Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Abaprofeti Nookumkani

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    26—“Nanko UThixo Wakho”

    Ngemihla kaIsaya, ulwazi lwasemoyeni loluntu lwalumyama ngenxa yokungamazi uThixo. Kudala uSathana wazama ukubakhokelela abantu ekumboneni uMdali wabo njengembangi yesono, ubuhlungu nokufa. Abo waya wabakhohlisa ngolo hlobo, bacinga ukuba uThixo ulukhuni kwaye ungqongqo. Bamthabatha ngokungathi ulindele ukubachasa nokubagweba, engenayo intumekelelo yokwamkela umoni lo gama kusekho isizathu ngokwasemthethweni sokuba angamncedi. Umthetho wothando elilawulwa ngawo izulu uvezwe kakubi ngumkhohlisi omkhulu njengesithintelo sokonwaba komntu, idyokhwe engumthwalo onzima ekufuneka bavuye ukuba bangasinda kuyo. Wavakalisa ukuba imimiselo yawo inokungathotyelwa, watsho esithi, izohlwayo zokugqitha umthetho zinikwa ngokukhetha ubuso.AN 311.1

    Ekulahlekweni ngumbono wesona similo siyinyaniso sikaYehova, amaIsrayeli ayengenaso isizathu. UThixo wayethe rhoqo eziveza kuwo njengoThixo “onemfesane,onobabalo, ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.” Indumiso 86:15. “Oko uIsrayeli ebemncinane,” wangqina, “ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.” Hoseya 11:1.AN 311.2

    Ngothando, uYehova wamphatha uIsrayeli ekuhlangulweni kwabo kubukhoboka baseYiputa nasekuhambeni kwabo ukuya eZweni leDinga. “Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.” Isaya 63:9.AN 312.1

    “Ubuso bam bohamba nawe,” sisithembiso eso esanikwa ngexesha lohambo olucanda intlango.” Eksodus 33:14. Le ngqinisekiso yayikhatshwa yintyilelo emangalisayo yesimilo sikaYehova, esenza ukuba uMoses avakalise kuye wonke uIsrayeli ukulunga kukaThixo, nokubafundisa ngokupheleleyo ngeempawu zikaKumkani wabo ongabonakaliyo. “UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso; ulondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala.” Eksodus 34:6, 7.AN 312.2

    Kwakusekwazini kwakhe unyamezelo lukaYehova oluninzi kunye nothando nenceba yaKhe engenasiphelo, iimpawu awabeka phezu kwazo uMoses isicengo sakhe esihle sobomi bukaIsrayeli xa, kwimida yeZwe leDinga, babesala ukubheka phambili ngokuthobela umyalelo kaThixo. Encotsheni yokumvukela kwabo uYehova, wathi, “Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe;” waza wacebisa ukuba uya kuyenza inzala kaMoses “uhlanga olukhulu olunamandla kunabo.”Numeri 14:12.Noko kunjalo, umprofeti wacengela ukwazelelelaokumangalisayo kunye nezithembiso zikaThixo ngenxa yesizwe esinyuliweyo. Wathi emva koko, esona sicengo sikhulu kuzo zonke, wabongozela uthando lukaThixo ukuba lube phezu komntu owonileyo.”Khangela iindima 17-19.AN 312.3

    Ngobubele, uYehova waphendula, “Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.” Atsho adlulisele kuMoses, ngokwesiprofeto, ulwazi lwenjongo yaKhe ngokubhekiselele kuloyiso lokugqibela lukaIsrayeli. “Ndihleli nje,” watsho, “buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.” Iindima 20, 21. Ubuqaqawuli bukaThixo, isimilo saKhe, ububele benceba nothando olunovelwano—awalucelayo uMoses ngenxa kaIsrayeli—zaziza kutyhilwa kuluntu lonke. Esi sithembiso sikaYehova ke, saqinisekiswa ngokuphindiweyo; saqinisekiswa ngesifungo. Ngokuqiniseke njgokoko esaphila nje uThixo elawula, ubuqaqawuli baKhe bumele ukuvakaliswa “ezizweni zonke, imisebenzi yakhe ebalulekileyo.” Indumiso 96:3.AN 313.1

    Kwakubhekiselele ekuzalisekeni kwesi siprofeto kwixesha elizayo awaya wathi uIsaya weva iserafim ebengezelayo icula phambi kwetrone, “Buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.” Isaya 6:3. Umprofeti, eqinisekile ngala mazwi, naye wathi emva koko ngesibindi wavakalisa kwabo babeguqa phantsi kwimifanekiso yomthi nelitye, “Ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu.” Isaya 35:2.AN 313.2

    Namhlanje esi siprofeto sizaliseka ngokukhawuleza. Izenzo zokuvangela kwebandla likaThixo emhlabeni zithwala isiqhamo esityebileyo, kwaye, kungekudala isigidimi sevangeli siya kuba sivakaliswe kuzo zonke izizwe. “Ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe,” amadoda nabafazi bazo zonke izizwe,iilwimi, nabantu benziwaukuba“[babe] kuyeOthandiweyo,” “ukuzeubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu.” Efese 1:6; 2:7. “Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaIsrayeli. Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa. Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade, lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe.” Indumiso 72:18, 19.AN 313.3

    Embonweni owafika kuIsaya entendelezweni yetempile, wanikwa imbono ecacileyo yesimilo sikaThixo kaIsrayeli. “Ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele,” wabonakala phambi kwakhe enobungangamsha obukhulu; kodwa umprofeti wenziwa ukuba ayiqonde indalo yemfesane yeNkosi yakhe. Lowo uhleli “phezulu engcweleni” uhleli “nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.” Isaya 57:15. Ingelosi eyathunywa ukuba ichukumise imilebe kaIsaya, yayimphathele isigidimi, “Bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.” Isaya 6:7.AN 314.1

    Ekumboneni kwakhe uThixo, umprofeti, njengoSawule waseTarso esangweni laseDamasko, akazange anikwe kuphela umbono wokungafaneleki kwakhe; kwaya kwafika entliziyweni yakhe ethobekileyo, isiqinisekiso sokuxolelwa, ngokupheleleyo okungenantlawulelo; waza waphakama engumntu otshintshileyo. Wayeyibonile iNkosi. Wakurhesha ukububona ukuthandeka kwesimilo esingcwele. Waba nakho ukungqina ngokuguqulwa okwenzekayo ngokubona uThando Olungenasiphelo. Ukususela ngoko, wakhuthazeka kukulangazelela ukubona uIsrayeli owonayo ekhululeka kumthwalo nakwisohlwayo sesono. “Yinina ukuba nimane ukubethwa?” wabuza umprofeti. “Khanize sibonisane, utshouYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.” “Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo.” Isaya 1:5, 18, 16, 17.AN 314.2

    UThixo ababesithi bayamkhonza, kodwa ababengasazi isimilo saKhe, wamiswa phambi kwabo njengoMphilisi wesifo sasemoyeni. Ingaba kunomsebenzi xa intloko yonke igula nentliziyo yonke inobulwelwe? Ingaba kunomsebenzi xa ukusuka enkwalini yonyawo kuse elukhakhayini lwentloko kungekho ndawo iphilileyo, kodwa iziinduma, nemivumbo, nezilonda ezibolileyo? Khangela uIsaya 1:6. Owayehamba ngeenkani endleleni yentliziyo yakhe wayengafumana ukuphiliswa ngokubuyela kuYehova. “Iindlela zakhe ndizibonile:” watsho uYehova, “ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzelo yena. . . . Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, [utsho uYehova], ndibaphilise.” Isaya 57:18, 19.AN 315.1

    Umprofeti wamphakamisa uThixo njengoMdali wako konke. Isigidimi sakhe esiya kwizixeko zakwaYuda sasisithi, “Nanko uThixo wenu!” Isaya 40:9. “utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo;” “Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke;” NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama;” “Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo; izandla zam, mna lo zaneka izulu, nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho.” Isaya 42:5; 44:24; 45:7, 12. “Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? Utsho Oyingcwele.Phakamiselaniamehloenu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.” Isaya 40:25, 26.AN 315.2

    Kwabo babesoyika hleze bangamkelwaxa beye babuyela kuThixo, umprofeti wavakalisa oku: [316]AN 316.1

    “Yini na ukuba uthi, Yakobi —uthethe uthi, Israyeli —Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam? Akwazi na? Akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, uMdali weziphelo zehlabathi? Akatyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.” Iindima 27-31.AN 316.2

    Intliziyo yoThando Olungenasiphelo ilangazelela abo baziva bengenawo amandla okuzikhulula kwizabatha zikaSathana; aze athi ngobubele abanike amandla okuba baphilele Yena. “Musa ukoyika,” uyabayalela, “kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.” “Mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingothi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna. Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaIsrayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaIsrayeli.” Isaya 41:10, 13, 14.AN 316.3

    Abemi bakwaYuda bonke babengafanele, kodwa uThixo akakwazi ukubancama. Ngabo, igama laKhe laliza kuphakanyiswa phakathi kweentlanga. Abaninzi ababengaqhelananga ngokupheleleyo neempawu zaKhe, kwakusafuneka bebubonile ubuqaqawuli besimilo esingcwele. Kwakungenxa yale njongo yokucacisa amacebo enceba yaKhe okwenza ukuba athi rhoqo ethumela abakhonzi baKhe abaprofeti nesigidimi, esithi, “Khanibuye elowo endleleni yakhe embi.” Yeremiya 25:5. “Ngenxa yegama lam,” wavakalisa ngoIsaya, “ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.” “Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam, (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.” Isaya 48:9, 11.AN 319.1

    Ukubizelwa enguqukweni kwavakaliswa ngendlela eecace ngokungenako ukuphazanywa, kwaye bonke babemenyiwe. “Funani uYehova esenokufunyanwa;” wacenga umprofeti; “mbizeni esekufuphi. Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuvuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.” Isaya 55:6, 7.AN 319.2

    Ingaba wena, mfundi, uyikhethile na eyakho indlela? Ingaba uhambele kude kuThixo? Ingaba ufune ukuzondla ngeziqhamo zokugqitha umthetho na, uze usuke uzifumane ziluthuthu emilebeni yakho? Ngoku ke, amacebo obomi bakho ephanzile namathemba akho efile, ingaba uhleli wedwa ukhedamile? Elo lizwi ebelikade lithetha entliziyweni yakho, obungaliphulaphuli, liza kuwe linomahluko licacile, “Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxayobunqambibayoobonakalisayo, obonakalisayo kakhulu.” Mika 2:10. Buyelani endlwini kaYihlo. Uyanimema, uthi, “Buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela.” “[Yizani] kum, yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenze umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba kaDavide ezinyanisekileyo.” Isaya 44:22; 55:3.AN 319.3

    Musa ukuphulaphula okucetyiswa lutshaba ukuba usuke umke kuKristu ude ube uzenze wangcono, ude ube ulunge ngokwaneleyo ukuba ungeza kuThixo. Ukuba ulindela ukuba kude kube ngelo xesha, akusayi kuze uze. Xa uSathana esalatha iingubo zakho ezingcolileyo, phinda isithembiso soMsindisi, “Nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle.” Yohane 6:37. Luxelele utshaba ukuba igazi likaYesu Kristu lihlambulula kuso sonke isono. Wenze ukuba umthandazo kaDavike ube ngowakho: “Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke; ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu.” Indumiso 51:7.AN 320.1

    Izicengo zomprofeti kuYuda zokuba abone uThixo ophilileyo, nokwamkela izipho zaKhe zobabalo, zazingelilo ilize. Babakho abo baphulaphula ngomonde, baza babuya ekunquleni kwabo izithixo beza ekunquleni uYehova. Bafunda ukubona kuMenzi wabo uthando nenceba nemfesane enobubele. Kwathi ngemihla emnyama eyayiza kufika kwimbali kaYuda, xa ingamasalela kuphela awayeza kusala elizweni, amazwi omprofeti ayeza kuqhubeka ethwala isiqhamo sohlaziyo olugqibeleleyo. “Ngaloo mini,” watsho uIsaya, “umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaIsrayeli; anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyenziwa yiminwe yakhe, noAshera, nezithixo zelanga.” Isaya 17:7, 8.AN 320.2

    Abaninzi babeza kubona Lowo othandeka ngokupheleleyo, owongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi. “Amehlo akho aya kumkhangela ukumkani ebuhleni bakhe,” yayilidinga lobabalo awalenza nabo. Isaya 33:17. Izono zabo zaziya kuxolelwa, baze baqhayise ngoThixo kuphela. Ngaloo mini yokuhlangulwa ekunquleni izithixo, baya kunkqangaza, “Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo. . . . Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisi-mthetho wethu nguYehova; ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena.” Iindima 21, 22.AN 321.1

    Izigidimi ezasiwa nguIsaya kwabo bakhetha ukubuya ezindleleni zabo ezikhohlakeleyo zazizele yintuthuzelo nenkuthazo. Yiva ilizwi likaYehova ngomprofeti waKhe:AN 321.2

    “Khumbula ezo zinto, Yakobi, Israyeli,
    Ngokuba ungumkhonzi wam;
    Ndikubumbile, ungumkhonzi kum;
    Israyeli, akuyi kulityalwa ndim.
    Ndilucimile njengelifu elingqingwa ukreqo lwakho,
    Nezono zakho njengelifu elisibekeleyo;
    Buyela kum, ngokuba ndikukhulule
    ngokukuhlawulela.”
    AN 321.3

    Isaya 44:21, 22.

    “Uya kuthi wena ngaloo mini,
    Ndiyabulela kuwe, Yehova,
    Ngokuba ubundiqumbele,
    Waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.

    Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam;
    Ndikholosile, andinkwantyi;
    Ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa,
    NguYehova obuye waba lusindiso kum. . . .

    “Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze
    ngobungangamsha;
    Makwazeke oko ehlabathini lonke.
    Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon;
    Ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaIsrayeli.”
    AN 321.4

    Isaya 12.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents