Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    26—Umsebenzi Wohlaziyo

    Umsebenzi wokuhlaziywa kweSabatha ekufuneka ufeziwe kwimihla yokugqibela waxelwa kwangaphambili nguIsaya: “Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke. Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.” “Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza.” Isaya 56:1, 2, 6, 7.IE18 401.1

    La mazwi abhekisa kwixesha lobuKristu, njengoko kubonisiwe apha embhalweni: “UYehova uThixo obabuthayo abagxothiweyo bakaIsrayeli, uthi, Ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo.” Indima 8, NKJV. Apha kuboniswe kwangaphambili ukubuthelana kweeNtlanga ngenxa yegospile. Kanti kwabo ngelo xesha babeyihlonela iSabatha, kuvakaliswe intsikelelo. Ngoko ke, ukunyanzeleka komthetho wesine kuhamba kudlule ekubethelelweni, ekuvukeni nasekunyukeni kukaKristu, kuse kwixesha xa abakhonzi baKhe beya kushumayela kuzo zonke izizwe isigidimi seendaba zovuyo.IE18 401.2

    UYehova uyalela kwalo mprofeti: “Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.” Isaya 8:16. Itywina lomthetho kaThixo lifunyanwa kumthetho wesine. Ngulo kuphela, kuyo yonke elishumi, oveza kokubini, igama nesihlonipho soMniki-mthetho. Uxela ukuba unguMdali wamazulu nomhlaba, ngenxa yoko, ubonisa ibango laKhe lokuhlonitshwa nokunqulwa ngaphezu kwabo bonke abanye. Ngaphandle kwalo mthetho, ayikho enye into kwimiThetho eliShumi ebonisa ukuba kungegunya likabani othe wanikwa umthetho. Xa iSabatha yathi yaguqulwa ngegunya lobupopi, itywina lasuswa emthethweni. Abafundi bakaYesu kuthiwa kufuneka balibuyisele ngokuyiphakamisa iSabatha yomthetho wesine kwindawo yayo efaneleyo njengesikhumbuzo soMdali nomqondiso wegunya laKhe.IE18 401.3

    “Bhekani esiyalweni, esingqinweni!.” Ngeli xesha kusanda iimfundiso neengcamango eziphikisanayo, umthetho kaThixo nguwo ongumgaqo ongaphosisiyo ekuthi ngawo zonke iingcamango, iimfundiso, neentetho zihlolwe. Uthi umprofeti: “Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanakukhanya kubo.” Indima 20, NKJV.IE18 402.1

    Kwakhona, kunikwa umyalelo: “Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengexilongo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo,” [Isaya 58:1]. Asilolizwe elikhohlakeleyo, kodwa abo uYehova athi “ngabantu baKhe,” ekufuneka bethethisiwe ngokreqo lwabo. Uqhubeka athi: “Kaloku bona bafunana nam mihla le, ngathi bayazithanda iindlela zam. Sebengathi basisizwe esindithobelayo, ngathi babambelele kwizimiso zoThixo wabo.” Isaya 58:2, IBHAYIBHILE. Apha kuvezwa udidi lwabantu abacinga ukuba balungile nokuba babonakala beveza umdla omkhulu emsebenzini kaThixo; kodwa ukuthethisa okungqongqo nokoyikekayo koMphengululi weentliziyo kubabonisa benyhasha imiyalelo engcwele. IE18 402.2

    Ngenxa yoko, umprofeti walatha ummiselo oshiyiweyo: “Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana;bathi ukukubizanguMvingci-wamathuba,nguMbuyisi-womendo-wokuhlala. Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungayihlambeli ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko; wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni: uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.” Iindima 12-14. Esi siprofeto sikwabhekisa kwixesha lethu. Kwabakho ukusuka emthethweni kaThixo ngokuguqulwa kweSabatha ligunya laseRoma. Ixesha phofu lifikile lokuba eso simiso singcwele sibuyiselwe. Kufuneka utenxo lulungisiwe size isiseko sezizukulwana ezininzi siphakanyiswe. IE18 402.3

    Njengoko yangcwaliswa kukuphumla nokusikelelwa nguMdali, iSabatha yagcinwa nguAdam kubumsulwa bakhe kwiEden engcwele; nguAdam, ewile kodwa eguqukile, ngexesha wayegxothiwe kumzi wakhe wolonwabo. Yagcinwa ngawo onke amanyange, ukususela kuAbheli ukuya kwilungisa uNowa, kuAbraham, nakuYakobi. Xa abantu abanyuliweyo babesekuthinjweni eYiputa, abaninzi, phakathi kokunqulwa kwezithixo okwakugquba, balahlekwa lulwazi lomthetho kaThixo; kodwa xa uYehova wayemhlangula uIsrayeli, wawubuyisa umthetho waKhe ngobuhle oboyikekayo kwisihlwele esasihlangene, ukuze bayazi intando yakhe, bamoyike, bamthobele ngonaphakade.IE18 402.4

    Ukususela ngaloo mini, ukwaziwa komthetho kaThixo kuye kwagcinwa emhlabeni, yathi iSabatha yomthetho wesine yagcinwa. Nangona “umntu wesono” eye waphumelela ukunyathela ngaphantsi kweenyawo umhla ongcwele kaThixo, kanti naphakathi kwexesha lokongama kwakhe, yayikho, kwiindawo ezifihlakeleyo, imiphefumlo eyayiyihlonipha. Kususela kuHlaziyo, babekho abanye kuzo zonke izizukulwana ababeyigcinile. Nangona kwakuye kuthi phakathi kongcikivo nentshutshiso, ubungqina obuthe rhoqo babuye bunikwe ekuqhubekeni okungasayi kuze kuphele komthetho kaThixo, nesibophelelo esingcwele seSabatha yendalo.IE18 403.1

    Ezi nyaniso, njengoko zinikiwe kwisiTyhilelo 14 ngokuhlangene “nendaba ezilungileyo ezingunaphakade,” ziza kuba luphawu lwebandla likaKristu ngexeshalokubonakalakwaKhe.Kuba,ngokwesiphumosesigidimi esintlantlu-ntathu, kwaziswe kwathiwa: “Naba abayigcinayo imithetho kaThixo, nokholo lukaYesu.” Saye esi sigidimi sisesokugqibela ukunikwa phambi kokuza kweNkosi. Kwakamsinyane emva kokuvakaliswa kwaso, uNyana woMntu ubonwa ngumprofeti, esiza esebuqaqawulini ukuza kuvuna isivuno somhlaba.IE18 403.2

    Abo bakwamkelayo ukukhanya okungengcwele nokungaguquki komthetho kaThixo, bazaliswa luvuyo nokukhwankqiswa xa bebona ubuhle nokuhambelana kohlelo lwenyaniso okwavula ingqiqo yabo. Babelangazelela ukuba ukukhanya okwabonakala kubo kuxabiseke kakhulu kungadluliselwa kuwo onke amaKristu; baza abakwazi ukungakholwa ukuba kuya kwamkelwa ngovuyo. Zona iinyaniso ezabenza bahlukana nehlabathi azizange zamkeleke kwabaninzi ababesithi bangabalandeli bakaKristu. Ukuthobela umthetho wesine kwafuna umbingelelo abaninzi abaya barhoxa kuwo.IE18 403.3

    Ngexesha kwakubekwa amabango eSabatha, abaninzi bazathuza bemi ngakwicala labathandi behlabathi. Bathi: “Kukade sayigcina iCawa, oobawo bethu bayigcina, nabaninzi abalungileyo ababemoyika uThixo bafa bonwabile beyigcina. Ukuba babelungisa, nathi sinjalo. Ukugcinwa kwale Sabatha intsha kuza kusenza singavumelani nehlabathi, kwaye asiyi kuba nampembelelo phezu kwabo. Lingafeza ntoni iqela elincinane eligcina usuku lwesixhenxe ngokuchasa ihlabathi lonke eligcina iCawa?” Kwakungeengxoxo ezifana nezo awathi amaYuda azama ukuthethelela ukwala kwawo uKristu. Ooyise bamkelwa nguThixo ekunikeleni iminikelo yombingelelo, kungani ke ngoko ukuba abantwana bangabi nako ukulufumana usindiso xa belandela kwaelo khondo linye? Ngokunjalo, nakwixesha likaLutere, abobupopi bazathuza besithi, amaKristu enyaniso afela kwinkolo yobuKatolika, ngoko ke, loo nkolo yayilwanele usindiso. Ukuzathuza okunjalo kwakubonisa umqobo owawusebenza kuko konke ukuhanjiselwa phambili kokholo okanye ukuluphila.IE18 403.4

    Abaninzi babexoxa besithi ukugcinwa kweCawa kwakuyimfundiso eyamiselwa kudala nesiko lebandla elasasazeka kwiinkulungwane ezininzi. Ukumelana nale ngxoxo, kwaboniswa ukuba iSabatha, ukugcinwa nokusasazeka kwayo kwakukudala njengomhlaba ngokwawo, kwaye kunemvume yeengelosi nekaThixo. Ukubekwa kweziseko zomhlaba, xa amakhwezi ayevuma iingoma ehlangene, bonke oonyana bakaThixo bekhwaza ngovuyo, ngelo xesha, sabekwa isiseko seSabatha. Yobhi 38:6, 7; Genesis 2:1-3. Siso esi isimiso esifanelwe kukuhlonelwa sithi; asizange singcwaliswe ligunya lomntu, saye singemanga phezu kwezithethe zabantu; samiswa nguNyangelemihla, sayalelwa lilizwi laKhe elimi naphakade. IE18 404.1

    Xa ingqalelo yabantu yayibizelwa kumxholo nohlaziyo lweSabatha, abafundisi abahloniphekileyo baligqwetha ilizwi likaThixo, bebeka phezu kobungqina balo, iinkcazo ezilungele ukuthulisa ingqondo zabo ezinemibuzo. Abo ke bangazange baziphengulule ngokwabo iziBhalo, baneliswa kukwamkela izigqibo ezazihambelana neminqweno yabo. Ngengxoxo, ngobuqhophololo, izithethe zooBawo, negunya lebandla, abaninzi bazama ukuyibhukuqa inyaniso. Abavakalisi bayo babuyela eziBhalweni zabo ukuze bakhusele ubunyaniso bomthetho wesine. Amadoda athobekileyo, exhobe ngelizwi lenyaniso kuphela, amelana nohlaselo lwamadoda afundileyo, awathi, ngokudana nomsindo, afumanisa ukuba ubuciko bamaqhinga awo awanawo amandla okumelana nokuzathuza okulula, nokungqalileyo kwamadoda awayefunde iindima zeziBhalo kunobugcisa bezikolo.IE18 404.2

    Ngokungabikho kobungqina beBhayibhile okuvumelana nabo, abaninzi, ngokuzingisa okungadinwayo, banyanzelisa—beyilibala indlela eyasetyenziswa ngayo le ngxoxo ukuchasa uKristu nabafundi baKhe: “Kungani ukuba amadoda amakhulu ethu angawuqondi lo mcimbi weSabatha? Bambalwa kodwa abakholelwa njengoko nina nisenza. Akunako ukwenzeka ukuba nina niyichane [inyaniso] baze bonke abanye abantu abafundileyo emhlabeni bayiphose.” IE18 404.3

    Ukuphika iingxoxo ezinjalo kwakudingeka kuphela ukucaphula kwiimfundiso zeziBhalo kunye nembali yokuphatha kweNkosi abantu baYo kuzo zonke izizukulwana. UThixo usebenza ngabo balivayo balithobele ilizwi laKhe, abo baya kuzithetha, xa kukho isidingo, iinyaniso ezingenancasa, abo bangoyikiyo ukukhalimela izono ezithandwayo. Isizathu esibangela ukuba angasoloko ekhetha abantu abafundileyo nabakwizikhundla eziphezulu ukuba bakhokele kwiintshukumo zohlaziyo kungokuba bathembela kwiinkolo zabo, kwiingcamango, namahlelo okufunda ngoThixo, baze bazive bengaswele kufundiswa nguThixo. Kuphela ngabo bathi banoqhagamshelano buqu neThende lobulumko abaye bakwazi ukuziqonda okanye ukuzicacisa iziBhalo. Abantu abanemfundo encinane yesikolo, maxa wambi babizelwa ukuba bavakalise inyaniso, kungengakuba bengafundanga, kodwa kuba abaziboni baneliseke kakhulu ukuba bangabi nakufundiswa nguThixo. Bafunda esikolweni sikaKristu, kuze ukuthobeka nokuthobela kwabo kubenze bakhulu. Ekuzithabatheleni kwabo ukuyazi inyaniso yaKhe, uThixo ubeka phezu kwabo imbeko, ethi yakuthelekiswa nembeko yasemhlabeni busuke ubukhulu basemhlabeni budake bungacaci.IE18 404.4

    Abaninzi kubantu ababelindele ukubuya kukaYesu bazala iinyaniso ezazingengcwele nomthetho kaThixo, abanye abaninzi, nabo bayishiya inkolo yabo kwintshukumo yokufika kukaYesu bamkela iimbono ezingavakaliyo neziphikisanayo zeziprofeto ezazibhekiselele kuloo msebenzi. Abanye bakhokelelwa kwimposiso yokuqhubeka bemisa amaxesha aqinisekileyo okufika kukaKristu. Ukukhanya okwakukhanya ngeli xesha ngomxholo wengcwele kwakumele ukuba kubabonisile ukuba alikho ixesha lesiprofeto elidlula liyokufika ekufikeni kwesibini; nokuba ixesha eliqinisekileyo loku kufika alixelwanga kwangaphambili. Phofu, ukusuka ekukhanyeni, baqhubeka bemisa ixesha emva kwexesha lokuza kweNkosi, kube kwanjalo nokusoloko bedaniswa. IE18 405.1

    Xa ibandla laseTesalonika lamkela iimbono eziyimposiso ngokubhekiselele ekuzeni kukaKristu, umpostile uPawulos wabacebisa ukuba bawavavanye amathemba abo nokulindela kwabo ngononophelo ngelizwi likaThixo. Wabacaphulela iziprofeto ezibonisa iziganeko eziza kwenzeka phambi kokuba uKristu abuye, ebabonisa ukuba abanawo umhlaba wokumlindela [uKristu] ngemini yabo. “Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo” (2 Tesalonika 2:3), ngamazwi wakhe okulumkisa. Ukuba baziyekelaekulindeleni okwakungavunyelwa zizo iziBhalo, babeya kukhokelelwa kwisenzo esilikhondo lempazamo; ukudaniswa kwakuya kubabeka esichengeni sokuhlaselwa ngabo bangakholwayo, baze babe kwingozi yokuziyekela ekutyhafeni baze balingeke ukuba bazithandabuze iinyaniso ezifunekayo zosindiso lwabo. Isiyalo sompostile kwabaseTesalonika sinesifundo esibalulekileyo kwabo baphila kwimihla yokugqibela. ABalindi abaninzi baya baziva ngokungathi, ukuba abalumisanga ukholo lwabo phezu kwexesha eliqinisekileyo lokubuya kweNkosi, abasayi kuba nenzondelelo nokukhuthala emsebenzini wokulungiselela. Kanti ke, xa athe amathemba abo aphindaphindwa ukuthabatheka, aze aphinde atshabalale, ukholo lwabo lufumana umothuko omkhulu bade baphantse ukungakwazi ukutsaleleka kwiinyaniso ezinkulu zesiprofeto. IE18 405.2

    Ukushunyayelwa kwexesha eliqinisekileyo lomgwebo, ekunikweni kwesigidimi sokuqala, kwakuyalelwe nguThixo. Ukubalwa kwexesha lesiprofeto ekwakuxhonywe kulo eso sigidimi, kubeka isiphelo seentsuku ezingama-2300 kwixesha lokwindla lowe-1844, kumi kungenakususwa. Amalinge aphindiweyo okufumana imihla emitsha yokuqala nokuphela kwamaxesha esiprofeto, nokuzathuza okungavakaliyo okufunekayo ukuxhasa ezi ndawo, akwaneli kuphela ukukhokelela iingqondo kude nenyaniso yexesha langoku, kodwa kwenza kubekho ukujongelwa phantsi kwayo yonke imizamo yokuchaza iziprofeto. Okona kuphindwa rhoqo ukumiswa kwexesha lokubuya kwesibini, nokukona kufundiswa ngokubanzi, okona kufanelene ngcono neenjongo zikaSathana. Kuthi lakuba lidlule elo xesha, avuse ukuhlekwa nokudelelwa kwabavakalisi balo, ngaloo ndlela enze ukuba kubekho ukugculelwa kwentshukumo enkulu yokubuya yowe-1843 nowe-1844. Abo baqhubeka nale mposiso, ekugqibeleni baya kumisa umhla wokubuya kukaKristu okude kakhulu kwixesha elizayo. Ngoko baya kukhokelelwa ekubeni bakholose kukhuseleko lobuxoki, baze abaninzi bangasindi ekukhohlisweni kude kube semva kakhulu.IE18 406.1

    Imbali kaIsrayeli wakudala ingumzekelo ocace kakhulu wamava awadlulayo womzimba waBalindi. UThixo wabakhokela abantu baKhe kwintshukumo yokubuya, njengoko wakhokela abantwana bakaIsrayeli ukuphuma eYiputa. Kudaniso olukhulu, ukholo lwabo lwavavanywa njengoko kwakunjalo kolwamaHebhere kuLwandle oluBomvu.Ukuba babehleli bethembele kwisandla esikhokelayo esasinabo kumavaabo angaphambili, ngebalubona usindiso lukaThixo. Ukuba bonke abasebenza bemanyene emsebenzini wowe-1844, bathi bafumana isigidimi sengelosi yesithathu basivakalisa ngamandla kaMoya Oyingcwele, iNkosi ngeyasebenza ngamandla ngemizamo yabo. Umsinga wokukhanya ngowawuthululwe phezu kwehlabathi. Kwiminyaka eyadlulayo, abemi bomhlaba ngebalunyukiswa, wagqitywa umsebenzi wokugqibela, abe uKristu wabuya ukuza kuhlangula abantu baKhe. IE18 406.2

    Yayingeyiyo intando kaThixo ukuba uIsrayeli abhadule entlango amashumi amane eminyaka; walangazelela ukubakhokelela ngqo eKanan abamisele apho, babe ngabantu abangcwele nabonwabileyo. Kunjalo, “babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.” Hebhere 3:19. Ngenxa yokuhlehla nokukreqa kwabo, batshabalala entlango, kwaza kwavuswa abanye ukuba bangene eZweni leDinga. Ngokukwanjalo, yayingeyiyo intando kaThixo ukuba ukufika kukaKristu kulibaziseke kangaka baze abantu baKhe bahlale iminyaka emininzi kangaka kulo mhlaba wesono nosizi. Kaloku ukungakholwa kwabahlula kuThixo. Njengoko bakwala ukwenza umsebenzi awayebanyulele wona, abanye bavuswa ukuba bavakalise isigidimi. Ngenceba kwihlabathi, uYesu ukulibazisile ukuza kwaKhe, ukuze aboni babe nethuba lokuva isilumkiso baze bafumane kuYe ukhuseleko phambi kokuba ingqumbo kaThixo ithululwe. IE18 407.1

    Ngoku njengakwizizukulwana zakudala, ukuvakaliswa kwenyaniso okungxolisa izono neziphoso zamaxesha kuya kuvusa inkcaso. “Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa.” Yohane 3:20. Bathi abantu xa bebona ukuba abakwazi ukuyixhasa indawo yabo ngeziBhalo, abaninzi bazimisele ukuyigcina nokuba bajongene neengozi ezithini, baze bathi benomoya wenkohlakalo, bahlasele isimilo neenjongo zabo bamayo bayikhusele inyaniso engathandwayo. Yinkqubo enye naleyo yayilandelwa kuzo zonke izizukulwana. UEliya kwathiwa ungumhluphi kaIsrayeli, uYeremiya kwathiwa ungumngcatshi, uPawulos ungumngcolisi wetempile. Ukususela ngaloo mini ukuza kule, abo bathe banyaniseka kwinyanisobaya kuhlaselwa ngokuthi bangabaqali bemfazwe, abalahlekisi, okanye abavuli bemisantsa. Izihlwele ezingakholelwayo kakhulu ukuba zingamkela ilizwi eliqinisekileyo lesiprofeto, ziya kwamkela ngokukholelwa okungaxoxiyo isityholo ngakwabo banesibindi sokulwela izono zeli xesha. Lo moya uya kwanda ngakumbi nangakumbi. Yona iBhayibhile ikufundisa ngokucacileyo ukuba ixesha lifikile xa imithetho yelizwe iya kuchasana kakhulu nomthetho kaThixo ade athi nabani oyigcinayo yonke imiyalelo engcwele kufuneke ajongane nokugculelwa nokohlwaywa njengomenzi wobubi.IE18 407.2

    Ngenxa yoku, uyintoni umthwalo womthunywa wenyaniso? Angakwazi ukugqiba athi, inyaniso akufuneki inikwe, njengoko ikholisa ukuba nefuthe lokuvusa abantu ukuba bahlasele okanye bawale amabango ayo? Hayi; akanaso isizathu sokububamba ubungqina obulilizwi likaThixo, ngenxa yokuba buvusa inkcaso, njengokuba kwaba njalo kubaHlaziyi bangaphambili. Ukuvunywa kokholo okwenziwa ngabangcwele nabafelukholo kwabhalelwa ukulungelwa kwezizukulwana ezilandelayo. Loo mizekelo iphilileyo yobungcwele nesidima esizinzileyo iye yehla ukuze inike isibindi kwabo babizwayo ngoku ukuba bame babe ngamangqina kaThixo. Balufumana ubabalo nenyaniso, ingeyiyo eyabo bodwa, kodwa ukuze ngabo, ukwaziwa kukaThixo kukhanyise umhlaba. Angaba uThixo ubanikile na ukukhanya abakhonzi baKhe kwesi sizukulwana? Ngoko ke, bamelwe ukukukhanyisa ehlabathini. IE18 407.3

    Mandulo, uYehova wathetha kulowo wayethetha egameni laKhe: “Ke indlu kaIsrayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba abavumi ukundiphulaphula nam.” Noko ke kunjalo, wathi: “Wathethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bala.” Hezekile 3:7; 2:7. Kumkhonzi kaThixo ngalo eli xesha, umyalelo uphuma usithi: “Liphakamise izwi lakho njengexilongo, ubaxelele abantu baM ukreqo lwabo, nendlu kaYakobi izono zabo.” IE18 408.1

    Ukuza kufika ngoku, ngokokubakho kwamathuba akhe, wonke ubani ozuze ukukhanya kwenyaniso uphantsi koxanduva olufanayo noloyikekayo njengoko kwakunjalo kumprofeti kaIsrayeli, elafika kuye ilizwi likaYehova, lisithi: “Nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaIsrayeli; woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum. Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.” Hezekile 33:7-9.IE18 408.2

    Isikhubekiso esikhulu kuko kokubini, ukwamkela nokuyenza inyaniso, yinto yokuba ibandakanya ukuphazamisa nokugculelwa. Kuphela kwengxoxo le ethethwa ekuchasweni kwenyaniso ngabo bangakwazanga ukuyiphikisa. Oku akubajiki abalandeli benyaniso bakaKristu. Aba abalindeli ukuba inyaniso ithandwe. Kuba boyisakele ngumsebenzi wabo, bawamkela umnqamlezo ngabom, bekunye nompostile ekubaleni bathi “ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade;” kunye nowakudala, “ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa.”.” 2 Korinte 4:17; Hebhere 11:26.IE18 408.3

    Nokuba uyintoni na uumsebenzi wabo, kuphela ngabo bangabakhonzi behlabathi entliziyweni abaya kwenza ngokomgaqo endaweni yomthetho-siseko kwizinto zenkolo. Kufuneka sikhethe okulungileyo kuba kulungile, siziyekele kuThixo iziphumo. Kubantu bomthetho-siseko, ukholo, nesibindi, ihlabathi lixhomekekile kubo ukuba lizuze uhlaziyo olukhulu. Ngamadoda anjalo ekufuneka eqhubele phambili umsebezi wohlaziyo weli xesha.IE18 409.1

    Ngoko ke, uthi uYehova: “Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo. Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana.” Isaya 51:7, 8.IE18 409.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents