Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    39—Enkundleni YaseBhabheli

    [Esi sahluko sisekwe kuDaniyeli 11.]

    Phakathi kwabantwana bakwaIsrayeli abasiwa ekuthinjweni eBhabheli ekuqaleni kweminyaka engamashumi asixhenxe okuthinjwa, kwakukho abathandi bohlanga abangamaKristu, abantu ababenyaniseke okwentsimbi kumthetho-siseko, ababengekhe bonakaliswe kukungabi nakuzincama, kodwa ababeya kumzukisa uThixo nasekulahlekweni zizinto zonke. Elizweni lokuthinjwa, aba bantu babeza kwenza injongo kaThixo ngokunika izizwe zeentlanga iintsikelelo eziza ngokwaziwa kukaYehova. Babeza kuba ngabameli baKhe. Kwakungafuneki konke ukuba babayekelele abanquli bezithixo; ukholo lwabo negama labo njengabanquli bakaThixo ophilileyo kwakufuneka beliphethe njengembeko ephezulu. Bakwenza oku. Empumelelweni nasekuchasweni bamzukisa uThixo, noThixo wabazukisa.AN 479.1

    Into yokuba aba bantu, abanquli bakaYehova, babengabathinjwa eBhabheli, nokuba izitya zendlu kaThixo zazibekwe kwiTempile yoothixobaseBhabheli,kwakuqhayiswangayongaboyisi njengobungqina bokuba inkolo namasiko abo ayengaphezulu kwenkolo namasiko amaHebhere. Kanti ke, sekunjalo, ngokuthotywa oko kanye okwamenywa kukumka kukaIsrayeli kuYe, uThixo wanika iBhabheli ubungqina bobukhulu baKhe, ubungcwele beemfuneko, kunye neziphumo eziqinisekileyo zokuthobela. Obu bungqina wabunika, njengoko ibubo kuphela obunokunikwa, ngabo babenyanisekile kuYe.AN 480.1

    Phakathi kwabo bagcina ukwayama kwabo kuThixo kwakukho uDaniyeli namaqabane akhe amathathu—imizekelo eqaqambileyo yento abantu abanokuba yiyo xa bezimanya noThixo wobulumko namandla. Bephuma kumakhaya abo afumaneka engafumanga kangako xa kuthelekiswa, aba batsha babenegazi lobukhosi bathatyathwa basiwa kweyona mizi mihle nakwibhotwe loyena mkhulu ukumkani ehlabathini. UNebhukadenetsare “wathi . . . kuAshepenazi, umthetheli-mathenwa akhe, makazise abakoonyana bakaIsrayeli, nabembewu yakwakumkani, nabakumawaba; abantwana abangenasiphako, abanomkhitha, ababuqiqileyo ubulumko bonke, abanokwazi, abanokuyiqonda bayazi into, abafanele ukuma ebhotweni lokumkani. . . .AN 480.2

    “Ke phakathi kwabo abo kwaye kukho abakoonyana bakwaYuda, inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya.” Wathi ngokubona ukuthembisa kwesakhono esihle kakhulu kula madodana, uNebhukadenetsare wazimisela ukuba bamelwe ukuqeqeshwa ukuze bazalise izikhundla ezibalulekileyo ebukumkanini bakhe. Ukuze bafaneleke ngokuzeleyo ukwenza umsebenzi wobomi babo bonke, walungiselela ukuba bafundiswe ulwimi lwamaKaledi, kuze kuthi kwiminyaka emithathu banikwe amalungelo emfundo angaqhelekanga awaye anikwe amakhosana obukumkani.AN 480.3

    Amagama kaDaniyeli namaqabane akhe atshintshwa banikwa amagama amele oothixo bamaKaledi. Kwakukukhulu kakhulu okwayanyaniswa namagama anikwa ngabazali bamaHebhere kubantwana babo. Ayekholisa ukumela isimilo umzali awayelangazelela ukusibona sihluma emntwaneni wakhe. Umthetheli ababekwa phantsi kwakhe aba bathinjwa baselula, “uDaniyeli wamthiya elokuba nguBheletshatsare, uHananiya elokuba nguShadraki, uMishayeli elokuba nguMeshaki, uAzariya elokuba nguAbhede-nego.”AN 481.1

    Ukumkani akazange abanyanzele abafana bamaHebhere ukuba bayishiye inkolo yabo bathabathe eyonqulo lwezithixo, kodwa wathemba ukuba uya kuyingenisa leyo kancinane. Ngokubanika amagama afaneleke kunqulo lwezithixo, ngokubasondeza yonke imihla kufuphi namasiko onqulo lwezithixo, nokuba phantsi kwempembelelo yeenkonzo eziwexulayo zokukhonza kweentlanga, wathemba ukuboyisela ekubeni bayishiye inkolo yesizwe sabo bazimanye nonqulo lwamaBhabheli.AN 481.2

    Lusasuka nje phantsi ubizo lwabo, kwafika kubo uvavanyo lwesimilo oluqinileyo. Kwalungiselelwa ukuba batye ukutya basele iwayini eyayisuka etafileni kakumkani. Koku, ukumkani wacinga ukubabonisa indlela yemfesane yakhe kunye nokukhathalela intlala-kahle yabo. Njengoko inxalenye [yokutya] yayinikelwe kwizithixo, ukutya okwakusuka etafileni kakumkani kwakunikelwe ekunquleni izithixo; aze athi lowo uye wathabatha kuko, abalelwe ekuthini unika intlonipho koothixo baseBhabheli. Kwintlonipho enjalo, ukunyaniseka kuYehova kwakumalela uDaniyeli namaqabane akhe ukuba bazihlanganise. Kwa ukulinganisa nje ukungathi bayakutya ukutya okanye bayayisela iwayini, kwakuya kuba kukulukhanyela ukholo lwabo. Ukwenza oku kwakuya kuba kukuzayamanisa nobuhedeni nokuhlazisa imithetho-siseko yomthetho kaThixo.AN 481.3

    Abazange bazibeke esichengeni sempembelelo yobuncwane obutyhafisayo nobunenkcitho emzimbeni, engqondweni nasekukhuleni kwasemoyeni. Babeqhelene nembali kaNadabhi noAbhihu, ingxelo yokungaziphathi kakuhle neziphumo zako eyagcinwa kwiincwadi zezintsu zikaMoses; kwaye babesazi ukuba awabo amandla omzimba nawengqondo angonakaliseka ngokusebenzisa iwayini.AN 482.1

    UDaniyeli namakholwane akhe babeqeqeshwe ngabazali babo kwimikhwa yobungcathu obungqongqo. Babefundiswe ukuba uThixo uya kubenza baphendule ngezakhono zabo, nokuba kufuneka bangaze bazidodobalisa okanye bawethise amandla abo. Le mfundo kuDaniyeli namakholwane akhe, yayiyindlela yokubagcina [bangonakali] phakathi kweempembelelo ezonakalisayo zebhotwe laseBhabheli. Zazinamandla izihendo ezazibajikelezile kwelo bhotwe likhohlakeleyo nelihle, kodwa bahlala bengangcolisekanga. Akukho gunya, akukho mpembelelo, inokubasusa kwimithetho-siseko abayifunda kwasebutsheni babo ngokufunda ilizwi nemisebenzi kaThixo.AN 482.2

    Ukuba uDaniyeli wayenomnqweno, ngewayefumene apho wayekhona isizathu esivakalayo sokusuka kwimikhwa engqongqo yengqeqesho yokuziphatha. Ngewazithethelela ngelithi kuba, wayexhomekeke kwimfesane kakumkani ekwaphantsi kwegunya lakhe, yayingekho enye indlela anayo anokuyilandela ngaphandle kokuba atye ukutya kukakumkani aze asele newayini yakhe; kuba, xa engabambelela kwimfundiso yezulu, wayeya kumkhubekisa ukumkani aze mhlawumbi alahlekwe sisikhundla sakhe nobomi bakhe. Ukuba wayenokuwubeka nje ecaleni umthetho kaYehova, wayeya kuyigcina imfesane kakumkani azifumanele okuhle kwasengqondweni nezinto ezintle ezikhohlisayo zehlabathi.AN 482.3

    UDaniyeli yena akazange athingaze. Ukuvuma kukaThixo kwakubaluleke kakhulu kuye kunokuthandwa ngoyena unamandla ophetheyo emhlabeni — kwakubaluleke nangaphezu kobomi ngokwabo. Wazimisela ukuma aqine ekunyanisekeni kwakhe, sibe yiloo nto siba yiyo isiphumo. “Wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo.” Kwesi sigqibo waxhaswa ngamaqabane akhe amathathu.AN 483.1

    Ekufikeleleni kwesi sigqibo, ulutsha lwamaHebhere aluzange lwenze ngobuganga, kodwa ngokuxhomekeka ngokuqinileyo kuThixo. Abazange bakhethe ukuba babe ngabantu abakhethekileyo, kodwa babeya kuba njalo kunokuba bamhlazise uThixo. Ukuba bangayekela kokungalunganga kulo mba ngokuvumela ukucinezelwa ziimeko, ukusuka kwabo kumthetho-siseko kwakuya kwethisa amandla imbono yabo yokulungileyo nokucekisa kwabo okungalunganga. Inyathelo lokuqala eliphosisayo laliya kukhokelela kwamanye, kude ukuqhagamshelana kwabo neZulu kuqhawuke, baze batshayelelwe kude sisilingo.AN 483.2

    “UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa,” saza isicelo sokuba angazingcolisi samkelwa ngembeko. Phofu yena umthetheli wathingaza ukusinika. “Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela,” wamchazela uDaniyeli; “yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabaya baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani.”AN 483.3

    UDaniyeli wamcenga uMeltsare, injoli eyayijongene ngokukodwa nolutsha lwamaHebhere, ecela ukuba baxolelwe ekutyeni inyama kakumkani nokusela iwayini yakhe. Wacela ukubaumcimbi uvavanywe ngokulingwa iintsuku ezilishumi, ulutsha lwamaHebhere ngeli xesha lunikwe ukutya okulula [okungakhatshwa zizinto-yinto], lo gama amaqabane awo ayesitya izibiliboco zikakumkani.AN 483.4

    UMeltsare, nangona wayesoyika ukuba, ngokuvumelana nesi sicelo, wayeza kwenza ukuba kubekho ukunganeliseki kukumkani, kodwa ke wavuma; waza uDaniyeli wazi ukuba umcimbi wakhe uwuphumelele. Ekupheleni kweentsuku ezilishumi zovavanyo, iziphumo zafunyanwa zichasene noloyiko lukamthetheli. “Yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani.” Kwimbonakalo yeziqu, abafana bamaHebhere babonakalisa ukongama okubonakalayo ngaphezu kwamaqabane abo. Isiphumo soko saba kukuba uDaniyeli namaqabane akhe bavunyelwa ukuba baqhubeke nokutya okulula ngalo lonke ixesha lokuqeqeshwa kwabo.AN 484.1

    Kwaba yiminyaka emithathu abafana bamaHebhere befunda ukwazi “incwadi nolwimi lwamaKaledi.” Ngeli xesha babambelela ngokuqinileyo ekwayameni kuThixo, baxhomekeka rhoqo kumandla aKhe. Ngomkhwa wabo wokuzilandula, bahlanganisa nokunyaniseka kwenjongo, ukukhuthala, nokuma bangagungqi. Yayingelilo ikratshi okanye ibhongo elabazisa kwibhotwe likakumkani, kubuqabane nabo babengamazi uThixo bengamoyiki; babengabathinjwa ezweni lasemzini, bebekwe buBulumko Obungenamda. Behlukene neempembelelo zasekhaya namahlakani angcwele, bafuna ukuziphatha ngendlela ehloniphekileyo, ukuze kuzukiswe abantu bakubo abacinezelweyo, kwanozuko lwaLowo bangabakhonzi baKhe.AN 484.2

    UYehova wakwamkela ukuqina nokuzilandula kwabafana bamaHebhere, kwakunye nobunyulu benjongo yabo; yaza intsikeleloyaKhe yaba kunye nabo. “Wabanika ukwazi nokuziqonda iincwadi zonke,nobulumko;uDaniyeliwabanokuyiqonda imibonoyonke.” Isithembiso sazaliseka, “Ondizukizayo ndiya kumzukisa.” 1 Samuweli 2:30. Ngeli xesha uDaniyeli wabambelela kuThixo ngokuthemba okungagungqiyo, amandla omoya wokuprofeta afika phezu kwakhe. Lo gama wayefumana imfundiso ephuma emntwini ngoxanduva lobomi basebhotwe, wayekwafundiswa nguThixo ukufunda iimfihlelo zexesha elizayo nokubhalela izizukulwana ezizayo, ngemifanekiso nemifuziselo, iziganeko eziquka imbali yeli lizwe kude kuse ekupheleni kwexesha.AN 485.1

    Lathi lakufika ixesha lokuba abatsha abasekuqeqeshweni bavavanywe, amaHebhere ahlolwa, kunye nabanye abafundi, kumsebenzi wobukumkani. “Akufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya.” Ukuqonda kwabo okubukhali, ulwazi olubanzi, ukukhetha kwabo nolwimi oluthe ngqo, konke kwakungqina ukuba namandla angaphazanyiswanga nokudlamka kwamandla abo engqondo. “Kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke;” “Bema ke bona phambi kokumkani.”AN 485.2

    Ebhotweni laseBhabheli kwakuhlangene abameli bamazwe amaninzi, amadoda ezona talente ziphezulu, amadoda awande kakhulu ngezipho zendalo, anenkcubeko ebanzi kakhulu engenakho ukunikwa ngumhlaba; kanti kuwo ewonke, amadodana amaHebhere ayengenayo intanga. Ukumila kakuhle, ukunyathela ngesingqi nangokukhawulezayo, inkangeleko entle, ingqondo engenankungu, umoya [womlomo] ongangcolanga—zonke ezi zaye ziziziqinisekiso zemikhwa elungileyo, uphawu lokuhlonipheka ethi indalo iwonge abo bayithobelayo imithetho yayo.AN 485.3

    Ekuzuzeni ubulumko bamaBhabheli, uDaniyeli namakholwane akhe abe nempumelelo edlula ngaphaya kweyogxa babo abangabafundi; kodwa ukufunda kwabo kwakungafikanga ngengozi. Balufumana ulwazi lwabo ngokuwasebenzisa ngokuthembeka amandla wabo phantsi kwenkokhelo kaMoya Oyingcwele. Bazihlanganisa neThende labo bonke ubulumko, baza bayiphila imithandazo yabo. Bazibeka apho uThixo wayenokubasikelela khona. Bakuphepha oko kwakunokubethisa amandla, bawaphuhlisa onke amathuba okuba babe nolwazi kuwo onke amakhondo okufunda. Bayilandela imigaqo yobomi eyayingayi kusilela ukubanika amandla engqondo. Babefuna ukufumana ulwazi ngenjongo enye—ukuze bakwazi ukuzukisa uThixo. Baqonda ukuba, ukuze bakwazi ukuma njengabameli benkolo yenyaniso phakathi kweenkolo zobuxoki zobuhedeni, kufuneka babe kwanokubethisa ngoyaba nobukrelekrele bengqondo nokuba kufuneka basigqibelelise isimilo sobuKristu. UThixo ngokwaKhe waye eyititshala yabo. Bethandaza rhoqo, befunda ngenkathalo, begcine uqhagamshelano naLowo ungaBonwayo, bahamba noThixo njengoko wenzayo uEnoki.AN 486.1

    Impumelelo yenene nakuwuphi umsebenzi, ayisiso isiphumo sikasambhaqa okanye sengozi okanye wesiphelo esibekwe kwangaphambili. Ikukusebenza kokwazelelela kukaThixo, umvuzo wokholo nokulumka, esokuhle nokuzingisa. Iimpawu ezintle zengqondo nobuhle bokukwazi ukuziphatha, ezo azisiso isiphumo esivela sibekho nje. UThixo unika amathuba; impumelelo ixhomekeka kwindlela asetyenziswa ngayo [amathuba lawo].AN 486.2

    Lo gama uThixo wayesebenza kuDaniyeli namakholwane akhe “ukuthanda oko kwanokusebenza oko ngenxa yenkolelo yakhe,” babesebenza ukusindiswakwabo. Filipi 2:13. Kuko okukutyhileka ukusebenza komthetho-siseko wokusebenzisana, okuthi xa kungekho ingabi nakuzuzeka impumelelo yenene. Umzamo womntu awukwazi kwenza nto ngaphandle kwamandla ezulu; kwaye ngaphandle kokuzama komntu, umzamo wezulu, kwabaninzi awunanto unokuyenza. Ukwenza ukuba ubabalo lukaThixo lube lolwethu, kufuneka siyenze indawo yethu. Ubabalo lwaKhe lunikwe ukuba lusebenze kuthi ukuthanda nokwenza, kodwa lungemi endaweni yomzamo wethu.AN 487.1

    Njengoko uYehova wasebenzisana noDaniyeli namakholwane akhe, kwangokunjalo uya kusebenzisana nabo bonke abazama ukwenza intando yaKhe. Ngokunikela uMoya waKhe, uya komeleza yonke injongo enyanisileyo, sonke isigqibo esiphakamileyo. Abo bahamba endleleni yokuthobela baya kuqubisana nezithintelo ezininzi. Iimpendulo ezinamandla nezirhubuluzayo zinokubaqamangela ehlabathini; kodwa uYehova unako ukuziphuthisa zonke izenzeleli ezisebenzela ukoyiswa kwabo baKhe banyuliweyo; ngawaKhe amandla banako ukoyisa sonke isilingo, boyise bonke ubunzima.AN 487.2

    UThixo wamzisa uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bahlangane namadoda amakhulu aseBhabheli, ukuze kuthi esazulwini sesizwe sonqulo-zithixo bamele isimilo saKhe. Kwenzeka kanjani ukuba basifanele isikhundla esikhulu kangako sokuthenjwa nokuphakanyiswa? Kwaba ngokuthembeka kwizinto ezincinane ezanika ubuhle kubo bonke ubomi babo. Bamzukisa uThixo kwimisetyenzana emincinane, nasemithwalweni emikhulu.AN 487.3

    Njengoko uThixo wabiza uDaniyeli ukuba angqine ngaYe eBhabheli, ngokunjalo uyasibiza ukuba sibe ngamangqina aKhe ehlabathini namhlanje. Baninzi abalindele ukuba kubekho umsebenzi omkhuluoziswa kubo,logama yonke imihlabelahla amathuba okubonakalalisa ukuthembeka kuThixo. Yonke imihla baya silela ukuyenza ngentliziyo epheleleyo imisetyenzana yobomi. Ngeli xesha belindele umsebenzi othile omkhulu abaza kusebenzisa kuwo iitalente ezinkulu abacinga ukuba banazo, khon’ ukuze banelise iminqweno yabo yamabhongo, iintsuku zabo zona ziyadlula.AN 487.4

    Ebomini bomKristu wenene akukho nto kuthiwa ayinamsebenzi; emehlweni Onamandla onke wonke umsebenzi ubalulekile. UYehova uwalinganisela ngokuchanekileyo onke amathuba okusebenza. Izakhono ezingasetyenziswanga, nangazo kuza kuphendulwa njengezo zisetyenzisiweyo. Siya kugwetywa ngoko besimele ukuba sikwenzile, kodwa asakwenza kuba singawasebenzisanga amandla ethu ukuzukisa uThixo.AN 488.1

    Isimilo esinesidima asisosiphumo sengozi; asifumaneki ngokwenzelwa imfesane ekhethekileyo okanye ukubonelela okukodwa kukaThixo. Sisisiphumo sokuziqeqesha, sokuyekela indalo yangaphantsi ukuba ilawulwe yileyo yangaphezulu, nokunikela u-mna ekusebenzeleni uThixo nomntu.AN 488.2

    Ngokunyaniseka kwimithethi-siseko yobungcathu okwathi kwaboniswa ngamadodana amaHebhere, uThixo uthetha nolutsha lwanamahlanje. Kukho intswelo yamadoda aya kuthi, njengoDanyieli, abe nesibindi sokumela oko kulungileyo. Iintliziyo ezinyulu, izandla ezomeleleyo, isibindi esingenaloyiko, konke kuyafuneka; kuba imfazwe ephakathi kwenkohlakalo nokulungileyo ifuna ukuphaphama okungapheliyo. Kuwo wonke umphefumlo, uSathana uza nesilingo ngeendlela ezininzi zokulukuhla kwindawo yokuyekelwa kokuthanda ukutya.AN 488.3

    Umzimba usesona sixhobo sibalulekileyo ekuthi ngawo, ingqondo nomphefumlo ziphuhliselwe ukwakhiwa kwesimilo. Ngenxa yoko, umchasi wemiphefumlo ujolisa izilingo zakhe ekwenzeni buthakathakanasekuwahliseni amandla omzimba. Impumelelo yakhe koku iba kukunikelwa komntu ephelele kokubi. Oko imvelo yasenyameni ithanda ukutyekela kuko, ukuba akuthanga kubekwe ngaphantsi kolawulo lwamandla angaphezulu, ngokuqinisekileyo kuya kusebenza intshabalalo nokufa. Umzimba kufuneka ubekwe phantsi kolawulo lwamandla angaphezulu omntu. Ukuvutha kokubawela izinto kufuneka kulawulwe yingqondo, nayo ekufuneka iphantsi kolawulo lukaThixo. Amandla amakhulu engqondo, engcwaliswe lubabalo olungcwele, kufuneka alawule ebomini. Amandla engqondo, amandla omzimba, nobude bobomi axhomekeka kwimithetho engenakuguqulwa. Ngokuthobela le mithetho, umntu angaba ngumoyisi wesiqu sakhe, abe ngumoyisi wezinto atyekele kuzo, abe ngumoyisi wabaphathi belizwe namagunya, [oyise] “iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade,” kwakunye “[no]moya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” Efese 6:12.AN 489.1

    Kuloo nkonzo yakudala, eyayingumfuziselo wegospile, wawungenakuziswa umnikelo onesiphako esibingelelweni sikaThixo. Umbingelelo ekwakufuneka umele uKristu, kwakufuneka ungabi nabala. Ilizwi likaThixo lalatha koku njengomlinganiselo wento abantwana baKhe abamele ukuba yiyo—“idini eliphilileyo,” “elingcwele lingabi nasiphako.” Roma 12:1; Efese 5:27.AN 489.2

    AmaHebhere awayengumfaneleko ayengamadoda anezimvo ezifana nezethu; kodwa sezikho zinjalo iimpembelelo eziwexulayo zebhotwe laseBhabheli, ema aqina, kuba ayexhomekeke kuMandla angenamda. Kuwo, isizwe sobuhedeni sabona umfanekiselo wokulunga nobubele bukaThixo, kunye nothando lukaKristu. Kanti ke, kumava abo, sinomzekelo wokoyisa komthetho-siseko phezu kwesilingo, ubunyulu phezu kwenkohlakalo, ukuzinikela nokunyaniseka phezu kokungakholelwa kuThixo nonqulo lwezithixo.AN 489.3

    Umoya owawumphethe uDaniyeli, ulutsha lwanamhlanje lunakho ukubanawo;lunakhoukuselakwelothende linye lamandla, lube namandla afanayo okuzilawula, lubonakalalise ubabalo olunye, naphantsi kweemeko ezingavumiyo. Nangona lujikelezwe zizilingo ukuba luziyekelele, ngakumbi ezixekweni zethu ezikhulu, apho zonke iintlobo zokwanelisa inkanuko zenziwe lula zaye zinomtsalane, kodwa ngobabalo lwezulu injongo yalo yokuzukisa uThixo inokuhlala izinzile. Ngokwenza izigqibo eziqinileyo nokuphaphama [ulutsha] lunakho ukumelana naso nasiphi isihendo esihlasela umphefumlo. Kuphela ngalowo ozimisela ukwenza okulungileyo kuba kulungile apho kunokuthi kuzuzwe uloyiso.AN 490.1

    Umsebenzi ongako wobomi bonke wala maHebhere anendili! Ngexesha babeshiya amakhaya wabo ababekhulele kuwo, babengazi ngesiphelo sabo esiphezulu. Bethembekile, bemi beqinile, baziyekela ekukhokelweni lizulu, ukuze kuthi ngabo uThixo ayizalisekise injongo yaKhe.AN 490.2

    Kwazona ezo nyaniso sinamandla zabonakala ngala madoda, uThixo ulangazelela ukuwatyhila ngolutsha nabantwana banamhlanje. Ubomi bukaDaniyeli namakholwane akhe busisibonakalaliso sento aya kuyenzela abo baziyekela kuYe, bathi ngentliziyo epheleleyo bayifezekise injongo yaKhe.AN 490.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents