Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    42—Ukuphela Kwembambano

    Ekupheleni kwewaka leminyaka, uKristu uphinda abuyele emhlabeni. Ukhatshwa ngumkhosi wabahlangulweyo ephahlwe lihlokondiba leengelosi. Uthi xa esihla enobungangamsha obukhulu, ababize abafileyo abakhohlakeleyo ukuba bazokwamkela isiphelo sabo. Bayavuka, bengumkhosi omkhulu, bengenakubalwa njengentlabathi yolwandle. Umahluko omngako kwabo babevuswe kuvuko lokuqala! Amalungisa ayambathiswe ngobutsha kunye nobuhle obungenakufa. Abakhohlakeleyo bathwele iimpawu zesifo nokufa. IE18 584.1

    Onke amehlo kweso sihlwele sibanzi ayajika ukuba abone ubuqaqawuli boNyana kaThixo. Ngazwi nye, imikhosi yabakhohlakeleyo iyadanduluka: “Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi!” Asikuko ukuthanda uYesu okukhuthaza le ntetho. Amandla enyaniso akhuthaza amazwi kwimilebe engenantumekelelo. Njengoko abakhohlakeleyo baya emangcwabeni abo, ngokunjalo baya kuphuma benobo butshaba ngakuKristu kwakunye nomoya omnye wovukelo. Abasayi kuzuza nceba intsha abanokuthi ngayo balungise iziphoso zobomi babo obudlulileyo. Akukho nto inokuzuzwa ngoku. Ixesha lobomi bokugqitha umthetho alizange lizithambise iintliziyo zabo. Inceba yesibini, ukuba ibinganikwa, ibiya kuxakeka, njengaleyo yokuqala, kukuzama ukuphepha okufunwa nguThixo, nokuvusa uvukelo ukumchasa Yena. IE18 584.2

    UKristu uhla phezu kweNtaba yeMinquma, apho, emva kokuvuka kwaKhe, waya wanyuka khona, nalapho iingelosi zaphinda khona isithembiso sokubuya kwaKhe. Uthi umprofeti: “Eze uYehova uThixo wam eneengcwele zakhe zonke.” “Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, . . . ibe sisihlambo esikhulu kakhulu.” “UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke, ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.” Zekariya 14:5, 4, 9. Iya kuthi iYerusalem entsha, inokubengezela kobuhle obukhulu, ihle iphuma ezulwini, ihlale phezu kwendawo ehlanjululweyo elungiselwe ukuyamkela, aze uKristu, ekunye nabantu baKhe kunye neengelosi, angene eMzini Ongcwele.IE18 584.3

    Ngoku uSathana ulungiselela idabi lokugqibela lokongama. Ngexesha yayihluthiwe amandla ayo, yahlukanisiwe nomsebenzi wakhe wokukhohlisa, inkosana yobubi yayilusizi ikhedamile; kodwa bathi bakuvuka abakhohlakeleyo abebefile waza wabona isihlwele esikhulu ngakwicala lakhe, avuseleleka amathemba ayo, yaza yazimisela ukuba ingayiyeki imbambano enkulu. [USathana] uza kuqokelelayonke imikhosi yabalahliweyo abangaphantsi kwebhanile yakhe aze athi ngabo, azame ukufeza amacebo akhe. Abakhohlakeleyo bangabathinjwa bakaSathana. Ekumaleni uKristu, baye bamkela ulawulo lwenkokeli engumvukeli. Bakulungele ukwamkela amacebiso ayo noko ibayalela ukuba bakwenze. Sekunjalo, enyanisekile kubuqhophololo bakhe bakuqala, akazamkeli ukuba unguSathana. Ubanga ukuba ulitshawe elingumnini womhlaba ngokusemthethweni, nolifa lakhe liye lahluthwa kuye ngokungekho mthethweni. Uzimisa kwabo balahlekisiweyo bangaphantsi kwakhe njengomhlanguli, ebaqinisekisa ukuba igunya lakhe libavuse emangcwabeni nokuba sele eza kubahlangula koyena mvukeli ombi kakhulu. Ubukho bukaKristu buthi bakususwa, uSathana asebenze imimangaliso ukuxhasa ibango lakhe. Uceba ukubakhokelela kwinkampu yabangcwele ukuba bawuthabathe uMzi kaThixo. Ngokugcoba kwesikhohlakali, walatha kwizigidi ezingenako ukubalwa ezivuswe kwabafileyo esithi, njengenkokeli yabo, unakho ngokupheleleyo ukuwubhukuqa uMzi, ayithabathe itrone yakhe kwakunye nobukumkani bakhe. IE18 585.1

    Kweso sihlwele sikhulu kukho iindimbane zohlanga olwaphila ixesha elide, olo lwalukho ngaphambi koNogumbe; amadoda azingxilimbela, nazingqondi ezitshatsheleyo, awathi, ngokuyekela kulawulo lwezithunywa ezawayo, anikela bonke ubuchule bawo nolwazi ukuba aziphakamise wona; amadoda amisebenzi yawo yobuchule emangalisayo neyalenza ihlabathi ukuba linqule ubugcisa bawo, kodwa ankohlakalo yawo nobubi bokuqamba kwawo, ngokuwungcolisa umhlaba nokonakalisa inkangeleko kaThixo, konke kwamenza ukuba [uThixo] awasuse phambi kwendalo yaKhe. Kukho ookumkani neenjengele ezoyisa izizwe, amadoda anobukroti angazanga oyiswa edabini, anekratshi, abalwi ababezele ngamabhongo, ababesithi bakuvela zingcangcazele izikumkani. Ekufeni kwabo aba abazange baguqulwe. Xa bephuma engcwabeni, baqhubeka nomsinga wengcamango yabo kanye apho yayiyeke khona. Baqhutywa ngumnqweno omnye wokoyisa, owawubalawula ngexesha lokuwa kwabo. IE18 585.2

    USathana ufakana imilomo neengelosi zakhe, emva koko kunye nezikumkani naboyisi kunye namadoda anamandla. Bakhangela amandla namanani angakwicala labo, baze bavakalise ukuba, umkhosi ongaphakathi esixekweni mncinane xa uthelekiswa nowabo. Bandlala amacebo okuthabatha ubutyebi nobuqaqawuli beYerusalem eNtsha. Basuka kwangoko bonke balungiselela imfazwe. Amagcisa anobuchule akha izixhobo zemfazwe. Iinkokeli zemikhosi, ezaziwa ngempumelelo, zihlanganisa izihlwele zamadoda afanele imfazwe ezenza amaqela nezahlulo.IE18 586.1

    Ekugqibeleni, kunikwa umyalelo wokuba kubhekwe phambili, uze uthi umkhosi ongenakubalwa uhambe—umkhosi ongazanga waqokelelwa onje ngawo ngaboyisi basemhlabeni, umkhosi ongalinganiyo nayo yonke imikhosi ehlangeneyo yazo zonke izizukulwana kususela ukuba kwaqala imfazwe emhlabeni. USathana, oligorha ngaphezu kwawo onke amajoni, uhamba ngaphambi komkhosi, zaye iingelosi zakhe ziyihlanganisile kweli dabi lokugqibela imikhosi yazo. Ookumkani namajoni bonke bayamlandela, zaye izihlwele zilandela ngamaqela amakhulu, ilelo liphantsi kwenkokeli enyuliweyo. Ngesingqi esifanelekileyo somkhosi, imigca yamajoni exineneyo ibheka phambili, ihamba kuloo mhlaba uneentanda, uqhekekileyo, nonezigingqi usiya eMzini kaThixo. Ngomyalelo kaYesu, amasango eYerusalem eNtsha avaliwe, yaza imikhosi kaSathana yawungqinga umzi, yalungela ukuhlasela.IE18 586.2

    Ngoku uKristu uyabonakala kwiintshaba zaKhe. Engaphezulu ngaphaya koMzi, phezu kwesiseko segolide emenyezelayo, kukho itrone, ephezulu, ephakanyisiweyo. Phezu kwale trone, kuhleli uNyana kaThixo, waye erhangqwe ngabantu bobukumkani baKhe. Amandla nobungangamsha bukaKristu akukho lulwimi lunokubuchaza, kungekho nalusiba lunokubuzoba. Ubuqaqawuli bukaBawo onguSonini-nanini bumgubungele uNyana waKhe. Ukukhanya kobukho baKhe buwuzalisile uMzi kaThixo, buphuphumela ngaphaya kwamasango, buzalise wonke umhlaba ngokukhanya kwemitha yako.IE18 586.3

    Kufuphi kakhulu apho etroneni, kwayame abo babekhe ngaphambili batshiseka ekwenzeni umsebenzi kaSathana, kodwa barholwa emlilweni ngokwezikhuni ezivuthayo, baza bamlandela uMsindisi wabo ngokuzinikela okunzulu, nokushushu. Ecaleni kwabo, kukho abo basigqibelelisayo isimilo sobuKristu phakathi kobuxoki nokungakholwa; abo bawugcinayo umthetho kaThixo ngexesha ihlabathi lobuKristu lisithi awunto; kwakunye nezigidi zazo zonke izizukulwana, ezabulawa ngenxa yokholo lwazo. Ngaphaya kwabo, kukho “isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi. . . . phambi kwetrone naphambi kweMvana, bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo.” IsiTyhilelo 7:9. Imfazwe abebeyilwa iphelile, baluzuzile uloyiso. Balubalekile ugqatso befikelela emvuzweni. Isebe lomnquma elisezandleni zabo lingumfuziselo woloyiso lwabo, ingubo emhlophe iyimbasa yobulungisa obungenabala bukaKristu obubobabo ngoku.IE18 586.4

    Abahlangulweyo banyusa ingoma yendumiso evakala iphinde ihlokome kuwo wonke amagumbi asezulwini: “Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana.” Indima 10. Ingelosi neserafi zihlanganisa amazwi azo ekudumiseni. Njengoko abahlangulweyo bewabonile amandla nenkohlakalo kaSathana, bakwabona, ngaphezu kwakuqala, ukuba akukho mandla wambi ngaphandle kwalawo kaKristu awayenokukwazi ukubenza babe ngaboyisi. Kuso sonke eso sihlwele sibengezelayo, abakho abanokukubalela kubo ukusindiswa kwabo, ngokungathi boyisa ngawabo amandla nokwabo ukulunga. Akuthethwa nto ngoko bakwenzayo okanye babulaleka ngako; kodwa owona mxholo wayo yonke ingoma, eyona nto ivakala ibalasele kuyo yonke indumiso, ithi: Usindiso kuThixo wethu nakuyo iMvana. IE18 587.1

    Kuthi phambi kwentlanganiso yabemi basemhlabeni nabasezulwini, kuthweswe isithsaba uNyana kaThixo. Ngoku, akuba enikwe ubungangamsha negunya elikhulu kakhulu, uKumkani wookumkani uwisa isigwebo phezu kwabavukeli bolawulo lwaKhe, enze ubulungisa phezu kwabo bawugqithayo umthetho waKhe, babacinezela abantu baKhe. Uthi umprofeti kaThixo: “Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.” IsiTyhilelo 20:11, 12.IE18 587.2

    Ngako nje ukuba iincwadi zengxelo zivulwe, lize iliso likaYesu likhangele kwabakhohlakeleyo, basiqonda sonke ngasinye isono abakha basenza. Babona ngqo apho iinyawo zabo zaphambuka khona endleleni yobungcwele nobunyulu, kanye apho ikratshi labo novukelo lwabo lwabasa khona ekwaphuleni umthetho kaThixo. Izihendo ezilukuhlayo abazikhuthazayo ngokuziyekela esonweni, iintsikelelo ezagqwethwayo, abathunywa bakaThixo abadelwayo, izilumkiso ezaliwayo, amaza enceba awabuyiswa umva yintliziyo eneenkani nengafuni kuguquka—konke kubonakala ngokungathi kubhalwe ngoonobumba bomlilo.IE18 587.3

    Phezu kwetrone kuvezwe umnqamlezo; kuthi ngokomboniso webhanyabhanya, kuvele imiboniso yokuhendwa nokuwa kuka-Adam, namanyathelo alandelelanayo kwicebo elikhulu lokuhlangula. Ukuzalwa okuthobekileyo koMsindisi; ubomi bobutsha baKhe bokufikeleleka nokuthobela; ukubhaptizwa kwaKhe eYordan; ukuzila nokuhendwa entlango; umsebenzi waKhe wasesidlangalaleni, owawutyhila ebantwini ezona ntsikelelo zinexabiso; imihla eyayizaliswe zizenzo zothando nemfesane, ubusuku bomthandazo nokulinda eyedwa ezintabeni; ukuceba okwakuqhutywa ngumona, intiyo nenkohlakalo, izinto ezaziyimbuyekezo kubulungisa baKhe; intlungu eyoyikekayo neyimfihlakalo eGetsemane, phantsikomthwalo obutyazayo wezono zawo wonke umhlaba; ukunikelwa ngokungcatshwa kwizandla zesihlwele esinomoya wokubulala; iziganeko ezoyikekayo zobo busuku bentlungu—ibanjwa elingaxhathisiyo, elalishiywe ngabafundi baLo elalibathanda ngokungenamlinganiselo, ukugxagxanyiswa ecanda izitrato zaseYerusalem; uNyana kaThixo kuboniswa ngaYe ngokuqhayisa phambi kuka-Anas, evezwa phambi kwebhotwe lombingeleli omkhulu, naphambi kwenkundla yokugweba kaPilato, phambi kukaHerode oligwala nokhohlakleyo, kuhlekiswa, kugculelwa, kungcikivwa, egwetyelwa ukufa—konke kuzotywe ngokucacileyo.IE18 588.1

    Ngeli xesha, phambi kwaloo nkitha izulazulayo, kuvezwa imiboniso yokugqibela—uMbulaleki onomonde esindeka kwindlela eya eKalvari; uMthetheli wezulu ejinga phezu komnqamlezo; ababingeleli abanekratshi nesixuku esigculelayo sihlekisa ngentlungu yokuphela kwaKhe, ubumnyama obungaphaya kobemvelo; umhlaba oshukumayo, amawa akrazukayo, amangcwaba avulekayo, konke kuphawula umzuzu wokuba uMhlanguli womhlaba unikele ubomi baKhe.IE18 588.2

    Umbono owoyikekayo uvela kanye njengoku wawunjalo. USathana, iingelosi zakhe, nabantu bakhe abanawo amandla okujika basuke kumfanekiso wemisebenzi yabo. Umdlali ngamnye uyayikhumbula indawo awayidlalayo. UHerode, owabulala abantwana abamsulwa baseBhetelehem ukuze atshabalalise uKumkani kaIsrayeli; uHerodiya owayephantsi, ekwahlala phezu komphefumlo wakhe ityala legazi likaYohane umBhaptizi; uPilato owaba nobuthakathaka nowazama ukonga ixesha; amasoldati awayehlekisa; ababingeleli nabaphathi kwakunye nesihlwele esasiphambene esakhwaza, sathi, “Igazi laKhe malibe phezu kwethu, nabantwana bethu!”—bonke bayabubona ubukhulu betyala labo. Bazama into engenzekiyo yokuzifihla kubungangamsha obungcwele bembonakalo yaKhe, ebengezela ngaphaya kobuqaqawuli belanga, lo gama abahlangulweyo bephosa izithsaba zabo ezinyaweni zoMsindisi, elowo nalowo edanduluka, esithi: “Wandifela! IE18 588.3

    Phakathi kwesihlwele sabahlangulweyo kukho abapostile bakaKristu, uPawulos oligorha, uPetros onobushushu, uYohane onothando nothandwayo, nabazalwana babo abanyanisekileyo ezintliziyweni, kukwakho phakathi kwabo nemfumba enkulu yabafelukholo; lo gama ngaphandle kweendonga, kuhlangene nayo yonke into engcolileyo nelisikizi, ingabo [aba bahlangulweyo] batshutshiswa, bavalelwa ezintolongweni, babulawa ngabo. Ulapho uNero, isigebenga senkohlakalo nobubi, ekhangele kuvuyo nokuphakanyiswa kwabo wayebabandezele, nekwathi xa babekweyona ntlungu enkulu kakhulu yena wanolonwabo lwenkohlakalo. Umama wakhe ulapho ukuba abone isiphumo somsebenzi wakhe; abone indlela isitampu sesimilo esadluliselwa kunyana wakhe, iimvakalelo ezakhuthazwayo zaphuhliswa yimpembelelo nomzekelo wakhe, zaza zathwala isiqhamo ekwaphuleni umthetho esenza ukuba umhlaba wonke ungcangcazele.IE18 589.1

    Balapha ababingeleli bobupopi kunye nooBhishophu bodidi oluphezulu, ababesithi bangabameli bakaKristu, kodwa basebenzisa isixhobo sokuthuthumbisa, umhadi, nokutshisa ngokubophelela ezibondeni, ngenjongo yokulawula izazela zabantu baKhe, uKristu. Balapha oopopi abanekratshi, abaziphakamisa ngaphezu kukaThixo babanga ukuba bangaphezu komthetho wOsenyangweni. Abo babezenza oo“Bawo” bebandla kufuneka benike ingxelo kuThixo, into ababengathanda ukuyiphepha ngeli xesha. Sele kusemva kakhulu ngoku, xa besenziwa ukuba babone ukuba Lowo unolwazi lonke unekhwele ngomthetho waKhe nokuba akasayi kumenza msulwa onetyala. Babona indlela uKristu ayamanisa intando yaKhe neyabo bantu baphatheka kakubi ngenxa yaKhe; baze bawave amandla amazwi aKhe xa esithi: “Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bancinane, nenjenjalo nakum.” Mateyu 25:40.IE18 589.2

    Umhlaba wonke okhohlakeleyo uza kuma phambi kwesihlalo sokugweba sikaThixo ujongene netyala elikhulu lokuvukela umbuso wasezulwini. Akukho uza kubamela kwityala labo; abanaso isizathu; kuwiswa isigwebo sokufa phezu kwabo. IE18 589.3

    Kucace kubo bonke ngoku ukuba umvuzo wesono awuyiyo inkululeko nobomi obungunaphakade, kodwa bubukhoboka, intshabalalo, nokufa. Abakhohlakeleyo bayijonge ngamehlo into ebaphosileyo ngenxa yobomi babo bovukelo. Ubunzima obungaphezu kwako konke bobuqaqawuli babudela xa babebunikwa; kodwa ngoku, bubonakala bunqweneleka ngendlela emangalisayo. “Yonke le nto,” uthi umphefumlo olahlekileyo, “ngendinayo; kodwa ndakhetha ukuzibekela kude ezi zinto kum. Owu, usizi lokuthi phithi kwengqondo! Ndinanise ngoxolo, ukonwaba, nozuko ngentlupheko, ngenkohlakalo, nokudana.” Bonke bayabona ukuba ukuvalelwa ngaphandle kwezulu kububulungisa. Ngendlela abaphila ngayo baya bathi: “Asithandi ukuba lo [uYesu] abe ngukumkani phezu kwethu.” IE18 590.1

    Ngokungathi basembonweni, abakhohlakeleyo bakubukela ukuthweswa isithsaba koNyana kaThixo. Babona ezandleni zaKhe amacwecwe omthetho ongcwele, imimiselo abayidelayo baza bayaphula. Bayiva intswahla, nendanduluko, nendumiso yabasindisiweyo; lwaye ulwandile loncuthu luvakala phezu kwesihlwele esingaphandle koMzi, bonke [abasindisiweyo] besitsho ngazwi nye, besithi: “Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani wabangcwele (NKJV)” (IsiTyhilelo 15:3); baze bawe, bayinqule iNkosi yobomi.IE18 590.2

    USathana ubonakala limyile xa ekhangele kubuqaqawuli nobungangamsha bukaKristu. Lowo wayeyikherubhi egqubuthelayo ukhumbula apho wawa esuka khona. Iserafi ebengezelayo, “unyana wesifingo;” indlela awatshintsha ngayo, indlela awahla ngayo! Ukusuka kwiqumrhu apho wayenikwa imbeko khona, ubekelwe kude ngonaphakade. Ubona omnye ngoku emi ecaleni kukaBawo, egquma ubuqaqawuli baKhe. Usibonile isithsaba esibekwe phezu kwentloko kaKristu yingelosi enesithomo eside nesinobukhulu, wazi ukuba le ndawo iphakamileyo yale ngelosi ngeyayiyeyakhe. IE18 590.3

    Ingqondo ikhumbuza ikhaya lobumsulwa nobunyulu bakhe, uxolo nentlalo ezazizezakhe wada waziyekela ukukrokreleni okanye ekukhalazeleni uThixo, nokuba nomona ngoKristu. Izityholo zakhe, uvukelo lwakhe, ukuzingisa kwakhe ngenkani ukungenzi migudu yokuzibuyisa ngexesha uThixo wayeza kumxolela—konke kwathi gca phambi kwakhe. Ucinga ngomsebenzi wakhe phakathi kwabantu kunye neziphumo zawo—ubutshaba bomntu ngakwabanye abantu, intshabalalo eyoyikekayo yobomi, ukuphakama nokuwa kwezikumkani, ukuwiswa kweetrone, ukulandelelana kweengxubakaxaka ixesha elide, iimfazwe, novukelo. Ukhumbula amalinge akhe okuzama ukuchasa umsebenzi kaKristu, ukoyelisela umntu kweyona ndawo yakha yaphantsi. Uyawabona amacebo akhe enkohlakalo ukuba ayengenawo amandla okubatshabalalisa abo babethembele kuYesu. Uthi uSathana akujonga ubukumkani bakhe, isiqhamo sokubulaleka kwakhe, abone ukuwa phantsi nentshabalalo. Ukhokelele izihlwele ukuba zikholelwe ukuba uMzi kaThixo ulixhoba elilula; kodwa, esitsho nje, uyazi ukuba bubuxoki obu abuthethayo. Wayesoyiswa rhoqo kwinkqubela yembambano enkulu, anyanzeleke ukuba anikezele. Uwazi kakuhle amandla nobungangamsha baLowo unguNyangelemihla.IE18 590.4

    Injongo yomvukeli omkhulu kakhulu yayiyeyokuba asoloko ezithethelela nokubeka unobangela wovukelo lwakhe kulawulo lwasezulwini. Ukuyifeza le njongo, wawakhupha wonke amandla engqondo yakhe enkulu. Wasebenza ngokuzimisela nangocwangco wazuza impumelelo emangalisayo, ekhokelela izihlwele ezikhulu ukuba zamkele oko akubekayo kwimbambano enkulu eqhubeke ixesha elide kakhulu. Kube ngamawaka eminyaka le ntloko yobuqhophololo isenza ubuqhetseba bokubeka ubuxoki endaweni yenyaniso. Lifikile ke kodwa ngoku ixesha lokuba uvukelo loyiswe ekugqibeleni ize imbali nesimilo sikaSathana sityhilwe. Kwilinge lakhe lokugqibela lokususa uKristu etroneni, atshabalalise abantu baKhe, awuthabathe uMzi kaThixo, umtyholi omkhulu uye watyhileka ngokupheleleyo. Abo bazimanye naye bayakubona ukuwa phantsi komsebenzi wakhe. Abalandeli bakaKristu neengelosi ezithembekileyo bawabona wonke ephelele amacebo okulwa nolawulo lukaThixo. Uyinto yokucekiswa yindalo yeyunivesi yonke. IE18 591.1

    USathana uyalubona uvukelo lokuzithandela kwakhe ukuba lumenze akalifanela izulu. Uwalolongele imfazwe yokulwa noThixo amandla akhe; ubunyulu, uxolo, nokuhambelana nezulu, bekuya kuba yintuthumbo engaphaya kokuqonda kuye. Ngoku, izityholo zakhe ngakwinceba nobulungisa bukaThixo zithe cwaka. Ukugculela azame ukukwenza ngakuThixo konke kuphezu kwakhe. Ngoku uSathana uguqa phantsi abuvume ubulungisa ngokufaneleka kwesigwebo sakhe.IE18 591.2

    “Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.” Indima 4. Wonke umbuzo wenyaniso nemposiso kwimbambano ekade iqhuba ngoku ucacisiwe. Iziphumo zovukelo, iziqhamo zokubekela bucala imiyalelo engcwele, konke kubekwe kwacaca ukuba kubonwe zizo zonke izidalwa ezinengqondo. Ukwenziwa kolawulo lukaSathana ukuchasa ulawulo lukaThixo kubekwe phambi kwayo yonke indalo. USathana ugwetywe yimisebenzi yakhe. Ubulumko bukaThixo, ubulungisa baKhe, nokulunga kwaKhe kumi kuthetheleleka ngokupheleleyo. Kuyabonwaukuba, konke ukuphatha kwaKhe kwimbambano enkulu, kube kusenzelwa ukulungelwa kwabantubaKhe okusa ephakadeni kwanokulungelwa kwawo onke amazwe awawadalayo. “Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho; bakubonge abakho benceba.” Ndumiso 145:10. Imbali yesono iya kuma kulo lonke iphakade ibubungqina bokuba kubukho bomthetho kaThixo kuqanyangelwe ulonwabo lwazo zonke izidalwa azidalileyo. Zakuba zivezwe zabonwa zonke iinyaniso zembambano enkulu, indalo yonke, abanyanisekileyo nabavukeli, ngazwi nye bonke baya kuthi: “Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga.” IE18 591.3

    Phambi kweyunivesi ubekwe wacaca umbingelelo omkhulu owenziwa nguBawo noNyana ngenxa yomntu. Ilixa lifikile xa uKristu eza kuthabatha indawo yaKhe efanelekileyo aze azukiswe ngaphezu kwezikumkani namagunya nalo lonke igama elibizwayo. Kwakungenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwaKhe—ukuze azise oonyana abaninzi eluzukweni—okwenza ukuba awunyamezele umnqamlezo alidele ihlazo. Yaba nkulu ngokungathethekiyo intlungu nehlazo, kanti luya kuba ngaphezulu uvuyo nobuqaqawuli. Ukhangela abahlangulweyo, benziwe ngokutsha ngokomfanekiselo waKhe, intliziyo yonke inomzobo ogqibeleleyo wobuThixo, bonke ubuso bubonakalalisa imfano noKumkani wabo. Ubona kubo isiphumo sokuncwina komphefumlo waKhe, aneliseke. Emva koko, ngelizwi elifikelela kwinginginya ebutheneyo yamalungisa nabakhohlakeleyo, uvakalisa athi: “Bonani abathengwa begazi laM! Ndaphatheka kakubi ngenxa yaba, ndafa ngenxa yaba, ukuze bahlale phambi kwaM kuwo wonke amaphakade. Ingoma yokudumisa inyuka iphuma kwabo baneengubo ezimhlophe bajikeleze itrone: “Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla, nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.” IsiTyhilelo 5:12.IE18 592.1

    Nangona enyanzeleke njalo uSathana ukuba abuvume ubulungisa bukaThixo nokuba aguqe kubukhulu bukaKristu, isimilo sakhe sihlala singaguqukanga. Umoya wovukelo, njengesiphango esikhulu, uphinda udubule. Ezaliswe luloyiko enjalo, usuka azimisele ukulwela ukuzincama okokugqibela noKumkani wezulu. Ungena ngokukhawuleza phakathi kwabantu bakhe azame ukubakhuthaza ngeyakhe ingqumbo ebavusela edabini elikhawulezileyo. Phofu kuzo zonke izigidi awazilobela ekuvukeleni, abakho ngoku ababuvumayo ubukhulu bokongama kwakhe. Igunya lakhe liphelile. Abakhohlakeleyo bazaliswe yile ntiyo inye ngakuThixo, le imkhuthazayo uSathana; kodwa bayayibona imeko yabo ukuba ayinalo ithemba, nokuba abangeke bamoyise uYehova. Ingqumbo yabo ivutha ngakuSathana kunye nabo babe ngabathunywa bakhe ekukhohliseni, baze bathi ngengqumbo yeedemon, babajikele. IE18 592.2

    Uthi uYehova: “Ngenxa enokuba wayenza intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo, ngako oko, uyabona, ndiya kukuzisela abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni; baburholele ubuhle bobulumko bakho amakrele abo, bakuhlambele ukubengezela kwakho. Baya kukuhlisela emhadini, ufe ngokufa kwababuleweyo, embilinini yeelwandle.” “Ndiya kulahla wena, ngokwento engcolileyo, umke entabeni kaThixo; ndikutshabalalise, kerubhi igqubuthelayo, usuke phakathi kwamatye anomlilo. . . . Ndikukhahlela emhlabeni ndikwenze ube ngumbonelo phambi kokumkani. . . . Ndikwenze ube luthuthu emhlabeni, emehlweni abo bonke abakubonayo. . . . Usuke ube sisikhwankqiso, ungabuyi ubekho naphakade.” Hezekile 28:6-8, 16-19. IE18 593.1

    “Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.” “Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni.” “Uya kubanisela abangendawo . . . umlilo, nesulfure, nomoya olulophu, yindebe yabo abayabelweyo.” Isaya 9:5; 34:2; INdumiso 11:6. Kuhla umlilo uvela kuThixo ezulwini. Umhlaba uyaqhekeka. Izixhobo ekade zifihliwe kwiinzulu zawo ziyakhutshwa. Amalangatye adlayo adubula ephuma kuyo yonke indawo evulekileyo emhlabeni. Amawa ngokwawo ayavutha. Ifikile imini evutha njengeziko. Iziqalelo ziyanyibilika bubushushu, nawo umhlaba, kunye nemisebenzi ekuwo utsha uphele. Malaki 4:1; 2 Petros 3:10. Ubuso bomhlaba bubukeka buyindibilili yentlama enyityilikisiweyo—ichibi elibanzi nelibilayo lomlilo. Lixesha lokugwetywa nokutshatyalaliswa kwabantu abangahloneli Thixo—“uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon.” Isaya 34:8.IE18 593.2

    Abakhohlakeleyo bafumana umvuzo wabo emhlabeni. IMizekeliso 11:31. “Baya kuba ziindiza . . . ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi.” Malaki 4:1. Abanye baya kutshabalala ngomzuzwana, lo gama abanye beya kuva ubuhlungu iintsuku eziliqela. Bonke bohlwaywa “ngokwemisebenzi yabo.” Kuba izono zamalungisa ziya kuba zidluliselwe kuSathana, yena akayi kuthuthunjiswa ngenxa yovukelo lwakhe kuphela, kodwa ngenxa yazo zonke izono awenza ukuba abantu bakaThixo bazenze. Ukohlwaywa kwakhe kuza kuba ngaphezulu kakhulu kunokwabo bonke abo wabakhohlisayo. Emva kokuba betshabalele bonke abo bawa ngenxa yeenkohliso zakhe, yena uya kusala esaphila akhe aqhubeke ethuthunjiswa. Kumalangatye ahlambululayo, ekugqibeleni, bayaphela abakhohlakeleyo, ingcambu nesebe—uSathana eyingcambu, abalandeli bakhe bengamasebe. Isohlwayo esipheleleyo somthetho sifikile; okufunwa bubulungisa kwenziwe; izulu nomhlaba, likhangele, livakalisa ubulungisa bukaYehova. IE18 593.3

    Umsebenzi kaSathana wentshabalalo uphele ngonaphakade. Intando yakhe uyenze iminyaka engamawaka amathandathu, ezalise umhlaba ngobubi ebangele intlungu kwindalo yonke. Yonke indalo yancwina inenimba isentlungwini. Ngoku, izidalwa zikaThixo zihlangulwe ngonaphakade kubukho bakhe nasezilingweni. “Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; [abangamalungisa] bayagqabhuka bamemelele.” Isaya 14:7. Kunyuka indanduluko yokubonga noloyiso kuyo yonke iyunivesi enyanisekileyo. “[Isandi] sesihlwele esikhulu . . . sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu,” savakala sisithi: “Haleluya! Ngokuba iNkosi uThixo usomandla inguKumkani.” IsiTyhilelo 19:6.IE18 594.1

    Lo gama umhlaba wambathiswe ngomlilo wentshabalalo, amalungisa ahleli ekhuselekile eMzini Ongcwele. Kwabo babe nesabelo kuvuko lokuqala, ukufa kwesibini akunalo igunya. Lo gama uThixo eza kuba ngumlilo odlayo kwabakhohlakeleyo, kubantu baKhe ulilanga nekhakha. IsiTyhilelo 20:6; Ndumiso 84:11.IE18 594.2

    “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule.” IsiTyhilelo 21:1. Umlilo otshayela abakhohlakeleyo, uhlambulula umhlaba. Itshayelwa iphele yonke into enevumba lesono. Umlilo wesihogo awuyi kuhlala uvutha phambi kwabahlangulweyo ubakhumbuza ngeziphumo zesono ezoyikekayo.IE18 594.3

    Sinye kuphela isikhumbuzo esiya kusala: UMhlanguli wethu uya kuhlala eneempawu zokubethelelwa kwaKhe emnqamlezweni. Kwintloko yaKhe enamanxeba, kwicala laKhe, ezandleni nasezinyaweni zaKhe, koba kuphela apho kukho iimpawu zomsebenzi owenziwe yinkohlakalo yesono. Uthi umprofeti, ebona uKristu esebuqaqawulini baKhe: “Wayenemitha ekhanyayo ecaleni lakhe, kulapho ayefihlwe khona amandla akhe.” Habhakuki 3:4, margin. Elo cala lahlatywayo apho kwaphuma umsinga obomvu owaxolelanisa umntu noThixo—kulapho bukhona ubuqaqawuli boMsindisi, apho “ayefihlwe khona amandla akhe.” “Amandla okusindisa,” ngombingelelo wokuhlangula, ngenxa yoko wayomelele ukuba enze ubulungisa phezu kwabo bayidelayo inceba kaThixo. Iimpawu zokuhlaziswa kwaKhe zikokona kuphakanyiswa kukhulu kwaKhe; kuwo wonke amaphakade, amanxeba aseKalvari aya kuvakalisa ukudunyiswa kwaKhe, ababaze amandla aKhe.IE18 594.4

    “Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo.” Mika 4:8. Lifikile ixesha awayekhangele kulo ngolangazelelo amadoda angcwele kususela ukuba ikrele elinomlilo lavalela ngaphandle kwe-Eden isibini sokuqala, ixesha “[loku]khululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye.” Efese 1:14. Umhlaba owathi ekuqalekeni wanikelwa emntwini ukuba ube bubukumkani bakhe, waqhathwa nguSathana waphuma ezandleni zakhe, nowawusoloko ugcinwe lutshaba olunamandla ixesha elide, ubuyisiwe ngecebo elikhulu lokuhlangulwa. Konke okwakulahleke ngenxa yesono kubuyiselwe. “Ngokuba utsho uYehova . . . uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo, akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe.” Isaya 45:18. Injongo kaThixo yasekuqaleni, ekudaleni kwaKhe umhlaba izalisekile njengoko usenziwa ukuba ube yindawo yokuhlala abahlangulweyo ngonaphakade. “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” Ndumiso 37:29. IE18 595.1

    Uloyiko lokulenza ilifa lexesha elizayo ukuba libonakale ligxile kubukho bezinto eziphathekayo lwabakhokelela abaninzi ukuba bazithabathe ngokwasemoyeni kuphela kwazona ezi nyaniso zisikhokelela ekulikhangeleni ilifa elo njengekhaya lethu. UKristu wabaqinisekisa abafundi baKhe ukuba uyokubalungiselela iindawo endlwini kaYise. Abo bazamkelayo iimfundiso zelizwi likaThixo abasayi kuba sebumnyameni ngokubhekiselele kwikhaya lasemazulwini. Kanti ke, “izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.” 1 Korinte 2:9. Ulwimi lomntu alukwazi ukuwuchaza umvuzo wamalungisa. Uya kwaziwa kuphela ngabo bawubonayo. Ingqondo emfutshane ayingeke ikwazi ukubuqonda ubuqaqawuli beParadesi kaThixo.IE18 595.2

    EBhayibhileni, ilifa labasindisiweyo kuthiwa “[ngu]mzi.” Hebhere 11:14-16. Apho, uMalusi wasezulwini ukhokelela umhlambi waKhe kwimithombo yamanzi aphilileyo. Umthi wobomi unika isiqhamo zonke iinyanga, aye amagqabi omthi engawokunceda izizwe. Kukho imisinga ehleli ibaleka, icoceke njengekrizolite, kwaye, ecaleni kwayo, imithi eyokozelayo iwisa izithunzi zayo kwiindlela ezilungiselwe abahlangulweyo beNkosi. Apho, amathafa athe thabalala anabele kwiinduli ezintle, neentaba zikaThixo zinyuka ziye kwiincochoyi eziphakamileyo. Kuloo mathafa apholileyo, ngakwimisinga yamanzi aphilileyo, abantu bakaThixo ababekade bengabaphambukeli bezibhadubhadu, baya kufumana ikhaya. IE18 595.3

    “Abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.” “Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wothi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso.” Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; . . . badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.” Isaya 32:18; 60:18; Isaya 65:21, 22. IE18 596.1

    Khona apho, “inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.” “Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare, esikhundleni serhawukuyakunyuka imimirtile.” “Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; . . . nomntwana aziqhube ezo zinto.” “[Ezo zinto] aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele,” utsho uYehova. Isaya 35:1; 55:13; Isaya 11:6, 9.IE18 596.2

    Intlungu ayisokuze ikwazi ukubakho kumoya wasezulwini. Akuyi kubakho zinyembezi, kungayi kubakho namingcelele yomngcwabo, nazimpawu zibonisa ukufelwa. “Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala: . . . ngokuba izinto zokuqala zigqithile.” “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.” IsiTyhilelo 21:4; Isaya 33:24. IE18 596.3

    Kukho iYerusalem eNtsha, isixeko esikhulu somhlaba omtsha ozukisiweyo, “isithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho.” “Isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, ilanga lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale.” “Iintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.” Utsho uYehova ukuthi: “Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam.” “Umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo.” Isaya 62:3; IsiTyhilelo 21:11, 24; Isaya 65:19; IsiTyhilelo 21:3.IE18 596.4

    EMzini kaThixo “akuyi kubakho busuku.” Akukho uya kudinga okanye anqwenele ukuphumla. Akusayi kubakho kudinwa ekwenzeni intando kaThixo nasekwenzeni indumiso kwigama laKhe. Siya kuhlala sikuva ukuhlaziyeka kwentsasa kwaye kuya kuba kude ukuba bungaze buphele. “Abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela.” IsiTyhilelo 22:5. Ukukhanya kwelanga kuya kudlulwa kukukhanya okungakhanyi kabuhlungu, kanti ke kuza kuba kukhanya ngokungenako ukulinganiswa ngaphezu kokukhanya kwale yethu imini enkulu. Ubuqaqawuli bukaThixo nobeMvana buzalisa uMzi Ongcwele ngokukhanya okungapheliyo. Abahlangulweyo bahamba ekukhanyeni kobuqaqawuli obungenalo ilanga, bemini engenasiphelo.IE18 597.1

    “Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo.” IsiTyhilelo 21:22. Abantu bakaThixo banikwa ilungelo lokubababe bathethengokukhululekileyo noBawonoNyana.“Ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe.” 1 Korinte 13:12. Siwubona umfanekiselo kaThixo ubonakalalisiwe, njengasesipilini, kwimisebenzi yendalo nasekubaphatheni kwaKhe abantu; kodwa ngoko, siyakumbona [uThixo] ubuso ngobuso, kungekho sigqubuthelo sisisithayo. Siya kuma phambi kwaKhe sibubone ubuqaqawuli bembonakalo yaKhe.IE18 597.2

    Apho, abahlangulweyo baya kwazi, kwanjengokuba nabo besaziwa. Uthando neemfesane uThixo awazityala emphefumlweni ziya kuba nokusebenza ngeyona ndlela iyinyanyiso neyona imnandi. Ukuncokola okumyoli nezidalwa zasezulwini, ukudlelana okuhle ngobomi basekuhlaleni neengelosi ezingcwele kunye nabanye abathembekileyo bazo zonke izizukulwana abaya bazihlamba iingubo zabo bazenza mhlophe egazini leMvana, amaqhina angcwele abophelele kunye, “imizalwane esemazulwini nesemhlabeni.” (Efese 3:15)—zizinto ezi ezenza kubekho ulonwabo kwabo bahlangulweyo.IE18 597.3

    Apho, iingqondo ezingenako ukufa ziya kuhlala zicamngca, ngolonwabo olungasokuze luphele, imimangaliso yamandla okudala, neemfihlelo zothando oluhlangulayo. Alusayi kubakho utshaba olukhohlakeleyo, olukhohlisayo oluya kuzama ukukuhenda ukulibala kukaThixo. Yonke ingqondo iya kuphuhliswa, sonke isakhono sandiswe. Ukuzuza ulwazi akuyi kuyidinisa ingqondo okanye kuwagqibe amandla. Apho, ezona zinto zintle ezicetywayo zingenziwa, eyona minqweno mihle ingafikelelwa, awona mabhongo aphezulu angafikelelwa; sekunjalo, zihlale zikho iinkalo eziphakamileyo zokuqatyelwa, izinto ezimangalisayo ezintsha zokubukwa, iinyaniso ezintsha zokwaziwa, izinto ezintsha ezifuna amandla engqondo nomphefumlo kunye nomzimba.IE18 597.4

    Zonke iindyebo zeyunivesi ziya kwandlaleka ukuba zifundwe ngabahlangulweyo bakaThixo. Bengabanjwanga kukuba nokufa, bephapha bangadinwa ukuya kumazwe akude—amazwe awazaliswa lusizi ngumbono wentlungu yomntu, ahlokomisa iingoma zovuyo ngenxa yeendaba zomphefumlo ohlangulweyo. Ngovuyo olungathethekiyo, abantwana basemhlabeni bangena kuvuyo nobulumko bezidalwa ezingazange ziwe. Babelana ngeendyebo zolwazi nokuqonda okuzuzwa kwiinkulungwane ngeenkulungwane zokucamngca ngomsebenzi wezandla zikaThixo. Ngokubona okungekho luzizi, bondela ubuhle bendalo—ilanga neenkwenkwezinazozonkeizintoezibekweendaweniyazo,zonke zihamba apho zilungiselwe khona ukuba zijikeleze itrone kaThixo. Phezu kwazo zonke izinto, kususela kweyona incinane kuse kweyona inkulu, kubhalwe igama loMdali, kwaye kuzo zonke kuboniswe ubutyebi bamandla aKhe.IE18 598.1

    Iminyaka kanaphakade, njengoko ibheka phambili, iya kuzisa izityhilelo ezihle neziqaqambe ngakumbi nangakumbi zikaThixo noKristu. Kuya kuthi ngexesha ulwazi luqhubela phambili, kube njalo nakuthando, nembeko, nolonwabo, ukukhula. Okona abantu befunda ngoThixo, okona kuya kuba ngaphezulu ukusithanda isimilo saKhe. Uthi xa uYesu etyhila phambi kwabo ubutyebi bokuhlangulwa neempumelelo ezimangalisayo kwimbambano enkulu noSathana, iintliziyo zabahlangulweyo zithabatheke kukuzinikela okunyaniseke ngaphezulu, baze bathi, ngokuphuphuma kovuyo olongeziweyo, bazichukumise iihadi zegolide; athi amazwi angamashumi amawaka aphindaphindwe kangangamawaka angamawaka ahlangane ukunyusa ingoma enkulu yokudumisa.IE18 598.2

    “Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba,naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi, Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 5:13.IE18 598.3

    Imbambano enkulu iphelile. Isono naboni abasekho. Indalo yonke [iyunivesi] icocekile. KuLowo udale konke, kumpompoza ubomi nokukhanya nolonwabo, kuwo wonke ummandla wendawo engenamida. Kususela kweyona nto incinane kuse kwelona likhulu ihlabathi, zonke izinto, eziphilayo nezingaphiliyo, kubuhle bazo obungenasithunzi novuyo olugqibeleleyo, zivakalisa ukuba uThixo uluthando.IE18 598.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents