Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    16—Abafuduki Basengilane

    [The Pilgrim Fathers]

    AbaHlaziyi baseNgilane, nangona babezilahla iimfundiso zobuRoma, bazigcina iimo zazo ezininzi. Ngoko, nangona igunya nokholo lweRoma lwalulahliwe, ayengekho mbalwa amasiko neenkonzo ezahlanganiswa kunqulo lweBandla laseNgilane [iTshetshi]. Kwakuthiwa, ezi zinto azinanto yakwenza nesazela; nokuba, nangona zazingayalelwe esiBhalweni, nokuba, ngenxa yokuba zingabalulekanga, kodwa zazingalelwanga, zazingenabubi zona ngaphakathi kwazo. Ukuzigcina kwaba nokuwucutha umsantsa owawahlula amabandla ahlaziyiweyo kwiRoma, kwaza kwacetyiswa ukuba ziya zikhuthaze ukwamkelwa kwenkolo yobuProtestanti ngamaRoma. IE18 262.1

    Kwabalumkileyo nabahlangabezana nempikiswano, ezi zizathu zabonakala zivakala. Lwalukho phofu olunye udidi olwalungaboni ngolo hlobo. Kwale nto yokuba la masiko “aba nento yokuvala umsantsa phakathi kweRoma noHlaziyo” (Martyn, volume 5, page 22), kweyabo imbono yayisisizathu esaneleyo sokuba angagcinwa. Bawajonga njengezinto eziluphawu lobukhoboka ababehlangulwe kubo nabangakulungelanga ukubuyela kubo. Babeka ukuthi, uThixo elizwini laKhe wamisa imiyalelo elawula unqulo lwaKhe, nokuba abantu abakhululekanga ukuba bongeze okanye basuse ntokuyo. Kwasonanjeisiqalosokreqosasikukuzama ukongeza kwigunya likaThixo ngelo lebandla. IRoma yaqala ngokuyalela oko uThixo wayengakwalelanga, yaphela isalela oko wayakuyalele ngokucacileyo.IE18 262.2

    Abaninzi balangazelela ngenzondelelo ukubuyela kubunyulu bobulula obabuluphawu lwebandla lamandulo. Bawabona amasiko amaninzi awamiselwayo liBandla laseNgilane ezizikhumbuzo zonqulo lwezithixo, baza abakwazi ukuba, bathi ngesazela sabo [esiphilileyo] bazimanye kunqulo lwalo. Lona ibandla, kuba lalixhaswa ligunya lolawulo lwesizwe, alwakuvumela ukusuka kwimo yeenkqubo zaso. Ukuya ezinkonzweni zalo kwakunyanzeliswa ngomthetho wesizwe, yaza imihlangano yonqulo engavunyelwanga ngokomthetho yalelwa, phantsi kwesohlwayo sokuvalelwa entolongeni, ekugxothweni, nokufa.IE18 262.3

    Ekuqalekeni kwenkulungwane yeshumi elinesixhenxe, ukumkani owayesanda kungena esihlalweni saseNgilane, wavakalisa ukuzimisela kwakhe ukuwenza amaPuritan ukuba “avumelane, okanye, . . . atshutshise aphume elizweni, kungenjalo enziwe okubi kakhulu.”--George Bancroft, History of the United States of America, pt. 1, ch. 12, par. 6. Bezingelwa, betshutshiswa, bevalelwa nasezintolongweni, babengaboni sithembiso semihla engcono kwixesha elizayo, abaninzi bazinikela kwingcinga ethi, kwabo banga bangamkhonza uThixo ngokokuyalelwa zizazela zabo, “iNgilane yayeka ukuba yindawo enokuhlaleka.”--J. G. Palfrey, History of New England, ch. 3, par. 43. Abanye, ekugqibeleni, bazimisela ukuya kufuna igwiba eHolland. Ubunzima, ilahleko, nokuvalelwa ezintolongweni, yaba zizinto abaqubisana nazo. Iinjongo zabo zaphuthiswa, baza bangcatshwa ngokunikelwa ezandleni zeentshaba zabo. Abo baya baqina bazingisa, ekugqibeleni, boyisa, baza bafumana inkuseleko kumanxweme anobuhlobo eDutch Republic.IE18 263.1

    Ekusabeni kwabo, bashiya izindlu zabo, iimpahla zabo, izinto zabo zokuphila. Baba ngabahambi kwilizwe lasemzini, phakathi kwabantu abalwimi lwabo lwahlukileyo, namasiko awahlukileyo. Banyanzeleka ukuba babhenele kwimisebenzi emitsha nengazanga yazanywa. Amadoda angamaqina, awayebuchithe ubomi bawo elima umhlaba, kwafuneka ngoku afune imisebenzi yokukhanda iimashini. Sekunjalo, ayamkela ngochulumanco imeko awachitha xesha engenzi nto okanyeekhalaza.IE18 263.2

    Nangonababeye batywatyushwe bubuhlwempu, bambulelauThixo ngeentsikelelo awayesabanika zona bazabalwakhela uvuyo lwabo phakathi kwabantu abangenamoya wonakeleyo. “Babesazi ukuba bangabaphambukeli, abawamilisela kakhulu amehlo abo kwezo zinto, kodwa bawaphakamisela amehlo abo ezulwini, elona lizwe lithandeka kakhulu, bayinika ukuzola imiphefumlo yabo.”--Bancroft, pt. 1, ch. 12, par. 15.IE18 263.3

    Phakathi kwizwe lokuphambukela nobunzima, uthando nokholo lwabo lwaya lusomelela. Bathembela kumadinga eNkosi, ayaze ibaphoxe ngexesha lentswelo. Iingelosi zaYo zazisecaleni kwabo, ukuba zibakhuthaze zibaxhase. Sathi xa isandla sikaThixo sibonakala sibakhomba ngaphesheya kolwandle, kumhlaba apho babenokuzifumanela khona ilizwe, baze bashiyele abantwana babo ilifa elixabisekileyo lenkululeko yenkolo, babheka phambili, aboyika, kwindlela yokubonelela kukaThixo.IE18 263.4

    UThixo wazivumela izilingo ukuba zibafikele abantu baKhe ukubalungiselela ukufeza injongo yobabalo lwaKhe ngakubo. Ibandla lathotyelwa phantsi, khon’ ukuze liphakanyiswe. UThixo wayeza kubonakalalisa amandla aKhe ngenxa yalo, ukunika ihlabathi obunye ubungqina bokuba akasokuze abashiye abo bathembele kuYe. Wongama phezu kweziganeko zengqumbo kaSathana nokuceba kwamadoda akhohlakeleyo ukuze abazise abantu baKhe kwindawo ekhuselekileyo. Intshutshiso nokubhaca kwakuvula indlela eya enkululekweni. IE18 263.5

    Xa ekuqaleni ayenyanzelekile ahlukane neBandla laseNgilane, amaPuritan amanyana kunye ngomnqophiso ozukileyo, njengabantu bakaThixo abakhululekileyo, “ukuba ahambe kunye kuzo zonke iindlela zaKhe ezaziswe okanye eziya kwaziswa kuwo.”--J. Brown, The Pilgrim Fathers, page 74. Apha kwakukho umoya wenyaniso wohlaziyo, umthetho-siseko obalulekileyo wobuProtestanti. Yaba yile njongo eyenza ukuba aBahambi bayishiye iHolland baye kuzifunela ikhaya elitsha kwiLizwe eliTsha. UJohn Robinson, umfundisi wabo, wanqandwa kukubonelela kukaThixo ekubeni ahambe nabo, waza kwintetho yakhe yokuzindulula iimbacu, wathi:IE18 264.1

    “Bazalwana, ngoku siza kuthi kungekudala sahlukane, kwaye iNkosi iyaziukubandizakuphilandidendibendibubone ubusobenu. Nokuba iNkosi iyivumele loo nto okanye ayiyivumelanga, ndiyanikhunga phambi kukaThixo neengelosi zaKhe ezisikelelekileyo ukuba ningandilandeli nidlule apho ndithe ndalandela khona uKristu. Ukuba anganityhilela uThixo nantoni ngesinye isixhobo saKhe, kulungeleni ukuyamkela njengoko nibe ninjalo kuyo yonke inyaniso kulungiselelo lwam; kuba ndiqinisekile ukuba, iNkosi inayo inyaniso engaphezulu nokukhanya okungaphezulu, izinto ekusafuneka zityhileke ngakumbi kwilizwi laYo elingcwele.”--Martyn, vol. 5, p. 70.IE18 264.2

    “Mna ngokwam, andingekhe ndiyililele ngokwaneleyo imeko yamabandla ahlaziyiweyo, athe afika kwixesha enkolweni, nangasayi kudlulela phambili kunezixhobo zokuhlaziywa kwawo. AmaLutere awangeke arhuqelwe kwindawo engaphaya kwaleyo uLutere wayibonayo; . . . namaCalvin, niyawabona, abambelele ngokuqinileyo apho ashiywa khona yiloo ndoda inkulu kaThixo, nangona ingazanga yazibona zonke izinto. Yintlekele le yokukhalelwa kakhulu; kuba, nangona babe zizibane ezivuthayo nezikhanyayo ngexesha labo, kodwa abazanga bangene nzulu kwigqugula noThixo, kodwa ukuba babephila ngoku, babeya kuba nentumekelelo ukukwamkela ukukhanya okongeziweyo, okungaphezu koko bakwamkelayo kuqala.”--D. Neal, History of the Puritans, vol. 1, p. 269. IE18 264.3

    “Khumbulani umnqophiso wenu webandla, apho navuma khona ukuhamba yonke indlela neNkosi, enawenzayo okanye ekwafuneka niwazisiwe. Khumbulani isithembiso nomnqophiso noThixo kunye nomnye nomnye, wokwamkela nakuphi ukukhanya nenyaniso eniya kukwaziswa kuphuma kwilizwi laKhe elibhaliweyo; ngako konke, qaphelani, ndiyanikhunga, oko nikwamkela ngokuyinyaniso, nikuthelekise, nikuhlole ngezinye iziBhalo zenyaniso phambi kokuba nikwamkele; kuba alikwazi ihlabathi lobuKristu ukuphuma sekusemva kangaka kubumnyama obungqingqwa bokuchasa uKristu, nokuba ulwazi olugqibelele ngokupheleleyo lungavela ngequbuliso.”--Martyn, vol. 5, pp. 70, 71. IE18 264.4

    Yayilulangazelelo lwenkululeko yesazela olwakhuthaza aBafuduki ukuba bajongane ngesibindi neengozi zohambo olude olucanda ulwandle, banyamezele ubunzima neengozi zentlango, baze bathi, ngentsikelelo kaThixo, babeke kumanxweme eMelika, isiseko sesizwe esikhulu. Kanti ke, benyaniseke bemoyika uThixo benjalo, aBafuduki abazange bawazi umthetho-siseko omkhulu wenkululeko yenkolo. Inkululeko abancama okuninzi ukuba bazizuzele yona, babengayilungelanga ngokufaneleyo ukuyinika abanye. “Baba mbalwa, nakwabona bazingcali eziphambili nabathetha ngokuziphatha kakuhle benkulungwane yeshumi elinesixhenxe, ababe nembono eyiyo yaloo mthetho-siseko mkhulu, isiqhamo seTestamente eNtsha, emvumayo uThixo ukuba ukuphela komgwebi wokholo lomntu.”-- Martyn, vol. 5, p. 297. Imfundiso yokuba uThixo ulinike ibandla ilungelo lokulawula isazela, nokuchaza lize lohlwaye ulahlekiso, yenye yezona mposiso zinobunzulu zobupopi. Nangona abaHlaziyi bawala ummiselo waseRoma, babengakhululekanga kwaphela kumoya wayo wokungabi nako ukunyamezela. Ubumnyama obungqingqwa ekwathi, kwixesha elide lolawulo lwabo, ubupopi babugubungela bonke ubuKristu ngabo, babungekapheli ngokupheleleyo. Wathi omnye wabafundisi abazinkokeli kwisithili saseMassachusetts Bay: “Yaba kukunyamezela okwenza ihlabathi lichase uKristu; laye ibandla alizange lalimala ngokohlwaywa kwabalahlekisi.”--Martyn, vol. 5, p. 335. Ummiselo wenziwa ngabemi bamathanga athi, ngamalungu ebandla kuphela anokuba nelizwi kulawulo lukarhulumente. Uhlobo lwebandla lesizwe lwenziwa, bonke abantu kufuneke ukuba banikele ukuxhasa abafundisi, neemantyi zanikwa igunya lokukucinezela ukulahlekisa. Ngaloo ndlela, igunya lalisezandleni zebandla. Kwathi kungekudala, la manyathelo akhokelela kwisiphumo esiqinisekileyo—intshutshiso. IE18 265.1

    Kwiminyaka elishumi elinanye emva kokwenziwa ithanga lokuqala, wafika uRoger Williams eNew World. NjengaBafuduki bokuqala, wayeze konwabela inkululeko yenkolo; kodwa, ngokungafaniyo nabo, wabona—okwakubonwe ngabambalwa okweli xesha—ukuba, le nkululeko lilungelo labantu bonke elalingenako ukuhluthwa, nokuba ithini na inkolo yabo. Wayengumzingeli wenyaniso onenzondelelo, bekunye noRobinson besithi, akukafunyanwa konke ukukhanya kwelizwi likaThixo. UWilliams “wayengumntu wokuqala kubuKristu belo xesha ukumisela uburhulumente phezu kwemfundisoyenkululeko yesazela, ukulingana kweembono phambi komthetho.”--Bancroft,pt. 1, ch. 15, par. 16. Wathi ngumsebenzi wabagwebi ukuthintela ulwaphulo-mthetho, kodwa bangaze balawule isazela. “Abantu okanye abagwebi bangagqiba,” watsho, “ukuba yintoni efanele umntu komnye; kodwa xa bezama ukuchasa ukwenziwa ngumntu kuThixo, baphume emgceni, kwaye kungeke kubekho nkuseleko; kuba kucacile, xa abagwebi benegunya, lokwenza imithetho yeembono okanye yeenkolo namhlanje, benze eminye ngomso; njengoko babesenza eNgilane ookumkani nookumkanikazi abohlukeneyo, nooPopi namaqumrhu eBandla laseRoma; ize inkolo ibe yimfumba yesiphithi-phithi.”--Martyn, vol. 5, p. 340.IE18 265.2

    Ukuza ezinkonzweni ezimiselwe libandla kwakufuneka kwenziwe phantsi kwesohlwayo sokuhlawula okanye ukuvalelwa entolongweni. “UWilliams wawulahla umthetho; owona myalelo wawukhohlakele phantsi komthetho waseNgilane owawunyanzelisa ukuhanjwa kwenkonzo kwinkonzo yesithili. Ukunyanzela abantu ukuba bazimanye nabo bokholo olwahlukileyo, wakubona ikukwaphula okuphandle kwamalungelo abo endalo; ukutsalela kunqulo lwabantu bonke abangakholwayo nabangafuniyo, kwakufana nokufuna ukuhanahanisa. . . . ‘Akukho bani ekufuneka abotshelelwe ekunquleni, okanye,’ wongeza, ‘ukuba agcine unqulo, ngokuchasene nokuvuma kwakhe.’ ‘Intoni!’ bakhuza abachasi bakhe, bemangalisiwe yimithetho yakhe, ‘akawufanele yini umsebenzi umvuzo wakhe?’ ‘Ewe,’ waphendula, ‘kwabo bamqeshileyo.’”-- Bancroft, pt. 1, ch. 15, par. 2.IE18 266.1

    URoger Williams wahlonitshwa wathandwa njengomfundisi othembekileyo, indoda enezipho ezinqabileyo, ngokungagungqi kwisidima nobubele benene; kanti ke, ukwalela kwakhe ngokuqinileyo ilungelo labagwebi boburhulumente igunya phezu kwebandla, nokufuna kwakhe inkululeko yenkolo, kwakunganyamezeleki. Ukwenziwa kwale mfundiso, kwatshiwo, kuya “kubhukuqa isiseko sesizwe norhulumente welizwe.” -- Bancroft, pt. 1, ch. 15, par. 10. Wagwetyelwa ukuba agxothwe kumathanga, kwathi, ekugqibeleni, ukuphepha ukubanjwa, wanyanzeleka ukuba abhace, kwiingqele nezaqhwithi zobusika, aye kwihlathi elishinyeneyo.IE18 266.2

    “Ishumi elinesineleeveki,” uthi, “ndalahlwakabuhlungu ngexesha elibi, ndingazi ukuba kukuthini ukutya okanye ukulala.” Sekunjalo, “amahlungulu andondla entlango,” ndikhuselekile phakathi emthini onomngxuma.”--Martyn, vol. 5, pp. 349, 350. Waqhubeka njalo nokubaleka kwakhe okubuhlungu, ehamba phezu kwekhephu, ecanda ihlathi elingenamkhondo, wada wafumana inkuseleko kuhlanga lwamaIndiya ukuthenjwa nothando lwawo awaluzuzayo ngexesha ezama ukubafundisa iinyaniso zegospile. IE18 267.1

    Ukuya kufika kwakhe, ekugqibeleni, emva kwenyanga zokuguquka nokubhadula, kumanxweme aseNarragansett Bay, apho wabeka isiseko sesteyiti sokuqala sale mihla, esathi ngokupheleleyo salamkela ilungelo lenkululeko yenkolo. Umthetho-siseko osisiseko sethanga likaRoger Williams wawusithi, “Wonke umntu umele abe nenkululeko yokunqula uThixo ngokokukhanya kwesakhe isazela.”-- Martyn, vol. 5, p. 354. Ummandla wakhe omncinane, iRhode Island, waba yindawo yokubalekela kwabacinezelweyo, waza wakhula wanempumelelo kangangokuba yada imithetho-siseko yawo—ulawulo loburhulumente nenkululeko yenkolo—yaba ngamatye embombo eRepublic yaseMelika. IE18 267.2

    Kolo xwebhu libaluleke kakhulu lakudala, elakhutshwa ngoomawokhulu bethu njengomthetho wamalungelo abo--the Declaration of Independence—bathi: “Sizithabatha ezi nyaniso njengezizicaceleyo, ukuba bonke abantu badalwe balingana; ukuba banikwe nguMdali wabo amalungelo aqinisekileyo angenako ukuhluthwa; ukuba phakathi kwawo kukho ubomi, inkululeko, nokuzama ukonwaba.” UMgaqo ukuqinisekisa ngamazwi acace kakhulu, ukungabi nakonakaliswa kwesazela: “Akukho kuhlolwa kwankolo luya kuze lufuneke njengolufanelekileyo ukuze kungenwe nakwesiphi isikhundla esiphambili phantsi kweUnited States.” “ICongress ayisayi kwenza mthetho obhekiselele ekumiselweni kwenkolo, okanye owalela ukwenziwa kwayo ngokukhululekileyo.” IE18 267.3

    “Abayili boMgaqo-siseko bawamkela umthetho-siseko waphakade, wokuba ulwalamano lomntu noThixo wakhe lungaphezu kokuwiselwa umthetho ngabantu, nokuba amalungelo esazela sakhe awanako ukuhluthwa kuye. Ubuciko babungadingeki ukumisela le nyaniso; nathi siyayiqonda ngaphakathi kwezethu izifuba. Koku kuqonda okuthi, ekuchaseni imithetho yabantu, kuxhase abafelukholo abaninzi ekubandezelweni nasemalangatyeni. Basuka beva ukuba umthwalo wabo ngakuThixowawungaphezulukwemimiseloyabantu, nokuba umntu akanako ukusebenzisa igunya phezu kwezazela zabo. Ngumthetho-siseko abadalwe nawo ekungekho nto inokuwususa.”-- Congressional documents (U.S.A.), serial No. 200, document No. 271.IE18 267.4

    Zathi zakusasazeka iindaba kumazwe aseYurophu, ngomhlaba apho wonke umntu anelungelo lokonwabela isiqhamo sokusebenza kwakhe nokuthobela okubonwa sisazela sakhe, amawaka azalisa kumanxweme eliZwe eliTsha. Amathanga aya anda ngokukhawuleza. IE18 268.1

    “IMassachusetts, ngomthetho okhawulezileyo, yanika ulwamkelo lwesisa noncedo, ngendleko yesizwe, kumaKristu alo naluphi uhlanga olwalubaleka lucande iAtlantic ‘ukuzisindisa kwiimfazwe okanye indlala, okanye ingcinezelo ngabatshutshisi bawo.’ Ngolo hlobo, iimbacu nabanyashelwe phantsi, ngomthetho, benziwa baxhamla kubudlelane besizwe.”--Martyn, vol. 5, p. 417. Kwiminyaka engamashumi amabini kuqaliwe ukungena ePlymouth, aBafuduki ababemi bakhona babe kumawaka alingana nawaseNew England. IE18 268.2

    Ukuze bayizuze injongo ababeyifuna, “babesaneliswa kukwamkela inkxaso okuncinane ngokuqhelana nokuqoqosha nokusebenza nzima. Babengafuni nto emhlabeni, ngaphandle kwenzuzo entle yokusebenza kwabo. Kwakungekho mbono wobuqheleqhele owawukhanya kwindlela yabo. . . . Babanelisiwe yinkqubela ethe chu yolawulo lwabo lwasekuhlaleni. . . . Bazinyamezela ngomonde iintlupheko zasentlango, benkcenkceshela umthi wenkululeko ngeenyembezi zabo, nangokubila kwamabunzi abo, zada zangena nzulu iingcambu zawo elizweni.” IE18 268.3

    IBhayibhile yagcinwa isisiseko sokholo, ithende lobulumko, nesikhokelo senkululeko. Imithetho-siseko yayo yafundiswa ngenkuthalo ekhaya, esikolweni, nasenkonzweni, zathi iziqhamo zayo zabonakalaliswa ekuqoqeni, kubuchopho, kubunyulu, nakubungcathu. Umntu ebekwazi ukuhlala kwindawo ehlala amaPuritan iminyaka, “angaze abone nxila, okanye ave isithuko, okanye ahlangane nomngqibi.”--Bancroft, pt. 1, ch. 19, par. 25. Kwabonakalaliswa ukuba imithetho-siseko yeBhayibhile isisikhuselo esiqinisekileyo sobukhulu besizwe. Amathanga angenamandla nawayemi wodwa akhula azizisteyiti eziyindibano enamandla, laza ilizwe laphawula, likhwankqisiwe, uxolo nempumelelo “yebandla elingenaye uPopi, nesteyiti esingenaye ukumkani.”IE18 268.4

    Amanani aqhubeka njalo ekhula etsalelwa kumanxweme eMelika, etsalwa ziinjongo ezahluke kakhulu kwezo zaBafuduki bokuqala. Nangona inkolo yokuqala nobunyulu bokuqala baba negunya elibanzi nelakhayo, yona impembelelo yalo yaya incipha ngokuncipha ngokuya kusanda abo babefuna kuphela inzuzo ekukuthanda ihlabathi.IE18 268.5

    Umgaqo owamiswa ngoosomathanga bokuqala, wokuvumela amalungu ebandla kuphela ukuba avote okanye abambe izikhundla kuburhulumente, wakhokelela kwezona ziphumo zinengozi. Eli nyathelo lalamkelwe ngenjongo yokugcina ubunyulu nesteyiti, kodwa lanesiphumo sokonakala kwebandla. Ukuba ukuvunywa kwenkolo kube yimeko yokunyamezelwa nokubamba isikhundla, kwabaninzi, ababeqhutywa kuphela ziinjongo zenkqubo yokuthanda ihlabathi, bazimanya nebandla bengakhange baguquka ngentliziyo. Loo nto yenza ukuba amabandla abe nabantu, kakhulukazi, abangaguqukanga; kanti nasebafundisini, babekho abo, babenganelanga nje ukubamba iimposiso zemfundiso, kodwa ababengazi ngamandla ahlaziyayo kaMoya Oyingcwele. Ngaloo ndlela kwaphinda kwabonakala iziphumo ezibi, ezazikholisa ukubonwa kwimbali yebandla kususela kwimihla kaConstantine ukuza kufika ngoku, yokuzama ukwakha ibandla ngoncedo lwesteyiti, ukubhenela kumagunya ehlabathi ukuxhasa igospile yaLowo wathi: “Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi.” Yohane 18:36. Umanyano lwebandla nesteyiti, nokuba kukumgangatho ongacacanga kangakanani, nangona lunokubonakala luzisa ihlabathi kufuphi nebandla, kona kusondeza, ngokwenene, ibandla ehlabathini. IE18 269.1

    Umthetho-siseko omkhulu owawusaziswa nguRobinson noRoger Williams, wokuba inyaniso ibheka phambili, nokuba amaKristu kufuneka ame elungele ukwamkela konke ukukhanya okuqaqambe kuphuma elizwini elingcwele likaThixo kuphela, walahleka kwaphela emehlweni enzala yawo. Amabandla amaProtestanti aseMelika,--nalawo aseYurophu nawo,--awayethandwa kakhulu ngokwamkela iintsikelelo zoHlaziyo, asilela ukubheka phambili endleleni yokuhlaziya. Nangona iqaqobana labantu laphakama, kumaxesha ngamaxesha, ukuba livakalise inyaniso entsha aveze nempazamo ekade iphilwa, isininzi, njengamaYuda exesha likaKristuIE18 269.2

    okanye abobupopi bexesha likaLutere, baneliswa kukukholwa njengokuba ooyise bakholwa nokuphila njengabo. Ngoko ke, inkolo yaphinda yehla yaba sisiqhelo nje; zathi iimpazamo neenkolelo engezazilahlelwe ecaleni ukuba ibandla laliqhubeke lihamba ekukhanyeni kwelizwi likaThixo, zagcinwa zenziwa. Ngaloo ndlela, umoya owakhuthazwa luHlaziyo waya ucima, kwada kwaphantsa kwakho isidingo esikhulu sohlaziyo kumabandla obuProtestanti njengakwiBandla laseRoma ngexesha likaLutere. Kwakukho ukuthanda ihlabathi okunye nobuthongo basemoyeni obunye, ukunika imbeko okufanayo kwiimbono zabantu, nokubekwa kweemfundiso zabantu endaweni yeemfundiso zelizwi likaThixo.IE18 269.3

    Ukusasazwa banzi kweBhayibhile ekuqaleni kwenkulungwane yeshumi elinethoba, nokukhanya okukhulu okwanikwa ihlabathi, akuzange kulandelwe kukubheka phambili okufanayo kolwazi lwenyaniso etyhiliweyo, okanye kwinkolo ephilwayo. USathana, akazange akwazi, njengakwiminyaka yangaphambili, ukuligcina ilizwi likaThixo lingafikeleli ebantwini; labekwa lafikeleleka kubo bonke; kodwa, ukuze akwazi ukuyifeza injongo yakhe, wabenza abaninzi ukuba bangalixabisi kakhulu. Abantu bakutyeshela ukuziphengulula iziBhalo, baza ngolo hlobo baqhubeka ukwamkela iingcaciso zobuxoki, nokuthanda iimfundiso ezingasekwanga eBhayibhileni.IE18 270.1

    Wathi akubona ukuwa phantsi kwamalinge akhe okunyhasha inyaniso ngentshutshiso, uSathana waphinda wabhenela kwicebo lokuyekelela elakhokelela kukreqo olukhulu nokwenziwa liBandla laseRoma. Wayewalukuhlile amaKristu ukuba azimise kunye, ngoku angabi nabahedeni, kodwa nabo bathi, ngokuzinikela kwabo kwizinto zeli hlabathi, bazibonisa ukuba ngokwenene bangabanquli bemifanekiso eqingqiweyo. Iziphumo zolu manyano zaba yingozi engekho nganeno ngoku kuneyezizukulwana zangaphambili; ikratshi nokuthsafaza kwakhuthazwa phantsi kokuzifihla kwenkolo, aza amabandla onakaliswa. USathana waqhubeka nokugqwetha iimfundiso zeBhayibhile, zathi izithethe ezaziza kutshabalalisa izigidi zamila nzulu. Ibandla laliphakamisa likhusela ezi zithethe, endaweni yokulwela “ukholo olwanikelwa ngaphambili kwabangcwele.” Yaba iyathotywa imigangatho yemithetho-siseko abathi abaHlaziyi bayenza baphatheka kakubi kakhulu ngenxa yayo.IE18 270.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents