Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    55—Amayelenqe EeNtlanga

    [Esi sahluko sisekwe kuNehemiya 6.]

    USanebhalati nabancedisi bakhe abazange babe nesibindi sokuqala imfazwe ephandle namaYuda; kodwa wathi, ngenkohlakalo eyandileyo, waqhubeka namalinge akhe asemfihlakalweni, ukuba awatyhafise, awadide, awalimaze. Udonga olujikeleze iYerusalem lwalukhawuleza ukusondela ekugqityweni. Xa luthe lwagwitywa, amiswa namasango alo, ezi ntshaba zikaIsrayeli zazingenakuthemba ukuba zinganyanzelisa ukungena emzini. Zazilangazelela kakhulu, ke ngoko, ukuwumisa umsebenzi kungalityaziswanga. Ekugqibeleni, zeza necebo ezazithembe ukuthi, ngalo zingamsusa uNehemiya kwindawo yakhe, zize zithi, zakuba zimbambe ngawazo amandla, zimbulale okanye zimvalele [entolongweni].AN 653.1

    Zisenza ngokungathi zilangazelela ukuba kubekho ukuvumelana phakathi kwamaqela aphikisanayo, zacela intlanganiso noNehemiya, zammema ukuba ahlangane nazo kwilali ekwithafa laseOno. Wathi ke,ekhanyiselwe nguMoyaOyingcwelengeyonanjongoiyiyo, walandula. “Ndathumela abathunywa kubo,” uyabhala, “ndathi, Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla;yini na ukuba ume umsebenzi lo, ngokuthi ndiwuyeke, ndihle ndize kuni?” Noko ke, abalingi babanomonde. Amaxesha amane bathumela isigidimi esikwafanayo, kwathi ngalo lonke ixesa bafumana impendulo enye.AN 653.2

    Bakufumana ukuba icebo labo aliphumeleli, babhenela kwelinye elinobugagu ngaphezulu. USanebhalati wathumela uNehemiya umthunywa ephethe incwadi evulekileyo eyayisithi: “Kuvakele ezintlangeni, utsho uGashemu ukuthi, Wena namaYuda nicinga ukugwilika; ulwakha ngenxa yoko udonga olo; unqwenele ukuba ngukumkani wawo. . . . Kananjalo umise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza kengoko, sicebisane.”AN 654.1

    Ukuba iingxelo zaziye zajikeleziswa, ngekwabakho isizathu sonxunguphalo; kuba zaziya kukhawuleza ziyokufika kukumkani, nowayeya kuthi, ngonakano nje oluncinanana, axhokonxelwe kweyona migangatho ephezulu. Phofu uNehemiya yena wayiqonda ukuba incwadi le yayibubuxoki ngokupheleleyo, ibhalwe ukuze ivuse uloyiko lwakhe ize imrhuqele emgibeni. Esi sigqibo somelezwa yinto yokuba ileta yathunyelwa ivuliwe, kucacile ukuba abantu banokuba bakufunda okungaphakathi, baza bothuka boyikiswa.AN 654.2

    Wakhawuleza wayibuyisa kwangoko impendulo. “Akukho nto injengaleyo uyithethayo, iyiloo nto uyicamngce entliziyweni yakho.” UNehemiya wayengasithelwanga kukwazi amacebo kaSathana. Wayesazi ukuba le mizamo yenziwa ukuze kutyhafiswe izandla zabakhi kuze ngoko kutshitshiswe imizamo yabo.AN 654.3

    Waphindaphindwa uSathana ukoyiswa; waza ngoku, ngolona lunzulu ulunya nobuqhophololo, wabekela umkhonzi kaThixo umgibe obubuchule obukhulu nengozi enkulu. USanebhalati namahlakani akhe, baqesha amadoda awayesithi angabahlobo bakaNehemiya, ukuba amnike icebiso elibi ngokungathi lilizwi likaYehova. Owayephambili kulo msebenzi ukhohlakeleyo yayinguShemaya, indoda eyayihlonitshwa nguNehemiya ngaphambili. Le ndoda yazivalela egumbini elikufuphi nengcwele ngokungathi iyoyika kuba ubomi bayo busengozini. Itempile ngeli xesha yayikhuselwe ziindonga namasango, kodwa amasango omzi ayengekamiswa. Ngelithi ukhathazeke kakhulu ngenkuseleko kaNehemiya, uShemaya wamcebisa ukuba azimele etempileni. “Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile,” wacebisa, “sivale iingcango zetempile leyo; ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala.”AN 655.1

    Ukuba uNehemiya wayelilandele eli cebiso likhohlakeleyo, ngewanikela ngokukholelwa kwakhe kuThixo, kuze kuthi, emehlweni abantu, abonakale enobugwala edelekile. Ngenxa yomsebenzi obalulekileyo awayewuqalile, nokuthembela awayesithi unako kumandla kaThixo, kwakungayi kufaneleka ngokupheleleyo kuye ukuzimela ngokungathi uyoyika. Ixhala laliya kusasazeka phakathi kwabantu, elowo esiya kufuna eyakhe inkuseleko, uze umzi ushiywe ungakhuselwanga, ube lixhoba leentshaba zawo. Loo ntshukumo inye ingalumkanga ngakwicala likaNehemiya yayiya kuba kukunikezela kwako konke oko kwakusele kuzuziwe.AN 655.2

    UNehemiya akazange athabathe thuba lide ukusazi esona similo neyona njongo yalo mcebisiwakhe. “Ndaqonda: O! asinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethe ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya. Ubeqeshwe ukuze ndoyike, ndenze loo nto, ndone; ndibe negama elibi kubo, ukuze bandingcikive.”AN 656.1

    Icebiso elikhohlakeleyo elanikwa nguShemaya laxhaswa ngabantu abangaphezu komntu omnye abahlonitshwe kakhulu, abathi, nangona babesithi bangabahlobo bakaNehemiya, emfihlakalweni babekumbutho weentshaba zakhe. Phofu, kwaba lilize ukubeka kwabo umgibe wabo. Impendulo engenaloyiko kaNehemiya yathi: “Kubaleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.”AN 656.2

    Ekhona enjalo amayelenqe eentshaba, asekuhleni nafihlakeleyo, umsebenzi wokwakha waqhubela phambili ngokuthe ngcembe, kwathi ngaphantsi kweenyanga ezimbini ukususela kwixesha lokufika kukaNehemiya eYerusalem umzi waba ujikelezwe ziindawo zawo zokhuseleko, kwaye nabakhi benokuhamba phezu kwendonga bakhangele ezantsi kwiintshaba zabo ezoyisiweyo nezimangalisiweyo. “Zithe ke iintshaba zethu zakuziva ezi ndaba,” uyabhala uNehemiya, “ndawonye nezizwe ezingabamelwane ezazibona ngamehlo, suka zaphelelwa kukuzithemba kwazo, kuba kaloku ziqonda ukuba lo msebenzi wenziwe ngoncedo lukaThixo wethu.” (IBHAYIBHILE).AN 657.1

    Kanti ke, nobu bungqina besandla esasilawula sikaYehova, abuzange banele ukunqanda ukunganeliseki, uvukelo nokunyhwalaza phakathi kumaIsrayeli. “Abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya, nezikaTobhiya bezisiza kubo. Ngokuba bebebaninzi kwaYuda ababemfungele; ngokuba ebengumyeni kwaShekaniya.” Apha kubonakala iziphumo zobubi bokwendiselana nabanquli bezithixo. Usapho lwakwaYuda lwaluqhogene neentshaba zikaThixo, lwaza ulwalamano olo lwaba ngumgibe. Baninzi nabanye abenza kwaloo nto. Aba, njengendibandiba emxube eyaphuma noIsrayeli eYiputa, babelithende lenkathazo ezingileyo. Babengazinikelanga ngentliziyo epheleleyo emsebenzini waKhe [uThixo]; wathi xa umsebenzi kaThixo ufuna ukuzincama, balungela ukwaphula isibhambathiso sabo esizukileyo sentsebenziswano nenkxaso.AN 657.2

    Abanye ababephambili ekucebeni inkohlakalo ngakumaYuda, ngoku baxela ngolangazelelo lwabo ukuba nobuhlobo kunye nawo. Abanumzana bakwaYuda ababeqamangeleke kwimitshato nabanqulibezithixo, nababenembalelwano yokungcatsha noTobhiya bafungela ukusebenza naye, ngoku bammela njengendoda enesakhono nombono, okunokuthi ukwayamana nayo kube luncedo olukhulu kumaYuda. Kwangelo xesha linye, bamhlebela amacebo neehambo zikaNehemiya. Ngaloo ndlela umsebenzi wabantu bakaThixo wandlaleka kuhlaselo lwentshaba zabo, kwanikwa nethuba lokuba kugqwethwe amazwi nezenzo zikaNehemiya, nokuphazamisa umsebenzi wakhe.AN 658.1

    Xa abangamahlwempu nabacinezelekileyo bathe babhenela kuNehemiya ukuba kulungiswe okungalunganga ngakubo, wayesima aqine ekubakhuseleni waza wenza ukuba abenzi bokugwenxa bayisuse ingcikivo ephezu kwabo. Igunya awalisebenzisa ukunceda abacudiselwe phantsi bezwe lakhe akazange alisebenzise kweyakhe imeko. Amalungu akhe aya amkelwa ngokungenambulelo nokungcatshwa, kodwa akazange awasebenzise amandla wakhe ukusa abangcatshi ekohlwayweni. Ngokuzolileyo nokungenamona, waqhubela phambili nokusebenzela kwakhe abantu, akayithothisa imizamo yakhe okanye awuvumele umdla wakhe ukuba unciphe.AN 658.2

    Ukuhlasela kukaSathana kusoloko kujoliswe kwabo bazama ukuhambisela phambii umsebenzi nendlela kaThixo. Nangona bekholisa ukubhideka, naye [uSathana] uthi rhoqo ukuluhlaziya uhlaselo lwakhe ngodlamko olutsha, esebenzisa iindlela ezingazange zivavanywe. Kulapha kanye koku kusebenza emfihlakalweni ngabo bazibiza ngokuba bangabahlobo bomsebenzi kaThixo ekumelwe kukoyikwa kakhulu. Inkcaso esekuhleni ingabambi ikhohlakale, kodwa inengozi enganeno kakhulu emsebenzini kaThixo kunobutshaba obufihlakeleyo babo bathi, ngoku besebenzela uThixo, babe entliziyweni bengabakhonzi bakaSathana. Aba kusemandleni abo ukubeka konke okuhle ezandleni zabo baya kulusebenzisa ulwazi lwabo ukuphazamisa umsebenzi kaThixo nokulimaza abakhonzi baKhe.AN 658.3

    Lonke icebo elithiitshawe lobumnyamalibe nokulicebisa liya kusetyenziselwa ukulukuhla abakhonzi bakaThixo ukuba benze imbumba nabathunywa bakaSathana. Ukucenga okuphinda-phindiweyo kuya kuza ukuba lubabizele kude nomsebenzi; kodwa, njengoNehemiya, kufuneka ngokuqinileyo baphendule bathi, “Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla.” Abasebenzi bakaThixo banakho ukuqhubeka nomsebenzi bekhuselekile, bayekele imizamo yabo ibuphikise ubuxoki obuyilwa yinkohlakalo ukuze balimale. Njengabakhi phezu kweendonga zeYerusalem, kufuneka bakwale ukujikwa emsebenzini wabo zizothuso okanye ukuhlekwa okanye ubuxoki. Makungabikho nomzuzwana abaya kuthi ngawo bakuyekelele ukulinda okanye ukuphaphama, kuba iintshaba zihleli emkhondweni wabo. Ngamaxesha onke kufuneka base umthandazo wabo kuThixo “babeke abokulinda imini nobusuku.” Nehemiya 4:9.AN 659.1

    Njengoko ixesha lesiphelo lisondela, izihendo zikaSathana ziya kuziswa ukuba zisebenze ngamandla amakhulu phezu kwabasebenzi bakaThixo. Uya kusebenzisa abathunywa abangabantu ukuba bahlekise bagculele abo “bakha udonga.” Ukuba ke, abakhi bathe behla ukuba bahlangane nohlaselo lweentshaba zabo, oku kuya kuwulibazisa umsebenzi. Kufuneka bazame ukuzoyisa iinjongo zabachasi, kodwa akufuneki bavumele nantoni ukuba ibabize ukuba basuke emsebenzini wabo. Inyaniso inamandla kunemposiso, kwaye ukulunga kuya kukoyisa okungalunganga.AN 659.2

    Akufuneki ukuba baze bazivumele iintshaba zabo ukuba zizuze ubuhlobo novelwano lwabo, zize zibalukuhlele ukuba basuke kwindawo yabo yomsebenzi. Lowo uthi, ngaso nasiphi isenzo esingaqatshelwanga, awubeke umsebenzi kaThixo ekungcikivweni, okanye ethise izandla zabo asebenza nabo,uzisa kwesakhe isimilo ibala ekungekho lula ukulisusa, kwaye ubeka isikhubekiso esiyingozi endleleni yokuba nokusebenziseka kwakhe kwixesha elizayo.AN 659.3

    “Abashiya umyalelo badumisa abangendawo.” Mizekeliso 28:4. Xa abo bazimanya nehlabathi, babe bebanga ubunyulu obukhulu, becela umanyano nabo basoloko bechasene nendlela yenyaniso, kufuneka siboyike sibaphephe ngokuqinisekileyo njengoko wenza njalo uNehemiya. Icebiso elinjalo likhuthazwa lutshaba lwako konke okulungileyo. Yintetho yabaziyekele kumagunya angayinakileyo imithetho-siseko, kwaye kufuneka ichasisiswe ngokupheleleyo namhlanje njengokwexesha langoko. Nokuba yeyiphi impembelelo ebhekisa ngasekushukumiseni ukholo lwabantu bakaThixo kwinkokelo yamandla aKhe, kufuneka kumelwane nayo ngokuthe nkqi.AN 660.1

    Ekuzinikeleni kukaNehemiya ngokuqinileyo emsebenzini kaThixo, nokuqina okufanayo kokuxhomekeka kuThixo, kwabeka isizathu sokungaphumeleli kweentshaba zakhe ukumtsalela kwigunya lazo. Umphefumlo onqenayo ubalixhoba elilula lokulingwa; kodwa ebomini obunenjongo ephakamileyo, injongo efuna ingqondo yonke, ububi buba nendawo encinane kakhulu yokubambelela. Ukholo lwalowo ubheka phambili njalo, aluze lutyhafe; kuba ngaphezulu, ngaphantsi, ngaphaya, lubona Lowo unguThando Olungapheliyo, esebenza zonke izinto ukufeza injongo yaKhe elungileyo. Abakhonzi abanyanisileyo bakaThixo, basebenza ngokuzimisela okungasayi koyisakala kuba yitrone yobabalo abahleli ilithemba labo.AN 660.2

    UThixo ulungise uncedo lwezulu kuzo zonke iimeko ezithi gqi esithubeni ezithi izixhobo zethu bantu zingabi nakho ukulingana nazo. Unikela uMoya Oyingcwele ukuba ancede kuyo yonke indawo emxinwa, aqinise ithemba nengqinisekiso yethu, ukuze akhanyisele iingqondo, ahlaziye iintliziyo zethu. Unika amathuba avule imijelo yokusebenza. Ukuba abantu baKhe baqaphele iziboniso zokubonelela kwaKhe, baye bekulungele ukusebenzisana naYe, baya kubona iziphumo ezikhulu.AN 660.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents