengasebomini, baya kuba phantsi, babe phandle, banyaniseke, kuba balungiselela ulwalamano lwabo bangcwele ekungafumaneki nkohliso emlonyeni wabo. Khangela kwisiTyhilelo 14:5.AN 252.3

    Kwathi sele kuziinkulungwane emva kokuba wabuyelayo uNahaman eSiriya kwikhaya lakhe, ephilisiwe emzimbeni, eguqukile emoyeni, ukholo lwakhe olumangalisayo kwathethwa ngalo lunconywa nguMsindisi njengesifundoesingumzekelo kubo bonke abathi bakhonza uThixo. “Babebaninzi abaneqhenqa kwaIsrayeli ngexesha likaElisha umprofeti; watsho uMsindisi; “kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.” Luka 4:27. UThixo wadlula ngaphaya kwabaninzi ababeneqhenqa kwaIsrayeli kuba ukungakholwa kwabo kwaluvala ucango lokulungileyo ngakubo. Indoda ehloniphekileyo yomhedeni eyayinyanisekile kwiimbono zayo zokulungileyo, neyaziva inesidingo sokuncedwa, emehlweni kaThixo yayiyifanele kakhulu intsikelelo yaKhe kunabaninzi ababe ngcungcutheka kwaIsrayeli, abawadelayo bawajongela phantsi amalungelo abo avela kuThixo. UThixo usebenzela abo bazithandayo iinceba zaKhe baze basabele kukukhanya abakunikwayo kuvela ezulwini.AN 253.1

    Namhlanje, kuyo yonke indawo, bakho abo banyanisekileyo entliziyweni, ekuthi phezu kwabo ukukhanya kwezulu kubengezele. Ukuba bathi baqhubeke nokwenza oko bakwaziyo ukuba kuluxanduva lwabo, baya kunikwa ukukhanya okongeziweyo, bade, njengoNahaman wakudala, banyanzeleke ukuba bavume ukuba “akukho Thixo ehlabathini lonke,” ngaphandle kukaThixo ophilayo, uMdali.AN 253.2

    Kuwo wonke umphefumlo onyanisekileyo, “ohamba emnyameni, kungabi mhlophe kuye,” unikwa isimemo, “makakholose ngegama likaYehova, ayame ngakuThixo wakhe.” “Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye. Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho.” Isaya 50:10; 64:4, 5.AN 253.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents