Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    14—“NgoMoya Namandla KaEliya”

    Kwiinkulungwane ezininzi eziye zadlula kususela kwixesha likaEliya, ingxelo yomsebenzi wobomi bakhe uzise inkuthazo nesibindi kwabo baye babizwa ukuba bamele inyaniso phakathi kokreqo. Kuthi ke, thina “bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade” (1 Korinte 10:11), ubaluleke ngendlela eyodwa. Imbali iyaphindwa. Ilizwe namhlanje linooAhabhi balo nooIzebhele balo. Ixesha langoku lelonqulo lwezithixo, kanye njengoko kwakunjalo ngexesha awayephila ngalo uEliya. Kusenokungabikho ndlu yasithixo ibonakalayo ngaphandle; kusenokungabikho mfanekiso ubonwa liliso; kanti ke amawaka alandela izithixo zeli hlabathi—emva kobutyebi, udumo, ulonwabo, neentsomi ezikholisayo ezivumela umntu ukuba alandele okuthandwa yintliziyo yakhe engahlaziywanga. Iinkulungwane zinengqondo egwenxa ngoThixo neempawu zaKhe, kwaye zikhonza uthixo wobuxoki ngokunyaniseka njengoko babenjalo abakhonzi bakaBhahali. Abaninzi nakwabo babanga ukuba bangamaKristu bazayamise kwiimpembelelo ezingenakujikwa ekuchaseni uThixo nenyaniso yaKhe. Kungoko bekhokelwa ukuba bemke kokungcwele baphakamise okomntu.AN 177.1

    Umoya ogqubayo wexesha lethu ngowokunganyaniseki nokreqo—umoya ovunyiweyo ukuba ukukukhanya, ukanti ngokwenene ungowona wobuganga obungaboniyo. Iimfundiso zabantu ziphakanyiswa zibekwe apho uThixo nomthetho waKhe amelwe ukubakhona. USathana ulinga amadoda nabafazi ukuba bangathobeli, ethembisa ukuba ngokungathobeli baya kufumana inkululeko nawo onke amalungelo aya kubenza babenjengoothixo. Kubonakala umoya wenkcaso ngakwilizwi likaThixo elicacileyo, ukuphakanyiswa ngokonqulo lwezithixo ubulumko bomntu ngaphezu kwentyilelo yezulu. Abantu bavumele iingqondo zabo ukuba zibe mnyama kakhulu, ziqondiswe kukuhambelana namasiko ehlabathi kunye neempembelelo kangangokuba bade babe ngathi balahlekwe ngawo wonke amandla okwahlula phakathi kokukhanya nobumnyama, kwenyaniso nemposiso. Bemke kangako kwindlela elungileyo bada bankonya iimbono zeenkcuba-buchopho ezimbalwa, xa kutshiwo, njengezokuthenjwa kuneenyaniso zeBhayibhile. Izicengo nezithembiso zelizwi likaThixo, iziqinisekiso zokohlwaya ukungathobeli nokunqulwa kwezithixo, zizinto ezibonakala zingenamandla ukuba zizinyibilikise iintliziyo zabo. Ukholo olunje ngolwavuselela uPawulos, uPetros, noYohane baluthabatha njengolwaphelelwa lixesha, olufana nephupha, nolungekho kwixabiso lwengqondo yabantu beli xesha abacingayo.AN 178.1

    Ekuqalekeni, uThixo wanikela umthetho waKhe eluntwini njengendlela yokuba bafumane ulonwabo nobomi obungunaphakade. Ithemba likaSathana ekuphela kwalo ekuphazamiseni injongo kaThixo kukukhokelela amadoda nabafazi ukuba bangawuthobeli lo mthetho, kwaye iinzame zakhe ezizingisayo kukuba azibeke ngendlela engeyiyo iimfundiso zawo, akwenze kube yinto encinane kakhulu ukubaluleka kwawo. Elona galelo lakhe liphezulu, kukuzama ukuguqula umthetho wona ngokwawo, ukuze abakhokelele abantu ekwaphuleni imiyalelo yawo lo gama besithi bayawuthobela.AN 178.2

    Omnye umbhali ulifanisa ilinge lokuguqula umthetho kaThixo nesenzo senkohlakalo sakudala sokuguqula isikhomba ndlela esimiswe kwisiphambuka esibalulekileyo apho kuhlangana khona iindlela ezimbini. Indida nobunzima eyenziwa sesi senzo yayikholisa ukuba nkulu kakhulu.AN 179.1

    Isikhomba ndlela sasimiswe nguThixo ukwenzela abo bahamba endleleni yeli lizwe. Enye ingalo yesi sikhomba-ndlela ibonisa ukuba intumekelelo yokuthobela kuyindlela esinga elonwabeni olukhulu nasebomini, lo gama enye ingalo ibonisa ukuba ukungathobeli kuyindlela esinga kwimbandezelo nasekufeni. Indlela esinga ekonwabeni yayiyindlela echazwe ngokucacileyo njengendlela esinga kumzi wokubalekela phantsi kolawulo lobuYuda. Kuthe kodwa, ngeyure yobubi kugqatso lwethu, utshaba olukhulu olulwa nako konke okulungileyo lwasijika isikhomba-ndlela sakhangela ngasemva, zaza izihlwele zayibhuda indlela.AN 179.2

    NgoMoses, uYehova wawayalela amaIsrayeli: “Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo; niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi . . . ngomhla wesabatha, bobulawa bafe. Oonyana bakaIsrayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo; ingumqondiso ongunaphakade. Phakathi kwam noonyana bakaIsrayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla. Eksodus 31:13-17.AN 179.3

    Kula mazwi, uYehova wakuchaza ngokucacileyo ukuthobela njengendlela engena eMzini kaThixo; kodwa umntu wesono wawuguqula umalathiso wendlela, ewenzaukuba walathe kwicala elingelilo. Uye wamisa isabatha yobuxoki, waza wenza ukuba amadoda nabafazi bacinge ukuba, ngokuphumla ngayo, bathobela umyalelo woMdali.AN 179.4

    UThixo uvakalise ukuba umhla wesixhenxe uyiSabatha kaYehova. Kuba “agqitywa ke amazulu nehlabathi,” wayiphakamisa le mini njengesikhumbuzo somsebenzi waKhe wokudala. Ephumla ngomhla wesixhenxe “kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo,” “uThixo wawusikelela umhla wesixhenxe, wawungcwalisa.” Genesis 2:1-3.AN 180.1

    Ngexesha leMfuduko ukuphuma eYiputa, isimiso seSabatha saziswa ngokugqamileyo phambi kwabantu bakaThixo. Ngexesha besesekuthinjweni, iinkosi zabo zomsebenzi zazamaukubanyanzela ukuba basebenze nzima ngeSabatha ngokwandisa umthamo womsebenzi ekufuneka wenziwe kwiveki nganye. Iimeko zokusebenza nzima zaphindaphindwa ukuze zibe nzima zibe nengcinezelo. AmaIsrayeli aya ahlangulwa ebukhobokeni aziswa kwindawo apho ayenokuba nakho ukugcina, engahlutshwanga, yonke imiyalelo kaYehova. ESinayi umthetho wathethwa; ikopi yawo, esemacwecweni amabini amatye, “ebhalwe ngomnwe kaThixo” yanikelwa kuMoses.” Eksodus 31:18. Phantse kuyo yonke iminyaka emashumi mane yokubhadula entlango, amaIsrayeli ayekhunjuzwa njalo ngemini kaThixo ekhethiweyo, ngokuthi kubanjwe imana rhoqo ngomhla wesixhenxe, nangendlela engummangaliso ekwakusongiwa ngayo izahlulo eziphindwa kabini ezasisiwa ngemini yokulungiselela.AN 180.2

    Phambi kokuba angene eZweni ledinga, amaIsrayeli ayalwa nguMoses ngelithi, “Gcina umhla wesabatha ukuba uwungcwalise.” Duteronomi 5:12. UYehova wayila ukuba ngokugcina ngokuthembeka umyalelo weSabatha, uIsrayeli wayeya kuhlala ekhunjuzwa ngokuba nokuziphendulela kwakhe kuYe njengoMdali wabo noMhlanguli wabo. Lonke ixesha begcina iSabatha ngomoya olungileyo, ukunqula izithixo kwakungayi kubakho; kodwa ngako nje ukuba amabango alo myalelo wemithetho eliShumi ubekwe ecaleni njengalowo ungasabopheleliyo, uMdali wayeya kulityalwa baze abantu banqule abanye oothixo. “Ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa.” Bangabo “bawacekisayo amasiko am, abahamba ngemimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam; ngokuba intliziyo yabo yazilandela izigodo zabo.” Wathi ke kwisibheno saKhe kubo sokuba babuyele kuYe, wayitsalela ingqondo yabo ekubalulekeni kokugcina iSabatha ngcwele. “Mna Yehova ndinguThixo wenu,” watsho, “hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze; nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.” Hezekile 20:12, 16, 19, 20.AN 182.1

    Ekubuyiseleni ingqondo kaYuda kwizono ezathi, ekugqibeleni, zabangenisa kubuKhoboka baseBhabheli, uYehova wathi: “Iisabatha zam uzihlambele.” “Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo.” Hezekile 22:8, 31.AN 182.2

    Ekubuyiselweni kweYerusalem, ngemihla kaNehemiya, ukwaphulwa kweSabathakwahlangatyezwangombuzo oqatha,“Babengenzanga njalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuIsrayeli, niyihlambela nje isabatha. Nehemiya 13:18.AN 182.3

    UKristu, ngexesha lolungiselelo lwakhe emhlabeni, wagxininisa amabango eSabatha abophelelayo; kuzo zonke imfundiso zakhe wabonakalisa intlonelo yeziko awalinikezelayo yena buqu. Ngexesha lakhe, iSabatha yayiseyigqwethwe kangangokuba ugcino lwayo lwalubonakalalisa isimilo sabantu abanekratshi nogonyamelo endaweni yesimilo sikaThixo. UKristu wachwethela bucala imfundiso yobuxoki abathi bamtyabeka ngayo uThixo abo babebanga ngelithi bayamazi. Nangona walandelwa ngenkohlakalo engenanceba ngooRabhi, akazange afumaneke ebonakala engathi uyazilulamela izinto abazifunayo, koko wasuka wabheka phambili nokugcina iSabatha ngokomthetho kaThixo.AN 183.1

    Ngolwimi olungenakuphazanywa, wangqina ngokuwuxabisa kwaKhe umthetho kaYehova. “Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti;” watsho, “andize kuchitha ndize kuzalisekisa. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.” Mateyu 5:17-19.AN 183.2

    Ngexesha lolawulo lobuKristu, utshaba olukhulu lolonwabo lomntu lwenze ukuba iSabatha yomthetho wesine ube yinto yokuhlaselwa ngendlela eyodwa. USathana uthi, Ndiya kusebenza ngokuchaseneyo noThixo. Ndiya kunika amandla abalandeli bam ukuba babekebucala isikhumbuzo sikaThixo, iSabathayomhla wesixhenxe. Ngaloo ndlela ndiya kubonisa ihlabathi ukuba, imini eyayingcwalisiwe yasikelelwa, iguqulwe. Loo mini ayisayi kuhlala ezingqondweni zabantu. Ndiya kuyicima inkumbulo yayo. Ndiya kubeka endaweni yayo imini engenalo igunya likaThixo, imini engenakho ukuba ngumqondiso phakathi kukaThixo nabantu baKhe. Ndiya kubakhokela abo bayamkelayo le mini ukuba babeke phezu kwayo ubungcwele uThixo awabubeka phezu komhla wesixhenxe.AN 183.3

    “Ngommeli wam, ndiya kuziphakamisa. Umhla wokuqala uya kuphakanyiswa, lithi ilizwe lobuProtestanti liyamkele le sabatha yobuxoki njengeyinyaniso. Ngokungayigcini iSabatha ayimiseleyo uThixo, ndiya kuwenza umthetho kaThixo ukuba udelwe. Amazwi athi, ‘umqondiso phakathi kwaM kunye nani kwizizukulwana zenu zonke,’ ndiya kuwenza ukuba asebenze kwicala lesabatha yam.AN 184.1

    “Ngaloo ndlela ihlabathi liya kuba lelam. Ndiya kuba ngumlawuli womhlaba, inkosi yelizwe. Ndiya kuzilawula iingqondo phantsi kwegunya lam ide iSabatha kaThixo ibe yeyona njongo ekhethekileyo ukuba ndiyidele. Umqondiso? Ndiya kwenza ukuba ukugcinwa komhla wesixhenxe ube luphawu lokunganyaniseki kumagunya omhlaba. Imithetho yabantu iya kwenziwa ukuba ibe nzima kangangokuba amadoda nabafazi bangakwazi ukuyigcina iSabatha yomhla wesixhenxe. Ngokoyika ukuswela ukutya nempahla yokunxiba, baya kuzihlanganisa nehlabathi ekwaphuleni umthetho kaThixo. Umhlaba wonke uya kuba phantsi kobukumkani bam ngokupheleleyo.”AN 184.2

    Ngokumiselwa kwesabatha yobuxoki, utshaba lwalucinga ukuguqula amaxesha nemithetho. Phofu ke, ingaba luphumelele ekuguquleni umthetho kaThixo? Amazwi esahluko samashumi amathathu ananye se-Eksodus ayimpendulo. Lowo ube inguYe izolo, nanamhla, nangonaphakade,uwiseumthetho wokubaumhlawesixhenxe yiSabatha: “Ingumqondisophakathikwamnanikwizizukulwana zenu.” “Ngumqondiso ongunaphakade.” Eksodus 31:13, 17. Isalathiso sendlela sikhombe kwicala elingelilo, kodwa uThixo yena akaguqukanga. Useligorha lakwaIsrayeli. “Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi emphandeni, njengesuntswana esikalini. Yabona, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo. ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kuba lidini elinyukayo. Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.” Isaya 40:15-17. Unalo nanamhla ikhwele ngomthetho waKhe njengoko wayenjalo ngemihla ka-Ahabhi noEliya.AN 184.3

    Phofu, indlela lo mthetho otyeshelwa ngayo! Phawula ihlabathi namhla indlela elikuvukelo ngayo ngakuThixo. Le nto ibonakala kwinyaniso nakwisizukulwana esineenkani, esizaliswe kukungabi nambulelo, ukwenza nje, ukunganyaniseki, ikratshi, nokukreqa. Abantu bayayityeshela iBhayibhile, bayithiye inyaniso. UYesu uwubona umthetho waKhe usaliwa, uthando lwaKhe ludelwa, abathunywa baKhe bephathwa ngokungakhathali. Uthethile ngeenceba zaKhe, kodwa ezi azamkelwanga; uthethile ngezilumkiso, kodwa ezi aziphulaphulwanga. Iinkundla zetempile yomphefumlo womntu zijikwe zazindawo zokungena kuphunywa okungengcwele. Umona, ukubawa, ikratshi, inkohlakalo—zonke zizinto ezithandwayo.AN 185.1

    Abaninzi abalibazisi ukusinekela ilizwi likaThixo. Abo bakholelwayo elizwini njengoko lifundwa kuhlekiswa ngabo. Kukho ukukhula kokujongelwa phantsi komthetho nocwangco, okulandwa kuye ngqo ekwaphulweni komyalelo ocacileyo kaYehova. Ubundlobongela nolwaphulo lomthetho ziziphumo zokuphuma ecaleni kwindlela yokuthobela. Khangela usizi nokuxhwaleka kwezihlwele ezinqula kwinkonzo yonqulo lwezithixo nezifuna ulonwabo noxolo, kodwa zibuye ze.AN 185.2

    Bona ukuphantsa kugqibe ilizwe lonke kokutyeshelwa komthetho weSabatha. Bona isibindi sentswela-ntlonelo yabo benza imithetho yokukhusela ubungcwele bosuku lokuqala lweveki, babe ngelo xesha linye besenza imithetho eyenza ukuba ukuthengiswa kotywala kube semthethweni. Belumke ngaphezu koko kubhaliweyo, bazama ukunyanzela izazela zabantu, lo gama bevumela ububi obudlavula butshabalalise izidalwa ezenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. NguSathana ngokwakhe okhuthaza imithetho enjalo. Uyazi kakuhle ukuba isiqalekiso sikaThixo siya kuhlala kwabo baphakamisa imithetho eyenziwe ngabantu ngaphezu kwezulu, abe ekwenza konke okusemandleni akhe ukukhokelela abantu kwindlela ebanzi ephelela entshabalalweni.AN 186.1

    Kube lixesha elide abantu benqula iimbono zabantu nezimiso zabantu kangangokuba umhlaba wonke ulandela izithixo. Lowo uye wazama ukuguqula umthetho kaThixo usebenzisa bonke ubuchule bokukhohlisa ukoyisela amadoda nabafazi ukuba bazimise ngakwicala lokuchasa uThixo nokuchasa umqondiso ekuthi ngawo baziwe ubulungisa. Sekunjalo, iNkosi ayisayi kunyamezela ngamaxesha onke ukuba umthetho waYo waphulwe udelelwe ngaphandle kwesohlwayo. Kukho ixesha elizayo, xa “amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini.” Isaya 2:11. Intandabuzo ingawaphatha amabango omthetho kaThixo ngokuhlekisa, ukugculela nokukhanyela. Umoya wehlabathi ungabangcolisa abaninzi ubalawule abambalwa, umsebenzi kaThixo ungema uqine kuphela ngomgudu omkhulu nombingelelo ozingisayo, kodwa kunjalo, ekugqibeleni, inyaniso iya koyisa ngodumo olukhulu.AN 186.2

    Emsebenzini kaThixo wokugqibela emhlabeni, ibhanile yomthetho waKhe iyaphakanyiswa kwakhona.Inkolo yobuxoki ingoyisa, ubugwenxa bande, uthando lwabaninzi luphole, umnqamlezo waseKhalvari ungabonwa, ubumnyama, njengelifu lokufa, bungasasazeka kuwo wonke umhlaba; wonke umkhosi womsinga othandwayo ungayijikela inyaniso; ukuceba phezu kokuceba kungenziwa ukuze bongamele abantu bakaThixo; kodwa ngeyure yomngcipheko omkhulu, uThixo kaEliya uya kuphakamisa izixhobo ezingabantu ukuba zithwale isigidimi esingayi kuthuliswa. Kwizixeko zelizwe ezizele ngabantu, nakwiindawo apho abantu bahambe indawo ende bethetha ngokuchasene nOsenyangweni, ilizwi lokukhalima okungqongqo liya kuvakala. Ngesibindi abantu abanyulwe nguThixo baya kukugxeka ukumanyana kwebandla nehlabathi. Ngokunyaniseka baya kubiza amadoda nabafazi ukuba babuye ekugcineni isimiso esenziwe ngumntu beze ekugcineni iSabatha yenyaniso. “Moyikeni uThixo nimzukise;” baya kuvakalisa kuzo zonke iintlanga; “ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi. . . . Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe nokuba kusesandleni sakhe: yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe.” IsiTyhilelo 14:7-10.AN 187.1

    UThixo akasayi kuwaphula umnqophiso waKhe, engasayi kuyijika into ephume emilebeni yaKhe. Ilizwi laKhe liya kuma liqine ngonaphakade lingenakuguqulwa njengetrone yaKhe. Emgwebeni lo mnqophiso uya kuziswa ngaphambili, ubhalwe ngokucacileyo ngomnwe kaThixo, lize ihlabathi limiswe phambi kwesihlalo soBulungisa obungenaMda ukuba lamkele isohlwayo.AN 187.2

    Namhlanje, njengakwimihla kaEliya, umgca owahlulayo ukrwelwe wacaca phakathi kwabantu bakaThixo abagcina umthetho kunye nabanqula oothixo ababuxoki. “Koda kube nini na nimbaxa?” wadanduluka watsho uEliya; “Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uthixo, landelani yena.” 1 Kumkani 18:21. Esanamhlanje isigidimi sithi: “Iwile iBhabheli enkulu. . . . Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo. Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo. Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.” IsiTyhilelo 18:2, 4, 5.AN 188.1

    Ixesha alisekude kakhulu xa uya kuthi wonke umphefumlo uvavanywe. Ukugcinwa kweSabatha yobuxoki buza kunyanzeliswa phezu kwethu. Ukhuphiswano luya kuba luphakathi kwemithetho kaThixo nemithetho yabantu. Abo baye baziyekela, inyathelo ngalinye, kokufunwa lihlabathi, bavumelana namasiko ehlabathi, baya kuthi ngelo xesha baziyekele kumagunya aya kuba ephethe, kunokuba bazibeke phantsi kwengcinezelo, ukuhlaselwa, ukuthenjiswa ngokuvalelwa, nokufa. Ngelo xesha igolide iya kwahlulwa kwintlenga eyinkunkuma. Ukoyika uThixo kwenene, kuya kwahluka ngokucacileyo kwimbonakalo yobukhazi-khazi bangaphandle. Iinkwenkwezi ezininzi esibe sizibuka ngokukhanya kwazo ngelo xesha ziya kuthi shwaka ebumnyameni. Abo bebemilise okwezitya zokuhombisa ingcwele, babe bengambethanga ubulungisa bukaKristu. Baya kubonakala bekwihlazo lobuze babo.AN 188.2

    Phakathi kwabemi bomhlaba, abathe saa kulo lonke ilizwe, bakho abo bangazange baligoba idolo kuBhahali. Njengeenkwenkwezi zezulu, ezibonakala kuphela ebusuku, aba banyanisekileyo baya kukhanya xa ubumnyama buwugubungele umhlaba nobumnyama obungqingqwa bugqubuthele abantu. KwiAfrika yobuhedeni, kumazwe obuKatolika aseYurophu nakumZantsi weMelika, eTshayina, eIndiya, kwiziqithi zolwandle, nakuzo zonke iindawo ezimnyama zehlabathi, uThixo, elugcinweni, unesibhakabhaka sonke sabanyulwa abaseza kukhanya phakathi kobumnyama, batyhile ngokucacileyo, kwilizwe eligwilikileyo, amandla aguqulayo okuthobela umthetho waKhe. Nangoku, bayavela kuzo zonke izizwe, phakathi kwazo zonke iilwimi nabantu; nangeyure yokona kugwilika kukhulu, xa owona mzamo mkhulu kaSathana usenziwa ukuze “bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka,” bamkele, phantsi kwesohlwayo sokufa, umqondiso wokuthobela umhla wophumlo wobuxoki, aba bathembekileyo, “[ba]ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; [ba]ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala,” baya kuthi “[ba]bonakale njengezikhanyiso ehlabathini.” IsiTyhilelo 13:16; Filipu 2:15. Okona bumnyama ubusuku, okona beya kukhanya ngokuqaqambe ngakumbi.”AN 188.3

    Umsebenzi ongaqhelekanga owawuya kwenziwa nguEliya ekubaleni uIsrayeli ngexesha laxa izigwebo zikaThixo zisiwa phezu kwabantu abahlehlileyo! Wayeya kubala abemnye kuphela ngakwicala likaYehova. Wathi kodwa akuthi, “Ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke,” ilizwi likaYehova lamothusa, “Ke ndozishiyela kwaIsrayeli isixhenxe samawaka amadolo onke angaguqanga kuBhahali.” 1 Kumkani 19:14, 18.AN 189.1

    Makungabikho bani ke ngoko ozama ukumbala uIsrayeli namhlanje, kodwa elowo nalowo makabe nentliziyo yenyama, intliziyo enovelwano olunothando, intliziyo ethi, njengentliziyo kaKristu, ifikelele kude ukuba isindise ihlabathi elilahlekileyo.AN 189.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents