Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    18—UmHlaziyi wasemelika

    Umfama owayenyaniseke entliziyweni, ekwenzekayo ukuba alithandabuze igunya lobungcwele beziBhalo, kanti kunjalo, wayekunqwenela ngenzondelelo ukuyazi inyaniso, waba yindoda awayinyula ngendlela eyodwa uThixo ukuba ikhokele ekuvakaliseni ukuza kwesibini kukaKristu. Njengabanye abahlaziyi abaninzi, uWilliam Miller, ebutsheni bakhe wayephila ubomi bokuzamana nentlupheko waza wafunda izifundo ezikhulu zokusebenza nokuziqoba. Wayezalwa kusapho olwaluthanda ukuzimela, lunomoya othanda inkululeko, lukwazi ukunyamezela, lusithanda kakhulu nesizwe—iimpawu ezazibonakala nakwesakhe isimilo. Uyise wayengumphathi kumkhosi woVukelo, kanti kumadabi nokutsala nzima elo xesha leenkqwithelo kulapho zinokulandwa khona iimeko ezinzima zobomi basekuqaleni bukaMiller.IE18 287.1

    Wayephilile enamandla emzimbeni, kwathi, kwasebuntwaneni bakhe, wabonakalalisa ubuchopho obungaqhelekanga. Ngokuya ekhula eba mdala, kwaya kuphawuleka ngakumbi oku. Ingqondo yakhe yayisebenza isakheka kakuhle, elunxanelwe kakhulu ulwazi. Nangona engazange alifumane ithuba elihle lemfundo yasekholejini, ukuthanda kwakhe ukufunda nomkhwa wokucingisisa ngononophelo nokucalula ngenzondelelo kwamenza wangumntu okwazi ukuqiqa kwaneembono eziphangaleleyo. Wayeziphethe ngendlela engenakusoleka, enesimilo esinqwenelekayo, ehlonitshwa ngesidima, ukonga nobubele. Ngokuba ngumntu okhutheleyo nozinikelayo, wathi eselula wanesakhono, nangona wayesayigcinile yona imikhwa yakhe yokufunda. Waba kwizikhundla eziliqela kuburhulumente nasemkhosini ngendlela encomekayo, aza abonakala amajelo endyebo nokuhlonipheka evulekile kuye.IE18 287.2

    Umama wakhe wayeyinkosikazi emoyika ngokukodwa uThixo, kwaza kwathi ebuntwaneni bakhe, waphantsi kweempembelelo zenkolo. Wathi esengumfana, waqhelana neqela labantu abakholelwa kuThixo bengenanto yakwenza nemithetho yenkonzo, abampembelelo yabo yayinamandla kuba babekholise ukuba ngabemi abalungileyo, bengamadoda anobuntu nobubele. Bephila ngendlela yabo benjalo, kwimizi yobuKristu, izimilo zabo zaya zachatshazelwa ekwakhiweni kwazo ziindawo ababehlala kuzo. Ubuhle obabazuzisa intlonipho nokuthenjwa babubonwa bubobeBhayibhile; kanti ke ezi zipho zilungileyo zaya zagqwethwa zaba nefuthe lokulichasa ilizwi likaThixo. Ngokuzihlanganisa naba bantu, uMiller wazamkela izimvo zabo. Ingcaciso emiyo yesiBhalo yaba nobunzima okwabonakala kuye kumongamele; kodwa inkolo yakhe entsha, nangona yayiyibekela bucala iBhayibhile, yayingabeki nto ingcono endaweni yayo, iBhayibhile, waza wakude nokwaneliseka. Waqhubeka ezibambile kodwa ezi mbono, isithuba seshumi elinambini leminyaka. Kwathi kodwa eneminyaka engamashumi amathathu anesine, uMoya Oyingcwele wafaka entliziyweni yakhe ingqondo yokuba imeko yakhe yeyomoni. Akazange alufumane kwinkolo yakhe yangaphambili ulonwabo oludlula ngaphaya kwengcwaba. Ikamva lalimnyama lidakumbisa. Emva koko, ethetha ngemvakalelo yakhe yelo xesha, wathi: IE18 287.3

    “Ukubhangiswa kwakuyingcamango eyoyikekayo ehla ngomchachazo, nokuziphendulela kuyintshabalalo eqinisekileyo kumntu wonke. Amazulu ayefana nobhedu phezu kwentloko yam, umhlaba usisinyithi ngaphantsi kweenyawo zam. Unaphakade—wayeyintoni? Ukufa kona—kwakufuneka ngantoni? Okona ndiya ndicinga, kwakukona zisasazeka izinto endifikelela kuzo. Ndazama ukuyeka ukucinga, kodwa iingcinga zam azalawuleka. Ndandihlupheke ngokwenene, kodwa ndingasazi isizathu. Ndasola ndakhalaza, kodwa ndingazi ukuba ndingakhalela bani. Ndandisazi ukuba ikho imposiso, kodwa ndingazi ukuba kanjani okanye ndingakufumana phi okulungileyo. Ndakhala, kodwa ndingenalo ithemba.”IE18 288.1

    Waqhubeka iinyanga eziliqela kule meko. Uthi, “Ngequbuliso, isimilo soMsindisi safika ngokucacileyo engqondweni yam. Kwaba ngathi unokuba ukho umntu olunge kakhulu nonemfesane onokuthi ngokwakhe azicamagushele izikreqo zethu, aze ngako oko asisindise ekohlwayweni ngenxa yesono. Kwangoko, ndayiva indlela anokuba uthandeka ngayo umntu onjalo, ndazibona ndiziphosa ezingalweni zakhe, ndithembela kwinceba yakhe umntu onjalo. Wabakho wona umbuzo, Kungaziwa njani ukuba ukho umntu onjalo? Ngaphandle kweBhayibhie, ndafumanisa ukuba andingeke ndifumane nto ibonisa ubukho boMsindisi onjalo, okanye nemeko enjalo kwixesha elizayo. . . .IE18 288.2

    “Ndabona ukuba iBhayibhile iyamveza uMsindisi onjalo njengoko ndandimdinga; ndaza ndadidwa kukufumana ukuba incwadi engaphefumlelwanga ingaphuhlisa imithetho-siseko egqibelele ngolo hlobo ekwazi ukufanela iimfuno zomhlaba owileyo. Ndanyanzeleka ukuba ndivume ukuba iziBhalo kunyanzelekile ukuba zibe sisityhilelo esivela kuThixo. Zaba luvuyo lwam; ndaza ndafumana umhlobo kuYesu. UMsindisi kum waba ngoyena umhle kumawaka; zaza iziBhalo, ezazingacacanga nezaziphikisana, ngoku zaba sisibane seenyawo zam nokukhanya emendweni wam. Ingqondo yam yazinza yaneliseka. Ndamfumana uYehova uThixo eliLiwa phakathi kolwandle lobomi. IBhayibhile ngoku yayeyona iphambili kwizifundo zam, ndaye ndikwazi ukuthi, Ndiyiphengulule ngokonwaba okukhulu. Ndifumanise ukuba andizanga ndaxelwa nesiqingatha. Ndaya ndamangala ukuba kungani ndingazange ndibubone ubuhle nobuqaqawuli bayo ngaphambili, ndakhwankqiswa kukuba ndakha ndayala ngaphambili. Ndayifumana kuyo yonke into eyayinqwenelwa yintliziyo yam ityhiliwe, nomathunga wazo zonke izifo zomphefumlo. Ndalahlekwa kuko konke ukonwabela ukufunda ezinye iincwadi, ndanikela intliziyo yam ekufumaneni ubulumko obuvela kuThixo.”--S. Bliss, Memoirs of Wm. Miller, pages 65-67. IE18 288.3

    UMiller wakuvuma ngokuphandle ukukholelwa kwakhe kwinkolo awayekade eyidelela. Bona abahlobo bakhe ababengakholwa abazange balibazise ukuza neengxoxo yena ngokwakhe awayezisebenzisa ukuchasa igunya elingcwele leziBhalo. Wayengakulungelanga ukubaphendula ngelo xesha; kodwa watsho ukuthi, ukuba iBhayibhile isisityhileloesivela kuThixo, imeleukubaivumelaneyonangokwayo;nokuba, njengoko yayinikelwe ukufundiswa komntu, kufuneka yenziwe yakufanela ukuba ayiqonde umntu. Wazimisela ukuzifundela ngokwakhe iziBhalo, aqinisekise ukuba konke okubonakala ngokungathi yimpikiswano kunako ukuvumelana.IE18 289.1

    Ezama ukubeka bucala zonke iingcamango awayenazo ngaphambili, elahla zonke iinkcazo [ngeBhayibhile], wathelekisa isibhalo nesibhalo, encedwa zinkcazo zamagama kunye nencwadi yokukhomba iindima zeBhayibhile. Wasenza isifundo sakhe ngokuzingisa nangendlela enocwangco; eqalela kuGenesis, efunda indima ngendima, wabheka phambili engayishiyi ngasemva ingasonjululwanga intsingiselo yeendawo eziliqela ukuze angabi nako ukuphoxeka. Wayesithi akufumana indawo engathi isithele, ngokwesiko lakhe, ayithelekise nenye indima engathi ikwabhekisa kwakumcimbi awuphetheyo. Igama ngalinye lalinikwa ithuba lokuba libe negalelo kumxholo wendawo ayifundayo, kuze kuthi ukuba, ngokubona kwakhe, liyahambelana nale ndawo ayifundayo, kunye nenye indawo efana nayo, liyeke ukuba yingxaki. Ngaloo ndlela, wakwazi ukuba athi akuhlangana nendawo ekunzima ukuyiqonda afumane inkcazo kwenye indawo yeziBhalo. Njengoko wayefunda ezingisile ukuthandazela ukukhanyiselwa lizulu, oko kwakubonakala engqondweni yakhe kumnyama ngaphambili kwenziwa kwacaca. Waya wayazi inyaniso yamazwi omdumisi, athi: “Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, kuqondisa abazizidenge.” INdumiso 119:130.IE18 289.2

    Waya wathi ngomdla omkhulu wafunda incwadi kaDaniyeli neyesiTyhilelo, esebenzisa kwayona le ndlela yokuchaza ayisebenzisa kweminye imibhalo, wafumana, ngovuyo olukhulu, ukuba imifuziselo yesiprofeto inako ukuqondwa. Wabona ukuba iziprofeto, ngokwendlela eziye zazaliseka ngayo, zazaliseka ngokuphandle; nokuba iindlela ezahlukeneyo ekufanekiswe ngazo—izikweko, imizekeliso, izifaniso, njalo njalo,--zaziye zacaciswa, mhlawumbi kwalapho, okanye amazwi awasetyenziswayo acaciswa komnye umbhalo, kwathi ngokuchazwa ngolo hlobo, kwalula ukuziqonda ngokuphandle. “Ndaya ndaneliseka,” utsho, “ukuba iBhayibhile iluhlelolweenyaniso ezityhiliweyo, ezinikwe ngokucacileyo nangokululaukuzeathi umntuolahlekayo,nangona esisihiba, angaphazami kuyo.”--Bliss, page 70. Ikhonkco nekhonco letyathanga lenyaniso, layivuza imizamo yakhe, njengoko kwinyathelo ngenyathelo wayekulanda ukulandelelana kwesiprofeto. Iingelosi zezulu zaziyikhokela ingqondo yakhe ekuvuleni iziBhalo kwingqiqo yakhe.IE18 290.1

    Wathi ngokuthabatha indlela ezathi zazaliseka ngayo iziprofeto kwixesha eladlulayo njengomzekelo ekunokubonwa ngayo ukuzaliseka kwezo zaziseza kubakho, waneliseka ukuba imbono ethandwayo yokulawula komoya kaKristu—iminyaka eliwaka yasemhlabeni ngaphambi kokuphela kwehlabathi—yayingaxhaswa lilizwi likaThixo. Le mfundiso yalatha kwiminyaka eliwaka yobulungisa noxolo ngaphambi kokuza buqu kweNkosi, ikubekela kude ukoyika imini kaThixo. Kanti ke, nangona isanelisa injalo, ichasene neemfundiso zikaKristu nezabafundi baKhe, ezaxela ngengqolowa nomdiza nokukhula kunye kude kube lixesha lokuvuna, isiphelo sehlabathi; nokuba “abantu abangendawo noosiyazi baya kuhambela phambili ebubini;” nokuba “ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko,” nokuba ubukumkani bobumnyama buya kuqhubeka kude kube kukufika kweNkosi baze bagqitywe baphele ngumoya womlomo wayo baze batshatyalaliswe kukukhanya kokufika kwaYo. Mateyu 13:30, 38-41; 2 Timoti 3:13, 1; 2 Tesalonika 2:8.IE18 290.2

    Imfundiso yokuguquka kwehlabathi nolawulo lukaKristu lalingazange libenayo ibandla lexesha labapostile. Yayingamkelekanga kuwo onke amaKristu kwada kwaba sekuqaleni kwenkulungwane yeshumi elinesibhozo. Njengazo zonke iimposiso, iziphumo zayo zaba zibi. Yabafundisa abantu ukuba bakubone kukude kwixesha elizayo ukuza kweNkosi, kwaza oko kwabathintela abantu ekubeni bayinike ingqalelo imiqondiso exela ngokuza kwaYo. Yakhuthaza imvakalelo yokuba nethemba nenkuseleko ezazingenaso isiseko nezakhokelela abaninzi ukuba bakutyeshele ukulungiselela okufunekayo ukuze bakwazi ukuyihlangabeza iNkosi yabo. IE18 290.3

    UMiller wafumanisa ukuba ukuza kukaKristu okubonwa ngamehlo, nobungesiqu ngokwaso, kufundiswa ngokucacileyo eziBhalweni. Uthi uPawulos: “INkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha zithunywa, inexilongo likaThixo.” 1 Tesalonika 4:16. UMsindisi Yena wathi: “Zimbone uNyana woMntu ezulwini, esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.” “Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.” Mateyu 24:30, 27. Uza kuba ekhatshwa yiyo yonke imikhosi yasezulwini. “[Wofika] uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele.” Mateyu 25:31. “Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe.” Mateyu 24:31.IE18 291.1

    Ekufikeni kwaKhe, amalungisa afileyo aya kuvuswa, aze amalungisa aphilayo enziwe kumila kumbi. “Asiyi kulala ukufa sonke;” utsho uPawulos, “kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.” 1 Korinte 15:51-53. Kanti kwileta ayibhalele abaseTesalonika, emva kokuba echaze ukuza kweNkosi, uthi: “Abafele kuKristu [baya kuvuka] kuqala, sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.” 1 Tesalonika 4:16, 17.IE18 291.2

    Abantu baKhe ababufumani ubukumkani ade afike ngokwaKhe ubuqu uKristu. UMsindisi wathi: “Xa athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo. Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” Mateyu 25:31-34. Sibonile koku kubhaliweyo kusanda kunikwa ukuba, xa uNyana woMntuesiza,abafileyo bayavuswa bengenakonakalabazeabaphilileyobenziwekumilakumbi.Ngoku kwenziwa kumila kumbi kukhulu, balungiselelwa ukwamkela ubukumkakni; kuba uPawulos uthi: “Inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo, nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.” 1 Korinte 15:50. Umntu, ngokwale meko akuyo, unokufa nokonakala; kodwa ubukumkani bukaThixo abunako ukonakala, kodwa bumi ngonaphakade. Ngoko ke, umntu ekule meko akuyo, akanako ukungena ebukumkanini bukaThixo. Ngoko ke, xa uYesu efika, unika ukungabi nakufa kubantu baKhe; aze ababizele ukuba badle ilifa ubukumkani ababe ziindlamafa zabo kuphela ukuza kuthi ga ngoku.IE18 291.3

    Ezi kunye nezinye izibhalo zabonisa ngokucace kakhulu kwingqondo kaMiller ukuba iziganeko ezazilindelwe jikelele ukuba zenzeke ngaphambi kokuza kukaKristu, njengolawulo loxolo kuyo yonke indawo nasekumiselweni kobukumkani bukaThixo emhlabeni, zizinto ezaziza kulandela ukubuya kwesibini. Ngaphezu koko, yonke imiqondiso yamaxesha neemeko zehlabathi zazihambelana nenkcazo yesiprofeto yemihla yokugqibela. Wanyanzeleka ukuba afikelele kwisigqibo, ngokufunda kwakhe isiBhalo kuphela, sokuba ixesha elalimiselwe ukuqhubeka komhlaba ukwimeko ekhoyo, kwakufikelele ekubeni kuphele.IE18 292.1

    “Olunye uhlobo lwento ebonakalayo eyachukumisa ingqondo yam ngokupheleleyo,” uthi, “yayikukulandelelana kweziBhalo. . . . Ndafumana ukuba, iziganeko ezixelwe kwangaphambili, ezazalisekayo kwixesha eladlulayo, zakholisa ukwenzeka ngexesha elinikiweyo. Iminyaka elikhulu elinamashumi amabini eminyaka kunogumbe (Genesis 6:3); iintsuku ezisixhenxe ezaziza kuza ngaphambi kwakhe [unogumbe], neentsuku ezingamashumi amane emvula eyaxelwa kwangaphambili (Genesis 7:4); iminyaka engamakhulu amane okuphambukela kwembewu ka-Abraham (Genesis 15:13); iintsuku ezintathu zamaphupha, elomngcamli nelomoji wezonka (Genesis 40:12-20); iminyaka esixhenxe kaFaro (Genesis 41:28-54); iminyaka engamashumi amane entlango (Numeri 14:34); iminyaka emithathu enesiqingatha yendlala (1 Kumkani 17:1) [bona nakuLuka 4:25;] . . . amashumi asixhenxe eminyaka yasekuthinjweni (Yeremiya 25:11); amaxesha asixhenxe kaNebhukadenetsare (Daniyeli 4:13-16); kunye neeveki ezisixhenxe, namashumi amathathu aneeveki ezimbini, kunye neveki enye, ezenza iiveki ezingamashumi asixhenxe, ezimiselwe amaYuda (Daniyeli 9:24-27),--ezi ziganeko zinemiqobo yala maxesha zonke zaka zayimicimbi yesiprofeto, zaza zazaliseka ngokokuxelwa kwazo kwangaphambili.”--Bliss, pages 74, 75.IE18 292.2

    Xa ke ngoko, ngokufumana kwakhe, ekufundeni kwakhe iBhayibhile, amaxesha awahlukeneyo elandelelana ngokuwaqonda kwakhe, eya kufikelela ekuzeni kwesibini kukaKristu, wayengenako ukuzinceda ukuba angawathabathi njenga“maxesha abekwe ngenxa engaphambili,” uThixo awawatyhilayo kubakhonzi baKhe. “Izinto ezisitheleyo,” wathi uMoses, “zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kuse ephakadeni;” yaza iNkosi yazisa ngomprofeti uAmos, ukuba “ayikhe yenze into, . . . ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.” Duteronomi 29:29; Amos 3:7. Abafundi belizwi likaThixo banako, ngoko, ukulindela, ngesibindi, ukufumana esona siganeko sikhulu esenzekayo kwimbali yoluntu esalathwe ngokucacileyo eziBhalweni zenyaniso.IE18 293.1

    “Njengoko ndandoyisakele,” uthi uMiller, “sonke isiBhalo, siphefumlelwe nguThixo . . . [siluncedo]”, (2 Timothy 3:16); nokuba asizange sifike nangaliphi ixesha ngentando yomntu, kodwa sabhalwa njengoko abantu abangcwele babeqhutywa nguMoya Oyingcwele (2 Petros 1:21), saye sasibhalelwe ‘okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba’ (Roma 15:4), ndanyanzeleka ukuba ndikuxabise ukulandelelana kweendawo zeBhayibhile njengokuba zizindawo zelizwi likaThixo, njengokuba zinikwe ilungelo lokuqatshelwa sithi, njengazo naziphi iindawo zeziBhalo. Ke ngoko, ndeva ukuba ekuzameni ukuqonda oko uThixo wathi, ngenceba yaKhe, wakubona kufanelekile ukuba akutyhile kuthi, andabi nalo ilungelo lokudlula ngaphaya kwamaxesha esiprofeto.”-- Bliss, page 75.IE18 293.2

    Isiprofeto esabonakala siliveza ngokucacileyo ixesha lokufika kwesibini [kukaYesu] sesikaDaniyeli 8:14: “Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele.” Ngokulandela umgaqo wakhe wokusenza isiBhalo umchazi waso, uMiller wafunda ukuba usuku ngokomfuziselo wesiprofeto lumele umnyaka (Numeri 14:34; Hezekile 4:6); wabona ukuba ixesha leentsuku zesiprofeto ezingama-2300, okanye iminyaka eqhelekileyo, yayiza kuya kufika ngaphaya kokuphela kwexesha lamaYuda, njengoko lingakwazi ukuthetha ngengcwele yelo xesha. UMiller wamkela imbono eyayifumaneka jikelele yokuba, kwixesha lobuKristu umhlaba uyingcwele, waza ngoko waqonda ukuba ukuhlanjululwa kwengcwele okwaxelwa kwangaphambili kuDaniel 8:14 kwakumele ukuza kwesibini kukaKristu. Ukuba, ke ngoko, isiqalo seentsuku ezingama-2300 singafunyanwa, wagqiba kwelokuba, ixesha lokufika kwesibini lingaqinisekiswa kwangoko. Ngaloo ndlela, kwakuya kutyhilwa ixesha leso siganeko sikhulu, ixesha xa le meko ikhoyo, nalo “lonke ikratshi negunya layo, ubuyokoyoko nokungabi nto, inkohlakalo nengcinezelo, ziya kufika esiphelweni;” xa isiqalekiso siya “kususwa emhlabeni, ukufa kutshatyalaliswe, abakhonzi bakaThixo bawunikwe umvuzo, abaprofeti nabangcwele, nabo baloyikayo igama laKhe, baze batshatyalaliswe abo bawonakalisayo umhlaba.”--Bliss, page 76. IE18 293.3

    Ngokunyaniseka okutsha nokunzulu, uMiller waqhubeka nokuzihlola iziprofeto, ubusuku bonke neemini ezinikele ekufundeni oko kwabonakala ngoku kubaluleke kakhulu kwaye kutsala umdla omkhulu. Kwisahluko sesibhozo sikaDaniyeli, akazange afumane mkhondo umkhokelela kwindawo apho zaziqala khona iintsuku ezingama-2300; ingelosi uGabriyeli, nangona yayiyalelwe ukuba imenze uDaniyeli ukuba awuqonde umbono, yamnika ingcaciso engaphelelanga. Njengoko intshutshiso embi eyayiza kulifikela ibandla yayityhileka embonweni, amandla omzimba aphela. Akazange akwazi ukunyamezela ngaphezulu, yaza ingelosi yamshiya okwexesha elithile. UDaniyeli “[wa]phela [wa]neentsuku esifa.” “Ndamangaliswa yimbonakalo leyo,” uthi, “kwakungekho uyiqondayo.”IE18 294.1

    Kanti ke, uThixo wayemyalele umthunywa waKhe: “Mqondise imbonakalo.” Loo myalelo kufuneka uzalisekile. Ekuwuthobeleni, ingelosi, sekulithuba emva koko, yabuyela kuDaniyeli, isithi: “Ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde;” “liqonde ke ilizwi, uqonde umbono.” Daniyeli 8:27, 16; 9:22, 23, 25-27. Kukho indawo eyayinye ebalulekileyo kumbono wesahluko sesi-8 eyashiywa ingacaciswanga, ebhekiselele exesheni—ixesha lama-2300 eentsuku; ngoko ke, ingelosi, ngokuqalisa ukuchaza, yagxila kakhulu kumba wexesha: IE18 294.2

    “Bamiselwe iiveki ezimashumi asixhenxe abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele. . . . Yazi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kuMthanjiswa oyinganga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini, eya kubuyiswa yakhiwe ibe banzi, icandwe, ekucuthekeni ke kwamaxesha. Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, uya kunqunyulwa uMthanjiswa, angabi saba nanto. . . . Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye; ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla.”IE18 294.3

    Ingelosi yayithunyelwe kuDaniyeli ngenjongo eyodwa yokuba imchazele indawo awasilela ukuyiqonda embonweni wesahluko sesibhozo, intetho engqamene nexesha—“Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele.” Emva kokumyalela uDaniyeli ukuba isithi: “liqonde ke ilizwi, uqonde umbono,” amazwi nje okuqala engelosi athi: “Bamiselwe iiveki ezimashumi asixhenxe abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele.” Igama apha eliguqulwe “[ba]miselwe” lithetha “ukuqhawula” [okanye ukuhlomlelwa]. Iiveki ezimashumi asixhenxe, ezimele ama-490 yeminyaka, ithi ingelosi aqhawulwe, ngokubhekiselele ngendlela eyodwa kumaYuda. Phofu yayiqhawulwe entweni? Njengoko ama-2300 eentsuku yayikuphela kwexesha elikhankanyiweyo kwisahluko sesi-8, kufuneka ke libe lixesha eliyinxalenye yezi ntsuku zingama-2300, kwaye kufuneka la maxesha mabini aqale kunye. Iiveki ezimashumi asixhenxe zazixelwe yingelosi ukuba ziqala ekuphumeni komthetho wokubuyiselwa kwakhiwe iYerusalem. Ukuba umhla walo mthetho ubunokufunyanwa, kutsho ukuthi indawo yokuqala kwexesha elikhulu lama-2300 eentsuku lingaqinisekiswa. IE18 295.1

    Kwisahluko sesixhenxe sikaEzra, umthetho uyafunyanwa. Iindima 12-26. Kwimo yawo epheleleyo, wakhutshwa nguArtashashta, ukumkani wasePersi, 457 B.C. KuEzra 6:14, indlu kaYehova eYerusalem, kuthiwa yakhiwa ngokomthetho [“umyalelo” ngokoqikelelo] kaKoreshi, noDariyo, noArtashashta ukumkani wasePersi.” Ezi kumkani zintathu, ekuyileni, ekuqinisekiseni, nasekwenziweni komyalelo, kwawuzisa ekuwufezekiseni okufunwa sisiprofeto ukuphawula isiqalo seminyaka engama-2300. Ukusebenzisa umnyaka wama-457 B.C., ukuba ube lixesha lokugqitywa komyalelo njengomhla womthetho, zonke iinkcukacha zesiprofeto ezingeeveki ezimashumi asixhenxe kwabonakala ukuba zizalisekile.IE18 295.2

    “Kuthabathela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyinganga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini:--oko kukuthi, ziiveki ezingamashumi amathandathu, okanye iminyaka engama-483. Umthetho ka-Artashashta wasebenza ekwindla ngowama-457 B.C. Ukususela kweli xesha, ama-483 eminyaka afikelela kukwindla lowama-A.D. 27. (Bona ISIHLOMELO). Ngelo xesha, esi siprofeto sazaliseka. Igama “Mesiya” libonisa “Othanjisiweyo.” Ngexesha lasekwindla ngowama-A.D. 27, uKristu wabhaptizwa nguYohane waza wamkelwa ukuthanjiswa koMoya. Umpostile uPetros wangqina ukuba “uThixo wamthambisa ngoMoya Oyingcwele nangamandla.” IZenzo 10:38. Yena uMsindisi ngokwaKhe, wathi: “UMoya weNkosi uphezu kwam, ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu.” Luka 4:18. Emva kokubhaptizwa kwaKhe, waya eGalili, “evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi, Lizalisekile ixesha.” Marko 1:14, 15.IE18 295.3

    “Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye.” “Iveki” eveziweyo apha, yeyokugqibela kwezingamashumi asixhenxe; yeyokugqibela kwixesha leminyaka esixhenxe eyabekelwa amaYuda ngendlela ekhethekileyo. Ngeli xesha, ukususela ngowama-A.D. 27 ukuya kowama-A.D. 34, uKristu,--ekuqaleni, inguYe, kwathi kamva yangabafundi baKhe—wasihambisa isimemo seendaba ezilungileyo ngokukodwa kumaYuda. Njengokuba abafundi babephuma neendaba ezilungileyo zobukumkani, umyalelo woMsindisi wawuthe: “Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya; yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaIsrayeli.” Mateyu 10:5, 6.IE18 296.1

    “Ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla.” Ngowe-A.D. 31, kwiminyaka emithathu emva kokubhaptizwa kwaYo, iNkosi yethu yabethelelwa emnqamlezweni. Ngombingelelo omkhulu owanikelwa eKalvari, kwaphela uhlelo lweminikelo olwathabatha iminyaka engamawaka amane lusalatha phambili kwiMvana kaThixo. Uhlobo lwahlangana nesiqu, yaza yonke imibingelelo neentlambululo zohlelo lweenkonzo ezazikho zayeka.IE18 296.2

    Iiveki ezimashumi asixhenxe, okanye iminyaka engama-490, eyayibekelwe amaYuda ngokukodwa, yaphela, njengoko sibonile ngowe-A.D. 34. Ngelo xesha, ngesenzo sequmrhu elilawulayo, iSanhedrin yamaYuda, isizwe sakutywina ukwala kwaso igospile ngokubulala uStefano nokutshutshisa abalandeli bakaKristu. Ngoko, isigidimi sosindiso, sanikelwa ehlabathini. Abafundi, ngokunyanzelwa yintshutshiso, basaba eYerusalem, “balityhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo.” “Wehla uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo.” UPetros, ekhokelwa lizulu, wazityhila iindaba ezilungileyo kumthetheli-khulu waseKesareya, uKorneli; uPawulos, owayenobushushu, nowabizelwa kwinkolo kaKristu, wayalelwa ukuba ase iindaba zovuyo “kude kwiintlanga.” IZenzo 8:4, 5;22:21. IE18 296.3

    Ukuza kufikelela kule ndawo, zonke iinkcukacha zeziprofeto zazaliseka ngendlela emangalisayo, kwaye nesiqalo seeveki ezimashumi asixhenxe samiselwa kumnyaka wama-457 B.C. ngaphandle kwengxaki, kwakunye nokuphela kwayo ngowama-A.D. 34. Kwezi nkcukacha, abukho ubunzima bokufumana ixesha lokuphela kweentsuku ezingama-2300. Iiveki ezingama—490 eentsuku—zakuba ziqhawulwe kwezingama-2300, kwasala iintsuku ezili-1810. Emva kokuphela kweentsuku ezingama-490, iintsuku ezili-1810 kwakusafuneka zizalisekile. Ukususela kowe-A.D. 34, iminyaka eli-1810 ihamba iyokufika kowe-1844. Ngenxa yoko, ama-2300 eentsuku zikaDaniyeli 8:14 aphela ngowe-1844. Ekupheleni kweli xesha likhulu lesiprofeto, ngobungqina bengelosi kaThixo, iyakwandula “ukulungiswa [ukuhlanjululwa (NKJV)] ingcwele.” Laba ke ixesha lokuhlanjululwa kwengcwele—nto leyo ekwakukholelwa jikelele ukuba iya kwenzeka ekubuyeni kwesibini—lalathwa ngokuqinisekileyo.IE18 296.4

    Ekuqalekeni, uMiller namahlakani akhe bakholelwa ukuba iintsuku ezingama-2300 zaziza kuphela ngexesha lentwasahlobo yowe- 1844, kanti ke isiprofeto sasalathe kwixesha lasekwindla laloo mnyaka. (Bona ISIHLOMELO). Ukuphosa ekuyiqondeni le ndawo kwazisa ukudana nokudideka kwabo babemise ixesha langaphambili njengexesha lokuza kweNkosi. Phofu, oku akuzange kube negalelo nakancinane ekuqineni kwembono ebonisa ukuba iintsuku ezingama-2300 zaziphela ngowe-1844, nokuba isiganeko esasimelwe kukuhlanjululwa kwengcwele kwakufuneka senzekile.IE18 297.1

    Waphinda wazifunda iziBhalo njengoko wayenzile ngaphambili, ukuze abone ukuba, ngokwenene, zazisisityhilelo sikaThixo, kodwa, engathanga zisuka uMiller alindele nakancinane ukuba zaziya kufikelela kwisiphumo ezafikelela kuso ngeli xesha. Yena ngokwakhe akazange ancome ukuphengulula kwakhe ngeziphumo. Okwakubonakala eziBhalweni kwakucace kakhulu kwaye kunamandla ukuba kungabekwa nje ecaleni.IE18 297.2

    Wayenikele iminyaka emibini ekufundeni iBhayibhile, xa ngowe-1818 wafikelela kwimbono yokuba, kwisithuba sama-25 seminyaka uKristu uza kubonakala ezokuhlangula abantu baKhe. “Andidingi nokuba ndithethe,” watsho uMiller, “ngovuyo oluzalise intliziyo yam ngokubhekiselele kuchulumanco olulindelekileyo, nangolangazelelo oluzalise umphefumlo wam lokubakho kovuyo lwabahlangulweyo. Ngoku iBhayibhile yaba yincwadi entsha kum. Ngokwenene, yayisisidlo sengqiqo; konke okwakumnyama, kufihlakele, okanye kusithele kum kwiimfundiso zayo, iBhayibhile, kwaya kwanyamalala engqondweni yam phambi kokukhanya okucacileyo okwathi chapha kuphuma kumaphepha ayo angcwele; zavela zinjani ukukhanya nokubengezela iinyaniso ezathi gqi apho! Zonke izinto ezikhabanayo nezingavumelaniyo endandizifumana elizwini ngaphambili zemka; kwathi, nangona zazikho iindawo ezininzi endandinganelisekanga zizo, kodwa ndaziqonda ngokupheleleyo, kuba ukukhanya okuninzi okwaphuma kuyo kwayikhanyisela ingqondo yam eyayisebumnyameni ngaphambili, ndaza ndaziva ndikonwabele ukusifunda isiBhalo, endandingazange ndicinge ngaphambili ukuba ndingaze ndikufumane ukonwaba okunjalo kwiimfundiso zaso.”--Bliss, pages 76, 77.IE18 297.3

    Ngembono enendili yokuba iziganeko ezikhulu kangako ezaxelwa kwangaphambilieziBhalweniukubazizalisekengexeshaelifutshane kangako, kwafika engqondweni yam ngamandla amakhulungoxanduva lwam emhlabeni, ngenxa yobungqina obayichukumisayo ingqondo yam.”-- Bliss, page 81. Waya wakuva kungumthwalo wakhe ukwabelana nabanye ngokukhanya awakufumanayo. Walindela ukuqubisana nenkcaso kwabangahloneli Thixo, kodwa wayeqinisekile ukuba onke amaKristu ayeya kulivuyela ithemba lokuhlangana noMsindisi awayesithi ayamthanda. Olona loyiko lwakhe lwalulokuba kuvuyo lwawo olukhulu kwithemba lokuhlangulwa okunobuqaqawuli, olwaluza kwenzeka kamsinya, abaninzi babeza kuyamkela imfundiso bengazihlolanga iziBhalo ngokubonakala kwenyaniso yazo. Waba mathidala ngenxa yoko ukuyinika, hleze abe nemposiso baze ngenxa yakhe babe baninzi abalahlekiswayo. Oko kwenza ukuba abufunde ubungqina obuxhasa iziphumo awayefikelele kuzo, nokuqaphela ngobulumko bonke ubunzima obabufika engqondweni yakhe. Wafumanisa ukuba iinkcaso zaya zaphela phambi kokukhanya kukaThixo, njengenkungu phambi kwemitha yelanga. Iminyaka emihlanu eyachithwa ngolo hlobo yamshiya oyisakele ngokupheleleyo ngokulunga kwendawo awayithabathayo wema kuyo. IE18 298.1

    Ngoku umthwalo wokwazisa abanye ukuba oko akukholelwayo kufundiswe ngokucacileyo eziBhalweni wafika ngamandla amatsha phezu kwakhe. “Ndathi ndisenza umsebenzi wam,” wathi, “kwasoloko kunkenteza ezindlebeni zam, ‘Hamba uxelele ihlabathi ingozi abakuyo.’ Le indima yazinga ukufika kum: ‘Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.’ Hezekile 33:8, 9. Ndeva ngathi, ukuba abakhohlakeleyo banokulunyukiswa, iinkulungwane zabo zingaguquka; nokuba, xa bengalunyukiswanga, igazi labo liya kufunwa esandleni sam.”--Bliss, page 92.IE18 298.2

    Waqala ukuzibeka iimbono zakhe ngasese xa athe wafumana ithuba, ethandazela ukuba kubekho mfundisi uthile unokuliva igalelo lazo aze azinikeleekuzibhengezeni.Wayengakwazikodwaukuyigxotha ingcamango yokuba unoxanduva olulolwakhe lokunika isiyalo. Amazwi awayesoloko enkenteza engqondweni yakhe, ayesithi: “Hamba ukuxele oku ehlabathini; igazi labantu ndiya kulifuna esandleni sakho.” Kwaba yiminyaka elithoba elindile, umthwalo wona usahleli phezu komphefumlo wakhe, wada ngowe-1831, okokuqala, wanika esidlangalaleni izizathu zenkolo yakhe.IE18 299.1

    Njengoko uElisha wabizwa ekulandeleni iinkabi zakhe emasimini ukuba amkele ingubo yokungcwaliselwa umsebenzi wobuprofeti, kwaba njalo nakuWilliam Miller ukubizwa kwakhe ukuba ashiye ikhuba neenkabi avulele abantu iimfihlelo zobukumkani bukaThixo. Engcangcazela, wawuqala umsebenzi wakhe, ebakhokela abo babemphulaphula inyathelo ngenyathelo kumaxesha esiprofeto kuse ekubonakaleni kwesibini kukaKristu. Kwinyathelo ngalinye wayezuza amandla nokuqina xa ebona ukunaba komdla owawuvuselelwa ngamazwi akhe.IE18 299.2

    Kwaba kuphela ngokucengwa ngabazalwana bakhe, ekwathi ngamazwi abo, waluva ubizo lukaThixo. Ngeli xesha wayeminyaka imashumi mahlanu ubudala, engaqhelananga nokuthetha esidlangalaleni, esindwa kukuzibona engawufanelanga umsebenzi owawuphambi kwakhe. Noko kunjalo, ukususela kwasekuqaleni, imizamo yakhe yasikelelwa ngendlela emangalisayo kukusindiswa kwemiphefumlo. Isifundo sakhe sokuqala salandelwa kukuvuseleleka kwenkolo ekwathi kuko ishumi elinesithathu leentsapho ezipheleleyo, ngaphandle kwabantu ababini, zaguquka. Kwangoko wacelwa ukuba ayokuthetha kwezinye iindawo, kwaza kwathi, phantse kuzo zonke iindawo, umsebenzi wakhe waba neziphumo zokuvuselelwa komsebenzi kaThixo. Aboni baguquka, amaKristu aphaphamela ekuzinikeleni okungaphezulu, bathi abakholwa kuThixo bengayifuni iBhayibhile nabangakholwayo bancedwa ukuba bayivume inyaniso yeBhayibhile nenkolo yobuKristu. Ubungqina babo wayebasebenzela bathi: “Kukho udidi lweengqondo olufikelelwa nguye olungekho kwimpembelelo yabanye abantu.”-- Bliss, page 138. Ukushumayela kwakhe kwakulungiselwe ukuvusela ingqondo yomntu wonke kwizinto ezinkulu zenkolo nokunqandwa ukuthanda ihlabathi nokuziyekela kubuyokoyoko bexesha.IE18 299.3

    Phantse kuzo zonke iidolopu, kwakukho amashumi, kwezinye, amakhulu, awayeguquka ngenxayokushumayelakwakhe.Kwiindawoezininzi, amabandla amaProtestanti, phantse awo wonke amahlelo wazivulelwa iinkonzo zamaProtestanti. Kanti ezinye izimemo zazivela kubafundisi beerhamente eziliqela. Yayingumthetho wakhe ongajikiyo ukungasebenzi kwindawo angamenywanga kuyo, kodwa kungekudala wazifumana engakwazi ukusamkela isiqingatha sezicelo ezazithululwa phezu kwakhe. Abaninzi abangazange bazamkele iimbono zakhe ngelona xesha liqinisekileyo lokufika kwesibini, baya boyisakala kukuqiniseka nokusondela kokuza kukaKristu nokudingeka kokuba bakulungiselele. Kwezinye zezixeko ezikhulu umsebenzi wakhe waba negalelo elibonakalayo. Abathengisa utywala bakuyeka ukubuthutha, bazijika iindawo zokuthengisa zangamagumbi okuhlangana; iindawo zokungcakaza zawiswa; abangakholwayo, abangayifuniyo iBhayibhile, abakholelwa kusindiso lomntu wonke nabona baqhankqalazi bancanywayo, bakhuthazeka, abanye babo kuyiminyaka bengazanga bawungena umnyango wendlu yokukhonza. Imithandazo yamiselwa ngamabandla awahlukeneyo, kwiindawo ezahlukeneyo, phantse ngazo zonke iiyure, oosomashishini behlangana emini emaqanda bethandaza bedumisa. Kwakungekho ukuthabatheka okuchitha ixesha, kodwa phantse kubo bonke abantu jikelele kwakukho undiliseko ezingqondweni. Umsebenzi wakhe, njengowabaHlaziyi bangaphambili, wawukholisa ukoyisela ukuqonda nokuvusa isazela kunokuvusa nje iimvakalelo.IE18 299.4

    Ngowe-1833, uMiller wafumana imvume yokushumayela kwiBandla laseBhaptizi, awayelilungu lalo. Iqela elikhulu labafundisi bebandla lakhe nabo bawamkela umsebenzi wakhe, kwaza kwangokuvuma kwabo ngokusemthethweni ukuba akwazi ukuqhubeka nomsebenzi wakhe. Wayehamba eshumayela engayeki, nangona ukusebenza kwakhe kwakugxile eNew England nakwiMiddle States. Kwaba yiminyaka emininzi ezithwalele ngokwakhe iindleko zakhe, kwaye engazange emva koko afumane ngeniso ngokwaneleyo ukuhlangabezana nokuya kwiindawo ngeendawo awayemenywe kuzo. Ngoko ke, ukusebenzela abantu, kuba kwakungelilo iphulo lokuzuza imali, kwaba ngumthwalo onzima phezu kwempahla yakhe, neyayisiya icutheka ngeli xesha lobomi bakhe. Wayenosapho olukhulu, kodwa kuba bonke babenoqoqosho, bekhuthele, yanela ifama yakhe ukubagcina bona kwakunye naye.IE18 300.1

    Ngowe-1833, kwiminyaka emibini emva kokuba uMiller waqala ukuthetha esidlangalaleni ngezibonakalaliso zokuza kukaKristu okusondeleyo, kwabonakala umqondiso wokugqibela kweyathenjiswa nguMsindisi njengemiqondiso yokuza kwaKhe kwesibini. Wayethe uYesu: “[Iinkwenkwezi] ziwe ezulwini.” Mateyu 24:29. Aze uYohane kwisiTyhilelo athi, xa ebona embonweni umbono oza kuvakalisa imini kaThixo: “Iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakubethwa ngumoya omkhulu.” IsiTyhilelo 6:13. Esi siprofeto saba nokuzaliseka okucace kakhulu nokubonakalayo ekuweni ngokwesichotho esikhulu kweenkwenkwezi ngoNovemba 13, 1833. Oko kwaba kukubonakalaliswa okubanzi nokumangalisayo kokuwa kweenkwenkwezi okungazanga kwakho okunjalo;” Isibhakabhaka sonke, phezu kwayo yonke iUnited States, ngelo xesha, iiyure eziliqela, kusisiphithiphithi somlilo! Asikho isiganeko sasezulwini esakha senzeka kweli lizwe esithandeka kakhulu kangako kwabanye abantu ekuhlaleni, okanye sisoyikwa sisothusa kakhulu kangangoko kwabanye.” “Ukoyikeka nobuhle obumangalisayo busekho kwiinkumbulo ezininzi. . . . ayizanga yana ngamathontsi amakhulu ngolo hlobo imvula ukudlula iinkwenkwezi ezaziwela emhlabeni; empuma, entshona, entla, nasezantsi, kwafana. Ngalinye, amazulu onke aba ngathi ayashukuma. . . . Umboniso, njengoko uchazwa kwiphepha likaProfesa Silliman, wabonwa kuyo yonke iMelika engasentla. . . . Ukususela kwintsimbi yesibini [ekuseni] ukuya ekuqaqambeni ngokupheleleyo kwemini, isibhakabhaka esasizole ngokupheleleyo singenawo namafu, saba nokudanyazela okubengezelayo kwezikhanyiso okwagcinwa kuwo onke amazulu.”--R. M. Devens, American Progress; or, The Great Events of the Greatest Century, ch. 28, pars. 1-5. IE18 300.2

    “Alukho ulwimi, ngokwenene, olungafikelela kubumenyemenye baloo mboniso mhle; . . . engekho nongazange awubone onokubuzoba ngokufanelekileyo ubuqaqawuli bawo. Kwaba ngathi izulu leenkwenkwezi lonke lahlangana endaweni enye kufuphi nencopho, zaza zaphoseka zonke ngaxesha nye, ngesantya sombane, kuyo yonke indawo yolundi; kanti ke azizange ziphele—amawaka akhawuleza ukulandela apho bekuhambe khonaamawaka, ngokungathi ayedalelweesi siganeko.”--F. Reed, kwiChristianAdvocateand Journal, Dec. 13, 1833. “Owona mfanekiso ulungileyo womthi womkhiwane owisa amakhiwane xa untlithwa ngumoya omkhulu, wawungenako ukujongeka.”—“The Old Countryman,” in Portland Evening Advertiser, Nov. 26, 1833.IE18 301.1

    KwiNew York Journal of Commerce kaNovemba 14, 1833, kwabakho inqaku elide ngesi siganeko simangalisayo, linentetho ethi: “Akukho nzululwazi okanye isifundiswa, esike saxela okanye sabhala ngesiganeko, ndiyacinga, esifana nesayizolo ekuseni. Umprofeti, kwishumi elinesibhozo leminyaka eyadlulayo, wayixela le nto njengoko injalo, ukuba singaba nengxaki yokuziqonda iinkwenkwezi zisiwa ukuba zithetha ukuwa kweenkwenkwezi , . . . ngendlela ekuphela kwayo enokwenzeka ukuba yinyaniso emhlophe enokubanjwa ngezandla.”IE18 301.2

    Kwaba njalo ukuvezwa kowokugqibela kwimiqondiso yokuzakwaKhe, awathetha ngawo uYesu xa wayethetha nabafundi baKhe okokugqibela: “Xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.” Mateyu 24:33. Emva kwale miqondiso, uYohane wabona, ngathi sisiganeko esikhulu esilindelekileyo, amazulu evuleka njengencwadi esongwayo, ngexesha umhlaba uzanyazanyiswa, iintaba neziqithi zisuka ezindaweni zazo, abakhohlakeleyo besoyika befuna ukubaleka ebusweni boNyana woMntu. IsiTyhilelo 6:12-17.IE18 302.1

    Abaninzi abakubonayo ukuwa kweenkwenkwezi bakubona njengokuvakalisa ukuza komgwebo,” uhlobo oloyikekayo, oluqinisekileyo, oluhamba ngaphambili, umqondiso onenceba, waloo mini inkulu neyoyikekayo.”—“The Old Countryman,” kwiPortland Evening Advertiser, Nov. 26, 1833. Ngenxa yoko, ingqalelo yabantu yakhokelelwa ekuzalisekeni kwesiprofeto, baza abaninzi banyanzeleka ukuba basithobele isiyalo sokufika kwesibini [kukaYesu]. IE18 302.2

    Ngomnyaka we-1840, okunye ukuzaliseka okubalulekileyo kwesiprofeto kwavusa umdla kuyo yonke indawo. Kwiminyaka emibini phambi kokuba uJosiah Litch, omnye wabafundisi abaphambili ababeshumayela ukufika kwesibini, wabhala inkcazo yesiTyhilelo 9, exela kwangaphambili ngokuwa kobukumkani baseTurkey [Ottoman Empire]. Ngokokubala kwakhe, eli gunya laliza koyiswa ngo-“A.D. 1840, kwinyanga ka-Agasti;” kwathi sekuziintsuku ezimbalwa phambi kokwenzeka koko, wabhala, wathi: “Ukuvumela ixesha lokuqala, iminyaka eli-150, ukuba lazaliseka kanye phambi kokuba uDeacozes ahlale etroneni ngemvume yamaTurks, nokuba iminyaka engama-391, neentsuku ezilishumi elinesihlanu, elaqala ekupheleni kwexesha lokuqala, kuyakuba sekupheleningomhla we-11 ka-Agasti, 1840, xa igunya leOttoman eConstantinople liya kulindeleka ukubaliwiswe. Oku, ndiyakholwa, kuya kuba njalo.”--Josiah Litch, in Signs of the Times, and Expositor of Prophecy, Aug. 1, 1840.IE18 302.3

    Kanye ngexesha elibekiweyo, iTurkey, ngabameli bayo, bamkela ukhuselo lwamagunya amanyeneyo aseYurophu, kwaba oko kuyibeka [iOttoman] phantsi kolawulo lwezizwe ezingamaKristu. Esi siganeko sazaliseka kanye oko kwakuxelwe ngenx’ engaphambili. (Bona ISIHLOMELO). Kwathi kwakwaziwa oku, izihlwele zoyisakala kukungqala kwemithetho-siseko yokuchazwa kwesiprofeto ayayisetyenziswa nguMiller namahlakani akhe, kwaza oko kwanika igalelo elimangalisayo kwintshukumo yokufika [kwesibini kukaYesu]. Amadoda afundileyo nanezikhundla azimanya noMiller, ekushumayeleni nasekusasazeni iimbono zakhe, kwathi ukususela ngowe-1840 ukuya kowe-1844 umsebenzi wanaba ngokukhawuleza.IE18 302.4

    UWilliam Miller wayenamandla engqondo, eqeqeshwa kukucinga nokufunda; waza wongeza koku ubulumko bezulu ngokuzihlanganisa neThende lobulumko. Wayeyindoda exabiseke kakhulu, eyayikufanele ukunikwa imbeko nokuxatyiswa naphina apho ukundiliseka kwesimilo nokuziphatha okubalaseleyo kwakuxatyisiwe. Ehlanganise ububele benene bentliziyo nokuzithoba kobuKristu kunye namandla okukwazi ukuzilawula, wayemamela enobubele kubo bonke, ekulungele ukuziphulaphula izimvo zabanye nokukucingisisa abakuthethayo. Wathi engaqhutywa kukutshiseka okanye kukuthabatheka, wazihlola iimbono neemfundiso ngelizwi likaThixo, kuze kuthi ukucinga kwakhe okuzinzileyo nolwazi olunzulu lweziBhalo konke kumenze ukuba akwazi ukuyala imposiso abutyhile ubuxoki.IE18 303.1

    Kanti ke, wayengazange awenze umsebenzi wakhe ingekho inkcaso embi kakhulu. Njengabanye abaHlaziyi, iinyaniso awayezibeka zazingamkelwa ngobubele ziititshala zenkolo ezaziwayo. Njengoko aba babengakwazi ukuyimela indawo yabo ngeziBhalo, babebhenela kwiintetho neemfundiso zabantu, nakwizithethe zooBawo. Lona ilizwi likaThixo lalikuphela kobungqina obamkelekileyo kubashumayeli benyaniso yokufika [kukaYesu]. “IBhayibhile, yona yodwa iBhayibhile!,” yayisisikhuthazo sabo eso. Ukungabikho kwentetho ephuma eBhayibhileni kubachasi kwakusongezelelwa ngokugculela nokuhlekisa. Ixesha, iimali, neetalente zazisetyenziswa ukubukula abo ukubukula abo isono sabo kuphela yayikukuba bekhangele ngovuyo ekubuyeni kweNkosi yabo baye bezama ukuphila ubomi obungcwele nokukhuthaza abanye ukuba bakulungiselele ukubonakala kwaYo.IE18 303.2

    Yayinenzondelelo imizamo eyenziwayo ukutsalela iingqondo zabantu kude kumxholo wokubuya kwesibini. Kwenziwa ukuba kubonakale kusisono, into ekufuneka abantu babe neentloni ngayo, ukufunda iziprofeto ezisondele ekuzeni kukaKristu nokuphela kwehlabathi. Ngoko ke, isifundisi esiqheliweyo sakujongela phantsi ukukholelwa elizwini likaThixo. Imfundiso yabo yabenza abantu abakholwa, baza abaninzi bathabatha imvume yokulandela ezabo iinkanuko zokungahloneli Thixo. Ngenxa yoko, abaqali bobubi balibeka ityala lako konke phezu kwaBalindi bokufika kukaYesu.IE18 303.3

    Ngeli xesha etsalela kwizindlu ezazizala ngabantu abaphulaphuli abachubekileyo nabamamelayo, igama likaMiller lalingakholisi ukukhankanywa emaphepheni ngaphandle kwaxa kuhlekiswa okanye lisingelwa phantsi. Abangakhathaliyo nabangamhloneliyo uThixo ababenikwe amandla yindawo ekumi kuyo iititshala zenkolo, babhenela kwiintetho ezithukayo, kwiziqhulo ezinyelisayo, kumalinge abo okufumba izinyeliso phezu kwakhe nomsebenzi wakhe. Le ndoda eyayisele iyingwevu, eyayishiye ikhaya layo elishushu ukuba ijikeleze ngendleko yayo isiya kwizixeko ngezixeko, kwiidolophu ngeedolophu, isebenza ingayeki ukusa ehlabathini isilumkiso esindili somgwebo osondeleyo, yayinyonyozelwa kusithiwa iphambene, ilixoki, imenemene elicinga izinto ezingekhoyo. IE18 304.1

    Ukuhlekisa, ubuxoki, nokuphatha gwenxa kwafunjwa phezu kwakhe okwenza ukuba akhalime ngengqumbo, nakumaphepha asehlabathini. “Ukuphatha umcimbi onokubaluleka okukhulu kangako neziphumo ezoyikekayo,” ngokungawuxabisi nangokuthetha ngawo ngokungcola, bathi nabantu abathanda ihlabathi, “akwanelwanga nje ukuhlekiswa ngeemvakalelo zabasasazi nabavakalisi bawo,” kodwa “nokuhlekisa ngemini yomgwebo, ukugxeka uThixo ngokwaKhe, nokunyembenya ngoko koyikekayo kwesihlalo sokugweba.”--Bliss, page 183. IE18 304.2

    Umphembeleli wabo bonke ububi wayengafuni nje ukuthintela isigidimi sokufika, kodwa ukutshabalalisa umthunywa ngokwakhe. UMiller wathetha ngendlela etsolileyo ngenyaniso yesiBhalo ezintliziyweni zabo babe mphulaphula, ekhalimelaizonozabo ekuphazamisa ukuzanelisa kwabo, aza amazwi akhe acacileyo nahlabayo avusa ubutshaba babo. Inkcaso eyabonakalaliswa ngamalungu ebandla ngakwisigidimi sakhe yanika abodidi oluphantsi isibindi sokugabadela; zaza iintshaba zaceba ukumbulala xa esuka apho kuhlangenwe khona. Noko kunjalo, izithunywa ezingcwele zazibaphakathi kwesihlwele, enye yezi, ikwimo yomntu, imbambe ngengalo lo mkhonzi weNkosi imkhokele esindile ukusuka kwisixuku esinengqumbo. Wayengekawugqibi umsebenzi wakhe, waza uSathana nezithunywa zakhe badaniswa kwinjongo yabo.IE18 304.3

    Seyikho yonke inkcaso, umdla ngokufika [kukaYesu] waya ukhula. Ukusuka kumashumi namakhulu, izikhungu zakhula zaya kumawaka amaninzi. Abaguqukayo abaninzi babephuma kumabandla awahlukeneyo, kodwa emva kwexesha umoya wenkcaso wabonakala ubachasa aba baguqukayo, aza amabandla aqala ukuthabatha amanyathelo okubohlwaya abo bazamkelayo iimbono zikaMiller. Eli nyathelo lamenza ukuba abhale, ekuthetheni kwakhe namaKristu awo onke amahlelo, esithi, ukuba iimfundiso zakhe zazibubuxoki, kufuneka aboniswe impazamo yakhe ngeziBhalo.IE18 304.4

    “Yintoni esiyikholelweyo,” watsho, “esingayalelwanga lilizwi likaThixo ukuba siyikholelwe, nina ngokwenu enivumayo ukuba lingumgaqo, umgaqo kuphela, wokholo nokuphila? Yintoni esiyenzileyo eyenza ukuba kubekho ukuchaswa okukhohlakele kangaka kwethu okusuka ezipulpitini nasemaphepheni, okuninika isizathu esivakalayo sokuba nisisuse thina [balindele ukufika kukaYesu] emabandleni enu nakubudlelane nani?” “Ukuba siyaphazama, ncedani nisibonise apho impazamo yethu ikhona. Siboniseni elizwini likaThixo ukuba sinemposiso; sihlekwe ngokwaneleyo; oko akusoyiseli ukuba sizibone siphazamile; lilizwi likaThixo kuphela elinokusenza sizijike iimbono zethu. Izigqibo zethu zenziwe ngabom nangomthandazo, njengoko siye sabubona ubungqina eziBhalweni.”-- Bliss, pages 250, 252.IE18 305.1

    Ukusuka kwisizukulwana ukuya kwesinye, izilumkiso uThixo awazithumelaehlabathiningabakhonzi baKhe zamkelwanjengezinto ezingenako ukukholelwa nangokungakholwa. Xa ubugwenxa babantu ababephila phambi konogumbe bamenza uThixo ukuba athobe isikhukhula samanzi phezu komhlaba, waqala wayazisa kubo injongo yaKhe, ukuze babe nalo ithuba lokubuya ezindleleni zabo ezimbi. Kwaba yiminyaka elikhulu elinamashumi amabini kuvakaliswa ezindlebeni zabo isilumkiso sokuba mabaguquke, hleze ingqumbo kaThixo ibonakalaliswe ngokuthi batshabalale. Isigidimi saba ngathi kubo yintsomi, baza abasikholelwa. Bathi beqinile enkohlakalweni yabo, bahlekisa ngomthunywa kaThixo, bakwenza into engento ukucenga kwakhe, bada bamtyhola ngelithi uzithethela izinto zakhe. Usifumana phi isibindi esingaka umntu omnye sokuba aphakame achasane nawo onke amadoda amakhulu omhlaba? Ukuba isigidimi sikaNowa sasiyinyaniso, kwakutheni ukuze lonke ihlabathi lingasiboni lize lisikholelwe? Into ethethwa yindoda enye ukuchasa ubulumko bamawaka! Abazange basamkele isilumkiso, bengazange bafune naloo nkuseleko emkhombeni.IE18 305.2

    Abagxeki babesalatha kwizinto zendalo,--ukulandelelana okungajikiyo kwamaxesha omnyaka, izibhakabhaka eziluhlaza ezingazanga zawisa mvula, amadlelo aluhlaza ahlaziywa yimibethe ethambileyo yobusuku,--baze badanduluke bathi: “akathethi zintsomi na lo?” ngokudelela, babesithi umshumayeli wobulungisa ulitsha-ntliziyo elindlongondlongo; baqhubeka, belandela iziyolo zabo ngenzondelelo, bezimisele kakhulu kwiindlela zabo ezimbi, kunangaphambili. Phofu, ukungakholwa kwabo akuzange kusithintele isiganeko esasixelwe kwangaphambili. UThixo wayinyamezela inkohlakalo yabo, ebanika ithuba elaneleyo lokuba baguquke; kodwa, ngexesha elimisiweyo izigwebo zaKhe zathunyelwa kwabo babeyicekisile inceba yaKhe.IE18 305.3

    UKristu uthi kuya kubakho ukungakholwa okufanayo ngokuza kwaKhe kwesibini. Njengokuba abantu bemihla kaNowa “bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo,” ngokwamazwi oMsindisi,” nokufika koNyana woMntu.” Mateyu 24:39. Xa abantu abazibiza ngokuthi banabantu bakaThixo bezimanya nehlabathi, bephila njengoko liphila, behlangana nalo kwiziyolo ezalelweyo zehlabathi; xa ubuyokoyoko behlabathi buba bubuyokoyoko bebandla; xa iintsimbi zomtshato zikhala, babe bonke belindele iminyaka emide yempumelelo yehlabathi—ngelo xesha, kuya kuthi ngesiquphe, njengoko umbane ubaneka emazulwini, siya kufika isiphelo semibono yabo namathemba abo alahlekisayo.IE18 306.1

    Njengoko uThixo wathuma umkhonzi waKhe ukuba alilumkise ihlabathi ngoNogumbe owayesiza, ngokunjalo wathumela abathunywa baKhe abanyuliweyo ukuba bazise ngokuba kufutshane komgwebo wokugqibela. Njengoko ababephila noNowa bahlekisa begculela okwakuxelwa kwangaphambili ngumshumayeli wobulungisa, ngokunjalo nangemihla kaMiller abaninzi, nakwabo babezibiza ngokuba bangabantu bakaThixo, bahlekisa ngamazwi okulumkisa.IE18 306.2

    Kwakutheni ukuze le mfundiso nokushunyayelwa kokuza kwesibini kukaKristu ingamkeleki emabandleni? Lo gama kwabakhohlakeleyo ukufika kweNkosi kuzisa usizi nenkxwaleko, kumalungisa kuzele luvuyo nethemba. Le nyaniso inkulu ibe iyintuthuzelo kwabathembekileyo bakaThixo kuwo onke amaphakade; kutheni ke le nto isuke yaba “lilitye lokukhubeka” njengoMqali wayo kubantu abazibiza ngaYe? YiNkosi ngokwayo eyathembisa abafundi baYo: “Ukuba ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam.” Yohane 14:3. YayinguMsindisi onovelwano, owayesazi ukuba abalandeli baKhe baza kuba ngamalolo babe buhlungu, owayalela izithunywa ukuba zibathuthuzele ngesiqinisekiso sokuba uya kubuya Yena buqu, kwanjengokuba wayesiya ezulwini. Bathi ngoku abafundi bemi beqwalasele ngomonde phezulu ukuba bambone nje okokugqibela Lowo babemthanda, ingqondo yabo yatsalwa ngamazwi, athi: “Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini” IZenzo 1:11. Ithemba lavuselelwa ngokutsha sisigidimi seengelosi. Abafundi “babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu. Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo.” Luka 24:52, 53. Babengavuyi kuba uYesu wayesusiwe kubo ngoko beza kushiywa besilwa nezilingo nezihendo zehlabathi, kodwa ngenxa yesiqinisekiso seengelosi sokuba uYesu wayeza kubuya kwakhona. IE18 306.3

    Ukuvakaliswa kokuza kukaKristu kumele ukuba kwenziwe, njengexesha kwakusenziwa ziingelosi kubalusi baseBhetelehem, kube ziindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu. Abo bamthanda ngokwenene uMsindisi abakwazi ukungasithululi ngolonwabo isaziso esakhelwe phezu kwelizwi likaThixo, esi sokuba amathemba abo azinze ekubuyeni kwakhona, engezi ukuba agculelwe, adelelwe, aliwe, njengasekufikeni kwaKhe kokuqala, kodwa esemandleni nasebuqaqawulini, ukuza kuhlangula abantu baKhe. Ngabo bangamthandiyo uMsindisi abanga angahlala angabuyi, kwaye akusayi kubakho nto ibonakala ngokupheleleyo ebonisa ukuba amabandla amkile kuThixo ngaphezu kokucatshukiswa nobutshaba obuvuswa sesi sigidimi sithunyelwe lizulu.IE18 307.1

    Abo bayamkelayo imfundiso yokufika bavuselwa ekufunekeni kwenguquko nokuthobeka phambi kukaThixo. Abaninzi kwakukudala bethingaza phakathi kukaKristu nehlabathi; ngoku beva ngathi lilixa lokuba babe nendawo ecacileyo abemi kuyo. “Izinto zikanaphakade zaba nobunyaniso obungaqhelekana kubo. Izulu lasondezwa, baza baziva benetyala phambi kukaThixo.”-- Bliss, page 146. AmaKristu akhuliselwa kubomi obutsha basemoyeni. Enziwa ukuba eve ukuba ixesha lifutshane, nokuba oko kufuneka bekwenzele uluntu kufuneka kwenziwe ngokukhawuleza. Umhlaba wabuya umva, unaphakade wabonakala evuleka phambi kwabo, yathi imiphefumlo, nako konke okukokwayo, okuyintlungu nosizi, kwabonakala kuyisitha yonke into yasemhlabeni. UMoya kaThixo wahlala phezu kwabo wanika amandla ukubhenela kwabo okunenzondelelo kubazalwana babo, nakuboni, ukuba balungiselele imini kaThixo. Ubungqina obuthe cwaka bobomi babo bemihla ngemihla babuthe rhoqo ukukhalima kumalungu ebandla aqhelileyo nangazinikelanga. Aba babenganqweneli ukuphazanyiswa ekufuneni kwabo iziyolo, ekuzinikeleni kwabo ekufuneni imali, nakwibhongo labo lokunikwa imbeko lihlabathi. Kungoko kwavuka ubutshaba nokuchaswa kwenkolo yokufika kwakunye nabo bayivakalisayo.IE18 307.2

    Zathi xa iingxoxo ezingamaxesha esiprofeto zazifumaneka kunzima ukuziphikisa, abachasi bazama ukukuthibaza ukuphengululwa kwalo mxholo ngokuthi bafundise ukuba iziprofeto zazitywiniwe. Ngaloo ndlela amaProstestanti alandela emanyathelweni amaRoma. Ngeli xesha ibandla lobupopi liyibambile iBhayibhile (bona ISIHLOMELO) ukuba ingafikeleli ebantwini, amabandla obuProtestanti wona abanga ukuthi inxenye yeliZwi eliNgcwele—ngakumbi loo nxenye eveza iinyaniso ezibhekisa ngendlela eyodwa kwixesha lethu—azinako ukuqondwa.IE18 307.3

    Abafundisi nabantu bavakalisa ukuba iziprofeto zikaDaniyeli nezesiTyhilelo zizimfihlakalo ezingenako ukwaziwa. Phofu uKristu wayebayalele abakhonzi baKhe kumazwi kamprofeti uDaniyeli ngokweziganeko ezaziza kwenzeka ngexesha labo, wathi: “Olesayo makaqiqe.” Mateyu 24:15. Kanti kunjalo, into ethi isiTyhilelo siyimfihlakalo, engenako ukuqondwa, iphikiswa sisihloko esi sencwadi: “IsiTyhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya. . . . Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.” IsiTyhilelo 1:1-3.IE18 308.1

    Uthi umprofeti: “Unoyolo lowo uwalesayo”—bakho abo bangayi kufunda; intsikelelo asiyiyo eyabo. “Nabo bawevayo”—bakwakho, abaya kwala ukuva nantoni engeziprofeto, intsikelelo asiyiyo eyolu didi. Bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso”—baninzi abaya kwala ukuzigcina izilumkiso neemfundiso ezikwisiTyhilelo; abakho kwaba abaya kuyibanga intsikelelo ethenjisiweyo. Bonke abagculela okuthethwa sisiprofeto baze bahlekise ngemifuziselo enikwe ngendili apha, bonke abalayo ukubuhlaziya ubomi babo nokuba balungiselele ukuza koNyana woMntu, baza kulahlekana nokusikelelwa.IE18 308.2

    Ngokobungqina beMpefumlelo, basithabatha phi abantu isibindi sokufundisa ukuba IsiTyhilelo siyimfihlakalo engaphaya kokuba ingafikelelwa yingqiqo yomntu? Iyimfihlakalo etyhiliweyo, incwadi evuliweyo. Ukufunda IsiTyhilelo kuyikhokelela ingqondo kwiziprofeto zikaDaniyeli, zaye zombini zinika eyona mfundiso ibaluleke kakhulu, enikwa abantu nguThixo, ngokubhekiselele kwiziganeko eziza kwenzeka ekupheleni kwembali yehlabathi.IE18 308.3

    UYohane wavulelwa imiboniso yezinto ezinzulu kunye nezithabathekisayo eziza kufikela ibandla. Wabona indawo, iingozi, amadabi, nokuhlangulwa kwasekugqibeleni kwabantu bakaThixo.IE18 308.4

    Wabhala izigidimi zokugqibela eziza kusivuthiswa isivuno somhlaba, nokuba siya kuba sizinyanda zokuhlanganiselwa izulu okanye siziinkuni zomlilo wentshabalalo. Izifundo ezibaluleke kakhulu wazityhilelwa, ngokukodwa zizezebandla lokugqibela, ukuze abo baye basuka kwimposiso baya enyanisweni babe nokufundiswa ngeentlekela namadabi aphambi kwabo. Akukho kufuneka babesembumnyameni ngokubhekiselele koko kuzayo phezu komhlaba.IE18 308.5

    Kokwantoni, ke ngoko, oku kungabikho kokwazi ngale ndawo ibalulekileyo esetyenzwe nguMoya Oyingcwele? Kokwantoni oku kungafuni ukuphengulula iimfundiso zaKhe? Kusisiphumo selinge elicingisisiweyo senkosi yobumnyama lokufihla ebantwini oko kuthi kuzityhile iinkohliso zakhe. Ngenxa yesi sizathu, uKristu uMtyhili, eyibona kwangaphambili imfazwe eyayiza kuliwa ukuchasa ukufundwa kwesiTyhilelo, waxela ngentsikelelo kubo bonke abaya kuwafunda, baweve, bawenze amazwi esiprofeto.IE18 309.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents