Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    43—UMlindi Ongabonwayo

    [Esi sahluko sisekwe kuDaniyeli 5.]

    Ekuyeni ekupheleni kobomi bukaDaniyeli, kwabakho iinguqulelo ezinkulu ezenzekayo elizweni apho, ngaphezu kwamashumi amathandathu eminyaka, yena namaqabene akhe amaHebhere basiwa khona. UNebhukadenetsare, wa“ bangcangcazelisi basezintlangeni” (Hezekile 28:7), wayefile, yaza iBhabheli, “[i]qhayiya lehlabathi, yawela kulawulo olungalumkileyo lwabalandeli bakhe, kwaza kwakho ukuphela okuhamba kuthe chu kodwa kuqinisekile.AN 522.1

    Ngobudenge nobuthakathaka bukaBheleshatsare, umzukulwana kaNebhukadenetsare, iBhabheli eyayizibabaza yayiza kuwa kungekudala. Engeniswe kwasebutsheni bakhe kwigunya likakumkani, uBheleshatsare wazizukisa ngamandla anawo, wayiphakamisa intliziyo yakhe ukuchasa uThixo wezulu. Ayemaninzi amathuba akhe okuyazi intando kaThixo aluqonde noxanduva lwakhe lokuyithobela. Wayekwazi ukugxothwa kukayisemkhulu, ngomthetho kaThixo, phakathi kwabantu, kwaye wayeqhelene nokuguqukakuka Nebhukadenetsare nokubuyiselwa kwakhe ngokumangalisayo. Kunjalo, uBheleshatsare wakuvumela ukuthanda iziyolo nokuzizukisa ukuba kuzicime izifundo ezazingamele kulityalwa. Wadlala ngamathuba abewanikwe ngobabalo, wakutyeshela ukusebenzisa izinto anokufikelela kuzo ukuze aqhelane ngokupheleleyo nenyaniso. Oko wakuzuzayo uNebhukadenetsare ekugqibeleni ngexabiso lokubulaleka nokuthobeka ngendlela engathethekiyo, uBheleshatsare wakudlula ngaphandle kwenkathalo.AN 522.2

    Kwathi kungekudala, izinto zaguquka. IBhabheli yangqingwa nguKoreshi, umtshana kaDariyo injengele engumkhokeli wemikhosi ehlanganisiweyo yamaMedi namaPersi. Kwathi ngaphakathi kwenqaba ebonakala ingenako ukugqojozwa, neendonga zayo kunye namasango obhedu, nezikhuselwe ngumlambo umEfrati, nezaliswe kukutya okuninzi kakhulu, ikumkani ethanda iziyolo yaziva ikhuselekile yalichitha ixesha layo ngolonwabo nemihlali.AN 523.1

    Enekratshi nokuziphakamisa, enengqondo yokungakhathali ngenkuseleko, uBheleshatsare “walenzela isidlo esikhulu iwaka lezikhulu zakhe, wasela iwayini phambi kwewaka elo.” Wonke umtsalane onokwenziwa bubutyebi namandla, wongeza ubunewunewu kuloo mboniso. Abafazi abahle nokuthabathekisa kwabo, babephakathi kwabamenyiweyo ababekho kwisidlo sakomkhulu. Amadoda anobulumko nemfundo ayelapho. Izikhulu nezihandiba zaselulawulweni zasela iwayini njengamanzi zonwaba phantsi kwempembelelo ephambanisayo.AN 523.2

    Yathi ingqiqo isusiwe esihlalweni kukunxila okungenazintloni, neenkanuko eziphantsi nemizwa seyinyukile ngoku, ukumkani ngokwakhe wahamba phambili kwisiphithiphithi sombulo. Kwathi ngokuqhubeka kwesidlo, “wathimazizisweiimpahla zegolide nezesilivere abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni eseYerusalem, ukuze asele ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.” Ukumkani wayefuna ukubonisa ukuba akukho nto ingcwele kakhulu ukuba izandla zakhe zingayichukumisi. “Baza bazizisa iimpahla zegolide. . . . Wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe. Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.”AN 524.1

    Akazange acinge uBheleshatsare ukuba kwakukho uMbukeli wasezulwini kulo mgcobo wakhe wonqulo-zithixo; ukuba uMlindi ongcwele, engabonwa, wayewukhangele umboniso wokuhlambela, eyiva imihlali yehlambelayo, ekubona ukunqulwa kwesithixo. Kwathi kungekudala, uMmenywa ongabizwanga wazibonakalalisa. Lathi xa liphezulu izinga lemihlali, kwaphuma isandla esingenamfesane sabhala ezindongeni zebhotwe amagama abengezela okomlilo—amazwi awathi, nangona engaziwa sisihlwele ngokubanzi, ayehlola intshabalalo ngoku kukumkani otyiwa sisazela kunye nabamenywa bakhe.AN 524.2

    Yathi nzwanga ingxolo yemihlali, lo gama amadoda nabafazi, bethiwe hlasi luloyiko olungathethekiyo, basigqala isandla sithe chu sibhala amagama afihlakeleyo. Phambi kwabo kwadlula, njengasembonisweni ohambayo, izenzo zenkohlakalo ebomini babo; baba ngathi baphambi kwesihlalo somgwebi onguThixo ongunaphakade, ogunya laKhe bebesanda kulidela. Kulapho, kwimizuzwana nje embalwa ngaphambili, bekukho ukuchwayita nokuqhula, kwasuka kwakho ukumbatsha kobuso noloyiko. Xa uThixo ebenza boyike abantu, abanakho ukubufihla ubungqingqwa boloyiko lwabo.AN 524.3

    UBheleshatsare wayengoyena wayesoyika kakhulu kubo bonke. Yayinguye, ngaphezu kwabanye bonke, owayengunobangela wovukelongakuThixo nolwathi ngobo busuku lwafikelela encotsheni kubukumkani baseBhabheli. Phambi koMlindi ongabonwayo, ummeli waLowo omandla aKhe ayefunwa undikho, nogama laKhe lalinyeliswa, ukumkani waphela amandla kukoyika. Isazela savuka. “Amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana.” UBheleshatsare wathi, ngokungahloneliyo, waziphakamisa ngakuThixo wasemazulwini, wathemba awakhe amandla, engacingi ukuba kungakho onesibindi sokuthi, “Kutheni usenza oku?” kodwa ngoku, waqonda ukuba kufuneka anike ingxelo ngobugosa bakhe, nokuba, ngamathuba adlale ngawo kwanengqondo yakhe edelelayo, akukho sizathu anokusinika.AN 527.1

    Kwaba ngelize, ukuzama kukakumkani ukuwafunda amagama abengezelayo. Apha kwakukho imfihlakalo awayengeke akwazi ukuyifikelela, amandla awayengeze akwazi ukuwaqonda okanye awachase. Ephelelwe lithemba,wabuyelakumadoda anolwazi obukumkani bakhe ukuya kufuna uncedo. Isikhalo sakheesikrakra savakala kuyo yonke ingqungquthela, ebiza abafundi beenkwenkwezi, amaKaledi, nabakhwitsi ukuba bawufunde umbhalo. “Othe wawulesa lo mbhalo,” wathembisa, “wakuxela kum ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe abe ngowabathathu abanegunya ebukumkanini obu.” Saba lilize isibheno kubacebisi bakhe abathembileyo, neminikelo yemivuzo etyebileyo. Ubulumko bezulu abuthengwa, bungenakuthengiswa. “Zonke izilumko zokumkani . . . azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.” Abazange bakwazi ukuwufunda umbhalo oyimfihlelo kwanje ngokuba kwakunjalo kumadoda azizilumko kwisizukulwana esasingaphambili ekuchazeni amaphuphakaNebhukadenetsare.AN 527.2

    Ukumkanikazi umama omdala wakhumbula uDaniyeli, owathi, ngaphezukwesiqingatha senkulungwanengaphambili,wamazisa uKumkani Nebhukadenetsare iphupha lomfanekiso omkhulu kunye nokuchazwa kwawo. “Kumkani, phila ngonaphakade!” watsho. “Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho. Kukho indoda ebukumkanini bakho, enomoya woothixo abangcwele; ekwathi ngemihla yoyihlo kwafunyanwa kuyo ukukhanya nokuqiqa nobulumko, njengobulumko bothixo; awathi ukumkani uNebhukadenetsare . . . wayimisa yangumongameli wezazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola—uyihlo, kumkani; ngenxa enokuba kwafunyanwa kuye umoya ogqithisileyo ngobuhle, nokwazi, nokuqiqa, etyhila amaphupha, exela iintsonkotha, ecombulula amaqhina; kuDaniyeli, owathiywa ngukumkani igama elinguBheleshatsare. UDaniyeli makabizwe kaloku; woluxela ukutyhilwa kwawo.AN 528.1

    “Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani.” Ezama ukwenza imigudu yokuzibuyisela ezingqondweni, uBheleshatsare wathi kumprofeti: “Ungulaa Daniyeli na ungowakoonyana bakaYuda abathinjwayo, abaziswayo ngukumkani ubawo, bephuma kwaYuda? Ndikuvile, ukuba unomoya woothixo wena; kufunyanwa kuwe ukukhanya, nokuqiqa, nobulumko obuncamisileyo. Ke kaloku beziziswe kum izilumko nabakhwitsi, ukuze balese lo mbhalo, bandazise ukutyhilwa kwawo; ke azibanga nako ukundixelela ukutyhilwa kwale nto. Mna ndivile ke ngawe, ukuba unako ukuyityhila into, ucombulule namaqhina. Ukuba ke uthe wanako ukuwulesa lo mbhalo, nokundazisa ukutyilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowabathathu ebukumkanini abanegunya.”AN 528.2

    Phambi kwesihlwele esizaliswe luloyiko, uDaniyeli, engenamdla kwizithembiso zikakumkani, wema ezolile ngesidima somkhonzi wOsenyangweni, engazi kuthetha mazwi enkohliso, kodwa eza kutyhila isigidimi sentshabalalo. “Izipho zakho mazihlale kuwe,” watsho, imivuzo yakho uyinike omnye; kodwa ndiya kuwulesa lo mbhalo kukumkani, ndimazise ukutyhilwa kwawo.”AN 529.1

    Umprofeti waqala wamkhumbuza uBheleshatsare ngemicimbi awayeqhelene nayo, kodwa eyayingazange imfundise isifundo sokuzithoba engesasimsindisile. Wathetha ngesono nokuwa kukaNebhukadenetsare, nangokuphathwa kwakhe nguYehova—ubungangamsha nozuko olwabekwa phezu kwakhe, isigwebo sezulu kwikratshi lakhe, nokuvuma kwakhe kamva amandla nenceba kaThixo kaIsrayeli; waza wathi, ngamazwi aqinileyo nacinezelayo, wamkhalimela uBheleshatsare ngenkohlakalo yakhe enkulu. Wasiphakamisa isono sikakumkani ngaphambi kwakhe, embonisa izifundo angewayezifundile kodwa akakwenza oko. UBheleshatsare akazange awafunde ngendlela eyiyo amava kayisemkhulu, engazange wakuthobela ukulumkisa kweziganeko ezazibaluleke kakhulu kuye. Ithuba lokumazi nokumthobela uThixo oyinyaniso wayelinikiwe, kodwa akazange alifake entliziyweni, waba ke ngoku uza kuvuna isiqhamo sovukelo lwakhe.AN 529.2

    “Wena ke . . . Bheleshatsare, akuyithobanga intliziyo yakho, nakuba ubukwazi oko konke. Uziphakamisile ngaphezu kweNkosi yamazulu, neempahla zendlu yayo zaziswa phambi kwakho, wena nezikhulu zakho, namakhosikazi akho, namashweshwe akho; nasela iwayini ngazo. Wancoma oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi,nabamatye,abangaboniyo,abangevayo, abangaziyo. Ke uThixo lowo, kusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga. Waza wathuma, kwavela kuye oko kuphela kwesandla, lo mbhalo ke wawubhaliwe.”AN 529.3

    Ebuyela kwisigidimi esithunyelwe liZulu esiseludongeni, umprofeti wafunda, “MENE, MENE, TEKELE, UFARSIN.” Isandla esasibhale la magama sasingabonakali, kodwa la magama mane ayesabengezela ecace ngokoyikekayo; bathi ngoku abantu, bebambe umphefumlo, bamamela xa ingwevu yomprofeti isithi:AN 530.1

    “Nanku ukutyhilwa kwale nto: elokuba Mene lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa. Elokuba TEKELE lithi, Wena ulinganisiwe esikalini, wafunyanwa ulula. Elokuba PERES lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.”AN 530.2

    Ngobo busuku bokugqibela bobudenge bempambano, uBheleshatsare namaphakathi akhe babewuzalisile umlinganiselo wobutyala babo kunye nobutyala bobukumkani bamaKaledi. Isandla sikaThixo esasikade sibanjiwe sasingasayi kube sibubuyisele umva ububi obabusondele. Ngokubonelela okuninzi kwaKhe, uThixo wayezamile ukubafundisa intlonelo yomthetho waKhe. “Siba ngayinyanga iBhabheli,” watsho kwabo bakugwetywa kwabo ngoku kwakufikelele ezulwini, “ayiphili.” Yeremiya 51:9. Ngenxa yokugqwetheka okumangalisayo kwentliziyo yomntu, uThixo, ekugqibeleni, wakubona kufanelekile ukuba asidlulise isigwebo esasingenako ukurhoxiswa. UBheleshatsare kwakufuneka ewile, ukuze ubukumkani bakhe budlulele kwezinye izandla.AN 530.3

    Wathi akupheza ukuthetha umprofeti, ukumkani wayalela ukuba avuzwe ngamawonga awayethenjisiwe; ngokuvumelana noku, “bamnxiba uDaniyeli iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe; bamemeza ngaye ngelithi, uya kuba ngowabathathu onegunya ebukumkanini.”AN 530.4

    Ngaphezu kwenkulungwane ngaphambili, iMpefumlelo yaxela ukuba “ubusuku . . . bolonwabo” (KJV) awathi ngabo, ukumkani namaphakathi akhe bakhuphisana omnye nomnye ngokunyelisa uThixo, babuza kuguquka ngephanyazo bube lixesha lokoyika nentshabalalo. Kwathi ngoku, ngokulandelelana okukhawulezileyo, iziganeko ezikhulu, zalandelelana kanye njengoko kwakubonisiwe kwimibhalo yobuprofeti kuse yiminyaka ngaphambi kokuba abadlali abaphambili kulo mboniso bazalwe.AN 531.1

    Bathe beselapho kuloo ndlu yombhiyozo, berhangqwe ngabo bantshabalalo yayisele itywiniwe, ukumkani waxelelwa sisithunywa ukuba “umzi wakhe uthinjwe [kwaphela] ngumkhosi okuceba kwawo wayeziva engakhuselekanga kuko; “[nokuba] amazibuko avingciwe, . . . amadoda okulwa akhwankqisiwe.” Iindima 31, 32. Kanye ngeli xesha yena nezikhulu zakhe babesela ngezitya ezingcwele zikaYehova, bebabaza oothixo babo besilivere nabegolide, amaMedi namaPersi ayejika umlambo umEfrati kwindlela yawo, aye engena embindini wesixeko esingalindwanga. Umkhosi kaKoreshi ngoku wawumi phantsi kweendonga zebhotwe; umzi wazaliswa ngamasoldati otshaba, “[ngokwee]nkumbi” (Indima 14); yathi imikhwazo yayo yoloyiso yavakala ngaphaya kwezikhalo zokuphelelwa lithemba kwabo babezonwabisile abothukileyo.AN 531.2

    “Kwangobo busuku wabulawa uBheleshatsare ukumkani wamaKaledi,” kwahlala etroneni yakhe umlawuli welinye ilizwe.AN 531.3

    Babeyixele ngokucacileyo abaprofeti bamaHebhere indlela eyayiza kuwa ngayo iBhabheli. Njengokuba embonweni, uThixo wayezityhilile kubo iziganeko zexesha elizayo, bavakalisa ngokuthi: “Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke!Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga! “Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga!” Ibanjiwe iBhabheli, liyanyikima ihlabathi; kuvakala isikhalo ezintlangeni.”AN 531.4

    “Iwile iBhabheli ngesiquphe, yaphuka.” “Ngokuba umbhuqi uya kuyifikela iBhabheli, athinjwe amagorha ayo, ziqhawuke izaphetha zayo; ngokuba nguThixo wembuyekezo uYehova, uya kuvuza evuzile. Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, amabamba ayo neerhuluneli zayo, namagorha ayo; aya kulala ubuthongo obungunaphakade, angavuki: utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.”AN 532.1

    “Ndikuthiyele, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungazi ke wena; ufunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova. UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi.”AN 532.2

    “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Babecudiswa oonyana bakaIsrayeli noonyana bakaYuda kunye; bonke ababathimbayo bayaqinisa ukubabamba, abavumi ukubandulula. UMkhululi wabo obamiselayo womelele, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; uya kubambana abambane nobambana nabo, ukuze aliphumze ihlabathi, agungqise abemi baseBhabheli.” Yeremiya 51:41; 50:23, 46; 51:8, 56, 57; 50:24, 25, 33, 34.AN 532.3

    “Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabheli nangona lubanzi lunjalo. Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo.” [IBHAYIBHILE]. Wenza njalo uYehova wemikhosi ukuze “[a]liphelise ikratshi labakhukhumeleyo” “[a]lithobele phantsi njalo nakuyo “iBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, labangcangcazelisi nakuyo “iBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi,” ibe njengeSodom neGomora—indawo eqalekiswe ngonaphakade. “Ayi kumiwa naphakade,” itshilo iMpefumlelo, “ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti. Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona; kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane.” “Ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.” Yeremiya 51:58; Isaya 13:11, 19-22; 14:23.AN 532.4

    Kumlawuli wokugqibela waseBhabheli, njengohlobo lowokuqala, kwafika isigwebo soMlindi ongcwele: “Kumkani, . . . ubukumkani bumkile kuwe.” Daniyeli 4:31.AN 533.1

    “Yihla, uhlale eluthulini, nkazanandini,
    ntombi inguBhabheli;
    Hlala phantsi emhlabeni ngokuba
    akuyi kuba sathiwa uyimvoco,
    Hlala uthi cwaka,
    Ungene emnyameni, ntombi ingamaKaledi;
    Ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba
    uyinkosikazi yesikumkani.

    “Ndaba noburhalarhume kubantu bam,
    Ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho;
    Akwaba namfesane kubo. . . .

    “Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade;
    Wada akwakunyamekela oko ngentliziyo,
    Akwalikhumbula ikamva lakho oko.
    AN 533.2

    “Kaloku ke yiva oku,
    Wena mxhamli weziyolo,
    Uhleliyo ukholosile,
    Wena uthi entliziyweni yakho,
    Ndim kwaphela, akukho wumbi;
    Andiyi kuhlala ndingumhlolokazi;
    Andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.
    Ziya kukuzela ezo zinto zombini
    ngephanyazo, ngamini nye ,
    Ukungabi nabantwana, nobuhlolokazi;
    Ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini
    bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi
    yomabophe bakho.
    Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi,
    Wathi, Akukho undibonayo.

    “Ubulumko bakho nokwazi kwakho
    kuko okukuphambanisileyo;
    Wathi entliziyweni yakho,
    Ndim kwaphela, akukho wumbi.
    Bokuzela ke ububi,
    Ungakwazi ukubunyanga;
    Ikuwele inkohlakalo,
    Ungabi nako ukuyicamagushela;
    Ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo.

    Khawumise ngomabophe bakho,
    nangokukhafula kwakho okuninzi,
    ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho;
    Mhlawumbi ungaba nokweyisa.

    Udiniwe bubuninzi bamaqhinga akho;
    Mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu,
    oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni
    kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo.
    Yabona, basuke baba njengeendiza; . . .
    Abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni
    elangatye; . . .
    Kungabikho ukusindisayo.”
    AN 534.1

    Isaya 47:1-15.

    Isizwe ngasinye esifike kwiqonga lokusebenza, saya savunyelwa ukuba sithabathe indawo yaso emhlabeni, ukuze igqitywe inyaniso yokuba singazizalisa na iinjongo zoMlindi Oyingcwele. Isiprofeto silande ukukhula nenkqubela yezikumkani ezikhulu zomhlaba—iBhabheli, iMedo-Persi, iGrike, neRoma. Ngaso ngasinye kwezi, njengezo zinamandla anganeno, imbali iziphindaphindile. Iseso saba nalo ixesha laso lokuvavanywa; iseso sawa nganeno, ubuqaqawuli baso baphela, amandla aso emka.AN 535.1

    Lo gama izizwe ziyalile imithetho-siseko kaThixo, kwaza kwathi, kokukwala, zenza eyazo, yona injongo yezulu, neyongameleyo ibe isebenza ngokugqamileyo kuzo zonke izizukulwana. Yinto le awayibonayo umprofeti uHezekile kumbono omangalisayo awawunikwa ngexesha esekubhaceni ezweni lamaKaledi, xa, phambi kwamehlo akhe awothukileyo kwazotywa imifuziselo eyayityhila aMandla awongamileyo anento yokwenza nemicimbi yabalawuli bomhlaba.AN 535.2

    Phezu kweendonga zomlambo iKebhare, uHezekile wabona umoya omkhulu ungathi uza uvela ngasentla, “unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi.”AN 535.3

    Iqela lamavili elinye lingene kwelinye eqhutywa zizinto eziphilayo ezine. Ngaphezu kwawo onke la, “kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu.” “Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo.” Hezekile 1:4, 26; 10:8. Amavili ayengxakangxakaekumisweni kwayokangangokubaimbonakalo nje yawo yayingathi asisiphithiphithi; kanti ke ayehamba ngolungelelwano olupheleleyo. Izidalwa zasezulwini, ezazixhaswe zikhokelwa sisandla ngaphantsi kwamaphiko ekherubhi, zaziwaqhuba la mavili; ngaphezu kwawo, phezu kwetrone yesafire, kwakuhleli Ongunaphakade; kwaye kukho umnyama orhangqe itrone, uphawu lwenceba yeZulu.AN 535.4

    Njengoko iingxakangxaka ezibonakala okwamavili zaziphantsi kokukhokelwa sisandla ngaphantsi kwamaphiko ekherubhi, ngokukwanjalo, ukwenzeka kweziganeko ezingxakangxaka ebantwini kuphantsi kolawulo lwezulu. Phakathi kokulwa nengxwabangxwaba zezizwe, Lowo uhleli phezu kwekherubhim usayikhokela imicimbi yalo mhlaba.AN 536.1

    Imbali yezizwe ithetha nathi namhlanje. Kwisizwe ngasinye nakumntu ngamnye uThixo unike indawo kwicebo laKhe elikhulu. Namhla amadoda nezizwe ziyavavanywa ngesilinganiso esisesandleni saLowo ungaze enze mpazamo. Bebonke, ngokuzikhethela kwabo, benza isigqibo ngesiphelo sabo, abe uThixo ekongamele konke ukufezekiswa kweenjongo zaKhe.AN 536.2

    Iziprofeto azinikileyo uNDINGUYE elizwini laKhe, zihlanganisa ikhonkco nekhonkco kwityathanga leziganeko, kususela ephakadeni eladlulayo kuse ephakadeni elizayo, zisixelela ukuba sinxayiphi namhlanje kuhambo lukanaphakade nokuba kunokulindelwa ntoni kwixesha elizayo. Konke okwaxelwa sisiprofeto kwangaphambili ukuba kuza kwenzeka, kuze kwixesha langoku, kunokufunyanwa kumaphepha embali, kwaye singaqiniseka ukuba konke okuseza kwenzeka, kuya kuzaliseka njengoko kucwangcisiwe.AN 536.3

    Namhlanje imiqondiso yexesha ixela ukuba simi embundwini weziganeko ezikhulu nezoyikekayo. Yonke into elizweni lethu iyangcangcazela. Phambi kwamehlo ethu ziyazaliseka iziprofeto zoMsindisi ezingeziganeko ezingaphambi kokuza kwaKhe: Niya kuthike niveiimfazwenamarheeemfazwe. . . .Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” Mateyu 24:6, 7.AN 536.4

    Eli lixesha lokuphelelwa komdla kubo bonke abaphilayo. Abalawuli nababalulekileyo elizweni, amadoda akwizikhundla zokuthenjwa negunya, amadoda namakhosikazi acingayo azo zonke iindidi, ingqondo yabo bonke imile kwiziganeko ezenzekayo ezisingqongileyo. Sikhangele ulwalamano olukhoyo phakathi kwezizwe. Zikhangele ukuqina okubambe iziqalelo zomhlaba, kwaye ziqonda ukuba kukho into enkulu neyokugqibela ekufuphi ukwenzeka—nokuba ihlabathi likumngcipheko wentlekele enkulu.AN 537.1

    IBhayibhile, iBhayibhile kuphela, inika imbono eyiyo yezi zinto. Apha kutyhilwe imiboniso emikhulu yokugqibela kwimbali yelizwe lethu, iziganeko esele ziphose ngaphambili izithunzi zazo, nesandi zokuza kwazo kuwenza umhlaba ukuba ungcangcazele, zithi neentliziyo zabantu zibashiye ngenxa yokoyika.AN 537.2

    “Yabona, uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo; . . . ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, . . . ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi.” Isaya 24:1-6.AN 537.3

    “Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengobuqu kuSomandla. . . . Zibolile iinkozo phantsi kwamagada azo, bachithakele oovimba, athi bhuma amaqonga, kuba itshile ingqolowa. Hayi, ukuncwina kwempahla enkulu! Ikhohliwe imihlambiyeenkomo, kuba ingenatyani; nemihlambi yempahlaemfutshane ibandezelekile.” “Umdiliya utshile, umkhiwane untshwenyile; nomrharnate, kwanamasundu nemiapile; yonke imithi yasendle yomile; ewe, iphelile imihlali, imkile koonyana babantu.” Yoweli 1:15-18, 12.AN 537.4

    “Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! . . . andinakuthi tu! Kuba usivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe. Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhukuqiwe ngesiquphe lonke ilizwe.” Yeremiya 4:19, 20.AN 538.1

    “Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kaYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.” Yeremiah 30:7.AN 538.2

    “Umenze Osenyangweni ikhaya lakho. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho.” Ndumiso 91:9, 10.AN 538.3

    “Ntombi inguZiyon, . . . uya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho. Ngoku ke kuhlanganisene iintlanga ezininzi ngawe, zisithi, Mayihlanjelwe, ayibone amehlo ethu iZiyon. Ke zona ezi azizazi iingcinga zikaYehova, aziliqondi icebo lakhe.” Mika 4:10-12. UThixo akasayi kuliphoxa ibandla laKhe ngeyure yalo yomngcipheko omkhulu. Uthembise ukulihlangula. “Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi,” utshilo, “ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe.” Yeremiya 30:18.AN 538.4

    Ngelo xesha, iya kufezekiswa injongo kaThixo; imithetho-siseko yobukumkani iya kuhlonelwa ngabo bonke abaphantsi kwelanga.AN 538.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents